Ngaba Ukuliza Abantu Sisicombululo?
NANGONA iintlekele zemvelo, ubuhlwempu, indlala, izifo nokonakala kwemeko-bume zingundaba mlonyeni, zikwakho nezinto ezonwabisayo—enye yazo sisisa. Abantu abazizityebi baphisa ngamakhulu ezigidi, maxa wambi ngamawaka ezigidi zeerandi ukuze kuphunyezwe izinto ezithile eziye zibe ziingongoma eziphambili ezindabeni. Maxa wambi abantu abadumileyo badla ngokusebenzisa udumo lwabo ukuze babhence izinto ezidl’ umzi. Kwanabantu abangathathi ntweni badla ngokubinza ngemali ukuze baxhase izinto ezahlukeneyo. Kodwa inokunceda kangakanani imali, ngokukodwa xa ingxaki leyo izingile?
Ixesha Lamalizo Elingazange Libonwe
Kubonakala ngathi isisa siya sithabatha unyawo kwamanye amazwe. Omnye umthombo wathi: “Ekuqaleni kwale nkulungwane yamashumi amabini ananye, kukho imibutho emininzi [yamalizo] enentyweka yemali kumazwe amaninzi.” Njengokuba besiya besanda abantu abazizityebi kulindeleke ukuba babe baninzi abantu abanikelayo. Oku akubangelwa kukuba bebaninzi abantu abaza kubinza kuba benemali eninzi, xa abantu abazizityebi besifa bashiya amafa, inxalenye yawo kulindeleke ukuba iye kwimibutho yokunceda iimpula zikaLujaca. Ngesizathu esivakalayo ulindixesha waseBritani iThe Economist wathi, kusenokwenzeka ukuba la ngamaqalela “exesha elitsha lamalizo.”
Esinye sezizathu zokuba abantu babinze kukusilela koorhulumente ukulungisa iingxaki zehlabathi. Igqiza leZizwe Ezimanyeneyo elijongene nentsholongwane kaGawulayo eAfrika lathi, “ukurhuq’ iinyawo kwabezopolitiko” sesinye sezizathu zokuba abantu abadumileyo bazijul’ ijacu. UJoel Fleishma kwincwadi yakhe ethi, The Foundation: A Great American Secret—How Private Wealth Is Changing the World uthi: Enokuba le ngxaki ibangelwa bubuhlwempu, yinkqubo yezempilo, yimeko-bume, yimfundo okanye okusesikweni kwasekuhlaleni, abantu abafumileyo “baya bephelelwa ngumonde kukungakwazi kukarhulumente nemibutho yamazwe ngamazwe ukucombulula ezi ngxaki.” Ekubeni izityebi ezithile zinomdla wokucombulula le ngxaki zizama ukucuntsulela abantu amacebiso ezoshishino awazincedayo zaphumelela.
Amandla Amalizo
Ekuqaleni kwenkulungwane yama-20 kwavela abantu abanesisa. Izityebi ezingawothiyo umlilo ezinjengoAndrew Carnegie noJohn D. Rockefeller, oMkhulu, basebenzisa iimali zabo ukuze bancede abantu abangathath’ intweni. La madoda abona ukuba le mibutho yokunceda abantu, ngoxa isondla abantu abalambayo okanye isonga abantwana abagulayo, yayingakwazi ukulungisa oonobangela bezi ngxaki. Baqonda ukuba kufuneka iminikelo isetyenziswe kakuhle, bayila imibutho eza kutshintsha imeko yasekuhlaleni baze baxhasa iinkqubo zophando ezaziza kuyisiphula neengcambu le ngxaki. Ukususela ngelo xesha, kuye kwamiselwa amashumi amawaka ale mibutho ehlabathini jikelele, imibutho engaphezu kwama-50 nobutyebi obubetha ngaphaya kwewaka lezigidi.
Asinakulikhanyela elokuba le mibutho iye yabanceda abantu. Izikolo, amathala eencwadi, izibhedlele, ipaki nemyuziyam ziyasingqina eso sibakala. Iinkqubo zokuvelisa ukutya okuninzi ziye zanceda amazwe ahlwempuzekileyo anokutya okwaneleyo. Ukuxhasa uphando lwezamayeza kuye kwanegalelo ekuphuculeni impilo, maxa wambi kuye kwanyangwa nezifo ezithile njengeyellow fever.
Ekubeni ngoku iingxaki zishukunyelwa ngokukhawuleza yaye kukho nemali eyaneleyo kunangaphambili, amathuba okuzilungisa abonakala eqaqambile. Ngowama-2006 owayesakuba ngumongameli waseUnited States xa wayethetha nelinye igqiza wathi: “Asikwazi ukulichaza igalelo okuza kuba nalo ukupha ebantwini.”
Noko ke abanye ababoni ngasonye. ULaurie Garrett oyingcali kwicandelo lezempilo ehlabathini jikelele, wabhala wathi: “Ubani usenokucinga ukuba ekubeni kukho imali engaka, ziza kuconjululwa zonke iingxaki zempilo. Kodwa oko kukuziqab’ intshong’ emehlweni.” Ngoba? Ugxeka iinkqubo zolawulo ezigwenxa, ubuqhetseba nabo babinza kwimibandela enento yokwenza nempilo kuphela, ngokomzekelo uGawulayo.
Ekubeni le migudu ingalungelelaniswa ngendlela efanelekileyo nemali “ekunikelwa ngayo isiwa kwizifo ezidumileyo—kunokuba kuncedwe kwezempilo ngokubanzi,” UGarrett uvakalelwa kukuba “eli xesha lesisa siphila kulo lisenokungancedi nganto yaye zisenokuba mandundu ngakumbi izinto kunokuba kunjalo.”
Kutheni Inganelanga Nje Imali
Enokuba ineenjongo ezintle kangakanani, imibutho yamalizo iza kuhlala isiwa nganeno. Ngoba? Imali nemfundo yehlabathi azinakuze ziziphelise iingxaki ezinjengokunyoluka, intiyo, umkhethe, ubuhlanga neemfundiso zonqulo lobuxoki. Nangona ezi zinto zinegalelo kwiingxaki ezithwaxa uluntu, azingabo oonobangela bokubandezeleka. Njengokuba iBhayibhile ibonisa le ntsumantsumane yintsinda-badala.
Omnye unobangela kukungafezeki kwabantu ngenxa yokuba bazalwa benesono. (Roma 3:23; 5:12) Ekubeni singafezekanga sityekele ekucingeni nasekwenzeni izinto eziphosakeleyo. IGenesis 8:21 ithi: “Intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” Ekubeni izigidi zabantu zinikezela kolu tyekelo, zizifica ngesini neziyobisi. Ekugqibeleni indlela abaziphatha ngayo iphumela ekubeni kusasazeke izifo ezahlukeneyo ezinjengoGawulayo.—Roma 1:26, 27.
Unobangela wesibini wokubandezeleka kwabantu kukungakwazi kwethu ukuzilawula. UYeremiya 10:23 uthi: “Asikokomntu . . . ukwalathisa inyathelo lakhe.” “Ukungakhathali kweenkokeli zezopolitiko,” ekubhekiswe kuko ngaphambili, sesinye sezizathu zokuba imibutho yamalizo ingasebenzi noorhulumente. IBhayibhile ithi abantu babedalelwe ukuba baLawulwe nguMdali wabo, kungekhona abanye abantu.—Isaya 33:22.
Okuvuyisa ngakumbi kukuba iBhayibhile ithembisa ukuba uMdali, uYehova uThixo, uza kuzilungisa zonke iingxaki zoluntu. Kakade ke, sele eqalile ukwenza amalungiselelo.
Oyena Mntu Unesisa Esibalaseleyo
Igama elithi “isisa” livela kwelesiGrike elithetha “ukuthanda uluntu.” Akakho umntu othanda abantu ngaphezu koMdali wethu. UYohane 3:16 uthi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” UYehova wanikela ngento enexabiso elingaphezu kwelemali ukuze akhulule abantu kumakhamandela esono nokufa. Wanikela ngoNyana wakhe oxabisekileyo ukuze abe “yintlawulelo ngenxa yabaninzi.” (Mateyu 20:28) Umpostile uPetros wabhala wathi ngoYesu: “Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu ngomzimba wakhe esibondeni, ukuze singabi saba nanto yakwenza nezono size siphile ebulungiseni. Yaye ‘niye naphiliswa ngemivilambo yakhe.’”—1 Petros 2:24.
UYehova ukwalungise nengxaki yolawulo. Le ngxaki uyilungise ngokumisela urhulumente oza kulawula ihlabathi obizwa ngokuba buBukumkani bukaThixo. Lo rhulumente uza kulawula esezulwini, obo Bukumkani buya kususa bonke ubungendawo buya kuzisa uxolo nemvisiswano kwiSijikelezi langa sethu esinguMhlaba.—INdumiso 37:10, 11; Daniyeli 2:44; 7:13, 14.
Ngokulungisa unobangela wokubandezeleka kwabantu, uThixo uza kwenza into engenakwenziwa ngabantu. Ngendlela efanayo amaNgqina kaYehova, awamisel’ imibutho yamalizo, kunoko axelisa uYesu Kristu, ngokusebenzisa ixesha nemali yawo ukuze avakalise “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani [bukaThixo].”—Mateyu 24:14; Luka 4:43.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]
“UThixo Uthanda Umphi Ochwayitileyo”
AmaNgqina kaYehova alawulwa ngumgaqo okweye-2 kwabaseKorinte 9:7 oseBhayibhileni. Xa enikela ngexesha, amandla nezinto zawo eziphathekayo ukuze ancede abanye, azama ukuthobela isibongozo esithi: “Masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.”—1 Yohane 3:18.
Xa kukho iintlekele zemvelo, amaNgqina azijonga njengethuba lokunceda abo baye basesichengeni. Ngokomzekelo, emva kweNkanyamba uKatrina, uRita noWilma zihlasele imimandla esemazantsi eUnited States, amawaka amatsha-ntliziyo amaNgqina kaYehova aba ngumqodi esiya kunceda kwezo ndawo. Esonganyelwa ziiKomiti zasekuhlaleni, amatsha-ntliziyo alungisa amakhaya amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-5 600 neeHolo zoBukumkani ezingama-90 ezazonakaliswe zezo nkanyamba.
AmaNgqina kaYehova awacel’ izishumi okanye ahamb’ engqiba ukuze afuman’ imali. Umsebenzi wawo uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela.—Mateyu 6:3, 4; 2 Korinte 8:12.
[Imifanekiso ekwiphepha 19]
Imali ayinakuze imlungise unobangela wokugula kwabantu nokubandezeleka
[Inkcazelo]
© Chris de Bode/Panos Pictures