Qinani, Nize Niphumelele Kugqatso Lobomi
UKUBA bekungafuneka uhambe kulwandle oludlongodlongo, ubuya kukhetha isikhephe esinjani? Ngaba ubungafuna isikhephe esincinane okanye esomeleleyo nesakhiwe kakuhle? Ngokungathandabuzekiyo ubuya kukhetha eso someleleyo, ekubeni sinokukwazi ukumelana namaza adlongodlongo.
Njengoko sityhubela kule nkqubo yezinto enzima neyingozi, sijamelana neengxaki ezinzima. Ngokomzekelo, maxa wambi, abantu abaselula banokuziva bedidekile yaye bengakhuselekanga kweli hlabathi lineengcamango nezimbo ezididayo. Abantu abasandul’ ukuqalisa ukuba ngamaKristu basenokuziva bengazinzanga. Kwanabathile abaqinileyo ababekhonza uThixo ngokuthembeka kangangeminyaka emininzi basenokuba bajamelene novavanyo ngenxa yokulindela iziganeko ezingekazaliseki ngokupheleleyo.
Ukuziva ngolo hlobo akunto intsha. Abakhonzi abathembekileyo bakaYehova abanjengoMoses, uYobhi noDavide, babekhathazeka maxa wambi. (Numeri 11:14, 15; Yobhi 3:1-4; INdumiso 55:4) Sekunjalo, ubomi babo bubonisa ukuba babezinikele ngokuqinileyo kuYehova. Umzekelo wabo omhle usikhuthaza ukuba nathi siqine, kodwa uSathana uMtyholi ufuna ukusiphambukisa kugqatso lobomi obungunaphakade. (Luka 22:31) Ngoko ke thina sinokuhlala njani, ‘siqinile elukholweni’? (1 Petros 5:9) Yaye sinokubomeleza njani abazalwana bethu?
UYehova Ufuna Sihlale Siqinile
Ukuba sithembekile kuYehova, uya kuhlala esinceda ukuze sihlale sizinzile. Umdumisi uDavide wajamelana neemeko ezininzi ezinzima, kodwa wayethembele kuThixo yaye ngenxa yoko wavuma ingoma esithi: “Kwakhona [uYehova] wandinyusa wandikhupha emhadini ogqumayo, eludakeni lomgxobhozo. Wandula ke waluvelisa unyawo lwam engxondorheni; wawamisela ngokuqinileyo amanyathelo am.”—INdumiso 40:2.
UYehova uyasomeleza ukuze siphumelele ‘kumlo omhle wokholo’ size sikwazi ‘ukububamba ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade.’ (1 Timoti 6:12) Kwakhona usenzele amalungiselelo ukuze sikwazi ukuhlala sizinzile size siyilwe ngokuphumelelayo imfazwe yethu yokomoya. Umpostile uPawulos wawabongoza amanye amaKristu ukuba ‘aqhubeke ezuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo,’ aze ‘ambathe sonke isikrweqe sikaThixo ukuze akwazi ukuma eqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.’ (Efese 6:10-17) Kodwa yintoni enokusiphazamisa? Yaye sinokuzikhusela njani kwiimpembelelo eziyingozi ngolo hlobo?
Zilumkele Izinto Ezinokukuphazamisa
Nantsi into ebubulumko esifanele siyikhumbule: Izigqibo esizenzayo ekugqibeleni zinokusenza sizinze okanye singazinzi njengamaKristu. Ulutsha lujamelene nokwenza izigqibo ngokuphathalele umsebenzi, imfundo eyongezelelekileyo nomtshato. Kusenokufuneka ukuba abantu abadala benze izigqibo enoba bafudukele kwenye indawo okanye bafumane omnye umsebenzi owongezelelekileyo. Suku ngalunye senza izigqibo ngendlela esilisebenzisa ngayo ixesha neminye imibandela emininzi. Yintoni enokusinceda ukuze senze izigqibo ezibubulumko eziya kusinceda sizinze njengabakhonzi bakaThixo? Omnye obengumKristu kangangexesha elide wathi: “Ndicela uncedo lukaYehova xa ndisenza izigqibo. Ndikholelwa ukuba kubalulekile ukwamkela nokusebenzisa isiluleko esifumaneka eBhayibhileni, kwiintlanganiso zamaKristu, kubadala nakwiincwadi ezisekelwe eBhayibhileni.”
Xa sisenza izigqibo sifanele sizibuze: ‘Kwiminyaka emihlanu okanye elishumi ukususela ngoku, ngaba ndiya kuvuyiswa zizigqibo endiye ndazenza namhlanje, okanye ndiya kuzisola ngazo? Ngaba ndizama ukuqiniseka ukuba izigqibo endizenzayo azisayi kundenza ndingazinzi ngokomoya kodwa ziya kundinceda ndenze inkqubela ngokomoya?’—Filipi 3:16.
Ukuyekelela kwizilingo okanye ukwenza into ephantse yaphule imithetho kaThixo kuye kwabangela abanye ababhaptiziweyo baphile ubomi obungazinzanga. Abathile abaye basuswa ebandleni ngenxa yokungaguquki kwikhondo labo elisisono baye bazabalazele ukuba babuyiselwe, bandule ke baphinde basuswe—maxa wambi kungekudala emva koko—ngenxa yobubi obufanayo. Ngaba kusenokwenzeka ukuba abaluthandazelanga uncedo lukaThixo lokuba ‘bakwenyanye oko kungendawo baze banamathele koko kulungileyo’? (Roma 12:9; INdumiso 97:10) Sonke sifanele ‘sihlale sizenzela umendo othe tye iinyawo zethu.’ (Hebhere 12:13) Ngoko ke makhe siqwalasele ezinye iingongoma ezinokusinceda sihlale sizinzile ngokomoya.
Hlala Uqinile Ngokwenza Imisebenzi YobuKristu
Enye indlela yokusinceda sibethe ngesingqi esifanelekileyo kugqatso lwethu lobomi kukuzigcina sixakekile kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Ewe, ubulungiseleli bethu bamaKristu buluncedo ngokukhethekileyo ukuze sigcine iintliziyo neengqondo zethu zicinga ngokwenza ukuthanda kukaThixo nangokuhlala sicinga ngomvuzo wobomi obungunaphakade. Ethetha ngoku, uPawulos wabongoza abaseKorinte esithi: “Bazalwana bam abaziintanda, qinani, ningabi nakushukuma, nisoloko ninokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi, nisazi ukuba ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.” (1 Korinte 15:58) ‘Ukuqina’ kuthetha ‘ukubetheleleka kwento ingashukumi.’ ‘Ukungashenxi’ kunokuthetha ‘ukungavumi ukusuka kwindawo omi kuyo.’ Ngoko ke, ukuzigcina sixakekile kubulungiseleli bethu kunokusinceda sihlale sizinzile kwihambo yethu yobuKristu. Ukunceda abanye abantu bamazi uYehova kusenza sibe nenjongo ebomini yaye oko kusizisela uvuyo.—IZenzo 20:35.
UPauline, omnye umKristu osele echithe iminyaka engaphezu kwama-30 njengomvangeli wasemazweni nakweminye imisebenzi yokushumayela yexesha elizeleyo, uthi: “Ubulungiseleli buyakhusela kuba ukushumayela kwabanye kundenza ndiqiniseke ukuba ndiyifumene inyaniso.” Kwakhona ukuba nolweyiseko ngendlela efanayo kubangelwa kukuba nenxaxheba kweminye imisebenzi yamaKristu, njengokuya kwiintlanganiso zonqulo nokwenza ufundisiso lweBhayibhile lobuqu ngenkuthalo.
Ukuzinziswa Bubuzalwana Bothando
Ukuba yinxalenye yentlangano yabanquli bokwenyaniso ehlabathini lonke kunokusinceda kakhulu ukuze sizinze. Hayi indlela ekuyintsikelelo ngayo ukunxulumana nabazalwana abanothando abanjalo ehlabathini lonke! (1 Petros 2:17) Yaye sinokubanceda abazalwana bethu ukuba bazinze.
Cinga ngezenzo eziluncedo zendoda elilungisa uYobhi. Kwanomthuthuzeli wobuxoki uElifazi kwafuneka avume esithi: “Nabani na okhubekayo, amazwi akho ebemvusa; yaye amadolo agevezelayo ubuwaqinisa.” (Yobhi 4:4) Siqhuba njani kulo mba? Thina ngabanye sinembopheleleko yokunceda abazalwana noodade bethu bokomoya ukuba banyamezele kwinkonzo kaThixo. Xa sisebenzisana nabo, sinokwenza izinto ngomoya wala mazwi: “Yomelezani izandla ezibuthathaka, niwaqinise amadolo agexayo.” (Isaya 35:3) Ngoko ke kutheni ungazenzeli usukelo lokomeleza nokukhuthaza omnye okanye ababini kubazalwana bakho abangamaKristu rhoqo xa udibana nabo? (Hebhere 10:24, 25) Amazwi okuncoma nalukhuthazo nabonakalisa umbulelo ngenxa yokuhlala bezama ukukholisa uYehova kunokubanceda bahlale beqinile ukuze bakwazi ukuphumelela kugqatso lobomi.
Abadala abangamaKristu banokwenza lukhulu ukukhuthaza abasebatsha. Oku kusenokwenziwa ngokunikela amacebiso aluncedo nasuka eZibhalweni nokusebenza nabo kwinkonzo yasentsimini. Umpostile uPawulos wayedla ngokuxhakamfula amathuba okomeleza abanye. Wayekulangazelela ukubona amaKristu aseRoma ukuze awomeleze ngokomoya. (Roma 1:11) Abazalwana bakhe noodade abathandekayo eFilipi wayebagqala ‘njengovuyo nesithsaba’ sakhe waza wababongoza ukuba ‘bame beqinile eNkosini.’ (Filipi 4:1) Emva kokuba evile ngendlela abatsala nzima ngayo abazalwana bakhe eTesalonika, uPawulos wathumela uTimoti ukuba ‘abaqinise aze abathuthuzele, ukuze kungabikho nabani na onokuhexiswa ziimbandezelo.’—1 Tesalonika 3:1-3.
Umpostile uPawulos noPetros babeyiqonda yaye babeyixabisa imigudu enyanisekileyo yabazalwana babo. (Kolose 2:5; 1 Tesalonika 3:7, 8; 2 Petros 1:12) Ngokufanayo nathi masinikele ingqalelo, kungekhona kubuthathaka babazalwana bethu, kodwa kwiimpawu zabo ezintle nokuphumelela kwabo kumlo wokuhlala beqinile yaye bedumisa uYehova.
Ukuba sibajonga kakubi abazalwana bethu okanye sihlala sibagxeka, sisenokuthi singaqondanga senze kube nzima ngakumbi kubo ukuhlala beqinile elukholweni. Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukukhumbula ukuba abazalwana bethu ‘bahlinzekile yaye balahliwe’ kule nkqubo yezinto! (Mateyu 9:36) Kwibandla lamaKristu, bafanele balindele ukufumana intuthuzelo nokuhlaziyeka. Ngoko ke, ngamana sonke singenza unako-nako ukuze sakhe abazalwana bethu size sibancede bahlale beqinile.
Maxa wambi abanye banokusiphatha ngendlela enokwenza kube nzima ukuhlala siqinile. Ngaba siya kuvumela amazwi arhabaxa nezenzo zolunya zisenze siyekelele kwinkonzo yethu kuYehova? Ngamana singangavumeli nabani na asenze siyekelel’ umxakatho!—2 Petros 3:17.
Izithembiso ZikaThixo—Zisenza Sizinze
Isithembiso sikaYehova sekamva eliqaqambileyo phantsi kolawulo loBukumkani lisenza sibe nethemba elisinceda sihlale siqinile. (Hebhere 6:19) Yaye ukuqiniseka ukuba uThixo uya kuhlala ezizalisekisa izithembiso zakhe kusishukumisela ekubeni ‘sihlale siphaphile yaye siqinile elukholweni.’ (1 Korinte 16:13; Hebhere 3:6) Xa ezinye zezithembiso zikaThixo zibonakala zilibazisa oko kusenokuluvavanya ukholo lwethu. Ngoko ke kubalulekile ukuba sikuphaphele ukulahlekiswa ziimfundiso zobuxoki size sishenxiswe kwithemba lethu.—Kolose 1:23; Hebhere 13:9.
Umzekelo ombi wamaSirayeli atshabalalayo ngenxa yokungabi nalukholo kwizithembiso zikaYehova ufanele usilumkise. (INdumiso 78:37) Kunokuba sifane nawo, ngamana singaqina, sikhonze uThixo sibona ukuba ixesha liphelile lezi ntsuku zokugqibela. Omnye umdala onamava wathi: “Suku ngalunye ndiphila ngokungathi imini enkulu kaYehova iza kufika ngomso.”—Yoweli 1:15.
Ewe, imini enkulu kaYehova ikufuphi. Noko ke, asoyiki nto logama nje sihlala sisondele kuThixo. Ukuba sinamathela kwimilinganiselo yakhe yobulungisa size sihlale siqinile, sinokulubaleka ngokuphumelelayo ugqatso lobomi obungunaphakade!—IMizekeliso 11:19; 1 Timoti 6:12, 17-19.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ngaba wenza unako-nako ukunceda abazalwana bakho abangamaKristu ukuze bahlale beqinile?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 21]
The Complete Encyclopedia of Illustration/J. G. Heck