Ngaba Ubusazi?
Ngaphandle kwewayini, ziziphi ezinye iindywala ezazisenziwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?
▪ ‘Iwayini nesiselo esinxilisayo’ zisoloko zikhankanywa kunye eBhayibhileni. (Duteronomi 14:26; Luka 1:15) Asifanele sicinge ukuba ibinzana elithi “utywala” lithetha ukuba ezi ziselo zazihluzwa ngendlela efanayo neyanamhlanje, kuba kaloku le ndlela yethu yaqala emva kweenkulungwane. Utywala babungenziwa kuphela ngeziqhamo ezinjengeediliya, idatilisi, amakhiwane, iiapile nerharnati kodwa babusenziwa nangobusi.
Ibinzana elithi ‘isiselo esinxilisayo’ linokubhekisela nakwibhiya. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘isiselo esinxilisayo’ linxulumene negama lesiAkhad elinokubhekisela kwibhiya eqhelekileyo yaseMesopotamiya eyenziwa ngerhasi. Obo tywala babungatshisi kangako kodwa babunxilisa xa ubusele kakhulu. (IMizekeliso 20:1) Kumangcwaba aseYiputa yamandulo kuye kwafunyaniswa imifanekiso yodongwe yabantu ababesenza utywala neendawo obabusenzelwa kuzo. EBhabhiloni ibhiya yayiselwa imihla ngemihla kumabhotwe nakumakhaya amahlwempu. NamaFilisti ayesela utywala obufanayo. EPalestina, abembi bezinto zakudala baye bafumana iingqayi ezazineentluzo. Ezo ngqayi zazihluza ibhiya, ukuze abantu bangayiseli neentsipho zerhasi eyayivutyelwa ngazo.
Ngemihla yompostile uPawulos, yintoni eyayikwenza kube yingozi ukuhamba elwandle ngamaxesha athile onyaka?
▪ Ngenxa yoqhwithela, inqanawa awayehamba ngayo umpostile uPawulos yachitha ixesha elininzi izama ukuya entshona igudle ulwandle lwaseAsia Minor. IBhayibhile ithi kwenye indawo, “kwakuyingozi ukuhamba ngamanzi ngenxa yokuba kwanokuzila ukutya [komhla wocamagushelo] kwakusele kudlulile.” UPawulos waxelela abantu awayehamba nabo ukuba ukuqhubeka nohambo kwakuza kubeka esichengeni ‘kungekhona umthwalo nesikhephe nje kuphela kodwa kwanemiphefumlo [yabo].’—IZenzo 27:4-10.
Ukuzila ukutya komhla woCamagushelo kwakusenziwa ngasekupheleni kukaSeptemba okanye ekuqaleni kukaOktobha. Oomatiloshe baseRoma babesazi ukuba kwakukhuselekile ukuhamba phakathi kukaMeyi 27 noSeptemba 14. Phakathi kukaSeptemba 14 noNovemba 11, kwakunzima ukuhamba elwandle yaye kwakusiba yingozi nakakhulu ukuhamba phakathi kukaNovemba 11, noMatshi 10. Esinye isizathu esisibona kumava kaPawulos, yayiyimozulu embi. (IZenzo 27:13-44) Oomatiloshe babehlangabezana noqhwithela nobunzima xa bebheqa iinqanawa. Amafu ayesitha ilanga emini neenkwenkwezi ebusuku. Inkungu nemvula zazibenza bangaziboni kakuhle izinto ezazinokubangela ingozi.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iibhotile zebhiya zaseYiputa ezenziwe ngeplanga
[Inkcazelo]
Erich Lessing/Art Resource, NY
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Inqanawa yaseRoma C.100-200 C.E.
[Inkcazelo]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.