ISirakuse—Indawo Awamisa Kuyo UPawulos Kuhambo Lwakhe
MALUNGA nonyaka wama-59 C.E., kwesuka inqanawa kwisiqithi esikwiMeditera iMalta ijongise ngaseItali. Le nqanawa yayinembasa ebhalwe “Oonyana BakaZeyus,” izithixo ezazigqalwa njengabakhuseli boomatiloshe. Umbhali weBhayibhile uLuka uthi le nqanawa yemisa “kwizibuko laseSirakuse” kunxweme olukumzantsi-mpuma weSisili yaza ‘yahlala iintsuku ezintathu.’ (IZenzo 28:11, 12) Kuloo nqanawa uLuka wayekhwele noAristarko nompostile uPawulos owayesiya ematyaleni eRoma.—IZenzo 27:2.
Asiqiniseki enoba uPawulos wavunyelwa kusini na ukuba ehle eSirakuse. Ukuba yena okanye abo wayehamba nabo behla, inokuba babona ntoni?
Ngexesha lolawulo lwamaGrike namaRoma, iSirakuse yayiphantse ibaluleke njengeAthene neRoma. Imbali ibonisa ukuba yasekwa ngamaKorinte ngowama-734 B.C.E. ISirakuse yakha yaduma yaye bekho nabantu abadumileyo bamandulo abazalelwa kuyo, njengombhali wamabali ahlekisayo uEpicharmus nengcungela yezibalo uArchimedes. Ngowama-212 B.C.E., amaRoma ayoyisa iSirakuse.
Ukutyelela kweso sixeko kule mihla kunokukukrobisa kwiSirakuse yomhla kaPawulos. Esi sixeko sasahlulwe kubini—inxalenye yaso ikwisiqithi esincinane saseOrtygia, apho kusenokwenzeka ukuba inqanawa kaPawulos yemisa khona, enye ke inxalenye ikumhlaba owomileyo.
Namhlanje, kweso siqithi uya kufika kukho amabhodlo etempile endala eyakhiwe ngendlela yamaGrike eSisili—itempile ka-Apollo, eyakhiwa ngenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Kukho neentsika zetempile eyayinikelwe kuAthena, eyakhiwa ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, neyathi kamva yaba yinxalenye yendlu yecawa.
Namhlanje umbindi wesi sixeko ukwinxalenye ephakathi emhlabeni, apho ukwaziyo ukutyelela ipaki yezinto zakudala eNeapolis. Kufutshane nesango lale paki kukho iholo yemiboniso yamaGrike. Ingowona mzekelo usaseleyo wobukhazikhazi obungenambaliso bezakhiwo zemiboniso zamaGrike. Njengoko ijonge ngaselwandle utsho ubone ukuba yayisiba njani imiboniso eyayidla ngokuba lapho. Emazantsi ale paki kukho indawo yemidlalo yeqonga yamaRoma eyakhiwa ngenkulungwane yesithathu yeXesha Eliqhelekileyo. Imboxo yaye iziimitha ezili-140 ubude neemitha ezili-119 ububanzi yaye ikwindawo yesithathu ngobukhulu eItali.
Ukuba ufumene ithuba lokutyelela iSirakuse, ungayokuhlala kwisitulo esingaselwandle eOrtygia, utyhile iBhayibhile yakho kwiZenzo 28:12, uze ube nomfanekiso-ngqondweni kampostile uPawulos ekhwele inqanawa njengoko isiza ngakweli zibuko.
[Umzobo/Imaphu ekwiphepha 30]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IMalta
ISisili
ISirakuse
I-ITALI
IRegiyo
IPuteyoli
IRoma
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Amabhodlo eholo yemiboniso yamaGrike yaseSirakuse