IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/07 iphe. 1
  • Qhubeka ‘Uthwala Isiqhamo Esininzi’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qhubeka ‘Uthwala Isiqhamo Esininzi’
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Hlalani Nithwala Isiqhamo Esininzi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ukunandipha Ulwalamano Olusenyongweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • ‘Wunyamekele Lo Mdiliya’!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 6/07 iphe. 1

Qhubeka ‘Uthwala Isiqhamo Esininzi’

1 Esebenzisa ulwimi olufuziselayo, uYesu wathi yena ungumdiliya wenyaniso, uYise nguMlimi, kwaye abalandeli bakhe abathanjisiweyo bangamasebe anemveliso omdiliya. Xa echaza umsebenzi woMlimi womfuziselo, uYesu wabethelela ukubaluleka kokusondela kakhulu kumdiliya. (Yoh. 15:1-4) Isifundo kukuba wonk’ ubani onolwalamano olusondeleyo noYehova umele afane nesebe elivelisayo ‘lomdiliya wenyaniso,’ uYesu Kristu. Simele siqhubeke sivelisa kakhulu kokubini “isiqhamo somoya” nesiqhamo soBukumkani.—Gal. 5:22, 23; Mat. 24:14; 28:19, 20.

2 Isiqhamo Somoya: Inkqubela esiyenzayo ngokomoya ubukhulu becala inokubonakala ngomlinganiselo esibonakalisa ngawo isiqhamo somoya. Ngaba uzama ukuhlakulela isiqhamo somoya kaThixo ngokufunda nangokucamngca rhoqo ngeLizwi Lakhe? (Fil. 1:9-11) Ungalibazisi ukuthandazela umoya oyingcwele, onokuvelisa iimpawu ezizukisa uYehova nezinokukunceda uqhubeke usenza inkqubela yokomoya.—Luka 11:13; Yoh. 13:35.

3 Ukuhlakulela isiqhamo somoya kuya kusinceda sibe nenzondelelo ngakumbi njengabalungiseleli. Ngokomzekelo, uthando nokholo zinokusinceda siziphe ixesha lokuya rhoqo entsimini kwanokuba sixakekile. Iimpawu ezinjengoxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ubulali, nokuzeyisa ziyasinceda sisabele ngendlela efanelekileyo kwabo basichasayo. Uvuyo lusenza saneliseke kubulungiseleli kwanaxa abantu bengenamdla.

4 Isiqhamo SoBukumkani: Sikwamele sithwale nesiqhamo soBukumkani. Esi siqhamo siquka ukunikela “umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama [likaYehova].” (Heb. 13:15) Senjenjalo xa sikhuthele yaye sithembekile kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Ngaba uzama ukuthwala isiqhamo soBukumkani esingakumbi ngokuphucula ubulungiseleli bakho?

5 UYesu wabonisa ukuba abalandeli bakhe abathembekileyo babeya kuthwala iziqhamo ezingalinganiyo. (Mat. 13:23) Ngoko ke, asifanele sizithelekise nabanye, kunoko simele sizinikele kuYehova kangangoko sinako. (Gal. 6:4) Ukuhlola iimeko zethu ngokunyaniseka sisebenzisa iLizwi likaThixo kuya kusinceda siqhubeke sizukisa uYehova ‘ngokuthwala isiqhamo esininzi.’—Yoh. 15:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share