Xelisani Ukholo Lwabo
“Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”
UMARIYA wayemangalisiwe njengoko undwendwe lwalungena kowabo. Aluzange lucele ukuthetha noyise okanye unina. Lwaluze kubona yena. Wayeqinisekile ukuba lwalungaveli eNazarethe, ekubeni idolophu yakowabo yayincinane, kwakulula ukumazi umhambi. Olu ndwendwe lwalahlukile kwabanye abantu. Lwambulisa ngendlela engaqhelekanga uMariya neyayintsha ngokupheleleyo kuye, lusithi: “Bhota, wena ubabalwe kakhulu, uYehova unawe.”—Luka 1:28.
Le yindlela, esazisa ngayo iBhayibhile kuMariya, intombi kaHeli, yaseNazarethe kwiphondo laseGalili. Eli yayilixesha elinzima ebomini bakhe. Wayeganene noYosefu umchweli—wayengesosityebi kodwa wayethembekile. Kuyabonakala ukuba ubomi bakhe babusele bucetywe kakuhle. Umsebenzi olula wokuxhasa uYosefu, bekhulisa intsapho kunye. Engalindelanga, uzibona sele etyelelwa lundwendwe oluze kumnika isabelo esivela kuThixo, esasiza kutshintsha ubom bakhe.
Uza kothuswa kukufumanisa ukuba iBhayibhile ayithethi kangako ngoMariya. Incinane into esixelela yona ngemvelaphi yakhe, ngobuntu bakhe ayisixeleli kwanto ngembonakalo yakhe. Kodwa, oko lisixelela kona iLizwi likaThixo ngaye kusithela thsuphe okuthile ngaye.
Ukuze simazi kakuhle uMariya, kufuneka sikhangele izinto ezininzi ezifundiswa ngaye ziinkonzo ezahlukeneyo. Asizukuthetha ngemifanekiso ezotywe ngabantu neqingqiweyo. Kwakhona masizibekel’ ecaleni iimfundiso zakwalizwi ezintsonkothileyo neenkolelo eziye zajoliswa kweli bhinqa lithobekileyo izibizo ezifane nesithi “uMama kaThixo” nesithi “uKumkanikazi weZulu.” Kunoko masinikel’ ingqalelo koko kutyhilwa yiBhayibhile. Iyasinceda sibone ukholo lwakhe nendlela esinokuluxelisa ngayo.
Ukutyelelwa Yingelosi
Njengokuba usazi undwendwe lukaMariya lwalungengomntu nje oqhelekileyo. Yayiyingelosi egama linguGabriyeli. Xa wathi kuMariya “ubabalwe kakhulu,” “waphazamiseka ngokunzulu” ngamazwi akhe waze wazibuza ngalo mbuliso ungaqhelekanga. (Luka 1:29) Ubabalwe ngubani? UMariya wayengalindelanga ukuba ababalwe kakhulu phakathi kwabantu. Kodwa le ngelosi yayithetha ngokubabalwa nguYehova uThixo. Loo nto yayibalulekile kuye. Sekunjalo akazange acinge ukuba wayebabalwe nguThixo. Ukuba sifuna ukubabalwa nguThixo, singaze sicinge ukuba sele sibabaliwe, siya kufunda isifundo esibalulekileyo awayesiqonda kakuhle uMariya. UThixo uyabachaza abanekratshi, kodwa uyabathanda aze abaxhase abathobekileyo.—Yakobi 4:6.
Kwakuza kufuneka athobeke uMariya, kuba le ngelosi yayiza kumnika ilungelo elingenakuthelekiswa nanto. Yathi wayeza kuzala umntwana owayeza kuba ngoyena ubalulekileyo kubo bonke abantu. Wathi uGabriyeli: “UYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade, yaye ubukumkani bakhe abuyi kuba nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) Ngokuqinisekileyo uMariya wayesazi isithembiso esasenziwe nguThixo kuDavide kwiminyaka engaphezu kwewaka eyadlulayo, sokuba omnye wabantwana bakhe uya kulawula ngonaphakade. (2 Samuweli 7:12, 13) Unyana wakhe wayeza kuba nguMesiya ababekhangele kuye abantu bakaThixo kangangeenkulungwane.
Ukongezelela koko, ingelosi yamxelela ukuba unyana wakhe wayeza “kubizwa ngokuba nguNyana woYena uPhakamileyo.” Ekubeni uMariya wayengumntu wayeza kumzala njani uNyana kaThixo? UMariya wayezibuza ukuba uza kumzala njani umntwana? Wayeganene noYosefu kodwa wayengekatshati naye. Wathetha phandle wabuza wathi: “Kuza kubakho njani na oku, ekubeni ndingenazintlobano zokwazana nandoda?” (Luka 1:34) Phawula ukuba uMariya wayengenantloni ngokuchaza ukuba wayengazani nandoda. Kwelinye icala wayekuxabisa ukubanyulu kwakhe. Namhlanje, ulutsha oluninzi alukuxabisanga ukuhlala lunyulu, yaye luyalugculele olo luziphethe kakuhle. Ngokwenene ihlabathi litshintshile. Noko ke, uYehova akatshintshanga. (Malaki 3:6) Njengokuba kwakunjalo ngexesha likaMariya, uyabaxabisa abo babambelela kwimilinganiselo yakhe yokuziphatha.—Hebhere 13:4.
Nangona wayengumkhonzi kaThixo othembekileyo, uMariya wayengafezekanga. Wayeza kumzala njani umntwana ofezekileyo, unyana kaThixo? UGabriyeli wathi: “Umoya oyingcwele uya kukufikela, namandla Oyena Uphakamileyo aya kukusibekela. Ngenxa yeso sizathu kwanoko kuzalwayo kuya kubizwa ngokuba kungcwele, uNyana kaThixo.” (Luka 1:35) Igama elithi ngcwele lithetha “ukucoceka”, ukuba “nyulu” nokuba “ngcwele.” Ngokuqhelekileyo, abantu badla ngokudlulisela ukungacoceki, nesono kubantwana babo. Noko ke kule meko uYehova wenza ummangaliso. Wayeza kufudusela ubomi boNyana wakhe kwisibeleko sikaMariya aze asebenzise amandla akhe asebenzayo, okanye umoya oyingcwele ukuze ‘asibekele’ uMariya athintele isono singadluleli kuye. Ngaba uMariya wasikholelwa isithembiso sengelosi? Wasabela njani?
Indlela Awasabelo Ngayo UMariya KuGabriyeli
Abantu abangakholelwayo kwimimangaliso, kuquka nabafundisi bezakwalizwi beNgqobhoko, abayikholelwa into yokuba ibhinqa elingazani nandoda lingazala umntwana. Nangona befunde bayityekeza, abayiqondi le nyaniso. Njengokuba esitsho uGabriyeli, “uThixo akavakalisi nto ingenakwenzeka.” (Luka 1:37) UMariya wawajonga njengayinyaniso amazwi kaGabriyeli, wayelibhinqa eliselula elalinokholo. Noko ke, ukuba nokholo kwakhe akuthethi ukuba wayenguvuma zonke. Njengaye nawuphi umntu oqiqayo, kwakufuneka kubekho ubungqina awayeza kulusekela kubo ukholo lwakhe. UGabriyeli wongeza kobo bungqina wayesele enabo. Wamchazela ngesizalwana sakhe esele sikhulile uElizabhethe, owayengafumani bantwana. UThixo wabangela ukuba akhulelwe ngokungummangaliso.
Ngoku wayeza kwenza ntoni uMariya? Wayenomsebenzi awayemele awenze nobungqina obabubonisa ukuba uThixo wayeza kuyenza yonke into awayeyithethe kuGabriyeli. Asimele sicinge ukuba eli lungelo laliza kwenza kube mnandi. Kuba kwelinye icala, wayeganene noYosefu. Ngaba wayeza kutshata naye akufumanisa ukuba ukhulelwe? Nalo msebenzi wawubonakala ulucelomngeni olungathethekiyo. Kwakubandakanyeke obona bomi buxabisekileyo kuzo zonke izidalwa zikaThixo uNyana wakhe amthandayo. Kwakuza kufuneka amnyamekele ngoxa wayelusa olungenakuzenzela nto aze amkhusele kwihlabathi elingendawo. Okunene le yayiyimbopheleleko enzima.
IBhayibhile ibonisa ukuba kwanamadoda awomeleleyo, anokholo maxa wambi ayedla ngokuba madolw’ anzima ukwamkela izabelo ezivela kuThixo. UMoses wakhalaza wathi wayengekwazi ukuthetha. (Eksodus 4:10) Yena uYeremiya wathi “ndiyinkwenkwe nje,” esithi wayesemncinane ukuba angakwazi ukwenza umsebenzi awayewunikwe nguThixo. (Yeremiya 1:6) NoYona wasibaleka isabelo sakhe. (Yona 1:3) Kuthekani ngoMariya?
Amazwi akhe asankenteza nanamhla oku. Wathi kuGabrieyeli: “Khangela! Ikhobokazana likaYehova! Ngamana kungenzeka kum ngokwendlela ovakalise ngayo.” (Luka 1:38) Ikhobokaza yayingoyena mntu uphantsi, lalilawulwa yinkosi yalo ngokupheleleyo. Leyo yindlela awayevakalelwa ngayo uMariya ngeNkosi yakhe, uYehova. Wayesazi ukuba wayekhuselekile ezandleni zakhe, uthembekile kwabo bathembekileyo kuye, nokuba wayeza kumsikelela ekubeni wayesenza konke awayenokukwenza ukuze aphumeze esi sabelo.—INdumiso 18:25.
Maxa wambi uThixo usenokufuna senze into ebonakala inzima, okanye ingenakwenzeka. Noko ke, kwiLizwi lakhe usinika izizathu zokuba simthembe, sixhomekeke kuye njengoMariya. (IMizekeliso 3:5, 6) Ngaba siza kwenjenjalo? Ukuba senjenjalo, uya kusivuza, asinike izizathu zokuba sibe nokholo olomelele ngakumbi kuye.
Ukutyelela UElizabhethe
Izinto ezathethwa nguGabriyeli ngoElizabhethe zamchukumisa uMariya. Kuwo onke amabhinqa akhoyo ehlabathini, ngubani owayenokuyiqonda imeko awayetyhubela kuyo? UMariya waxhabasha waya kummandla wakwaYuda, mhlawumbi yayiluhambo olwalunokuthabatha iintsuku ezintathu okanye ezine. Njengokuba wayengena ekhayeni likaElizabhethe noZekariya umbingeleli, uYehova wongeza kobo bungqina wayesele enabo ukuze omeleze ukholo lwakhe. Wathi akubulisa uMariya ngoko nangoko usana lwaxhuma luvuyo esibelekweni sikaElizabhethe. Wazaliswa ngumoya oyingcwele waze wathi uMariya “nina weNkosi yam.” UThixo watyhilela uElizabhethe ukuba unyana kaMariya wayeza kuba yiNkosi yakhe, uMesiya. Waphefumlelwa ukuba ancome uMariya ngokuthobela kwakhe, esithi: ‘Unoyolo naye lowo ukholiweyo.’ (Luka 1:39-45) Ewe, yonke into uYehova ayithembise uMariya yayiza kwenzeka.
Naye uMariya wathetha. Amazwi akhe akuLuka 1:46-55. Le yeyona ntetho inde kwiintetho zikaMariya eziseBhayibhileni, isityhilela okuninzi ngaye. Ibonisa ukuba ungumntu onombulelo nonoxabiso, njengokuba encoma uYehova ngokumwonga ngelungelo lokuba ngumama kaMesiya. Ibonisa ubunzulu bokholo lwakhe, njengokuba echaza uYehova njengothoba abantu abanekratshi nabanamandla aze aphakamise abantu abaphantsi nabangahlwempu abafuna ukukhonza. Kwakhona isityhilela ubunzulu bolwazi lwakhe. Ngokutsho kolunye uqikelelo, wabhekisela kwiZibhalo zesiHebhere izihlandlo ezingaphezu kwama-20.
Kucacile ukuba uMariya wayecinga nzulu ngeLizwi likaThixo. Sekunjalo wayethobekile, wayethetha ngokusuka kwiZibhalo kunokuba athethe izinto zakhe. Umntwana owayekhula esibelekweni sakhe ngenye imini wayeza kubonisa umoya ofanayo, esithi: “Oko ndikufundisayo asikokwam, kodwa kokwalowo wandithumayo.” (Yohane 7:16) Sakuba senza kakuhle ukuba sizibuza oku: ‘Ngaba ndinentlonelo enzulu ngeLizwi likaThixo? Okanye ngaba ndikhetha ingcamango okanye iimfundiso zam?’ Impendulo kaMariya izicacele.
UMariya wahlala noElizabhethe iinyanga ezintathu, ngokuqinisekileyo umele ukuba wayemkhuthaza. (Luka 1:56) Omabini la mabhinqa asikhumbuza ngokubaluleka kobuhlobo bokwenene. Ukuba sifuna abahlobo abamthanda ngokwenene uThixo wethu, uYehova, ngokuqinisekileyo siya kukhula ngokomoya size sisondele kuyo. (IMizekeliso 13:20) Ekugqibeleni uMariya wagoduka. Wayeza kuthini uYosefu xa efumanisa ukuba ukhulelwe.
UMariya NoYosefu
UMariya akazange alinde kude kubonakale isisu ngaphambi kokuba achazele uYosefu ukuba wayekhulelwe. Kwakuza kufuneka achazele uYosefu. Ngaphambi kokuba athethe naye, umele ukuba wayezibuza ukuba wayeza kusabela njani. Wamchazela, yonke into eyenzekileyo. Njengokuba uqonda, uYosefu waphazamiseka kakhulu. Wayekufuna ukuyikholelwa le nto wayeyixelelwa yile ntombazana, kodwa le nto yayimxelela yona yayingazange yenzeka ngaphambili. Ayisixeleli iBhayibhile ukuba wayecinga ngantoni. Kodwa iyasixelela ukuba wayefuna ukumala, kuba izibini eziganeneyo zazijongwa njengezitshatileyo. Noko ke, wayengakufuni ukumhlazisa okanye amohlwaye, wakhetha ukumala ngasese. (Mateyu 1:18, 19) Umele ukuba wayebuhlungu uMariya xa wayembona esentlungwini ngenxa yale meko wayekuyo. Kodwa uMariya akazange akhathazeke ngendlela egqith’ emgceni.
UYehova akazange amvumele uYosefu ahambe ngayibonayo. Ephupheni, ingelosi kaThixo yamxelela ukuba uMariya wayekhulelwe ngokungummangaliso. Kumele ukuba oku kwamzisela isiqabu. UYosefu wenza oko kwakwenziwe nguMariya kwasekuqaleni—wenza ngokuvisisana nolwalathiso lukaYehova. Wamthabatha uMariya njengomfazi wakhe, wazilungiselela ukuthabatha imbopheleleko yokunyamekela uNyana kaYehova.—Mateyu 1:20-24.
Abantu abatshatileyo—nabo bacinga ngokutshata—baya kuba benza kakuhle ukuba bafunda kumzekelo wesi sibini esasiphila kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo. Njengokuba uYosefu wayekhangele umfazi wakhe esenza imisebenzi yakhe, wayeqinisekile ukuba wayesalathiswa yingelosi kaYehova. Umele ukuba uYosefu wakubona ukubaluleka kokukholosa ngoYehova xa esenza izigqibo ezibalulekileyo. (INdumiso 37:5; IMizekeliso 18:13) Ngokuqinisekileyo wayesoloko ezolile xa esenza izigqibo njengentloko-ntsapho.
Kwelinye icala, singathini ngokuvuma kukaMariya ukutshata noYosefu? Nangona kusenokwenzeka ukuba ekuqaleni kwakunzima ukuyiqonda le nto yayithethwa nguMariya, uMariya walindela kuye ukuba enze isigqibo ekubeni wayeza kuba yintloko-ntsapho. Eso yayisisifundo esihle kuye kanye njengokuba kunjalo nakuba bafazi abangamaKristu namhlanje. Ekugqibeleni, kumele ukuba ezi ziganeko zabafundisa lukhulu bobabini ngokunyaniseka nokuthetha phandle.
Ngokuqinisekileyo esi sibini simele ukuba sawuqalisa kakuhle umtshato waso. Bobabini babemthanda uYehova uThixo yaye bamele ukuba babefuna ukumkholisa, njengabazali abakhathalayo. Kakade ke, babesalindelwe ziintsikelelo ezingakumbi nalucelomngeni. Kwakuza kufuneka bakhulise uYesu, owayeza kuba ngoyena mntu ubalaseleyo owakhe wakho.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ukuthanda uThixo sesona siseko sihle somtshato