ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeZenzo
INCWADI yeBhayibhile yeZenzo iqulethe imbali eninzi yokusekwa kwebandla lamaKristu nokwanda kwalo. Njengokuba yabhalwa ngugqirha uLuka, inengxelo echulumancisayo yomsebenzi wamaKristu kwixesha elimalunga neminyaka engama-28—ukususela kowama-33 C.E. ukusa kowama-61 C.E.
Inxalenye yokuqala yeZenzo ithetha kakhulu ngomsebenzi wompostile uPetros, ize eyokugqibela ithethe ngowompostile uPawulos. Ukuziquka kwakhe xa ethetha kubonisa ukuba uLuka wayekho xa kusenzeka iziganeko ezithile. Ukunikela ingqalelo kwisigidimi sencwadi yeZenzo kuya kusenza sithembele ngakumbi kumandla eLizwi likaThixo elibhaliweyo nawomoya wakhe oyingcwele. (Heb. 4:12) Kuya kusinceda sikwazi ukuzincama size someleze ukholo esinalo kwithemba loBukumkani.
UPETROS USEBENZISA “IZITSHIXO ZOBUKUMKANI”
Emva kokufumana umoya oyingcwele, abapostile banikela ubungqina ngenkalipho. UPetros usebenzisa esokuqala ‘kwizitshixo zobukumkani bamazulu’ ukuze amaYuda nabo baguqukele ebuYudeni baza ‘balamkela ilizwi lakhe’ bafumane ulwazi kuze kuvuleke namathuba okungena eBukumkanini. (Mat. 16:19; IZe. 2:5, 41) Kuvela intshutshiso ize ibashiye bethe saa abafundi, kodwa oko kuphumela ekwandeni komsebenzi wokushumayela.
Emva kokuva ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, abapostile baseYerusalem bathumela kubo uPetros noYohane. Ngokuvulela amaSamariya ithuba lokungena eBukumkanini, uPetros usebenzisa isitshixo sesibini. (IZe. 8:14-17) Mhlawumbi kunyaka wokuvuswa kukaYesu, kwenzeka utshintsho olumangalisayo kuSawule waseTarso. Ngowama-36 C.E., uPetros usebenzisa isitshixo sesithathu kuze kuthululelwe isipho sesisa somoya oyingcwele kubantu beentlanga abangalukanga.—IZe. 10:45.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:44-47; 4:34, 35—Kwakutheni ukuze amakholwa athengise ngezinto zawo aze abelane ngazo nabanye? Abaninzi abaye bangamakholwa babevela kwiindawo ezikude bengalungiselelanga zinto zaneleyo ukuze bakwazi ukuhlala ixesha elingakumbi eYerusalem. Sekunjalo, babezimisele ukuhlala ixesha elide ukuze bafunde izinto ezingakumbi ngokholo lwabo olutsha nokuze banikele ubungqina kwabanye. Ukuze bancedwe, amaKristu athile athengisa izinto zawo aza loo mali ayabela abo basweleyo.
4:13—Ngaba uPetros noYohane babengafundanga? Akuthethwa loo nto, bona babefundile. Kwakusithiwa ‘abanamfundo yaye baqhelekile’ kuba nje babengayanga kwizikolo zoorabhi okanye zonqulo.
5:34-39—ULuka wakwazi njani oko kwathethwa nguGamaliyeli ekubeni wayekuthethe ngasese kwibhunga leSanhedrin? Ubuncinane zintathu iindlela awayenokukuva ngazo oko: (1) NguPawulos, owayesakuba ngumfundi kaGamaliyeli, owaxelela uLuka; (2) Weva ngelungu leSanhedrin elalinovelwano, njengoNikodemo; (3) Waphefumlelwa ngumoya kaThixo.
7:59—Ngaba uStefano wayethandaza kuYesu? Akunjalo. NguYehova uThixo kuphela ofanelwe kukunqulwa, kunjalo ke nangomthandazo. (Luka 4:8; 6:12) Ngokuqhelekileyo, uStefano wayeya kuthandaza kuYehova egameni likaYesu. (Yoh. 15:16) Kodwa kule imeko, uStefano wabona umbono ‘woNyana womntu emi ngasekunene kukaThixo.’ (IZe. 7:56) Esazi kakuhle ukuba uYesu unikwe amandla okuvusa abafileyo, uStefano wathetha naye ngokuthe ngqo, engathandazi kuye, emcela ukuba awulinde umoya wakhe.—Yoh. 5:27-29.
Oko Sikufundayo:
1:8. Umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngabanquli bakaYehova awunakufezwa ngaphandle koncedo lomoya oyingcwele.
4:36–5:11. UYosefu waseSipro wathiywa ifani enguBharnabhas, ethetha “uNyana weNtuthuzelo.” Kusenokwenzeka ukuba abapostile bamthiya njalo ngenxa yokuba wayenobubele yaye eluncedo kwabanye. Simele sixelise yena, kungekhona uAnaniyas noSafira, abakhetha ukwenza inkwalambisa, ukuhanahanisa nokukhohlisa.
9:23-25. Asibobugwala ukuphepha iintshaba zethu khon’ ukuze siqhubeke sishumayela.
9:28-30. Ukuba ukunikela ubungqina kwiindawo ezithile okanye kubantu abathile kusibeka esichengeni sokwenzakaliswa emzimbeni, ngokweemvakalelo okanye ngokomoya, kunokuba bubulumko ukuyikhetha indawo esiza kushumayela kuyo nexesha lokwenjenjalo.
9:31. Xa kusekho uxolo, simele sizabalazele ukomeleza ukholo lwethu ngokufundisisa nokucamngca. Oku kuya kusinceda sihlale sisoyika uYehova ngokusebenzisa oko sikufundayo yaye sibe nenzondelelo kubulungiseleli.
INZONDELELO KAPAWULOS KUBULUNGISELELI
Ngowama-44 C.E., kweza uAgabho kwa-Antiyokwe, apho uBharnabhas noSawule babefundisa khona “kangangonyaka uphela.” UAgabho wachaza ‘ngendlala enkulu,’ eyayiza kubakho kwiminyaka emibini ezayo. (IZe. 11:26-28) “Emva kokuba beluphumeze ngokupheleleyo ulungiselelo lwamancedo eYerusalem,” uBharnabhas noSawule babuyela kwa-Antiyokwe. (IZe. 12:25) Ngowama-47 C.E.—malunga neminyaka eli-12 uSawule eguqukile—uBharnabhas noSawule bathunyelwa ngumoya oyingcwele kukhenketho lwabathunywa bevangeli. (IZe. 13:1-4) Ngowama-48 C.E., babuyela kwa-Antiyokwe, “apho babenikelwe kububele obungasifanelanga bukaThixo.”—IZe. 14:26.
Malunga neenyanga ezisithoba kamva, uPawulos (okwanguSawule) ukhetha uSilas abe lihlakani lakhe kukhenketho lwakhe lwesibini. (IZe. 15:40) Apho kolo hambo uthelelwa nguTimoti noLuka. ULuka usala eFilipi njengoko uPawulos edlulela eAthene emva koko aye eKorinte, apho adibana khona noAkwila noPrisila aze achithe khona unyaka onesiqingatha. (IZe. 18:11) Eshiya uTimoti noSilas eKorinte, ekuqaleni kowama-52 C.E., uPawulos uhamba noAkwila noPrisila ngenqanawa besiya eSiriya. (IZe. 18:18) UAkwila noPrisila bahamba naye ukuya e-Efese, baze basale apho.
Emva kokuchitha ixesha elithile kwiSiriya yakwa-Antiyokwe, uPawulos uqalisa ukhenketho lwakhe lwesithathu ngowama-52 C.E. (IZe. 18:23) E-Efese, ‘ilizwi likaYehova lihlala likhula yaye lisoyisa.’ (IZe. 19:20) UPawulos uchitha malunga neminyaka emithathu apho. (IZe. 20:31) NgePentekoste yowama-56 C.E., uPawulos useYerusalem. Emva kokubanjwa kwakhe, unikela ubungqina ngaphandle koloyiko kwabasemagunyeni. ERoma, lo mpostile uvalelwa yedwa kangangeminyaka emibini (c. 59-61 C.E.), ibe ukusuka apho ufumana iindlela zokushumayela ngoBukumkani aze afundise “ngezinto eziphathelele iNkosi uYesu Kristu.”—IZe. 28:30, 31.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
14:8-13—Kwakutheni ukuze abantu baseListra babize ‘uBharnabhas ngokuba nguZeyus, kodwa uPawulos bathi nguHermes’? UZeyus wayengumlawuli woothixo kwiintsomi zamaGrike, ngoxa unyana wakhe uHermes wayesaziwa ngobuciko bakhe. Ekubeni yayinguPawulos oyena uphambili ekuthetheni, abantu baseListra bambiza ngokuba nguHermes baza uBharnabhas bathi nguZeyus.
16:6, 7—Kwakutheni ukuze umoya oyingcwele ungabavumeli uPawulos namaqabane akhe ukuba baye kushumayela kwisithili saseAsiya naseBhithiniya? Kwakukho abasebenzi abambalwa. Ngoko, umoya oyingcwele wabalathisa ukuba baye kwezo ndawo zinabantu abasabelayo.
18:12-17—Kwakutheni ukuze iBamba uGaliyo lingangeneleli xa abantu bebetha uSosithene? Kusenokwenzeka ukuba lalivakalelwa kukuba eso sohlwayo sasiyifanele le ndoda yayibonakala iphambili kwelo hlokondiba lalinxamnye noPawulos. Kodwa, kuyabonakala ukuba oko kwaba nemiphumo emihle kuba kwakhokelela ekubeni uSosithene aguquke abe ngumKristu. Kamva, xa uPawulos ethetha ngoSosithene uthi “umzalwana wethu.”—1 Kor. 1:1.
18:18—Sisiphi isifungo esenziwa nguPawulos? Abanye abaphengululi bathi uPawulos wayenze isifungo sobuNaziri. (Num. 6:1-21) Kodwa iBhayibhile ayisichazi eso sifungo sikaPawulos. Ukongezelela koko, iZibhalo azitsho ukuba uPawulos wasenza ngaphambi okanye ngemva kokuba engumKristu kusini na eso sifungo, okanye wayesandul’ ukusenza okanye esiphelisa. Enoba sasiyintoni na eso sifungo, kwakungeyonto iphosakeleyo ukusenza.
Oko Sikufundayo:
12:5-11. Sinako, yaye simele sibathandazele abazalwana bethu.
12:21-23; 14:14-18. UHerode wakuvuyela ukufumana uzuko olwalumele lunikwe uThixo kuphela. Kodwa bona uPawulos noBharnabhas benza okwahluke ngokupheleleyo koko, zange baphozise maseko, balugatya olo zuko. Asimele sifune ukuzukiswa ngayo nantoni na esiyenzayo kwinkonzo kaYehova.
14:5-7. Ukusebenzisa ubulumko kunokusinceda sihlale sikhuthele ekukhonzeni uThixo.—Mat. 10:23.
14:22. AmaKristu azilindele iimbandezelo. Akazami kuziphepha ngokulalanisa kukholo lwawo.—2 Tim. 3:12.
16:1, 2. Ulutsha olungamaKristu lumele luzikhuthalele izinto zokomoya luze lufune uncedo lukaYehova ukuze luzenzele igama elihle.
16:3. Simele senze konke esinako xa kuvumelana neZibhalo ukuze sincede abanye bamkele iindaba ezilungileyo.—1 Kor. 9:19-23.
20:20, 21. Ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu yeyona nkalo ibalulekileyo kubulungiseleli bethu.
20:24; 21:13. Ukugcina ingqibelelo yethu kuThixo yeyona nto ibalulekileyo kunokuzama ukusindisa ubomi bethu.
21:21-26. Simele sikulungele yaye sizimisele ukwamkela icebiso elifanelekileyo.
25:8-12. Namhlanje amaKristu anako yaye amele awasebenzise amalungiselelo omthetho akhoyo ukuze ‘kuthethelelwe yaye kumiselwe ngokusemthethweni iindaba ezilungileyo.’—Fil. 1:7.
26:24, 25. Simele siwavakalise “amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo” nakuba ebubudenge ‘kumntu wokwenyama.’—1 Kor. 2:14.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UPetros wazisebenzisa nini “izitshixo zobukumkani”?
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Umsebenzi wokunikela ubungqina owenziwa ehlabathini lonke awunakufezwa ngaphandle koncedo lomoya oyingcwele