Kwakutheni Ukuze UYesu Angangeni Kwipolitiki?
YIBA nomfanekiso ngqondweni wento eyenzeka ngowama-32 C.E. Kuxa kanye ilanga lisithi ndithenge. UYesu uMesiya owayexelwe kwangaphambili udumile ngenxa yokuphilisa abantu abagulayo nokuvusa abafileyo. Ngale mini uye wamangalisa amawaka abantu ngokwenza imisebenzi yamandla nangokubafundisa ngoThixo. Ngoku wahlula isihlwele sabantu abalambileyo sibe ngamaqela amancinane. Uthandaza kuYehova aze abondle ngokungummangaliso bonke. Emva koko, uqokelela konke ukutya okuseleyo ukuze kungabikho nkcitho. Basabela njani abantu?—Yohane 6:1-13.
Emva kokubona imimangaliso eyayenziwe nguYesu nokukwazi kwakhe ukulawula nokunyamekela iintswelo zabo, abantu bagqiba kwelokuba uYesu unokuba ngukumkani ofanelekileyo. (Yohane 6:14) Ayimangalisi loo nto. Ukhumbule kaloku ukuba babemfuna ngamehlw’ abomvu umlawuli ofanelekileyo kuba ilizwe labo lalilawulwa lolunye uhlanga. Ngoko banyanzela uYesu ukuba abe yinkokeli yabo. Ucinga ngale meko, khawuve indlela asabela ngayo.
UYohane 6:15 uthi: “UYesu, esazi ukuba babesele beza kuza, bambambe bamenze ukumkani, wemka kwakhona waya entabeni eyedwa.” Kwakucaca ukuba weyemi phi uYesu. Akazange avume ukubandakanyeka kwezopolitiko zelizwe lakhe. Akazange agungqe kwisigqibo sakhe. Wathi abalandeli bakhe babeza kuxelisa yena. (Yohane 17:16) Kwakutheni ukuze asabele ngale ndlela?
Kwakutheni Ukuze UYesu Angathath’ icala?
Ukungathath’ icala kukaYesu kwezopolitiko zexesha lakhe kwakusekelwe kwimigaqo yeZibhalo. Cinga nje ngemibini.
“Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.” (INtshumayeli 8:9) IBhayibhile ilushwankathela ngaloo ndlela ulawulo lomntu. Khumbula, uYesu wayeyingelosi ezulwini ngaphambi kokuba eze kuba ngumntu wasemhlabeni. (Yohane 17:5) Ngoko wayesazi ukuba nangona abantu besiba neenjongo ezintle ngamanye amaxesha, abakwazi ukunyamekela iintswelo zeebhiliyoni zabantu yaye uThixo akazange abanike loo mandla xa wayebadala. (Yeremiya 10:23) UYesu wayesazi ukuba iingxaki zabantu azizi kuconjululwa ngurhulumente wabo.
“Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Ngaba iya kothusa loo nto? Abantu abaninzi iyabothusa. Bacinga ngabantu abaninzi abanyanisekileyo abadla ngokusebenzela urhulumente kuba befuna ihlabathi libe yindawo ebhetele nekhuselekileyo. Nangona bezama ngako konke, abalawuli abaninzi abanyanisekileyo abanakuze bayoyise impembelelo yalowo uYesu ambiza ngokuba ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 12:31; 14:30) Seso sizathu esabangela ukuba uYesu athi kwenye inkokeli yepolitiki: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.” (Yohane 18:36) UYesu wayeza kuba nguKumkani worhulumente kaThixo wasezulwini. Ukuba uYesu wayebe nenxaxheba kwezopolitiko wayengazi kunyaniseka kurhulumente kaYise.
Ngaba uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bavukele oorhulumente basemhlabeni? Ngokwahlukileyo koko, wabafundisa indlela yokuthobela uThixo nokuphumeza iimbopheleleko zabo kurhulumente.
UYesu Wayebahlonela Abasemagunyeni
Xa wayefundisa etempileni uYesu ngenye imini, abachasi bakhe bazama ukumfaka emgibeni ngokumbuza ukuba kwakuvumelekile na ukuhlawula irhafu. Abantu babeza kucinga ukuba uYesu wayesithi makuvukelwe urhulumente ukuba wayethe akuvumelekanga yaye loo nto yayiza kukhuthaza imvukelo kubantu abacinezelekileyo ababefuna ukukhululeka kumaRoma. Kodwa ke nokuba wayethe kufanelekile, abantu abaninzi babeza kucinga ukuba wayekhuthaza ingcinezelo. Impendulo yakhe yahlab’ emhloleni. Wathi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.” (Luka 20:21-25) Ngoko ke, abalandeli bakhe bamele bathobele uThixo noKesare okanye oorhulumente behlabathi.
Oorhulumente benza kubekho umlinganiselo othile wocwangco. Bafuna abemi bamazwe abo banyaniseke, bahlawule irhafu baze bathobele umthetho. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguYesu ekuhlawuleni “izinto zikaKesare kuKesare”? UYesu wakhuliswa ngabazali ababethobela umthetho nokuba sele kumnyam’ entla. Ngokomzekelo, uYosefu nomfazi wakhe okhulelweyo uMariya bahamba umgama oozikhilomitha ezili-150 ukuya eBhetelehem xa ummiselo waseRoma wokubalwa kwabantu wawufuna benjenjalo. (Luka 2:1-5) NoYesu wayewuthobela umthetho, ede ahlawule neerhafu awayenganyanzelekanga ukuba azihlawule. (Mateyu 17:24-27) Kwakhona wayengazingeni izinto ezikude naye. (Luka 12:13, 14) Sinokuthi uYesu wayemhlonela urhulumente nangona wayengeyonxalenye yakhe. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi, “Izinto zikaThixo kuThixo”?
Indlela UYesu Anikela Ngayo “Izinto zikaThixo kuThixo”
UYesu wakhe wabuzwa ukuba nguwuphi owona mthetho mkhulu kwimithetho uThixo ayinike abantu. UKristu waphendula wathi: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’” (Mateyu 22:37-39) UYesu wafundisa ukuba xa kufuneka sihlawule “izinto zikaThixo kuThixo,” into yokuqala ekufuneka siyihlawule luthando oluquka ukumthanda ngentliziyo yethu iphela nokumthobela ngokupheleleyo.
Ngaba sinokukwazi ukulwahlula phakathi uthando lwethu? Ngaba sinako ukunyaniseka kuYehova uThixo nakurhulumente wakhe wasezulwini, siphinde kwangaxeshanye sinyaniseke koorhulumente basemhlabeni? UYesu wathi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye.” (Mateyu 6:24) UYesu wayethetha ngokwahlulelana phakathi kukaThixo nobutyebi kodwa kuyacaca ukuba wayesithi lo mgaqo uyasebenza nakwipolitiki, njengokuba kwaba njalo kubalandeli bakhe benkulungwane yokuqala.
Ingxelo zakudala zibonisa ukuba abalandeli bakaYesu abazange babe nanxaxheba kwezopolitiko. Kuba babenqula lowo wayenqulwa nguKristu, abazange bavume ukunqula iRoma nomlawuli wayo, ukuya emkhosini nokusebenzela urhulumente. Baphathwa kakubi ngenxa yaloo nto. Maxa wambi babetyholwa ngokuba ziintshaba zoluntu. Ngaba eso sityholo sasiyinyani?
AmaKristu Okwenyaniso Abakhathalele Abanye Abantu
Khumbula ukuba uYesu wathi umthetho kaThixo wesibini ngobukhulu uthi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” Kucacile ukuba akakho umlandeli wokwenene kaKristu onelungelo lokuthiya uluntu. UYesu wayebathanda abantu, wazibhokoxa waza wabanceda nakwiingxaki zabo.—Marko 5:25-34; Yohane 2:1-10.
Yintoni ngokuyintloko awayesaziwa ngayo uYesu? Wayengabizwa ngokuba nguMphilisi, uMondli wamaWaka engabizwa nangokuba nguMvusi waBafileyo—nangona wazenza zonke ezi zinto. Abantu babembiza ngokuba nguMfundisi. (Yohane 1:38; 13:13) UYesu wathi esona sizathu sokuza kwakhe emhlabeni yayikukuza kufundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo.—Luka 4:43.
Kungenxa yaloo nto lento abalandeli bokwenene bakaKristu bezibhokoxa kumsebenzi ofana nalowo wawusenziwa yiNkosi yabo, ukufundisa abantu ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. UYesu Kristu wayalela onke amaKristu okwenyaniso ukuba afundise abantu ehlabathini jikelele ngabo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Loo rhulumente wasezulwini ungenakonakaliswa uza kulawula yonke indalo kaThixo, ngomthetho wothando. Uya kufeza ukuthanda kukaThixo uze uphelise ukubandezeleka nokufa. (Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 21:3, 4) Akumangalisi ukuba iBhayibhile ithi isigidimi sikaKristu ‘ziindaba ezilungileyo’!—Luka 8:1.
Ukuba ufuna ukwazi abalandeli bokwenyaniso bakaYesu Kristu emhlabeni namhlanje, unokubabona njani? Ngaba banokuba nenxaxheba kwezopolitiko? Okanye ngaba benza laa msebenzi wawusenziwa nguYesu—wokushumayela nokufundisa ngoBukumkani bukaThixo?
Ngaba uyafuna ukwazi okungakumbi ngoBukumkani bukaThixo nendlela obunokubuchaphazela ngayo ubomi bakho? Sicela uqhagamshelane namaNgqina kaYehova okanye uye kwiWeb site yawo ethi www.watchtower.org.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayabanceda Abanye Abantu?
AmaNgqina kaYehova awathath’ icala kwezopolitiko. Noko ke, ayabanceda abantu beentlanga neemvelaphi ezahlukahlukeneyo ahlala kunye nabo. Nantsi imizekelo embalwa:
◼ AmaNgqina kaYehova azizigidi ezisixhenxe achitha iiyure ezingaphezu kwe-1.5 bhiliyoni nyaka ngamnye efundisa abantu iBhayibhile nendlela enokubanceda ngayo boyise imikhwa emibi, babe neentsapho ezonwabileyo baze baphucule nobomi babo.
◼ Ashicilela aze asasaze uncwadi lwawo ngaphandle kwentlawulo ngeelwimi ezingaphezu kwama-5 00 kuquka nezo lungekho olunye uncwadi olubhaliweyo ngazo.
◼ Afundisa abantu ukuthetha esidlangalaleni nto leyo encede izigidi zaba zizithethi ezinobuchule.
◼ Afundisa abantu ehlabathini jikelele ukufunda nokubhala.
◼ Aye aseka iiKomiti Zenqila Zokwakha ezingaphezu kwama-400 ehlabathini lonke ukuze afundise amatsha-ntliziyo ukwakha ukuze akhe izindlu zawo zenkonzo. Kule minyaka ilishumi lidluleyo kuye kwakhiwa izindlu zenkonzo ezibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani ezingaphezu kwama-20 000.
◼ Ngamaxesha eentlekele anceda abantu abangamaNgqina nabangengawo ehlabathini jikelele. Kule minyaka mibini idluleyo emva kweenkanyamba ezimbini eziye zantlitha iUnited States, amatsha-ntliziyo amaNgqina aye akha iiHolo zoBukumkani ezingaphezu kwama-90 namakhaya angama-5 500.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UYesu wabaleka ‘waya entabeni eyedwa’ xa abantu babemnyanzela ukuba angene kwipolitiki