-
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’IMboniselo—2011 | Meyi 15
-
-
17. Okwenziwa nguYehova ‘kwakwahluke njani kwimvelo’?
17 UYehova wenza into abaninzi ababeya kuyijonga njengeyayingalindelekanga kwaphela. UPawulos uchaza okwenzekayo ‘njengokwahlukileyo kwimvelo.’ (Roma 11:24) Njani? Kaloku, kwakuyinto engaqhelekanga, nengeyoyamvelo, ukumilisela isebe lomthi wasendle kumthi wasemyezweni; kodwa ke leyo yinto ababeyenza abanye abalimi ngenkulungwane yokuqala.b Ngendlela efanayo, uYehova wenza into eyayingaqhelekanga. Ngokwembono yamaYuda, abeeNtlanga babengenakukwazi ukuvelisa isiqhamo esamkelekileyo. Noko ke, uYehova wabenza inxalenye ‘yohlanga’ oluvelisa isiqhamo soBukumkani. (Mat. 21:43) Ukususela ekuthanjisweni kukaKorneli—umntu weeNtlanga wokuqala owaguqukayo—ngowama-36 C.E., kwavulelwa abeeNtlanga ithuba lokuba bamiliselwe kulo mnquma womfuziselo.—IZe. 10:44-48.c
18. Liliphi ithuba awayenalo amaYuda emvelo emva kowama-36 C.E.?
18 Ngaba loo nto ithetha ukuba emva kowama-36 C.E., kwakungasekho thuba lokuba amaYuda emvelo abe yinxalenye yembewu ka-Abraham? Akunjalo. UPawulos uyanaba: “Kanjalo nabo [abangamaYuda emvelo], ukuba abahlalanga beswele ukholo, baya kumiliselwa; kuba uThixo uyakwazi ukubamilisela kwakhona. Kuba ukuba waye wagawulwa kumnquma ongowasendle ngemvelo waza ngokwahlukileyo kwimvelo wamiliselwa kumnquma wasemyezweni, kuya kuba kangakanani na ke ngaba bangabemvelo ukumiliselwa kumnquma wabo!”d—Roma 11:23, 24.
-
-
‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’IMboniselo—2011 | Meyi 15
-
-
d Isima-phambili sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi ‘umyezo’ kweyabaseRoma 11:24 sivela kwigama elithetha into “elungileyo, esemagqabini,” okanye “eyenziwe yafanela injongo yayo.” Lisetyenziswa ngokukhethekileyo kwizinto eziyiphumezayo injongo eziyenzelweyo.
-