Ngaba Ubusazi?
Lwalungakanani ulwandle olutyhidiweyo kwitempile kaSolomon?
Ingxelo ekweyoku-1 yooKumkani 7:26 ithi olu lwandle lwalunokuqulatha “umlinganiselo weebhate ezingamawaka amabini” zamanzi awayesetyenziswa ngababingeleli, ngoxa enye ingxelo efanayo ekweyesi-2 yeziKronike 4:5 isithi lwalunokuqulatha “umlinganiselo weebhate ezingamawaka amathathu.” Ngenxa yoku, abanye bathi le mpazamo yabakho xa kwakukhutshelwa incwadi yeziKronike.
Kodwa ke, iBhayibhile yesiXhosa iyasinceda siqonde intsingiselo yezi ndinyana zimbini. Eyoku-1 yooKumkani 7:26 ithi: “Lulingene amawaka amabini eebhate.” Yona eyesi-2 yeziKronike 4:5 ithi: “Lwaye lungena iibhate ezimawaka mathathu.” Ngoko eyesi-2 yeziKronike 4:5 ibhekisela kumlinganiselo wamanzi awayenokungena kweso sikhongozelo, ngoxa yona eyoku-1 yooKumkani 7:26 ichaza umlinganiselo wamanzi awayegalelwa kuso. Ngamanye amazwi, sasingazaliswa. Kubonakala ukuba kwakudla ngokugalelwa iibhate ezingama-2 000 kuphela.
Kwakutheni ukuze uYesu noPetros bahlawule ingqekembe enye kuphela?
Ngexesha likaYesu, onke amadoda angamaYuda aneminyaka engaphezu kwama-20 ayefanele ahlawule irhafu yetempile yeedrarhma ezimbini okanye ididrarhma enye kanye ngonyaka. Zazilingana nomvuzo weentsuku ezimbini. Xa wayebuzwa ngokuhlawula irhafu, uYesu wathi kuPetros: “Yiya elwandle, uphose igwegwe lokuloba iintlanzi, uze uthabathe intlanzi ethe yavela kuqala, yaye xa uvula umlomo wayo, uya kufumana ingqekembe yestateri. Yithabathe uze ubanike yona uhlawulele mna nawe.”—Mateyu 17:24-27.
Abaphengululi abaninzi bakholelwa ukuba ingqekembe yestateri ekhankanywe apha yayiyitetradrarhma. Le ngqekembe yayilingana needrarhma ezine, okanye irhafu yetempile yabantu ababini. Itetradrarhma yayixhaphakile yaye ifumaneka lula kunedidrarhma. Ngoko iThe New Bible Dictionary ithi: “Kubonakala ukuba amaYuda amabini ayedla ngokudibaniselana xa ehlawula irhafu yeTempile.”
Ngaphezu koko, umntu owayefuna ukuzihlawulela yedwa, kwakufuneka akhuphe intlawulo ethile ukuze akwazi ukutshintsha ingqekembe. Loo ntlawulo yayinokufikelela kwisi-8 ekhulwini. Kodwa, ababehlawula ngababini babengakhuphi ntlawulo. Ngoko nakuba le iyinkcukacha ebonakala ingenamsebenzi, ingxelo ebhalwe nguMateyu iyavumelana noko kwakuqhelekile ngexesha likaYesu.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Umfanekiso Omkhulu wetetradrarhma