Sondela KuThixo UThixo
Usijonga Njengabaxabisekileyo
“IINTLIZIYO zethu zinokusigwebela isohlwayo.” Ngala mazwi iBhayibhile iyavuma ukuba maxa wambi iintliziyo zethu zinokuyihlab’ amadlala nantoni na esiyenzayo. Intliziyo isenokuhlala isithi asifanelwanga bububele nokunyanyekelwa nguThixo. Sekunjalo iBhayibhile iyasiqinisekisa isithi: “UThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.” (1 Yohane 3:19, 20) UThixo usazi ngaphezu kokuba sizazi. Indlela asijonga ngayo inokwahluka njengempuma kwintshona kwindlela thina esizijonga ngayo. Sixabiseke kangakanani emehlweni oyena mntu ubalulekileyo uYehova uThixo? Impendulo sinokuyifumana kumzekeliso kaYesu ochukumisayo awawusebenzisa kwizihlandlo ezibini ezahlukeneyo.
Kwesinye isihlandlo uYesu wathi, “oongqatyana ababini bathengiswa ngengqekembe exabiso lincinane.” (Mateyu 10:29, 31) Kwakhona kuLuka 12:6, 7 uYesu wathi: “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. . . . Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi”. Lo mzekeliso ulula kodwa ucacileyo usifundisa ngendlela amjonga ngayo uYehova umnquli wakhe ngamnye.
Oongqatyana yayizezona ntaka zazithengiswa ngexabiso eliphantsi kwezityiwayo. Ngokungathandabuzekiyo uYesu wayedla ngokuzibonela ngawakhe amehlo xa ibhinqa elilihlwempu likwindawo yentengiso—mhlawumbi nonina amzalayo—ethenga ezi ntaka zincinane ukuze ondle intsapho. Ngengqekembe enye eyiyi-assarion,ngokwemali esetyenziswayo namhlanje ingaphantsi kwiisenti ezintlanu, umntu wayenokuthenga oongqatyana ababini. Ezi ntaka zazithengiswa ngeengqekembe ezimbini, xa uthenga abane wawufumana babe bahlanu, lo wesihlanu esiba libhaso.
UYesu wathi akukho namnye ungqatyana “olibalekayo phambi koThixo” okanye oya kuwela “emhlabeni ngaphandle kolwazi lukaYihlo.” (Mateyu 10:29) UYehova uyabona sihlandlo ngasinye ungqatyana esiwela emhlabeni mhlawumbi ngenxa yokuba enzakele okanye ekhangela ukutya. Ezi ntaka zibonakala zingekho ncinane ukuba uYehova azidale, azikho ncinane kakhulu ukuba angazikhumbuli. Uzixabisile, kuba zizinto eziphilayo ezixabisekileyo. Ngaba uyayifumana ingongoma kulo mzekeliso kaYesu?
Kwimfundiso yakhe uYesu uthelekisa izinto. Ngokomzekelo, uYesu uthi: “Amahlungulu akahlwayeli mbewu yaye akavuni, yaye akanasisele navimba, ukanti uThixo uyawondla. Nixabiseke kangakanani ke nina kuneentaka?” (Luka 12:24) Ngoku kuyacaca ukuba uYesu wayefuna ukuthini xa wayethetha ngoongqatyana: Ukuba uYehova uyazinyamekela ezi ntaka zincinane kubekele phi kubantu abamthandayo nabamnqulayo!
Xa ucinga ngamazwi kaYesu, akuyomfuneko ukuba uvakalelwe ukuba uThixo akakuboni ukuze akunyamekele ekubeni ‘emkhulu kuneentliziyo zethu.’ Ngaba akusithuthuzeli ukwazi ukuba uMdali wethu ubona izinto thina esingaziboniyo kuthi?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
Sparrows: © ARCO/D. Usher/age fotostock