“Ngubani Na Oyaziyo Ingqondo KaYehova?”
“‘Ngubani na oyaziyo ingqondo kaYehova, ukuze amyalele?’ Kodwa sinayo ingqondo kaKristu.”—1 KOR. 2:16.
1, 2. (a) Yiyiphi ingxaki abantu abaninzi abaye babe nayo? (b) Yintoni esifanele siyikhumbule ngendlela esicinga ngayo nendlela uYehova acinga ngayo?
NGABA ukhe ukufumanise kunzima ukuqonda indlela omnye umntu acinga ngayo? Mhlawumbi usandul’ ukutshata yaye ukufumanisa kunzima ukuqonda indlela iqabane lakho elicinga ngayo. Eneneni, indlela amadoda namabhinqa acinga ngayo nathetha ngayo ayifani. Kaloku kwezinye iindawo, nangona amadoda namabhinqa ethetha ulwimi olufanayo athetha ngendlela eyahlukileyo! Ngapha koko, abantu abakhule ngendlela engafaniyo nabathetha ulwimi olwahlukileyo bacinga yaye benza izinto ngendlela eyahlukileyo. Noko ke, xa ubazi ngakumbi abanye uya kutsho uyiqonde indlela abacinga ngayo.
2 Ngoko ke, ayifanele isimangalise into yokuba indlela yethu yokucinga yahluke ngokupheleleyo kwekaYehova. Esebenzisa umprofeti wakhe uIsaya uYehova wathi kumaSirayeli: “Iingcamango zenu asizizo iingcamango zam, neendlela zam asizizo iindlela zenu.” UYehova wakucacisa oku ngalo mzekelo: “Kuba njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba, ngokunjalo neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu, neengcamango zam kuneengcamango zenu.”—Isa. 55:8, 9.
3. Ziziphi iindlela ezimbini esinokuzama ngazo “ukusondelelana noYehova”?
3 Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba asifanele sizame ukuqonda indlela uYehova acinga ngayo? Akunjalo. Nangona singenakuziqonda ngokupheleleyo iingcamango zikaYehova, iBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sisondelelane noYehova.’ (Funda iNdumiso 25:14; neMizekeliso 3:32.) Indlela esinokusondela ngayo kuYehova kukubonisa uxabiso nokunikel’ ingqalelo kwimisebenzi yakhe ebhalwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. (INdu. 28:5) Enye indlela kukwazi “ingqondo kaKristu,” ‘ongumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo.’ (1 Kor. 2:16; Kol. 1:15) Ukuba sizibekela ixesha lokufunda iingxelo zeBhayibhile size sicamngce ngazo, sinokuqonda iimpawu zikaYehova nendlela acinga ngayo.
Kulumkele Ukuba Nesimo Sengqondo Esiphosakeleyo
4, 5. (a) Sisiphi isimo sengqondo esiphosakeleyo esifanele sisiphephe? Chaza. (b) Yiyiphi impazamo eyenziwa ngamaSirayeli?
4 Njengoko sicamngca ngemisebenzi kaYehova, sifanele sikuphephe ukucinga ukuba uThixo ufanele enze izinto ngokwemilinganiselo yabantu. Oku kubonakala kula mazwi athethwa nguYehova, akwiNdumiso 50:21: “Ubucinga ukuba ndiya kuba njengawe ngokuqinisekileyo.” Kunjengokuba omnye umphengululi weBhayibhile watshoyo kwiminyaka engaphezu kwe-175 eyadlulayo: “Abantu badla ngokugweba uThixo ngokwemilinganiselo yabo yaye bacinga ukuba ufanele aphile ngokuvisisana naloo milinganiselo abacinga ukuba kufanele kuphilwe ngayo.”
5 Indlela esimjonga ngayo uYehova ayifanele iphenjelelwe yimilinganiselo neminqweno yethu. Kutheni oku kubalulekile nje? Kaloku, njengoko sifunda iZibhalo, ezinye zezinto ezenziwa nguYehova sisenokuzibona zingafanelekanga ngokwembono yethu elinganiselweyo. AmaSirayeli amandulo enza loo mpazamo aza afikelela kwizigqibo ezingafanelekanga ngendlela uYehova awayeqhubana nawo ngayo. Phawula oko uYehova wakutshoyo kuwo: “Ngokuqinisekileyo nina niya kuthi: ‘Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle.’ Khanincede, nive, ndlu kaSirayeli. Indlela yam ayilungiswanga kakuhle na? Asizondlela zenu na ezingalungiswanga kakuhle?”—Hez. 18:25.
6. Yintoni eyafundwa nguYobhi yaye sinokungenelwa njani koku?
6 Into enokusinceda sikuphephe ukwenza impazamo yokugweba uYehova ngokwemilinganiselo yethu kukuqonda ukuba iimbono zethu zilinganiselwe yaye maxa wambi zidla ngokuphosakala. UYobhi kwafuneka ayiqonde loo nto. Xa wayebandezelekile, uYobhi waphelelwa lithemba waza waqalisa ukucinga ngesiqu sakhe. Wayilibala eyona nto ibalulekileyo. Kodwa ngothando uYehova wamnceda wabona izinto ngenye indlela. Ngokubuza uYobhi imibuzo engaphezu kwama-70, angazange akwazi ukuphendula nomnye wayo, uYehova wayebonisa indlela ukuqonda kukaYobhi okwakulinganiselwe ngayo. UYobhi wazithoba waza walungisa indlela acinga ngayo.—Funda uYobhi 42:1-6.
Ukuba ‘Nengqondo KaKristu’
7. Kutheni ukuhlolisisa izinto ezenziwa nguYesu kuya kusinceda siqonde indlela uYehova acinga ngayo?
7 UYesu waxelisa uYise ngokugqibeleleyo kuyo yonke into awayeyithetha nawayeyenza. (Yoh. 14:9) Ngoko ke, ukuhlolisisa izinto ezazisenziwa nguYesu kusinceda siqonde indlela uYehova acinga ngayo. (Roma 15:5; Fil. 2:5) Ngoko ke masihlolisise iingxelo ezimbini zeVangeli.
8, 9. Njengoko kubhalwe kuYohane 6:1-5, yintoni eyabangela uYesu ukuba abuze uFilipu umbuzo yaye kwakutheni ukuze ambuze?
8 Yiba nalo mfanekiso-ngqondweni. Kungaphambi kwePasika yowama-32 C.E. Abapostile bakaYesu basandul’ ukubuya emva kokushumayela kulo lonke elaseGalili. Ekubeni bediniwe emva kokwenza lo msebenzi, uYesu uya nabo kwindawo engenabantu kunxweme olukumntla-mpuma woLwandle lwaseGalili. Sekunjalo, balandelwa zizihlwele zabantu. Emva kokuba uYesu ephilise ezi zihlwele wazifundisa nezinto ezininzi, kuvela enye ingxaki. Baza kutya ntoni aba bantu kwindawo ekwanti ngolu hlobo? Ecinga ngale ngxaki, uYesu ubuza uFilipu osuka kuloo mmandla: “Siya kuzithenga phi na izonka ukuze aba badle?”—Yoh. 6:1-5.
9 Kwakutheni ukuze uYesu abuze uFilipu lo mbuzo? Ngaba uYesu wayengayazi into amakayenze? Akunjalo. Yintoni ngokwenene awayeyicinga? Umpostile uYohane, owayelapho uthi: “[UYesu] wayekutsho oku emvavanya, kuba wayekwazi oko wayesele eza kukwenza.” (Yoh. 6:6) UYesu wayefuna ukubona ukuba abafundi bakhe bakhule kangakanani ngokomoya. Ngokubuza lo mbuzo, wabenza bacinga yaye wabanika nethuba lokubonakalisa ukholo kwimisebenzi yakhe. Kodwa abazange balisebenzise elo thuba yaye babonakalisa indlela ukucinga kwabo okwakulinganiselwe ngayo. (Funda uYohane 6:7-9.) UYesu wenza into ababengazange bacinge nokucinga ukuba angayenza. Wondla ezo zihlwele zabantu abalambileyo ngokungummangaliso.—Yoh. 6:10-13.
10-12. (a) Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yabangela uYesu ukuba angamncedi ngokukhawuleza umfazi ongumGrike? Chaza. (b) Yintoni esiza kuyiqwalasela ngoku?
10 Le ngxelo inokusinceda siqonde oko kwenziwa nguYesu ngesinye isihlandlo. Emva kokondla ezi zihlwele zabantu, uYesu nabapostile bakhe baya kummandla ongasentla waseTire naseSidon, ongaphaya kwemida yakwaSirayeli. Ngoxa babelapho, badibana nomfazi ongumGrike owabongoza uYesu ukuba aphilise intombi yakhe. Ekuqaleni, uYesu akazange anikele ngqalelo kulo mfazi. Kodwa emva kokuqhubeka embongoza, uYesu wathi kuye: “Kuqala yeka abantwana banele, kuba akulungile ukuthabatha isonka sabantwana uze usiphose ezinjaneni.”—Marko 7:24-27.
11 Kwakutheni ukuze uYesu aqale angavumi ukunceda lo mfazi? Ngaba uYesu wayemvavanya, njengoko wenzayo kuFilipu ukuze abone ukuba uza kusabela njani, emnika nethuba lokubonakalisa ukholo lwakhe? Indlela awayethetha ngayo naye, nangona ingachazwanga eZibhalweni, ayizange imtyhafise. Wasebenzisa ibinzana elithi “ezinjaneni” ukuze umzekeliso wakhe ungabikho rhabaxa. Ngoko, uYesu mhlawumbi wayexelisa umzali ofuna ukwenzela umntwana wakhe into ayicelayo kodwa ongafuniyo ukumbonisa ukuba uza kumenzela ukuze abone ukuba uzimisele kangakanani na ngaloo nto ayicelayo. Enoba sasiyintoni na isizathu, emva kokuba lo mfazi ebonakalise ukholo, uYesu wamnceda.—Funda uMarko 7:28-30.
12 Ezi ngxelo zimbini zeVangeli zisenza siqonde “ingqondo kaKristu.” Ngoku masibone indlela ezinokusinceda ngayo siqonde ingqondo kaYehova.
Indlela UYehova Awaqhubana Ngayo NoMoses
13. Ukuqonda indlela awayecinga ngayo uYesu kusinceda njani?
13 Ukuqonda indlela awayecinga ngayo uYesu kusinceda siqonde iZibhalo ekusenokuba nzima ukuziqonda. Ngokomzekelo, cinga ngamazwi awathethwa nguYehova kuMoses emva kokuba amaSirayeli ezenzele ithole legolide awayeza kulinqula. UThixo wathi: “Ndisikhangele esi sizwana, uyabona, sisizwana esintamo-lukhuni. Ngoko ke ndiyeke, uvuthe umsindo wam kuso ndize ndisitshabalalise, ndenze wena uhlanga olukhulu.”—Eks. 32:9, 10.
14. Wathini uMoses emva kokuba uYehova ethethe amazwi awawathethayo?
14 Le ngxelo ihlabela mgama ithi: “UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi: ‘Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu nangesandla esomeleleyo? Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, “Wabakhuphela ububi ukuze ababulalele ezintabeni, abatshabalalise bangabikho emhlabeni”? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzisole ngobu bubi nxamnye nabantu bakho. Khumbula uAbraham, uIsake noSirayeli abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, “Ndiya kuyandisa imbewu yenu njengeenkwenkwezi zasemazulwini, neli lizwe lonke ndilityumbileyo ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa kuse kwixesha elingenammiselo.”’ Wazisola ke uYehova ngobubi awayethe uya kubenza ebantwini bakhe.”—Eks. 32:11-14.a
15, 16. (a) Amazwi kaYehova abangela ukuba uMoses avulekelwe liliphi ithuba? (b) UYehova “wazisola” ngayiphi ingqiqo?
15 Ngaba uMoses ngokwenene walungisa indlela uYehova acinga ngayo? Akunjalo konke konke! Nangona uYehova wayichazayo into awayecinga ukuyenza, wayengekafikeleli esigqibeni. Eneneni, uYehova wayemvavanya uMoses, njengoko noYesu wenzayo kuFilipu nomfazi ongumGrike. UMoses wayenikwa ithuba lokuchaza izimvo zakhe.b UYehova wayemisele uMoses njengomlamleli phakathi kwakhe namaSirayeli yaye uYehova wabambelela kwisigqibo awayesenzile sokunyula uMoses. Ngaba uMoses wayeza kwenza izinto ngokuqhutywa ziimvakalelo zakhe? Ngaba wayeza kusebenzisa elo thuba abongoze uYehova ukuba alibale ngamaSirayeli aze anyule uhlanga lwakuloMoses endaweni yawo?
16 Indlela awasabela ngayo uMoses yabonisa ukuba unokholo nentembelo kokusesikweni kukaYehova. Yabonisa nokuba akazingci, kodwa uxhalabele igama likaYehova. Wayengafuni ukuba linyeliswe. Ngoko ke, uMoses wabonisa ukuba uyayiqonda “ingqondo kaYehova” ngokuphathelele oku. (1 Kor. 2:16) Waba yintoni umphumo? Kuba kwakungekabikho nyathelo liqinisekileyo wayezimisele ukulithabatha uYehova, ingxelo ephefumlelweyo ithi “wazisola.” NgesiHebhere, eli binzana lisenokuthetha ukuba uYehova akazange aluhlisele intlekele olo hlanga njengoko wayekhe wacinga ukwenjenjalo.
Indlela UYehova Awaqhubana Ngayo NoAbraham
17. UYehova wawubonisa njani umonde xa wayeqhubana noAbraham?
17 Omnye umzekelo obonisa ukuba uYehova uyabavumela abakhonzi bakhe ukuba babonakalise ukholo nentembelo yabo kuye ngoka-Abraham xa wayesenza isicelo ngokuphathelele iSodom. Kuloo ngxelo, uYehova wabonisa umonde ngokuvumela uAbraham ukuba ambuze izihlandlo ezisibhozo. Ngaxa lithile, uAbraham wenza esi sibongozo sihlab’ umxhelo: “Makube lee kuwe ukwenza ngale ndlela, ukubulala umntu olilungisa kunye nongendawo, wenze emntwini olilungisa njengoko usenza kongendawo! Makube lee kuwe ukwenjenjalo. UMgwebi womhlaba wonke akayi kwenza okulungileyo yini na?”—Gen. 18:22-33.
18. Yintoni esiyifundayo kwindlela uYehova awaqhubana ngayo noAbraham?
18 Ngokusuka kule ngxelo, yintoni esiyifundayo ngendlela uYehova acinga ngayo? Ngaba uYehova wayefuna uncedo luka-Abraham ukuze enze isigqibo esifanelekileyo? Akunjalo. Kakade ke, uYehova ngewayesuke nje kwasekuqaleni wachaza izizathu zokuba enze eso sigqibo. Kodwa ngale mibuzo, uYehova wayenika uAbraham ithuba lokuba amkele isigqibo sakhe aze aqonde nendlela acinga ngayo. Le mibuzo yanika uAbraham nethuba lokuqonda imfesane nokusesikweni kukaYehova. UYehova waphatha uAbraham njengomhlobo wakhe.—Isa. 41:8; Yak. 2:23.
Oko Sikufundayo
19. Sinokumxelisa njani uYobhi?
19 Yintoni esiyifundileyo ‘ngengqondo kaYehova’? Sifanele sivumele iLizwi likaThixo lisincede siqonde ingqondo kaYehova. Asifanele sigwebe uYehova ngokusekelwe kwimilinganiselo yethu nendlela yethu yokucinga elinganiselweyo. UYobhi wathi: “[UThixo] akangomntu unjengam endingamphendula, ukuze sibe ndawonye ukuze sigwetyelwe.” (Yobhi 9:32) Xa siqalisa ukuqonda ingqondo kaYehova siye sivakalelwe njengoYobhi, size sithi: “Khangela! Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe, yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye! Kodwa ngubani onokubonisa ukuyiqonda indudumo yakhe enamandla?”—Yobhi 26:14.
20. Yintoni esifanele siyenze xa sifunda iSibhalo ekunzima ukusiqonda?
20 Njengoko sifunda iZibhalo, sifanele senze ntoni xa sifunda indinyana ekunzima ukuyiqonda, ingakumbi ephathelele indlela uYehova acinga ngayo? Ukuba emva kokuba senze uphando ngaloo mbandela asikayiqondi kakuhle impendulo, oko sinokukujonga njengovavanyo lokuba sikholose kangakanani ngoYehova. Khumbula ukuba, maxa wambi ezinye iingxelo zisinika ithuba lokubonisa ukholo lwethu kwiimpawu zikaYehova. Ngokuthobeka masiyivume into yokuba asiyiqondi yonke into ayenzayo. (INtshu. 11:5) Ngenxa yoko, siya kuvumelana nala mazwi kampostile uPawulos: “Hayi ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe! Kuba ‘ngubani na ofikelele ekuyazini ingqondo kaYehova, okanye ngubani na oye waba ngumcebisi wakhe?’ Okanye, ‘Ngubani na oye waqala wanikela kuye, khon’ ukuze abe nokubuyekezwa?’ Ngenxa yokuba zonke izinto zivela kuye yaye zibekho ngaye kwaye zikholo yena. Kuye makubekho uzuko ngonaphakade. Amen.”—Roma 11:33-36.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ingxelo efana nale ifumaneka kwiNumeri 14:11-20.
b Ngokutsho kwabanye abaphengululi, isaci sesiHebhere esikwiEksodus 32:10 esithi “ndiyeke,” sinokujongwa njengesimemo sokuba uMoses wayevumelekile ukuba angenelele okanye ‘eme ethubeni,’ phakathi koYehova nolo hlanga. (INdu. 106: 23: Hez. 22:30) Ukuba kunjalo, uMoses ngokuqinisekileyo waziva ekhululekile ukuba avakalise uluvo lwakhe kuYehova.
Ngaba Uyakhumbula?
• Yintoni eya kusinceda siyeke ukugweba uYehova ngokwemilinganiselo yethu?
• Ukuqonda izinto ezazisenziwa nguYesu kuya kusinceda njani ‘sisondelelane noYehova’?
• Yintoni oyifundileyo kwincoko eyayiphakathi kukaYehova noMoses noAbraham?
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Indlela uYehova awaqhubana ngayo noMoses noAbraham isifundisa ntoni ngendlela acinga ngayo?