Isahluko 77
Imbambano Engelifa
NGOKUCACILEYO abantu bayazi ukuba uYesu ebesitya endlwini yomFarisi. Ngoko bahlanganisana ngaphandle bengamawaka yaye balinde ukuba uYesu aphume. Ngokwahlukileyo kubaFarisi abachasa uYesu nabazama ukumbambisa akuthetha into ephosakeleyo, abantu baphulaphule ngomdla kuye benoxabiso.
Ephethukela kubafundi bakhe kuqala, uYesu uthi: “Lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso.” Njengokuba kuye kwaboniswa ebudeni besidlo, yonke inkqubo yonqulo lwabaFarisi izaliswe luhanahaniso. Kodwa nakubeni ubungendawo babaFarisi busenokufihlakala ngokubonisa kwabo ukuhlonela unqulo, ekugqibeleni buza kubhencwa. UYesu uthi: “Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa.”
UYesu uyaqhubeka ephinda ukhuthazo awayelunikele kwabali-12 xa wayebathume ukuya kushumayela kwelaseGalili. Uthi: “Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo.” Ekubeni uThixo engalibali nongqatyana omnye, uYesu uqinisekisa abalandeli bakhe ukuba uThixo akayi kubalibala. Uchaza esenjenje: “Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, . . . uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona.”
Kuthi ke kudanduluke ndoda ithile kwisihlwele. Iyabongoza isithi: “Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa.” UMthetho kaMoses umisela ukuba unyana wamazibulo ufumana izahlulo ezibini zelifa, ngoko akufanele kubekho sizathu sambambano. Kodwa kuyabonakala ukuba le ndoda ifuna okungakumbi kunesabelo sayo selifa esingokwasemthethweni.
UYesu ukwala ngokufanelekileyo ukubandakanyeka koku. Uyayibuza ke esithi: “Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu?” Wandula ke anikele esi siyalo sibalulekileyo kwisihlwele: “Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.” Kuyinyaniso ukuba, kungakhathaliseki ukuba umntu usenokuba nezinto ezininzi kangakanani na, ngokuqhelekileyo uza kufa azishiye zonke ngasemva. Egxininisa le nyaniso, kuquka nokubonisa ubudenge bokusilela ukuzenzela igama elihle noThixo, uYesu usebenzisa umzekeliso. Uyachaza:
“Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo; ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabini na ke ezo zinto uzilungisileyo?”
Ekuqukumbeleni, uYesu uthi: “Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.” Ngoxa abafundi besenokungabanjiswa bubudenge bokufumba ubutyebi, basenokuphazamiseka lula ekukhonzeni uYehova ngomphefumlo uphela ngenxa yamaxhala obomi emihla ngemihla. Ngoko uYesu usebenzisa esi sihlandlo ukuze aphinde isiluleko esifanelekileyo awayesinikele ngaphambili malunga nonyaka onesiqingatha kwiNtshumayelo yaseNtabeni. Ephethukela kubafundi bakhe, uthi:
“Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. . . . Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla. . . . Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi. . . .
“Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”
Amazwi kaYesu afuna ukuqwalaselwa ngenyameko ingakumbi ebudeni bamaxesha obunzima bezoqoqosho. Ngokwenene, umntu ozixhalabisa ngokugqithiseleyo ngeemfuno zakhe zokwenyama aze aqalise ukurhoxobisa kusukelo lwezinto zokomoya, ubonakalisa ukungabi nalukholo kumandla kaThixo okulungiselela abakhonzi Bakhe. Luka 12:1-31; Duteronomi 21:17.
▪ Mhlawumbi, kutheni le ndoda ibuza ngelifa nje, yaye sisiphi isiyalo uYesu asinikelayo?
▪ Nguwuphi umzekeliso uYesu awusebenzisayo, yaye ubethelela ntoni ngawo?
▪ Sisiphi isiluleko uYesu asiphindayo, yaye kutheni sifanelekile nje?