IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Incwadi YeBhayibhile 42—Luka
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
    • 1. ULuka wabhala uhlobo olunjani lwencwadi yeVangeli?

      INCWADI yeVangeli kaLuka yabhalwa yindoda eyayiphaphile engqondweni neyayinentliziyo elungileyo, yaye ezi mpawu zintle zihambelanayo, ndawonye nokhokelo lomoya kaThixo, ziye zaphumela kwingxelo echanileyo enik’ ihlombe nechukumisayo. Kwiindinyana zokuqala, uthi, “Kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo.” Incwadi yakhe eneenkcukacha nebhalwe ngobuchule ikungqinela ngokupheleleyo oku.—Luka 1:3.

  • Incwadi YeBhayibhile 42—Luka
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
    • 4. Kunokwenzeka ukuba incwadi kaLuka yabhalwa nini, yaye ziziphi iimeko ezixhasa le mbono?

      4 ULuka wayibhala nini le ncwadi yakhe yeVangeli? IZenzo 1:1 zibonisa ukuba umbhali weZenzo (owayekwanguLuka) ngaphambili wayebhale “eyokuqala imbali,” incwadi yeVangeli. Kunokwenzeka ukuba iZenzo zagqitywa malunga nowama-61 C.E. ngoxa uLuka wayeseRoma ekunye noPawulos, owayelindele ukuchotshelwa kwesibheno sakhe nguKesare. Ngoko kusenokwenzeka ukuba uLuka wayibhala le ngxelo yeVangeli eseKesareya malunga nowama-56-58 C.E., emva kokubuya kwakhe noPawulos besuka kwelaseFilipi ekupheleni kohambo lwesithathu lukaPawulos lobuvangeli basemazweni yaye ngoxa uPawulos wayelinde iminyaka emibini entolongweni eKesareya ngaphambi kokuba asiwe eRoma ukuze kuchotshelwe isibheno sakhe. Ekubeni uLuka wayelapho ePalestina, ngeli xesha wayenethuba elihle ‘lokuzilanda ngokucokisekileyo kwasentloko zonke izinto’ eziphathelele ubomi nobulungiseleli bukaYesu. Ngaloo ndlela, kubonakala ukuba ingxelo kaLuka yayandulela incwadi yeVangeli kaMarko.

      5. Kusenokwenzeka ukuba uLuka ‘wazilanda ngokucokisekileyo’ kweyiphi imithombo iziganeko ezingobomi bukaYesu?

      5 Kambe ke, uLuka akazange abe lingqina lokuzibonela lazo zonke iziganeko azibhale kwincwadi yakhe yeVangeli, ekubeni wayengenguye omnye wabali-12 yaye kunokwenzeka ukuba akazange abe likholwa de kwasemva kokufa kukaYesu. Noko ke, wayenxulumene ngokusondeleyo noPawulos kwintsimi yobuvangeli basemazweni. (2 Tim. 4:11; Filem. 24) Ngoko, njengoko kunokulindelwa, umbhalo wakhe ububungqina bempembelelo kaPawulos, njengoko kunokubonwa ngokuthelekisa iingxelo zabo ezimbini zeSidlo seNkosi Sangokuhlwa, kuLuka 22:19, 20 nakweyoku-1 kwabaseKorinte 11:23-25. Njengomnye umthombo wenkcazelo, uLuka wayesenokubhekisela nakwincwadi yeVangeli kaMateyu. ‘Ekuzilandeni ngokucokisekileyo zonke izinto,’ wayenokukwazi ukuthi ngokwakhe adlan’ indlebe namangqina amaninzi awazibonayo iziganeko ezingobomi bukaYesu, njengabafundi bakhe ababesaphila mhlawumbi nonina kaYesu, uMariya. Sinokuqiniseka ukuba wacokisa ekuhlanganiseni iinkcukacha ezinokuthenjwa.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share