“Hlalani Nilungile”
1 Kwisiprofeto sakhe esidumileyo esiphathelele ukupheliswa kwale nkqubo yezinto, uYesu walumkisa nxamnye nokuzixakekisa ngezinto ezingenamsebenzi zobomi. (Mat. 24:36-39; Luka 21:34, 35) Ekubeni imbandezelo enkulu inokuqalisa nanini na, kubalulekile ukuba sithobele isibongozo sikaYesu esithi: “Hlalani nilungile, kuba uNyana womntu uza ngelixa eningacinganga ukuba lilo.” (Mat. 24:44) Yintoni enokusinceda kule nkalo?
2 Ukuhlangabezana Namaxhala Nezinto Eziphazamisayo: Omnye wemigibe yokomoya esifanele siyilumkele lixhala lokuziphilisa. (Luka 21:34) Kwamanye amazwe, ubuhlwempu, ukunqaba kwemisebenzi, nokuxhoma kweendleko zokuphila kwenza kube nzima ukufumana izinto ezifunekayo ebomini. Kwamanye amazwe, ukuzifumbela izinto eziphathekayo kuyinto eqhelekileyo. Ukuba sizixhalabele ngokugqithisileyo izinto eziphathekayo, sisenokungakwazi ukunikel’ ingqalelo kwizinto zoBukumkani eziyinene. (Mat. 6:19-24, 31-33) Iintlanganiso zamaKristu ziyasinceda sinikel’ ingqalelo kwezi zinto. Ngaba unosukelo lokubakho kuzo zonke iintlanganiso?—Heb. 10:24, 25.
3 Namhlanje ihlabathi lizaliswe zizinto eziphazamisayo ezinokuphanga ixesha lethu elixabisekileyo. Ukusebenzisa ikhompyutha kunokuba ngumgibe ukuba ubani uchitha ixesha elininzi kakhulu esebenzisa i-Internet, efunda yaye ethumela iiE-mail, okanye kwimidlalo yekhompyutha. Sisenokuchitha iiyure ezininzi kakhulu sibukele umabonwakude, iimovie, sisenza izinto esizithandayo, sifunda iincwadi zehlabathi, okanye sizonwabisa ngemidlalo, size singabi naxesha okanye amandla aneleyo okwenza izinto zokomoya. Ngoxa ukuzonwabisa nokuphumla kunokusihlaziya okomzuzwana, ufundisiso lobuqu kunye nesifundo seBhayibhile sentsapho zinokuzisa iingenelo ezihlala zihleli. (1 Tim. 4:7, 8) Ngaba uzibekela ixesha lokucamngca ngeLizwi likaThixo suku ngalunye?—Efe. 5:15-17.
4 Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba intlangano kaYehova ilungiselele ucwangciso lwemfundo yokomoya olusinceda ‘siphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho, nasekumeni phambi koNyana womntu’! (Luka 21:36) Ngamana singawasebenzisa ngokupheleleyo la malungiselelo size ‘sihlale silungile’ ukuze ukholo lwethu lube “ngunobangela wendumiso nozuko nembeko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.”—1 Pet. 1:7.