Nceda Abantu ‘Bavuke Ebuthongweni’
‘Niyalazi ixesha, okokuba sele kulilixa lokuba nivuke ebuthongweni.’—ROMA 13:11.
NGABA UNOKUCHAZA?
Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu ahlale ephaphile ngokomoya?
Xa sikubulungiseleli, kutheni sifanele siphaphe size siphulaphule?
Kutheni sifanele sibe nobubele kubulungiseleli?
1, 2. Abantu abaninzi kufuneka bavuke ngayiphi ingqiqo?
NYAKA NGAMNYE, amawakawaka abantu ayafa ngenxa yokozela okanye ukulala ngoxa eqhuba izithuthi. Abanye baphelelwa yimisebenzi kuba bengafiki ngexesha okanye belala emsebenzini. Kodwa ukozela ngokomoya kunokuba nemiphumo emibi ngakumbi. IBhayibhile isilumkisa ngaloo nto xa isithi: “Unoyolo lowo uhlala ephaphile.”—ISityhi. 16:14-16.
2 Njengoko imini enkulu kaYehova isondela, abantu abaninzi balele ngokomoya. Kwanezinye iinkokeli zeNgqobhoko ziye zabhekisela kumarhamente azo njengaleleyo. Kuthetha ntoni ukulala ngokomoya? Kutheni kubalulekile ukuba amaKristu okwenyaniso ahlale ephaphile? Sinokubanceda njani abanye ukuba bavuke koko kulala?
KUYINTONI UKULALA NGOKOMOYA?
3. Unokumchaza njani umntu ongaphaphanga ngokomoya?
3 Abantu abalalayo badla ngokusoloko betyhafile. Ngokwahlukileyo, abo balalayo ngokomoya basenokuxakeka kakhulu—kungekhona zizinto zokomoya. Basenokuzixakekisa ngamaxhala obomi emihla ngemihla okanye baxakeke kukuzonwabisa, udumo okanye ubutyebi. Ngenxa yazo zonke ezi zinto, abazikhathazi kangako ngeemfuno zabo zokomoya. Noko ke, abantu abaphaphileyo ngokomoya, bayaqonda ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ yaye baxakeke gqitha besenza ukuthanda kukaThixo.—2 Pet. 3:3, 4; Luka 21:34-36.
4. Sithetha ukuthini isiluleko esithi: “Masingalali njengoko abanye besenza”?
4 Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:4-8. Apha umpostile uPawulos ubongoza amanye amaKristu ukuba ‘angalali njengoko abanye besenza.’ Wayethetha ukuthini? Enye indlela esinokulala ngayo kukungayikhathaleli imilinganiselo kaYehova yokuziphatha. Kanti, enye indlela esinokulala ngayo kukungasinanzi isibakala sokuba ixesha likaYehova lokutshabalalisa le nkqubo ingamhloneliyo sele lisemnyango. Simele siqiniseke ukuba abantu abangamhloneli ngolo hlobo uThixo abasiphembeleli ukuba silandele iindlela nezimo zabo zengqondo.
5. Baba naziphi izimo zengqondo abo baleleyo ngokomoya?
5 Abanye abantu bacinga ukuba akakho uThixo onokubagweba ngezenzo zabo. (INdu. 53:1) Abanye bathi uThixo akanamdla ebantwini, ngenxa yoko akukho sizathu sakuba namdla kuye. Kanti abanye bavakalelwa kukuba, ukuba ngamalungu ecawa kuya kubenza abahlobo bakaThixo. Bonke aba bantu balele ngokomoya. Kufuneka bevukile. Sinokubanceda njani?
SIMELE SIHLALE SIPHAPHILE
6. Kutheni amaKristu emele azame ukuhlala ephaphile ngokomoya?
6 Ukuze sikwazi ukuvusa abanye abantu, kufuneka kuvuke thina kuqala. Sinokwenza ntoni ukuze sihlale siphaphile? ILizwi likaThixo linxulumanisa ukulala ngokomoya ‘nemisebenzi yobumnyama’—iziyunguma, iindywala, iintlobano zesini ezingavumelekanga, ihambo evakalala, iimbambano nekhwele. (Funda eyabaseRoma 13:11-14.) Ukuphepha ukuziphatha ngolo hlobo kunokuba lucelomngeni. Kufuneka ukuba siphaphe. Umqhubi wemoto obuthatha lula ubungozi bokulala ngoxa eqhuba, unokubeka ubomi bakhe esichengeni. Kubaluleke gqitha ukuba umKristu aqonde ukuba, ukulala ngokomoya kunokumenzakalisa!
7. Imbono yabantu ephosakeleyo inokusichaphazela njani thina?
7 Ngokomzekelo, umKristu unokuzixelela ukuba bonke abantu abakwintsimi akuyo, abazifuni iindaba ezilungileyo yaye abasayi kuze batshintshe. (IMize. 6:10, 11) Unokuqiqa ngelithi: ‘Ndisazidubela ntoni, ndibanceda ngenzondelelo xa kungekho mntu uza kuba nomdla?’ Liyinyaniso elokuba, kusenokwenzeka ukuba abaninzi ngoku balele ngokomoya, kodwa iimeko nezimo zabo zengqondo zisenokutshintsha. Abanye bayavuka baze babe nomdla. Yaye sinokubanceda ukuba nathi, sizama iindlela ezintsha zokuvakalisa isigidimi soBukumkani ngendlela ebangel’ umdla. Ukongezelela ekuhlaleni siphaphile simele sisoloko sizikhumbuza isizathu sokubaluleka kobulungiseleli bethu.
YINTONI EYENZA UBULUNGISELELI BETHU BUBALULEKE?
8. Kutheni ubulungiseleli bethu njengamaKristu bubalulekile?
8 Khumbula ukuba, enoba abantu basabela njani ngoku, ukushumayela kwethu kuzukisa uYehova yaye kudlala indima ephambili ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo. Kungekudala, abo bangasithobeliyo isigidimi seendaba ezilungileyo baya kugwetywa. Abantu baya kugwetywa ngokwendlela abasabela ngayo xa sishumayela. (2 Tes. 1:8, 9) Ukongezelela, bekuya kuba yimpazamo ngamaKristu ukucinga ukuba, ukushumayela ngokuzimisela akuyomfuneko kuba “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZe. 24:15) Siyaqonda ukuba, ngokutsho kweLizwi likaThixo, abo baya kugwetywa ‘njengeebhokhwe’ baya kuya “kwintshabalalo engunaphakade.” Ukushumayela kwakho kubonisa inceba kaThixo, kuvulela indlela abantu ukuba batshintshe baze bafumane ‘ubomi obungunaphakade.’ (Mat. 25:32, 41, 46; Roma 10:13-15) Ukuba besingashumayeli, abantu bebeya kulifumana phi ithuba lokuva isigidimi sobomi?
9. Ukuba nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kukuncede njani wena nabanye abantu?
9 Kwakhona, xa sishumayela iindaba ezilungileyo kungenelwa kwathina. (Funda eyoku-1 kuTimoti 4:16.) Ngaba ukhe waphawula ukuba, xa uthetha ngoYehova nangethemba loBukumkani, ukholo lwakho luyomelela uze umthande ngakumbi uThixo? Ngaba oko akukuncedanga ukuba uhlakulele iimpawu zamaKristu? Ngaba ukubonisa ukuzinikela kwakho kuThixo ngokuba nesabelo kubulungiseleli, akukwenzi wonwabe ngakumbi? Abantu abaninzi abaye banelungelo lokufundisa abanye inyaniso, baye banovuyo lokubona umoya kaThixo unceda abo bantu baphucule indlela abaphila ngayo.
YIBA NELISO ELIBUKHALI
10, 11. (a) UYesu noPawulos baba nalo njani iliso elibukhali? (b) Yenza umzekelo ngendlela ukuba neliso elibukhali, okunokubuphucula ngayo ubulungiseleli bethu.
10 Umdla abanawo abantu kwiindaba ezilungileyo, unokuvuselelwa ngeendlela ezininzi. Ngenxa yoko, abalungiseleli abangamaKristu bamele babe neliso elibukhali. Umzekelo omhle kule nkalo nguYesu. Njengoko wayefezekile, wakwazi ukubona umFarisi onomsindo, inguquko enyanisekileyo yebhinqa elonileyo kwakunye nomoya wokuzincama womhlolokazi. (Luka 7:37-50; 21:1-4) UYesu wayenokwanelisa iimfuno zokomoya zomntu ngamnye. Noko ke, akuyomfuneko ukuba umkhonzi kaThixo afezeke ukuze abe neliso elibukhali. Umzekelo woko ngumpostile uPawulos. Wenza isigidimi sakhe salungela iindidi zabantu ezahlukahlukeneyo nezinezimo zengqondo ezahlukahlukeneyo.—IZe. 17:22, 23, 34; 1 Kor. 9:19-23.
11 Ngokuzama ukuphapha nokuba neliso elibukhali njengoYesu noPawulos, sinokuqonda eyona ndlela ibhetele yokuvuselela umdla kwabo sidibana nabo. Ngokomzekelo, ngoxa usiya kuthetha nabantu, jonga izinto ezibonisa uhlanga abalulo, izinto abanomdla kuzo, enoba baneentsapho okanye abanazo kusini na. Mhlawumbi unokujonga oko bakwenzayo xa ufika uze uthi gqabagqaba nje ngako njengoko uqalisa incoko.
12. Xa sisentsimini, kutheni sifanele sizilumkele izinto esizithethayo?
12 Umntu oneliso elibukhali uye azame ukuziphepha izinto eziza kumphazamisa. Ngoxa sikubulungiseleli, ukuncokola nomntu esihamba naye kunokuba lukhuthazo. Sekunjalo, simele sikhumbule ukuba injongo yethu yokuba kubulungiseleli, kukushumayela kwabanye. (INtshu. 3:1, 7) Ngoko kufuneka siqiniseke ukuba iincoko zethu aziphazamisani nobulungiseleli bethu. Eyona ndlela ifanelekileyo yokwenza oku kukuthetha ngendlela esiza kushumayela ngayo kubantu esidibana nabo. Nangona iselfowuni inokusinceda maxa wambi ukuze sikwazi ukubufeza ngokuphumelelayo ubulungiseleli bethu, sifanele sizame ukuqinisekisa ukuba ukukhala kwayo akuyiphazamisi incoko yethu nomninimzi.
YIBA NOMDLA
13, 14. (a) Sinokuyibona njani into anomdla kuyo umntu? (b) Yintoni enokuvuselela umdla wabantu kwizinto zokomoya?
13 Kubalulekile ukubaphulaphula ngenyameko abantu esidibana nabo entsimini. Yiyiphi imibuzo onokuyibuza kubantu abakwintsimi okuyo, enokubenza ukuba bachaze oko bakucingayo? Ngaba baxhalatyiswa kukubakho kweecawa ezininzi, ubundlobongela ekuhlaleni okanye ukusilela koorhulumente? Ngaba unganceda abanye ukuba bafunde ngoThixo njengoko uthetha ngendalo emangalisayo okanye indlela icebiso leBhayibhile elisinceda ngayo? Uninzi lwabantu luwuxabisile umthandazo, nkqu nabo bangakholelwayo kubukho bukaThixo. Abaninzi bayazibuza enoba ukho na umntu ophulaphula imithandazo. Abanye basenokuba nomdla kwimibuzo enjengale: Ngaba uThixo uyayiphulaphula yonke imithandazo? Ukuba kunjalo, yintoni esimele siyenze ukuze siviwe nguThixo?
14 Sinokufunda indlela yokuqalisa incoko ngokubukela kubavakalisi abanamava ngobulungiseleli. Funda ubuchule babo bokuphepha ukuba ngathi bayaphanda okanye ukungena izinto ezikude kubo. Imvakalo-zwi yabo nembonakalo yobuso iwuchaza njani umdla abanawo wokuqonda izimvo zomninimzi?—IMize. 15:13.
UBUBELE NOBUCHULE
15. Kutheni sifanele sibe nobubele xa sisenza umsebenzi wokushumayela?
15 Ngaba ungathanda ukuvuswa ukobunzulu ubuthongo? Abanye abasabeli kakuhle xa bevuswe ngesiquphe. Kusoloko kucetyiswa ukuba usebenzise ubuchule xa uvusa umntu. Kunjalo ke nangemigudu yokuvusa abantu ngokomoya. Ngokomzekelo, ukuba umntu uba nomsindo ngenxa yokuba umtyelele, yiyiphi eyona ndlela ofanele usabele ngayo? Yiba nobubele uze ubonise uxabiso ngendlela avakalelwa ngayo, umbulele ngokuthetha phandle uze umshiye ngoxolo. (IMize. 15:1; 17:14; 2 Tim. 2:24) Ububele bakho bunokumenza loo mntu awamkele amaNgqina xa ephinda emtyelela.
16, 17. Sinokukusebenzisa njani ukuqonda kubulungiseleli bethu?
16 Kwezinye iimeko, usenokukwazi ukumelana nenkcaso. Omnye usenokuthi, “Hayi enkosi. Ndinecawa yam” okanye athi, “Andinamdla” kuba nje efuna ukuphelisa incoko. Sekunjalo, ukuba nobuchule nobubele kunokukwenza ubuze umbuzo onokumenza umninimzi abe nomdla kwisigidimi sethu seBhayibhile.—Funda eyabaseKolose 4:6.
17 Maxa wambi, xa sidibana nabantu abathi baxakeke kakhulu ukuba bangasiphulaphula, kunokuba kuhle ukuyiqaphela imeko size sihambe. Noko ke, ngelinye ixesha usenokubona ukuba ungakwazi ukubetha koomofu. Ngaphantsi nje komzuzu—abanye abazalwana bayakwazi ukvula iBhayibhile, bafunde umbhalo obangel’ umdla baze ngaphambi kokuba bamshiye umninimzi bambuze umbuzo abaza kuwuphendula kwixesha elizayo—yonke loo nto beyenza kwisithuba esingaphantsi komzuzu. Le ntshumayelo imfutshane iye isebenze ize ibangele umninimzi abone ukuba akaxakekanga kangako ukuba angangaphulaphuli. Mhlawumbi ungazama ukwenjenjalo kwixesha elizayo xa kuvela ithuba.
18. Yintoni esinokuyenza ukuze sibe nemiphumo emihle ekunikeleni ubungqina obungacwangciswanga?
18 Ukuba sihlala sikulungele ukunikela ubungqina obungacwangciswanga, sinokunceda abantu esidibana nabo ukuba babe nomdla kuThixo. Abazalwana noodade abaninzi bafaka iimpapasho ezipokothweni nasezibhegini zabo. Kwakhona banokulungiselela isibhalo esithile abanokuthetha ngaso kwabanye xa ithuba livela. Unokucela amacebiso kumveleli wenkonzo okanye uvulindlela okwibandla okulo ngendlela onokukwenza ngayo oko.
UKUZIVUSA NGOBUCHULE IZALAMANE ZETHU
19. Kutheni singamele siyeke ukwenza imigudu yokunceda izalamane zethu?
19 Sonke siyakufuna ukunceda izalamane zethu zamkele iindaba ezilungileyo. (Yosh. 2:13; IZe. 10:24, 48; 16:31, 32) Ukuba xa siqala ukuthetha nazo azisamkeli, kusenokuba nzima ukuphinda sishumayele kuzo. Sisenokuvakalelwa kukuba akukho nto ingako sinokuyenza ukutshintsha iingqondo zazo. Sekunjalo, iziganeko zinokubutshintsha ubomi bezalamane zakho okanye imbono yazo. Okanye kusenokwenzeka ukuba uye waphucula kwindlela oyichaza ngayo inyaniso yaye oku kusenokukunceda ube nemiphumo emihle.
20. Sinokuyibonisa njani imbeko xa sinikela ubungqina kwizalamane zethu?
20 Simele siyikhathalele indlela ezivakalelwa ngayo izalamane zethu. (Roma 2:4) Kutheni singakhe sithethe nazo ngembeko, kanye ngendlela esenza ngayo kwabanye abantu esidibana nabo xa sishumayela? Thetha nazo ngobulali nangentlonelo. Ungadanga uthethe ngokungathi uyazishumayeza, nikela ubungqina ngendlela inyaniso eye yakunceda ngayo wena. (Efe. 4:23, 24) Yenze icace indlela aye wakusikelela ngayo uYehova, ‘ekufundisa ngendlela eyingenelo kuwe.’ (Isa. 48:17) Xa zikujongile, izalamane zakho mazibone umzekelo omhle wendlela amele aphile ngayo amaKristu.
21, 22. Yenza umzekelo obonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuqhubeka sinceda izalamane zethu zifunde ngoYehova.
21 Kutshanje omnye udade ukhe wabhala wathi: “Bendisoloko ndizama ukunikela ubungqina kubantakwethu noodadewethu abali-13 ngokuthetha nabo nangehambo yam. Ndibhalela ngamnye kubo nyaka ngamnye. Sekunjalo, kudlule iminyaka engama-30, indim ndedwa iNgqina ekhaya.”
22 Lo dade walek’ umsundulo esithi: “Ngenye imini ndafowunela omnye usisi wam ohlala kude. Wandichazela ukuba ucele umfundisi wakhe ukuba amfundise iBhayibhile, kodwa akakhange ayenze loo nto. Xa ndathi kuye ndingakuvuyela ukumnceda wathi: ‘Kulungile, kodwa ndifuna wazi ukuba: Andisoze ndibe liNgqina likaYehova mna.’ Emva kokumthumelela incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, ndamfowunela rhoqo emva kweentsuku ezimbalwa. Kodwa wayengekayityhili nokuyityhila loo ncwadi. Ekugqibeleni ndamcela ukuba eze nencwadi yakhe yaye kangangemizuzu nje eli-15 ngoxa sisefowunini sasifunda size sixubushe ezinye zezibhalo ezicatshuliweyo. Emva kokumane ndimfowunela, wafuna ukufunda ngaphezu kwemizuzu eli-15. Maxa wambi, ngaphambi kokuba ndivuke yaye ngamanye amaxesha kabini ngosuku wayendifowunela ukuze sifunde. Kunyaka owalandelayo wabhaptizwa yaye kunyaka owalandela lowo waqalisa ukuba nguvulindlela.”
23. Kutheni sifanele siqhubeke sizama ukunceda abantu bavuke ebuthongweni bokomoya?
23 Kufuneka sisebenzise ubuchule ukuze sincede abantu bavuke ebuthongweni bokomoya. Basebaninzi abantu abayamkelayo inyaniso. Ngokomlinganiselo, bangaphezu kwama-20 000 nyanga nganye abantu ababhaptizwayo babe ngamaNgqina kaYehova. Ngoko sifanele silandele icebiso umpostile uPawulos awalinika uArkipo: “Hlala ubuphaphele ubulungiseleli owabamkelayo eNkosini, ukuze ubuzalisekise.” (Kol. 4:17) Inqaku elilandelayo liza kusinceda sonke ukuba sikuqonde oko kuthethwa kukushumayela ngemvo yongxamiseko.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
INDLELA YOKUZIGCINA UPHAPHILE
▪ Hlala uxakekile usenza ukuthanda kukaThixo
▪ Yiphephe imisebenzi yobumnyama
▪ Khumbula ingozi yokuba sebuthongweni ngokomoya
▪ Hlala unesimo sengqondo esihle ngabantu abakwintsimi okuyo
▪ Zama iindlela ezintsha zokushumayela kwabanye
▪ Khumbula ukubaluleka kobulungiseleli bakho