Imibuzo Evela Kubafundi
Umpostile uPawulos wathi ‘wonke uSirayeli wayeya kusindiswa.’ (Roma 11:26) Ngaba wayethetha ukuba kwakuya kubakho ixesha apho onke amaYuda ayeya kuguqukela kubuKristu?
UPawulos wayengathethi loo nto. Njengohlanga, inzala yokwenyama ka-Abraham yamgatya uYesu njengoMesiya. Yaye kwiminyaka eyalandela ukufa kukaYesu, kwacaca mhlophe ukuba yayingenakwenzeka into yokuba amaYuda ewonke aguqukele kubuKristu. Sekunjalo, uPawulos wayechan’ ucwethe xa wathi ‘wonke uSirayeli wayeya kusindiswa.’ Kutheni sisitsho nje?
UYesu wathi kwiinkokeli zonqulo zamaYuda zomhla wakhe: “Ubukumkani bukaThixo buya kuthatyathwa kuni buze bunikwe uhlanga oluvelisa iziqhamo zabo.” (Mat. 21:43) Ngenxa yokuba xa lulonke uhlanga lwakwaSirayeli lwamgatya uYesu, uYehova wayeza kuphethulela ingqalelo yakhe kuhlanga olutsha, olokomoya. UPawulos wabiza olo hlanga ngokuthi ‘nguSirayeli kaThixo.’—Gal. 6:16.
Ezinye iindinyana kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zibonisa ukuba “uSirayeli kaThixo” ubunjwa ngamaKristu athanjiswe ngomoya ali-144 000. (Roma 8:15-17; ISityhi. 7:4) Isibakala sokuba eli qela laliya kuquka abo bangengomaYuda, siqinisekiswa siSityhilelo 5:9, 10, esibonisa ukuba la maKristu athanjisiweyo aphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.” Eyona njongo yokukhethwa kwala malungu oSirayeli wokomoya kukuze abe ‘bubukumkani nababingeleli nokuze alawule njengookumkani phezu komhlaba.’ Nangona uYehova wamgatyayo uSirayeli njengesizwe esinyuliweyo, abantu ngabanye babeya kukwazi ukuxolelaniswa naye. Kwenzeka oko kanye kubapostile nakwamanye amaKristu amaninzi enkulungwane yokuqala. Njengabo bonke abanye abantu, nawo loo maYuda kwakuza kufuneka athengwe ngegazi likaYesu Kristu.—1 Tim. 2:5, 6; Heb. 2:9; 1 Pet. 1:17-19.
Isibakala sokuba amaYuda okwenyama amaninzi aziphosanisa nethuba lokulawula kunye noYesu asizange siyiphanzise injongo kaThixo. Yayingenakuze isilele nakanjani kuba uYehova wathi ngomprofeti wakhe: “Ngoko ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam liya kuba njalo. Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.”—Isa. 55:11.
Kunjalo ke nangenjongo kaThixo yokumisela abali-144 000 ukuze balawule noNyana wakhe ezulwini. IBhayibhile iyibeka icace into yokuba uThixo uya kuthambisa inani elipheleleyo labali-144 000. Aliyi kusilela nangomntu omnye!—ISityhi. 14:1-5.
Ngoko, xa uPawulos wathi ‘wonke uSirayeli wayeya kusindiswa,’ wayengaprofeti ngokuguqukela kwenkitha yamaYuda kubuKristu. Kodwa, wayethetha ukuba injongo kaThixo yokuba kubekho amaSirayeli okomoya ali-144 000 aza kulawula noNyana wakhe, uYesu Kristu ezulwini yayiza kuzaliseka. Ngexesha alimisileyo uThixo, inani elipheleleyo—“wonke uSirayeli”—liya kuba kwimeko ekhuselekileyo, ekugqibeleni lilawule njengookumkani nababingeleli kuBukumkani bukaMesiya.—Efe. 2:8.
[Imifanekiso ekwiphepha 28]
Abathanjiswa baphuma “kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga”