Ngaba Ufanele Wenze Into Oyithandayo Enoba Sekutheni?
ABANTWANA ababini bayadlala. Omnye uxhwila into yakhe yokudlala komnye aze akhale athi, “Yinto yam le!” Abantu abangafezekanga baqala besebancinane ukuba nomlinganiselo othile wokuzingca. (Gen. 8:21; Roma 3:23) Lilonke nje ihlabathi, lizaliswe ngumoya kaNdim-phambili. Ukuze siwuphephe ke lo moya, simele silwe ngamandla nokuzingca. Ukuba asenzi ngolo hlobo, iya kuba lula into yokukhubekisa abanye nto leyo enokonakalisa ulwalamano esinalo noYehova.—Roma 7:21-23.
Ebethelela ukubaluleka kokujonga indlela izinto esizenzayo ezibachaphazela ngayo abanye, umpostile uPawulos wakha wathi: “Zonke izinto zisemthethweni; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo. Zonke izinto zisemthethweni; kodwa asizizo zonke izinto ezakhayo.” Kanti waleka ngelithi: “Kuphepheni ukuba zizikhubekiso.” (1 Kor. 10:23, 32) Ngoko ke, kwimiba efuna ukhetho kuya kuba bubulumko ukuzibuza oku: ‘Ngaba ndikulungele ukuncama izinto ezithile endizithandayo ukuze ndilondoloze uxolo lwebandla? Ngaba ndikulungele ukuthobela imigaqo yeBhayibhile enoba kumnyam’ entla?’
Ekukhetheni Umsebenzi Wempangelo
Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukukhetha umsebenzi wempangelo kusisigqibo sobuqu esingabachaphazeli nganto abanye abantu. Cinga nje ngomnye usomashishini owayehlala kwidolophana ekuMzantsi Merika. Wayedume ngokungcakaza nokunxila. Noko ke, ngenxa yokuba wayefunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wenza inkqubela ngokomoya waza watshintsha indlela awayephila ngayo. (2 Kor. 7:1) Xa wathi ufuna ukushumayela esidlangalaleni nebandla, ngobuchule omnye umdala wamkhuthaza ukuba akhe ahlolisise umsebenzi wakhe wempangelo. Kwakusele kulithuba le ndoda ithengisa utywala obenziwe ngommoba, ekwenziwa izinto ezininzi ngabo kodwa kuloo mmandla budla ngokuxutywa nezinye iziselo yaye eyona njongo yokuselwa kwabo kukunxila.
Le ndoda yaqonda ukuba, ukuba ishumayela esidlangalaleni ize iqhubeke ithengisa obu tywala, oku kuya kungcolisa igama lebandla yaye kunokonakalisa ulwalamano lwayo noThixo. Nangona yayisondla intsapho yayo enkulu, yayeka ukuthengisa obu tywala. Ngoku yondla intsapho ngokuthengisa izinto ezenziwe ngephepha. Le ndoda, inkosikazi yayo nababini kubantwana babo abahlanu sele bebhaptiziwe. Bashumayela iindaba ezilungileyo ngokuzimisela benenkululeko yokuthetha.
Ekukhetheni Abahlobo
Ngaba ukunxulumana nabantu abangengomaKristu okwenyaniso kungumbandela wokuzikhethela okanye kubandakanya imigaqo yeBhayibhile? Omnye udade wayefuna ukuya ethekweni nomfana ongeloNgqina. Nakuba walunyukiswayo ngeengozi zokwenza loo nto, wavakalelwa kukuba lilungelo lakhe ukwenjenjalo waza waya kwelo theko. Efika nje apho, wanikwa isiselo esinesiyobisi esinamandla. Wavuka emva kweeyure eziliqela waza wafumanisa ukuba uye wadlwengulwa nguloo mfana wayezenza umhlobo wakhe.—Thelekisa iGenesis 34:2.
Nakuba ukunxulumana nabantu abangakholwayo kusenokungasoloko kuphelela kwintlekele enjalo, iBhayibhile isilumkisa ngelithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye, kodwa osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMize. 13:20) Ngaphandle kwamathandabuzo, ukukhetha izinxulumani ezibi kusibeka engozini! IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle, kodwa abangenamava bayadlula baze bafumane isohlwayo.” Abantu esinxulumana nabo banokonakalisa thina nolwalamano lwethu noThixo.—1 Kor. 15:33; Yak. 4:4.
Kwindlela Yokunxiba Neyokuzilungisa
Izimbo neendlela zokunxiba zitshintsha mihla le. Noko ke, imigaqo yeBhayibhile engokunxiba nokuzilungisa ayiguquguquki. UPawulos wabongoza amabhinqa angamaKristu ukuba “azihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo,” mgaqo lowo osebenza ngendlela efanayo nakumadoda. (1 Tim. 2:9) UPawulos wayengabeki imilinganiselo engqongqo yokunxiba, engatsho nokuthi amaKristu afanele anxibe ngendlela efanayo. Kodwa kuthekani ngokuthozama? Esinye isichazi magama sithi ukuthozama kuthetha “ukungabi nakratshi okanye impakamo . . . ukunxiba ukuthetha okanye ukuziphatha ngendlela efanelekileyo.”
Kufuneka sizibuze oku: ‘Ngaba nyhani ndingathi ndithozamile ukuba ndima ngelithi ndinelungelo lokunxiba ngendlela eza kuphazamisa abantu abandijongileyo? Ngaba indlela endinxiba ngayo yenza abantu bangandiqondi kakuhle okanye bathandabuze imilinganiselo endiphila ngayo?’ Sinokukuphepha “ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela” kule nkalo ‘ngokunyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo [zethu] zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’—2 Kor. 6:3; Fil. 2:4.
Kwimiba Yoshishino
Xa kwavela imiba enzulu ephathelele ukuqhubana ngobuqhetseba kwibandla laseKorinte, uPawulos wabhala wathi: “Kutheni kunoko ningaziyekeli nenziwe ububi? Kutheni kunoko ningaziyekeli niqhathwe?” UPawulos waluleka amaKristu esithi afanele akulungele ukulahlekelwa kokuthile kunokusa abazalwana bawo ezinkundleni. (1 Kor. 6:1-7) Omnye umzalwana waseUnited States wasisebenzisa esi siluleko. Wayengavisisani nomqeshi wakhe ongumKristu ngenxa yokuba wayenemali awayengekamhlawuli yona. Belandela ulwalathiso lweZibhalo, aba bazalwana bahlanganisana ngokuphindaphindiweyo kodwa bengade bayicombulule le ngxaki. Ekugqibeleni, lo mcimbi bawusa ‘ebandleni,’ elimelwa ngabadala abangamaKristu.—Mat. 18:15-17.
Okubuhlungu kukuba, lo mcimbi awuzange ukwazi ukuconjululwa. Emva kokuthandaza ngokuzingisileyo, lo mqeshwa wagqiba kwelokuba ancame imali eninzi awayevakalelwa kukuba kusafuneka eyihlawuliwe. Ngoba? Kamva wathi, “Le ngxwabangxwaba yayindenza ndingonwabi ibe yayisitya ixesha elininzi elalinokusetyenziswa kwizinto zokomoya.” Emva kokwenza eso sigqibo, lo mzalwana waphinda wonwaba waza wayibona intsikelelo kaYehova kwinkonzo yakhe.
Kwanakwizinto Ezincinane
Ukungabambeleli kukuthanda kwethu kusenza sifumane iintsikelelo nakwizinto ezincinane. Ngosuku lokuqala lwendibano yesithili, esinye isibini esitshatileyo esingoovulindlela safika kwangethuba saza sazibekela izihlalo kwindawo esiyithandayo. Njengoko ucwangciso luqalisa, intsapho enkulu enabantwana abaninzi yangena apho sele kugcwele. Xa esi sibini saphawula ukuba le ntsapho ifuna indawo yokuhlala, sayincamela izihlalo zaso. Loo nto yenza ukuba le ntsapho ikwazi ukuhlala ndawonye. Kwiintsuku ezimbalwa emva kwendibano, aba vulindlela bafumana ileta yombulelo evela kule ntsapho. Kule leta yayichaza indlela eyayikhathazeke ngayo kukufika sele iqalile indibano. Oko kukhathazeka kwatshintsha kwaba luvuyo nombulelo ngenxa yobubele besi sibini singoovulindlela.
Xa kuvela ithuba, masikulungele ukuncama izinto esizithandayo ngenxa yabanye. Xa sibonisa uthando ‘olungafuni ezalo izilangazelelo,’ siya kulondoloza uxolo ebandleni naphakathi kwabamelwane bethu. (1 Kor. 13:5) Kodwa ngaphezu kwako konke, siya kulondoloza ubuhlobo bethu noYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ngaba ukulungele ukuncama iimpahla ezithile ozithandayo?
[Umfanekiso okwiphepha 20, 21]
Ngaba ukulungele ukuncamela umzalwana wakho isihlalo?