Qhubeka Ubonakalisa Ukulunga
“Isiqhamo sokukhanya sikuko konke ukulunga nobulungisa nenyaniso.”—EFESE 5:9.
1. Izigidi zabantu zibonisa njani ngoku ukuba ziyavumelana neNdumiso 31:19?
EYONA nto ilungileyo inokwenziwa nguye nawuphi na umntu kukuzukisa uYehova. Namhlanje, izigidi zabantu ziyakwenza oko ngokudumisa uThixo ngenxa yokulunga kwakhe. NjengamaNgqina kaYehova anyanisekileyo, sivumelana ngamxhelo-mnye nomdumisi owavuma ingoma esithi: “Hayi ukuba kuninzi kokulunga kwakho, okugcinele abo bakoyikayo!”—INdumiso 31:19.
2, 3. Yintoni ebinokwenzeka ukuba besingaziphathanga kakuhle njengabantu abenza abafundi?
2 Ukuhlonela uYehova kusishukumisela ukuba simdumise ngenxa yokulunga kwakhe. Kukwasishukumisela ukuba ‘simbonge uYehova, sazise ngozuko lobukumkani bakhe.’ (INdumiso 145:10-13) Kungenxa yoko le nto sinenzondelelo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Kakade ke, njengabantu abenza umsebenzi wokushumayela simele siziphathe kakuhle. Kungenjalo, sinokuzisa ugculelo kwigama elingcwele likaYehova.
3 Abantu abaninzi bazibanga benqula uThixo, kodwa ihambo yabo ayivisisani nemilinganiselo eseLizwini lakhe eliphefumlelweyo. Ngokuphathelele abanye ababengaphili ngokuvisisana nebango labo lokwenza okulungileyo, umpostile uPawulos wabhala: “Ngaba, . . . wena ufundisa uthile ongomnye, akuzifundisi na wena? Wena, ushumayela usithi ‘Uze ungebi,’ ngaba uyeba na? Wena, uthi ‘Uze ungakrexezi,’ ngaba uyakrexeza na? . . . ’Igama likaThixo liyanyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga’; kanye njengoko kubhaliwe.”—Roma 2:21, 22, 24.
4. Inawuphi umphumo ihambo yethu entle?
4 Kunokuba sizise ugculelo kwigama likaYehova, sizabalazela ukulizukisa ngokuziphatha kwethu kakuhle. Oku kunempembelelo entle kwabo bangaphandle kwebandla lobuKristu. Phakathi kwezinye izinto, kusinceda ukuba sibavale imilomo abo basichasayo. (1 Petros 2:15) Okubaluleke ngakumbi, ukuziphatha kwethu kakuhle kutsalela abantu kwintlangano kaYehova, kubanike ithuba lokuba bamzukise baze bafumane ubomi obungunaphakade.—IZenzo 13:48.
5. Yiyiphi imibuzo esifanele siyiqwalasele ngoku?
5 Ekubeni singafezekanga, sinokuyiphepha njani ihambo enokuhlazisa uYehova ize ikhubekise abantu abafuna inyaniso? Eneneni, sinokuphumelela njani ekubonakaliseni ukulunga?
Isiqhamo Sokukhanya
6. Yiyiphi eminye ‘imisebenzi yobumnyama engenasiqhamo,’ kodwa sisiphi isiqhamo esifanele sibonakale phakathi kwamaKristu?
6 NjengamaKristu azahluleleyo, sinandipha into esinceda siphephe ‘imisebenzi yobumnyama engenasiqhamo.’ Oku kuquka imisebenzi ebonakalisa ukungamhloneli uThixo njengokuxoka, ukuba, ukutshabhisa, intetho engcolileyo ephathelele isini, ihambo elihlazo, ukuqhula okungamanyala nobunxila. (Efese 4:25, 28, 31; 5:3, 4, 11, 12, 18) Kunokuba sizibandakanye kwimisebenzi enjalo, ‘siqhubeka sihamba njengabantwana bokukhanya.’ Umpostile uPawulos uthi “isiqhamo sokukhanya sikuko konke ukulunga nobulungisa nenyaniso.” (Efese 5:8, 9) Ngoko xa sihamba ekukhanyeni siyakwazi ukuqhubeka sibonakalisa ukulunga. Kodwa luhlobo luni lokukhanya olu?
7. Yintoni esimele siyenze ukuze siqhubeke sibonakalisa isiqhamo sokulunga?
7 Nangona singafezekanga, sinokubonakalisa ukulunga ukuba sihamba ekukhanyeni kokomoya. Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam, nokukhanya endleleni yam.” (INdumiso 119:105) Ukuba sifuna ukuqhubeka sibonakalisa “isiqhamo sokukhanya” kuko “konke ukulunga,” simele siqhubeke sisebenzisa ukukhanya kokomoya okufumaneka eLizwini likaThixo, okuhlolisiswa ngenyameko kwiimpapasho zamaKristu nokuxutyushwa rhoqo kwiintlanganiso zethu zonqulo. (Luka 12:42; Roma 15:4; Hebhere 10:24, 25) Kwakhona kufuneka sinikele ingqalelo ekhethekileyo kumzekelo neemfundiso zikaYesu Kristu, ‘olukhanyiselo lwehlabathi’ ‘imbonakaliso yozuko lukaYehova.’—Yohane 8:12; Hebhere 1:1-3.
Isiqhamo Somoya
8. Kutheni sinako ukubonakalisa ukulunga?
8 Ngokungathandabuzekiyo, ukukhanya kokomoya kusinceda sibonakalise ukulunga. Ukongezelela, siyakwazi ukubonakalisa olu phawu ngenxa yokuba sikhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla asebenzayo. Ukulunga yinxalenye ‘yesiqhamo somoya.’ (Galati 5:22, 23) Ukuba siyazithoba kukhokelo lomoya oyingcwele kaYehova, uya kuvelisa isiqhamo sawo esihle esikukulunga.
9. Sinokwenza njani ngokuvisisana namazwi kaYesu abhalwe kuLuka 11:9-13?
9 Umnqweno wethu onyanisekileyo wokukholisa uYehova ngokubonakalisa isiqhamo somoya esikukulunga ufanele usishukumisele ukuba senze ngokuvisisana namazwi kaYesu athi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa. Kuba wonk’ ubani ocelayo uyamkela, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. Eneneni, nguwuphi na uyise phakathi kwenu oya kuthi, ukuba unyana wakhe ucela intlanzi, asuke amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Okanye athi ukuba ucela iqanda, asuke amnike unomadudwane? Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:9-13) Masamkele isiluleko sikaYesu ngokuthandazela umoya kaYehova ukuze sikwazi ukuqhubeka sibonakalisa isiqhamo sawo esikukulunga.
“Hlala Usenza Okulungileyo”
10. Ziziphi iinkalo zokulunga kukaYehova ezicatshulwe kwiEksodus 34:6, 7?
10 Ngenxa yokukhanya kokomoya okuvela eLizwini likaThixo nangenxa yoncedo lomoya oyingcwele kaThixo, sinako ‘ukuhlala sisenza okulungileyo.’ (Roma 13:3) Ngokufundisisa iBhayibhile rhoqo, sifunda okungakumbi ngendlela esinokukuxelisa ngayo ukulunga kukaYehova. Kwinqaku elandulelayo siye sahlolisisa iinkalo zokulunga kukaThixo kumazwi awathethwa kuMoses abhalwe kwiEksodus 34:6, 7, apho sifunda oku: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono, ongakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo.” Ukuzihlolisisa ngenyameko ezi nkalo zokulunga kukaYehova kuya kusinceda ‘sihlale sisenza okulungileyo.’
11. Kufanele kusichaphazele njani ukwazi ukuba uYehova unenceba nobabalo?
11 La mazwi awathethwa nguThixo asenza siqonde ukuba kufuneka sixelise uYehova ngokuba nenceba nobabalo. UYesu wathi: “Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mateyu 5:7; Luka 6:36) Xa siqonda ukuba uYehova unobabalo, sishukunyiselwa ukuba sibonakalise ubabalo yaye sibaphathe kakuhle abanye, kuquka abo sishumayela kubo. Oku kuvisisana nesiluleko sikaPawulos esithi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.”—Kolose 4:6.
12. (a) Ekubeni uThixo ezeka kade umsindo, sifanele sibaphathe njani abanye? (b) Ububele bothando bukaYehova busishukumisela ukuba senze ntoni?
12 Ekubeni uThixo ezeka kade umsindo, umnqweno wethu ‘wokuhlala sisenza okulungileyo’ usishukumisela ukuba sinyamezele iziphoso ezingephi ezenziwa ngamanye amakholwa size sinikele ingqalelo kwiimpawu zawo ezintle. (Mateyu 7:5; Yakobi 1:19) Ububele bothando bukaYehova busishukumisela ukuba sibonakalise uthando olunyanisekileyo, kwanaphantsi kwezona meko zilingayo. Ngokuqinisekileyo le yinto enqweneleka kakhulu.—IMizekeliso 19:22.
13. Yintoni esifanele siyenze ukuze sibonise ukuba uYehova ‘unenyaniso eninzi’?
13 Ekubeni uBawo wethu osezulwini ‘enenyaniso eninzi,’ sifuna ‘ukuzincomela njengabalungiseleli bakaThixo ngentetho eyinyaniso.’ (2 Korinte 6:3-7) Phakathi kwezinto ezisixhenxe azicekisayo uYehova “lulwimi oluxokayo” ‘nengqina elixokayo elifutha ubuxoki.’ (IMizekeliso 6:16-19) Ngoko umnqweno wethu wokukholisa uThixo uye wasishukumisela ukuba ‘silahle ukuxoka size sithethe inyaniso.’ (Efese 4:25) Ngamana asingesileli ukubonakalisa ukulunga ngale ndlela ibalulekileyo.
14. Kutheni sifanele sixolele?
14 Amazwi awathethwa nguThixo kuMoses afanele asishukumisele ukuba sixolele, kuba uYehova ukulungele ukuxolela. (Mateyu 6:14, 15) Kakade ke, uYehova uyabohlwaya aboni abangaguqukiyo. Ngoko ke, simele sibambelele kwimilinganiselo yakhe yokulunga ngokuphathelele ukugcina ibandla licocekile ngokomoya.—Levitikus 5:1; 1 Korinte 5:11, 12; 1 Timoti 5:22.
‘Hlalani Niphaphile’
15, 16. Isiluleko sikaPawulos esibhalwe kwabase-Efese 5:15-19 sinokusinceda njani ukuba siqhubeke siqhelisela ukulunga?
15 Ukuze siqhubeke kwikhondo lokulunga nangona singqongwe bubungendawo, kufuneka sizaliswe ngumoya kaThixo size siyiphaphele indlela esihamba ngayo. Ngokuvisisana noko, uPawulos wabongoza amaKristu ase-Efese esithi: “Hlalani nikuphaphele ngokungqongqo ukuba indlela enihamba ngayo ingabi njengeyabantu abangezozilumko kodwa ibe njengeyezilumko, nizongele ixesha, ngenxa yokuba imihla ingendawo. Ngenxa yoku musani ukuba ngabangenangqiqo, kodwa qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova. Kanjalo, musani ukunxila yiwayini, ekukho kuko uburheletyo, kodwa hlalani nizaliswa ngumoya, nithetha omnye komnye ngeendumiso nemibongo kuThixo nangeengoma zokomoya, nivumela yaye nidlalela uYehova umculo ezintliziyweni zenu.” (Efese 5:15-19) Ngokuqinisekileyo esi siluleko sifanelekile kuthi baphila kule mihla yokugqibela yamanqam.—2 Timoti 3:1.
16 Ukuze siqhubeke siqhelisela ukulunga, simele siphaphe ngokungqongqo size sihambe njengabo baqhelisela ubulumko bobuthixo. (Yakobi 3:17) Simele sikuphephe ukwenza izono ezinzulu yaye simele sizaliswe ngumoya oyingcwele, samkele ukhokelo lwawo. (Galati 5:19-25) Ngokusebenzisa imfundo yokomoya esiyifumana kwiintlanganiso zamaKristu, kwiindibano ezincinane nezinkulu, sinokuhlala sisenza okulungileyo. Amazwi kaPawulos aya kwabase-Efese asikhumbuza ukuba kwinkoliso yeendibano zethu zonqulo, siyangenelwa ngokuvuma ‘iingoma zokomoya’, ngokusuka entliziyweni—uninzi lwazo olubethelela iimpawu zokomoya, njengokulunga.
17. Ukuba iimeko zawo aziwavumeli ukuba aye kwiintlanganiso rhoqo, yintoni anokuqiniseka ngayo amaKristu akhathazwa zizigulo ezinganyangekiyo?
17 Kuthekani ngamanye amakholwa angakwaziyo ukuya kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo ngenxa yezigulo ezinganyangekiyo? Asenokuziva edimazekile ngenxa yokuba engakwazi ukunqula uYehova nabanye abazalwana noodade bokomoya. Kodwa anokuqiniseka ukuba uYehova uyaziqonda iimeko zawo, uya kuwagcina esekukhanyeni, uya kuwanika umoya wakhe oyingcwele yaye uya kuwanceda ukuba aqhubeke esenza okulungileyo.—Isaya 57:15.
18. Yintoni eya kusinceda siqhubeke sikwikhondo lokulunga?
18 Ukuze siqhubeke sikwikhondo lokulunga kufuneka silumkele unxulumano lwethu size sibaphephe abantu “abangathandi kulunga.” (2 Timoti 3:2-5; 1 Korinte 15:33) Ukusebenzisa eso siluleko kuyasinceda siphephe “ukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo” ngokwenza izinto ezichasene nokhokelo lwawo. (Efese 4:30) Ngaphezu koko, siyancedwa ukuba senze okulungileyo xa sisakha ulwalamano olusondeleyo nabo babonakala bekuthanda ukulunga yaye bekhokelwa ngumoya oyingcwele kaYehova.—Amosi 5:15; Roma 8:14; Galati 5:18.
Ukulunga Kuzisa Imiphumo Emihle
19-21. Balisa amava abonisa umphumo wokubonakalisa ukulunga.
19 Ukuhamba ekukhanyeni kokomoya, ukuthobela ukhokelo lomoya kaThixo, nokuphaphela indlela esihamba ngayo kuya kusinceda siphephe okubi size ‘siqhubeke sisenza okulungileyo.’ Yaye oku kunokuvelisa imiphumo emihle. Phawula amava kaZongezile, omnye wamaNgqina kaYehova eMzantsi Afrika. Ngenye intsasa wayesiya esikolweni, waza wadlula ebhankini ukuze ahlole imalana yakhe awayeyigcine apho. Isiliphu esaphuma kumatshini wemali sabonisa ukuba unemali ethe kratya ngee-R42-000. Umlindi waloo bhanki nabanye bathi makayikhuphe loo mali aze azifakele yona kwenye ibhanki. Sisibini esingamaNgqina awayehlala naso kuphela esamkhuthaza ukuba angayikhuphi loo mali.
20 Ngosuku olulandelayo, uZongezile waya kuyichaza ebhankini loo mpazamo. Kwafunyaniswa ukuba inombolo yeakhawunti yakhe yayiphantse ifane neyomnye usomashishini osisityebi owafaka loo mali ngempazamo kwiakhawunti engachananga. Emangalisiwe kukuba uZongezile engakhuphanga nesenti kuloo mali, lo somashishini wambuza: “Ungowaluphi unqulo?” UZongezile wachaza ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Abaphathi bebhanki bamncoma ngokufudumeleyo, bathi: “Sinqwenela ukuba bonke abantu bebenyaniseke njengamaNgqina kaYehova.” Eneneni, izenzo zokunyaniseka nokulunga zinokubangela abanye bazukise uYehova.—Hebhere 13:18.
21 Akuyomfuneko ukuba izenzo zokulunga zenziwe kwizinto ezinkulu ukuze zibe nemiphumo emihle. Nanku umzekelo: Elinye iNgqina eliselula elikhonza njengomshumayeli wexesha elizeleyo kwesinye seziqithi zaseSamoa laya kwisibhedlele sasekuhlaleni. Abantu babelindele ukubona ugqirha, yaye eli Ngqina laphawula ukuba ibhinqa elisele likhulile elalihleli ecaleni kwalo laligula kakhulu. Lenza ilungiselelo lokuba eli nenekazi lingene endaweni yalo ukuze lifumane uncedo ngokukhawuleza. Ngenye imini kamva, eli Ngqina ladibana neli bhinqa emarikeni. Eli bhinqa lalikhumbula eli Ngqina nendlela elaliphatha ngayo esibhedlele. Lathi: “Ngoku ndiyazi ukuba amaNgqina kaYehova abathanda ngokwenene abamelwane bawo.” Nangona lalifudula lingasamkeli isigidimi soBukumkani, indlela elaphathwa ngayo liNgqina yaba nemiphumo emihle. Lamkela isifundo seBhayibhile laza laqalisa ukungenisa ulwazi lweLizwi likaThixo.
22. Yiyiphi indlela ebaluleke kakhulu ‘yokuqhubeka sisenza okulungileyo’?
22 Kusenokwenzeka ukuba nawe unokubalisa amava abonisa ukuxabiseka kokubonakalisa ukulunga. Enye indlela ebaluleke kakhulu ‘yokuqhubeka usenza okulungileyo’ kukuba nesabelo rhoqo ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:14) Ngamana singaqhubeka sibonakalisa inzondelelo kulo msebenzi uxabisekileyo, ngokukodwa kwabo basabela kakuhle. Okubaluleke ngakumbi, ubulungiseleli bethu nokuziphatha kwethu kakuhle kuzukisa uYehova, owona mthombo wokulunga.—Mateyu 19:16, 17.
Qhubeka ‘Usenza Okulungileyo’
23. Kutheni ubulungiseleli bamaKristu bungumsebenzi olungileyo?
23 Ngokungathandabuzekiyo, ubulungiseleli bethu ngumsebenzi olungileyo. Bunokubangela ukuba sisindiswe thina nabo basiphulaphulayo isigidimi seBhayibhile baze ngaloo ndlela bangene endleleni ekhokelela kubomi obungunaphakade. (Mateyu 7:13, 14; 1 Timoti 4:16) Ngoko, xa simele senze izigqibo, umnqweno wokwenza okulungileyo unokusenza sizibuze: ‘Esi sigqibo siya kuwuchaphazela njani umsebenzi wam wokushumayela ngoBukumkani? Ngaba eli khondo ndicinga ukulithabatha liyingenelo ngokwenene? Ngaba liya kundenza ndincede abanye bamkele ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade’ baze babe nolwalamano olusenyongweni noYehova uThixo?’ (ISityhilelo 14:6) Ukwenza isigqibo esiya kuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani kuya kusenza sibe noyolo ngakumbi.—Mateyu 6:33; IZenzo 20:35.
24, 25. Ziziphi ezinye iindlela zokubonakalisa ukulunga ebandleni, yaye yintoni esinokuqiniseka ngayo ukuba siqhubeka sibonakalisa ukulunga?
24 Masingaze siyijongele phantsi imiphumo eyingenelo yokulunga. Sinokuqhubeka sibonakalisa olu phawu ngokuxhasa ibandla lamaKristu nokwenza konke okusemandleni ukunyamekela izilangazelelo zalo. Ngokuqinisekileyo, senza okulungileyo xa sisiya rhoqo size sibe nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu. Ukubakho nje kwethu, kuyabakhuthaza abanye abanquli, yaye amagqabaza ethu alungiselelwe kakuhle ayabakha ngokomoya. Senza okuhle naxa sisebenzisa ubutyebi bethu ukuze sinyamekele iHolo yoBukumkani naxa sincedisa ekuyigcineni ikwimeko efanelekileyo. (2 Kumkani 22:3-7; 2 Korinte 9:6, 7) Eneneni, “lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.”—Galati 6:10.
25 Asinakuzibona kusengaphambili zonke iimeko ekuya kufuneka sibonakalise ukulunga kuzo. Ngoko ke, njengoko sihlangabezana neemeko ezintsha ezizisa ucelomngeni, masifune ukukhanya eZibhalweni, sithandazele umoya oyingcwele kaYehova size senze konke okusemandleni ukuze senze ukuthanda kwakhe okulungileyo nokugqibeleleyo. (Roma 2:9, 10; 12:2) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kusisikelela ngeyona ndlela njengoko siqhubeka sibonakalisa ukulunga.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Sinokukufeza njani okona kulungileyo?
• Kutheni ukulunga kubizwa ngokuba ‘sisiqhamo sokukhanya’?
• Kutheni ukulunga kubizwa ngokuba ‘sisiqhamo somoya’?
• Kunawuphi umphumo ukuziphatha kwethu kakuhle?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
ILizwi likaThixo nomoya wakhe oyingcwele uyasinceda sibonakalise ukulunga
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukubonakalisa ukulunga kuzisa imiphumo emihle