IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ukufunda Kwimbali YamaRoma
    IMboniselo—2002 | Juni 15
    • Ukufunda Kwimbali YamaRoma

      “UKUBA, njengabantu, ndiye ndalwa namarhamncwa e-Efese.” Bambi bacinga ukuba loo mazwi abhalwe kweyoku-1 yabaseKorinte 15:32 athetha ukuba umpostile uPawulos wayegwetyelwe ukulwa kwibala lemidlalo laseRoma. Enoba walwa okanye akunjalo, ukulwa de kufe umntu kumabala emidlalo ngaloo maxesha kwakuyinto eqhelekileyo. Imbali isixelela ntoni ngamabala emidlalo neziganeko ezazisenzeka apho?

  • Ukufunda Kwimbali YamaRoma
    IMboniselo—2002 | Juni 15
    • Usenokubuza, ‘Yayingoobani la madoda ayesilwa ngamakrele?’ Kaloku, isenokuba yayingamakhoboka, izaphuli-mthetho ezazigwetyelwe ukufa, amabanjwa emfazwe, okanye umntu nje owayeqhutywa yimincili okanye ofuna udumo nobutyebi. Bonke babeqeqeshelwa kwizikolo ezazifana nentolongo. Incwadi ethi Giochi e spettacoli (Imidlalo Nababukeli) ithi xa amadoda alwa ngamakrele ayeqeqeshwa “ayesoloko ejongwe ngabalindi yaye ayeqeqeshwa kalukhuni, enikwe eyona migaqo ingqongqo aze ohlwaywe ngokungqwabalala . . . Ngokufuthi le mpatho yayikhokelela ekuzibulaleni, kwimvukelo nakuqhushululu.” Esona sikolo sikhulu sokuqeqeshela oku eRoma sasinezisele ezenzelwe ubuncinane amabanjwa aliwaka. Umntu ngamnye wayebalasele kokuthile. Abanye babesilwa ngesikrweqe, ikhaka nekrele yaye abanye ngomnatha nangomkhonto oneencam ezintathu. Abanye babeqeqeshelwa ukulwa namarhamncwa komnye umboniso odumileyo, ukuzingela. Ngaba kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayebhekisela kukhuphiswano olunjalo?

  • Ukufunda Kwimbali YamaRoma
    IMboniselo—2002 | Juni 15
    • Ekuseni kwakuzingelwa kula mabala emidlalo. Kusenokwenzeka ukuba kwakufakwa ngenkani zonke iintlobo zamarhamncwa asendle kwibala lemidlalo. Abo babukeleyo babekuthanda kakhulu ukubona inkunzi yenkomo nebhere zisilwa. Ngokufuthi ezi zilwanyana zibini zazibotshelelwa ndawonye ukuze zilwe de esinye sife, sandule ke eso sisindileyo sigqityezelwe ngumzingeli. Enye into eyayithandwa yayingumlo wengonyama nengwe, okanye indlovu nebhere. Abazingeli babebonakalisa ubugcisa babo ekubulaleni izilwanyana ezivela kwamanye amazwe, kungakhathaliseki ukuba zixabiseke kangakanani na—amahlosi, imikhombe, iimvubu, iindlulamthi, iimpungutye, iinkamela, iingcuka, iinkunzi zehagu neenyamakazi.

      Indlela ekwakuzingelwa ngayo yayingenakulibaleka. Kwakusetyenziswa amatye amakhulu, amachibi nemithi ukufanekisela amahlathi. Kwamanye amabala emidlalo, amarhancwa ayesithi gqi njengokungathi ngumlingo, engeniswa esuka ngaphantsi komhlaba nangeengcango ezisemacaleni. Izinto ezingalindelekanga ezazisenziwa zezi zilwanyana zazibenza babe nomdla ongakumbi abantu, kodwa eyona nto yayisenza ukuzingela kubonakale kuchulumancisa yayiyinkohlakalo ezazinayo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share