Ngaba Ubusazi?
Ngaba ukho umpostile owayezalana noYesu?
▪ IZibhalo aziwuphenduli ngokungqalileyo lo mbuzo. Noko ke, kukho ubungqina obubonisa ukuba abanye babapostile babezalana naye.
Iincwadi zeVangeli zichaza amagama abanye babafazi ababekho xa uYesu wayesifa kwisibonda sentuthumbo. UYohane 19:25 uthetha ngabafazi abane: “Unina [uMariya] nodade bonina uMariya umfazi kaKlopa, noMariya Magadala.” Xa uthelekisa le vesi noko kuthethwa yincwadi kaMateyu nekaMarko ufikelela kwisigqibo sokuba udade bonina kaYesu yayinguSalome. Kubonakala ngathi lo Salome wayengumama wonyana bakaZebhedi. (Mateyu 27:55, 56; Marko 15:40) Kwezinye iivesi kuthiwa oonyana bakhe yayinguYakobi noYohane nto leyo ethetha ukuba babengabazala bakaYesu. UYesu wabiza la madoda mabini ayengabalobi bentlanzi ukuze abe ngabafundi bakhe.—Mateyu 4:21, 22.
Ezinye iincwadi zona zithi uKlopas okanye uAlfeyu ekuthiwa wayengumyeni womnye waba bafazi nekuthethwe ngaye kuYohane 19:25, wayengumntakwabo Yosefu uyise kaYesu. Ukuba loo nto iyinyaniso, unyana ka-Alfeyu uYakobi owayengomnye wabapostile abali-12 naye wayengumzala kaYesu.—Mateyu 10:3.
UYesu noYohane umBhaptizi babezalana kanjani?
▪ Abanye abantu bathi la madoda ayengabazala. Olu luvo lubangelwa kukungaguqulelwa ngokuchanileyo kwencwadi kaLuka 1:36. Ngokomzekelo, iKing James Version kule vesi ithi uElizabete umama kaYohane noMariya umama kaYesu babengabazala.
Noko ke igama lesiGrike elisetyenziswe kule vesi alithethi loo nto ngokungqalileyo. Libonisa nje ukuba aba bafazi babezalana nangona lingatsho ngokungqalileyo ukuba babengabazala. IThe Interpreter’s Dictionary of the Bible ithi “eli gama linentsingiselo ebanzi kakhulu kangangokuba alinako ukusinceda sibone eyona ndlela babezalana ngayo.” Ukuba kunjalo, ivela phi eyokuba uYesu noYohane babengabazala? IThe Catholic Encyclopedia ithi: “Lonke ulwazi esinalo. . . ngabazali bakaMariya. . . silufumana kwiincwadi ezingaphefumlelwanga.”
Ewe kona uYesu noYohane babezalana kodwa ke babengengobazala.