Umsebenzi Wamatsha-ntliziyo Oneengenelo Ezingapheliyo
UYESU KRISTU waqhubeka ebenzela izenzo ezilungileyo abo basweleyo. Ngokomzekelo, wondla abalambileyo waza wanyanga abagulayo. (Mateyu 14:14-21) Noko ke, nguwuphi umsebenzi awawubeka kwindawo ephambili? Isiganeko esenzeka ebutsheni bobulungiseleli bukaYesu sisinika impendulo. Sichaziwe kwisahluko sokuqala sencwadi yeVangeli kaMarko.
Ngoxa uYesu wayeseKapernahum, kufutshane noLwandle lwaseGalili, wasiwa kwikhaya likaSimon, okanye uPetros. Apho “umkhwekazi kaSimon wayelele phantsi egula ngumkhuhlane,” yaye uYesu wamnyanga. (Marko 1:29-31) Kamva isihlwele esiquka abantu abaninzi “ababegula zizifo ezahlukahlukeneyo” saqalisa ukuhlanganisana kumnyango wendlu kaPetros, yaye naso uYesu wasinyanga. (Marko 1:32-34) Kwahlwa, waza wonke umntu waya kulala.
Ngentsasa elandelayo “ngoxa kwakusemnyama,” uYesu wavuka ngobunono waza wemka kuloo ndlu “waya kwindawo engasese” apho ‘waqalisa ukuthandaza.’ Akuzange kube kudala, abafundi nabo bavuka, bakhangela ngaphandle kuloo ndlu, baza babona isihlwele esikhulu sabantu silinde emnyango. Kodwa babeza kuthini? UYesu wayesathe pheselele! Ngokukhawuleza uPetros nabo babenaye bamkhangela uYesu baza bathi: “Bonke bayakufuna.” (Marko 1:35-37; Luka 4:42) Kuyabonakala ukuba, ngamany’ amazwi, babesithi kuYesu: ‘Wenza ntoni apho? Kaloku ubuhamba wedwa ekunyangeni abantu phezolo. Nanamhlanje usenelinye ithuba lokwenza okufanayo!’
Kodwa ngoku phawula indlela uYesu asabela ngayo: “Masiye kwenye indawo, kwiidolophu ezikufuphi, ukuze ndishumayele kwanalapho.” Le mpendulo ibalulekile. UYesu akazange abuyele endlwini kaPetros ukuya kunyanga abanye. Wasichaza isizathu soko xa wathi: “Ndiphumele oko [oko kukuthi, ukushumayela].” (Marko 1:38, 39; Luka 4:43) Wayezama ukubaxelela ntoni uYesu abafundi bakhe? Ukwenza izenzo zobulungisa kwakubalulekile kuye, kodwa ukushumayela nokufundisa ngelizwi likaThixo kwakungowona msebenzi ubalulekileyo kuye.—Marko 1:14.
Ekubeni iBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba ‘alandele emanyathelweni [kaYesu] ngokusondeleyo,’ amaKristu okwenyaniso namhlanje anokhokelo olucacileyo ngokuphathelele umsebenzi wamatsha-ntliziyo oza kwindawo yokuqala. (1 Petros 2:21) NjengoYesu, anceda abantu abasweleyo—njengoko amanqaku angaphambili sele ebonisile. Kwakhona njengoYesu, abeka umsebenzi wokufundisa ngesigidimi seBhayibhile seendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kweyona ndawo iphambili.a (Mateyu 5:14-16; 24:14; 28:19, 20) Noko ke, kutheni ukuba litsha-ntliziyo elifundisa abantu ngesidimi seBhayibhile kumele kube phambi kwezinye iindlela ezixabisekileyo zokuba litsha-ntliziyo?
Isizathu Nendlela Imfundo YeBhayibhile Eluncedo Ngayo
Iqhalo lesiNgesi linikela eyona mpendulo. Lithi: “Ukuba upha umntu intlanzi, uya kumondla imini enye kuphela. Kodwa ukuba umfundisa ukuloba, uya kumondla ubomi bakhe bonke.” Enyanisweni, xa kuthethwa ngokunikela izicombululo ezihlala zihleli, imfundo iyimfuneko kuba ikhulisa amandla omntu okwenza izigqibo eziphucula ubomi bakhe. Kungeso sizathu namhlanje amatsha-ntliziyo angaphezu kwezigidi ezithandathu exeshana nawexesha elizeleyo esebenzisa ixesha lawo, umgudu nobuncwane bawo ukuze anikele imfundo yeBhayibhile yasimahla ebantwini. Le nkqubo iye yamelana nezanzwili zexesha eqhutywa ngamaNgqina kaYehova inegalelo ebantwini ehlabathini lonke. Njani?
Njengoko abantu bencedwa ukuba baqonde baze balandele isiluleko esiluncedo seBhayibhile, baxhotyiswa ngakumbi ukuba bajamelane neengxaki zobomi. Bafumana amandla okukwazi ukuziphatha afunekayo ukuze bajamelane nemikhwa eyingozi. UNelson, ongomnye oselula waseBrazil, ubethelela enye ingenelo yemfundo yeBhayibhile: “Ukususela ekuqaliseni kwam ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ndiye ndafumana uvuyo kuba ngoku ndinenjongo ebomini.” (INtshumayeli 12:13) Abanye abangamakhulu amawaka—abancinane nabasele bekhulile—abasandul’ ukuqalisa ukufundisisa iLizwi likaThixo bavakalelwa ngendlela efanayo noNelson. Ukongezelela ekuncedeni abafundi ukuba baneliseke ebomini, isigidimi soBukumkani bukaThixo sinika ithemba elikhuthazayo ngekamva—ithemba elenza ubomi bube mnandi, kwanaphantsi kwezona meko zilingayo. (1 Timoti 4:8)—Bona ibhokisi enomxholo othi “Indlela UBukumkani BukaThixo Obuya Kuzitshintsha Ngayo Izinto.”
Ngokunikela imfundo yeBhayibhile, amaNgqina kaYehova enza umsebenzi wamatsha-ntliziyo oneengenelo ezingapheliyo. Ziya kuthabatha ixesha elingakanani? ILizwi likaThixo lithi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Khawucinge nje ngokuba nenxaxheba kwinkqubo eneengenelo ezingapheliyo—lowo ke ngumsebenzi wamatsha-ntliziyo oyingenelo ngokwenene! Ngaba olo asilohlobo lomsebenzi obuya kuthanda ukufunda ngalo? Ukuba ungathanda, qhagamshelana namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo. Ukwamkela esi simemo kuya kuba linyathelo ongayi kuzisola ngalo.
[Umbhalo osemazantsi]
a AmaNgqina kaYehova awujonga umsebenzi wawo wokushumayela ngendlela umpostile uPawulos awayewujonga ngayo—njengemfuneko yamaKristu okwenyaniso. UPawulos wathi: “Ukuba ndivakalisa iindaba ezilungileyo, andinasizathu sakuqhayisa, kuba oko kuyimfuneko.” (1 Korinte 9:16) Sekunjalo umsebenzi wawo wokushumayela ngowobutsha-ntliziyo kuba baye ngokukhululekileyo bazikhethela ukuba ngabafundi bakaKristu, bezazi kakuhle iimbopheleleko ezihamba nelo lungelo.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
“Ukuba upha umntu intlanzi, uya kumondla imini enye kuphela. Kodwa ukuba umfundisa ukuloba, uya kumondla ubomi bakhe bonke.”
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 20]
Uluncedo Yaye Unika Ithemba
UNadine, umongikazi waseFransi oneminyaka engama-43 ubudala oyingcaphephe kwizifo zakweleenjiko, ngomnye wamatsha-ntliziyo aye asebenza kuMbindi Afrika. Xa bekudliwan’ indlebe naye kutshanje wathi: “Abantu bayamangaliswa kukuba ndiyenzela ntoni le nto. Ndiyakholelwa kuThixo, ndiyabathanda abantu, yaye ndifuna ukuzinikela. Yaye ukuba liNgqina likaYehova kundishukumisela ukuba ndinikele unyango nethemba kwabo babandezelekileyo.” Ngoxa elitsha-ntliziyo eAfrika, uNadine unikela elinye ixesha lakhe ekunikeleni uncedo aphinde abe nenxaxheba kumsebenzi wokufundisa iBhayibhile owenziwa ngamaNgqina asekuhlaleni.
[Imifanekiso]
UNadine eAfrika
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
Indlela UBukumkani BukaThixo Obuya Kuzitshintsha Ngayo Izinto
Nceda ufunde ezi zibhalo kwiBhayibhile yakho, uze ubone indlela uThixo athembisa ukuzizalisekisa ngayo iimfuno zabantu kwezi nkalo zilandelayo:
Impilo “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4; Isaya 33:24; 35:5, 6.
Imfundo “Aziyi kwenzakalisa okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.”—Isaya 11:9; Habhakuki 2:14.
Ingqesho “Ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. . . . Abayi kubulalekela ilize.”—Isaya 65:21-23.
Ukutya “Umhlaba uya kunika imveliso yawo; uThixo, uThixo wethu, uya kusisikelela.”—INdumiso 67:6; 72:16; Isaya 25:6.
Iimeko Zentlalo “UYehova uyaphule intonga yabo bangendawo . . . Umhlaba uphela uphumle, awuphazanyiswa.”—Isaya 14:5, 7.
Okusesikweni “Khangela! Ukumkani uya kulawula ngobulungisa; zona iinkosana, ziya kulawula njengeenkosana zokusesikweni.”—Isaya 32:1, 2; 11:3-5.