Ukuncokola Nommelwane—Ngaba UYesu NguThixo?
AMANGQINA KAYEHOVA ayakuthanda ukuncokola nabamelwane bawo ngeBhayibhile. Ngaba ukho umbandela weBhayibhile owakhe wanombuzo ngawo? Ungathanda ukwazi iinkolelo zamaNgqina kaYehova? Ukuba kunjalo, ungabi mathidala ukuwabuza xa uphinda udibana nawo. Aya kuyiphendula imibuzo yakho.
AmaNgqina kaYehova adla ngokuncokola kanje nabantu. Makhe sithi iNgqina ekuthiwa nguThandeka lincokola nomninimzi ekuthiwa nguSizeka.
Ngaba Yinyaniso Ukuba Nina Anikholelwa kuYesu?
USizeka: Umfundisi wam uthi amaNgqina kaYehova akakholelwa kuYesu. Ngaba yinyani leyo?
UThandeka: Mandikuqinisekise ukuba siyakholelwa kuYesu. Eneneni, sikholelwa ukuba kubalulekile ukuba nokholo kuYesu ukuze usindiswe.
USizeka: Nam ndiyakukholelwa oko.
UThandeka: Kuyabonakala ukuba sibona ngasonye kulo mba. Ke mna, igama lam nguThandeka. Wena ke, ungubani?
USizeka: NguSizeka. Ndiyakuvuyela ukukwazi.
UThandeka: Nam ndiyakuvuyela ukukwazi Sizeka. Usenokuba uyazibuza, ‘ukuba nyani amaNgqina kaYehova ayakholelwa kuYesu, kutheni abantu bethetha kanje ngawo?’
USizeka: Ewe, ndinomdla wokuyazi loo nto.
UThandeka: Ngamafutshane, Sizeka, sinokholo olungagungqiyo ngoYesu, kodwa asiyikholelwa yonke into ethethwa ngabantu ngaye.
USizeka: Ngaba ungandinika umzekelo?
UThandeka: Ewe. Abanye abantu bathi uYesu wayengumntu nje olungileyo. Kodwa asivumelani naloo mbono.
USizeka: Nam andivumelani nayo.
UThandeka: Nayo le, yenye into esibona ngasonye kuyo. Umzekelo wesibini ngulo wokuba amaNgqina kaYehova akavumelani neemfundiso eziphikisana noko kwafundiswa nguYesu ngolwalamano lwakhe noYise.
USizeka: Uthetha ukuthini?
UThandeka: Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba uYesu unguThixo. Mhlawumbi nawe wafundiswa loo nto.
USizeka: Ewe, umfundisi wam uthi uThixo noYesu ngumntu omnye.
UThandeka: Ngaba uyavuma ukuba eyona ndlela yokufunda ngoYesu kukuhlola izinto awazithethayo ngaye?
USizeka: Ewe, ndiyavumelana nawe.
Wathini UYesu?
UThandeka: Makhe sive ukuba ithini iBhayibhile ngalo mba. Qaphela oko sikufunda kuYohane 6:38. UYesu wathi: “Ezulwini ndihlele ukuza kwenza, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo wandithumayo.” Loo mazwi ebeya kungqubana ukuba uYesu ebenguThixo.
USizeka: Uthetha ukuthini?
UThandeka: Phawula ukuba uYesu wathi akehlanga ezulwini ukuza kwenza ukuthanda kwakhe.
USizeka: Ndiyavuma, wathi uzokwenza ukuthanda kwaLowo umthumileyo.
UThandeka: Kodwa ukuba uYesu unguThixo, ngubani owamthumayo? Yaye kwakutheni ukuze uYesu azithobe Kuye?
USizeka: Ndiyakubona apho ufuna ukuya khona. Kodwa ayinakuba yile vesi kuphela engqina ukuba uYesu akangoThixo.
UThandeka: Khawuve, ukuba uYesu wathini ngesinye isihlandlo. Wathetha amazwi afanayo kwisahluko esilandelayo sikaYohane. Ndicela ufunde uYohane 7:16.
USizeka: Kulungile. “UYesu, wawaphendula wathi: ‘Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.’”
UThandeka: ndiyabulela, Sizeka. Ngokwale vesi ngaba uYesu wayefundisa iimbono zakhe?
USizeka: Hayi, wathi imfundiso zakhe zivela kuLowo umthumileyo.
UThandeka: Kunjalo kanye. Kwakhona sifanele sizibuze ukuba: ‘Ngubani owathuma uYesu? Yaye ngubani owamnika inyaniso awayeyifundisa?’ Ngaba loo Mntu ebengayi kuba mkhulu kunoYesu? Ngapha koko, lowo uthumayo mkhulu kunalowo uthunywayo.
USizeka: Kubangela umdla oku. Ndiyaqala ukuyifunda le vesi.
UThandeka: Phawula kwakhona, amazwi kaYesu akuYohane 14:28 athi: “Nivile ukuba ndithe kuni, Ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda, beniya kuba nemihlali kukuba ndisimka ndisiya kuBawo, kuba uBawo mkhulu kunam.” Ubunokuthi uYesu uluchaza njani ulwalamano lwakhe noYise?
USizeka: Ewe, wavuma ukuba uBawo mkhulu kunaye. Ngoko ndicinga ukuba uThixo wayemjonga njengomkhulu kunaye.
UThandeka: Kunjalo kanye. Omnye umzekelo, koko uYesu wakuxelela abafundi bakhe kuMateyu 28:18. Lo vesi ithi: “Linikwe mna lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.” Ngaba apha uYesu uthi wayesoloko enalo lonke igunya?
USizeka: Akazange, wathi lanikwa yena.
UThandeka: Kodwa ukuba uYesu nguThixo, wayenokulinikwa njani igunya elingakumbi? Kwaye wayelinikwa ngubani?
USizeka: Kuza kufuneka ndikhe ndiyicinge ke leyo.
Wayethetha Nabani?
UThandeka: Ikho nenye into ephazamisayo ukuba ngokwenene uYesu wayenguThixo.
USizeka: Yintoni leyo?
UThandeka: Koko kuthethwayo ngokubhaptizwa kukaYesu. Phawula ingxelo ekuLuka 3:21, 22. Ndicela ufunde ezo vesi.
USizeka: “Ke kaloku bakubhaptizwa bonke abantu, noYesu wabhaptizwa, yaye njengoko wayethandaza, izulu lavuleka kwaza kwehla phezu kwakhe umoya oyingcwele omile njengehobe, kwaphuma nelizwi ezulwini lisithi: ‘UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.’”
UThandeka: Ngaba ukuphawule oko kwenziwa nguYesu njengoko ebhaptizwa?
USizeka: Wayethandaza.
UThandeka: Kunjalo. Kakade ke, usenokubuza, ‘ukuba uYesu wayenguThixo, wayethandaza kubani?’
USizeka: Ngumbuzo omhle lowo. Ndizakukhe ndiwubuze kumfundisi?
UThandeka: Ucinga ngaloo mbuzo, phawula ukuba emva kokuba uYesu ephume emanzini, umntu othile wathetha esezulwini. Ngaba uyaphawula ukuba uthini Lowo uthethayo?
USizeka: Wathi uYesu nguNyana wakhe, uYamthanda yaye uYakholiswa nguye.
UThandeka: kulungile ke. Kodwa ukuba uYesu unguThixo, ngubani lo wayethetha loo mazwi esezulwini?
USizeka: Andizange ndikhe ndiyicinge ngaloo ndlela.
Kutheni ulwalamano lwabo lufaniswa “neloYise” “noNyana”?
UThandeka: Nantsi enye into emasicinge ngayo: Siye safunda ukuba uYesu wathi uThixo nguYise wasezulwini. Yaye xa uYesu wayebhaptizwa ilizwi lathi unguNyana Wam. Eneneni, uYesu wayesithi unguNyana kaThixo. Masithi ufuna ukufundisa ukuba abantu ababini bayalingana, lulwalamano olunjani lwentsapho obuya kuzekelisa ngalo ukuze uphuhlise loo ngongoma?
USizeka: Ndisenokusebenzisa umntu nomntakwabo.
UThandeka: Kunjalo kanye—mhlawumbi usenokude uthi ngamawele. Kodwa uYesu wabhekisela kuThixo njengoBawo waza wabhekisela kuye njengoNyana. Ngoko ke, ucinga ukuba yayiyintoni awayezama ukuyiphuhlisa uYesu?
USizeka: Ndiyayifumana ingongoma. UYesu uchaza omnye njengomdala nonegunya ngakumbi kunomnye.
UThandeka: Kunjalo kanye. Khawucinge ngoku: Uye weza nomzekelo ongena gingci wabantu abalinganayo, umntu nomntakwabo okanye amawele. Ukuba uYesu ebenguThixo, ucinga ukuba njengoMfundisi Omkhulu, ebeya kucinga ngalo mzekelo siye sawusebenzisa—okanye ebeya kusebenzisa ongcono kunawo?
USizeka: Kunjalo kanye.
UThandeka: Kodwa, endaweni yoko, wasebenzisa igama elithi “uBawo” nelithi “uNyana” ukuchaza ulwalamano lwakhe noThixo.
USizeka: Uvelisa ingongoma ebangela umdla.
Babesithini Abalandeli BakaYesu Benkulungwane Yokuqala?
UThandeka: ngaphambi kokuba ndikushiye, ndingathanda ukuthetha ngenye inkalo ngokuphathelele lo mbandela, ukuba unalo ixesha.
USizeka: Ewe, ndinayo imizuzu embalwa.
UThandeka: Ukuba uYesu unguThixo, ngaba ubungenakulindela ukuba nabafundi bakhe batsho okufanayo?
USizeka: Kusengqiqweni ukucinga njalo.
UThandeka: Sekunjalo, ayikho indawo efundisa loo nto eZibhalweni. Ngokwahlukileyo koko, khawuve oko kwabhalwa ngumpostile uPawulos omnye wabalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala. Kwincwadi eya kwabaseFilipi 2:9, uchaza oko kwenziwa nguThixo emva kokufa nokuvuka kukaYesu wathi: “UThixo wamphakamisela [uYesu] kwisigxina esongamileyo waza ngobubele wamnika igama elingaphezu kwawo onke amanye amagama.” Ngokusuka kule vesi, yintoni uThixo awayenzela uYesu?
USizeka: Ithi uThixo wamphakamisela kwisigxina esongamileyo.
UThandeka: Uchan’ ucwethe. Kodwa ukuba uYesu ngaphambi kokuba afe wayelingana noThixo yaye kamva uThixo wamphakamisela kwisigxina esiphakamileyo, loo nto ibingayi kumenza abe ngentla na kuThixo? Inokwenzeka njani into yokuba umntu abe mkhulu kunoThixo?
USizeka: Ayinakwenzeka loo nto.
UThandeka: Ndivumelana nawe. Emva kwabo bonke obu bungqina, ngaba ungatsho ukuba iBhayibhile ifundisa ukuba uYesu nguThixo?
USizeka: Andinakutsho. IBhayibhile ithi unguNyana kaThixo.
UThandeka: Kunjalo kanye. Mandikuqinisekise, Sizeka, ukuba amaNgqina kaYehova amhlonela gqitha uYesu. Sikholelwa ukuba ukufa njengoMesiya othenjisiweyo kwavula indlela yosindiso kubo bonke abantu abathembekileyo.
USizeka: Nam ndiyayikholelwa loo nto.
UThandeka: Usenokubuza ukuba, ‘Sinokumbonisa njani uYesu ukuba siyakuxabisa ukunikela kwakhe ngobomi bakhe ngenxa yethu?’a
USizeka: Bendisoloko ndizibuza loo mbuzo.
UThandeka: Mhlawumbi ndingaphinda ndibuye ndize kukuphendula ngeBhayibhile. Ngaba uza kube usekhaya mayela neli xesha kwiveki ezayo?
USizeka: Ewe, ndiza kube ndikho.
UThandeka: Kuhle ke, ndiya kukubona ngelo xesha.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?