IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 5/15 iphe. 25-30
  • ‘Nyamezela Ububi’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Nyamezela Ububi’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Wayesile Kodwa Ngenxa Yokulahlekiswa
  • Wayenobulali Kodwa Enesibindi
  • Ukuzibamba Entsatsheni
  • Isiluleko Kuwo Onke AmaKristu
  • Ngaba Banokutshintsha Abo Benza Izinto Ezimbi?
    Funda Kumfundisi Omkhulu
  • Umtshutshisi Ubona Ukukhanya Okukhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ibandla ‘Laba Seluxolweni’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • UYesu Ukhetha USawule
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 5/15 iphe. 25-30

‘Nyamezela Ububi’

“Ikhoboka leNkosi akufuneki lilwe, kunoko kufuneka lithantamise kubo bonke, . . . linyamezela ububi.”—2 TIMOTI 2:24.

1. Xa sikumsebenzi wamaKristu, yintoni eyenza sidibane nabantu abangqwabalala maxa wambi?

USABELA njani xa udibana nabantu abangakufuniyo okanye abangafuni oko ukumeleyo? Xa wayechaza imihla yokugqibela, umpostile uPawulos wathi, abantu baya kuba ‘ngabanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela.’ (2 Timoti 3:1-5, 12) Unokudibana nabantu abanjalo xa ukubulungiseleli okanye kwimisebenzi ethile.

2. Ziziphi izibhalo ezinokusinceda sihlangabezane ngobulumko nabantu abangqwabalala?

2 Asingabo bonke abantu abathetha kakubi abangenamdla koko kulungileyo. Ubunzima okanye uxinezeleko lusenokubangela abantu bagqajukelwe ngumsindo kuye nabani okufuphi. (INtshumayeli 7:7) Abanye basabela njalo kuba behlala yaye bexelenga kwindawo ekugquba intetho ekrwada. Oku akwenzi loo ntetho yamkeleke kumaKristu, kodwa kuwanceda aqonde isizathu sokuba abantu bayisebenzise. Simele sisabele njani kwintetho enjalo? IMizekeliso 19:11 ithi: “Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo.” Wona amaRoma 12:17, 18 anikela eli cebiso: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”

3. Ukuba noxolo kudibana njani nesigidimi esisishumayelayo?

3 Ukuba sinoxolo ngokwenene, oku kuya kubonakala kwisimo sengqondo sethu. Kuya kubonakala koko sikuthethayo nakoko sikwenzayo, mhlawumbi ebusweni nakumazwi ethu. (IMizekeliso 17:27) Xa wayethumela abapostile bakhe ukuba baye kushumayela, uYesu wabaluleka wathi: “Xa ningena endlwini, ze nibabulise abakuloo ndlu [“yinqweneleleni uxolo loo ndlu,” iThe New English Bible]; yaye ukuba indlu leyo iyafaneleka, uxolo eniyinqwenelela lona malube kuyo; kodwa ukuba ayifaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni.” (Mateyu 10:12, 13) Isigidimi sethu ziindaba ezilungileyo. IBhayibhile isibiza ngokuthi ‘ziindaba ezilungileyo zoxolo,’ ‘iindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo,’ nokuthi “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani.” (Efese 6:15; IZenzo 20:24; Mateyu 24:14) Injongo yethu asikokugxeka iinkolelo zomnye okanye ukuphikisana naye ngeembono zakhe, kunoko kukwabelana naye ngeendaba ezilungileyo zeLizwi likaThixo.

4. Yintoni onokuyithetha kumntu othi ungekamxeleli nento oze ngayo abe sele esithi “Andinamdla”?

4 Engekeva nokuba uthini na, umninimzi usenokudubuleka athi: “Andinamdla.” Kwiimeko ezininzi usenokuthi: “Ndingakuvuyela ukufunda isibhalo nje sibe sinye seBhayibhile.” Usenokuvuma koko. Kwezinye iimeko kunokuba kuhle ukuthi: “Bendinomdla wokuthetha nawe ngexesha xa ukungabikho kokusesikweni kuya kube kungasekho bonke abantu beya kufunda ukuthandana.” Ukuba nalapho akafuni kuva nento le, usenokuthi: “Ndiyabona ukuba sikufikele ngexesha elibi mhlawumbi siya kuphinda sizame ithuba elifanelekileyo.” Xa umninimzi engasabeli kakuhle, ngaba sifanele sigqibe ekubeni ‘akafaneleki’? Kungakhathaliseki ukuba usabela kanjani, khumbula ukuba iBhayibhile ithi ‘kufuneka sithantamise kubo bonke, sinyamezele ububi.’—2 Timoti 2:24.

Wayesile Kodwa Ngenxa Yokulahlekiswa

5, 6. USawule wabaphatha njani abalandeli bakaYesu, ibe wayekwenzela ntoni oko?

5 Kwinkulungwane yokuqala kwakukho indoda enguSawule eyayidume ngokuba ngqwabalala, nangogonyamelo. IBhayibhile ithi ‘wayebafuthela ngesisongelo nokubabulala abafundi beNkosi.’ (IZenzo 9:1, 2) Kamva wavuma ukuba ‘wayengumnyelisi umtshutshisi nomntu osileyo.’ (1 Timoti 1:13) Nakuba kunokwenzeka ukuba zikho izalamane zakhe ezazisele zingamaKristu, wathi ngesimo sengqondo awayenaso ngabalandeli bakaKristu: “Ekubeni ndandinengcwangu ngakubo, ndandide ndiye kubatshutshisa kwanakwizixeko ezingaphandle.” (IZenzo 23:16; 26:11; Roma 16:7, 11) Akukho nto ibonisa ukuba abafundi bazama ukuxambulisana noSawule esidlangalaleni ngoxa wayesenjalo.

6 Kwakutheni ukuze uSawule aziphathe ngolo hlobo? Kwiminyaka ethile kamva wathi: “Ndandisenza ngokungazi, ndiswele ukholo.” (1 Timoti 1:13) WayengumFarisi, efundiswe “ngokobungqongqo boMthetho wamanyange.” (IZenzo 22:3) Nakuba kucaca ukuba umfundisi kaSawule uGamaliyeli wayengumntu ophangaleleyo, yena umbingeleli omkhulu uKayafa, awaqhogana naye uSawule wayenenzondelelo yempambano. UKayafa wayephambili kwiyelenqe lokubulala uYesu Kristu. (Mateyu 26:3, 4, 63-66; IZenzo 5:34-39) Emva koko, uKayafa waqinisekisa ukuba abapostile bakaYesu batywatyushwa kanobom, ibe wabayalela ngokungqongqo ukuba bayeke ukushumayela ngegama likaYesu. UKayafa nguye owayebamb’ iintambo kwiSanhedrin xa abantu ababevath’ iqaqa bathabath’ uStefano bamxuluba ngamatye. (IZenzo 5:27, 28, 40; 7:1-60) USawule wayebukele ukwenzeka koko, yaye uKayafa wamnika igunya lokuqhubeka nemigudu yokutshayela abalandeli bakaYesu aya kubabopha eDamasko. (IZenzo 8:1; 9:1, 2) Ngenxa yale mpembelelo, uSawule wayecinga ukuba uzondelela uThixo xa esenza ezo zinto, kodwa enyanisweni wayeswele ukholo lokwenene. (IZenzo 22:3-5) Ngenxa yoko, uSawule akazange aqonde ukuba uYesu wayenguMesiya wokwenene. Kodwa uSawule wabuyela ezingqondweni xa uYesu ovusiweyo wathetha naye ngendlela engummangaliso kwindlela eya eDamasko.—IZenzo 9:3-6.

7. Kwenzeka ntoni kuSawule emva kokuba edibene noYesu kwindlela eya eDamasko?

7 Kamsinya emva koko, kwathunyelwa umfundi uAnaniyas ukuba aye kunikela ubungqina kuSawule. Ngewawuvumile wena ukuya apho? UAnaniyas wayesoyika, kodwa wathetha ngobubele noSawule. USawule wayeguqukile kwisimo sengqondo sakhe emva kokudibana noYesu ngendlela engummangaliso kwindlela eya eDamasko. (IZenzo 9:10-22) Waziwa ngokuba ngumpostile uPawulos, umvangeli wasemazweni ongumKristu onenzondelelo.

Wayenobulali Kodwa Enesibindi

8. UYesu wasibonisa njani isimo sengqondo sikaYise ngabantu ababenze izinto ezimbi?

8 UYesu wayengumvakalisi woBukumkani onenzondelelo enobulali kodwa enesibindi. (Mateyu 11:29) Wabonisa umoya kaYise wasezulwini, obongoza abangendawo ukuba bashiye iindlela zabo ezimbi. (Isaya 55:6, 7) Kwindlela awayephatha ngayo aboni, uYesu wayebona xa bephucula, aze abakhuthaze abanjalo. (Luka 7:37-50; 19:2-10) Kunokugweba abanye ngembonakalo yangaphandle, njengoYise uYesu wayeba nobubele, umonde nokuzeka kade umsindo enethemba lokuba baya kuguquka. (Roma 2:4) Kukuthanda kukaYehova ukuba abantu bazo zonke iintlobo baguquke baze basindiswe.—1 Timoti 2:3, 4.

9. Yintoni esinokuyifunda kwindlela incwadi kaIsaya 42:1-4 eyazaliseka ngayo kuYesu?

9 Echaza indlela uYehova amjonga ngayo uYesu Kristu, umbhali weVangeli uMateyu ucaphula la mazwi esiprofeto: “Khangela! Umkhonzi wam endimnyulileyo, intanda yam, lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam! Ndiza kufaka umoya wam kuye, yaye okusesikweni uya kukwenza kucace ezintlangeni. Akayi kudala ingxabano, okanye adanduluke kakhulu, kungekho nabani na oya kuliva ilizwi lakhe kwiindlela eziphangaleleyo. Akukho ngcongolo yaphukileyo aya kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi aya kuwucima, ade akuphumelelise okusesikweni ngempumelelo. Eneneni, iintlanga ziya kuthembela egameni lakhe.” (Mateyu 12:17-21; Isaya 42:1-4) Ngokuvisisana naloo mazwi esiprofeto, uYesu akazange azibandakanye ekuxambulisaneni kwiimpikiswano. Kwanaxa exinezelekile, wayethetha inyaniso ngendlela ebangela umdla kwabo baneentliziyo ezinyanisekileyo.—Yohane 7:32, 40, 45, 46.

10, 11. (a) Nakuba abaFarisi babephakathi kwabachasi abaphambili bakaYesu, yintoni eyenza wanikela ubungqina kwabanye babo? (b) UYesu wayebaphendula njani abachasi bakhe maxa wambi, kodwa yintoni angazange ayenze?

10 Kubulungiseleli bakhe, uYesu wathetha nabaFarisi abaninzi. Nakuba kwakukho abazimisele ukumbambisa ngamazwi, uYesu akazange agqibe ekubeni bonke baneentshukumisa ezimbi. USimon, umFarisi owayethanda ukuhlab’ amadlala ngandlel’ ithile, kuyacaca ukuba wayefuna ukumqwalasela kakuhle uYesu ngoko wammemela kwisidlo. UYesu wasamkela eso simemo waza wanikela ubungqina kwabo babelapho. (Luka 7:36-50) Ngesinye isihlandlo, umFarisi owaziwayo uNikodemo weza kuYesu ngamathunzi obumnyama. UYesu akazange amhlasele ngokulinda kwakhe de kube sebusuku. Kunoko, wanikela ubungqina kuNikodemo ngothando oluboniswe nguThixo ngokuthumela uNyana wakhe ukuze avule ithuba lokusindiswa kwabo babonisa ukholo kuye. Kwakhona ngobubele uYesu wabonisa ukubaluleka kokuthobela ilungiselelo likaThixo. (Yohane 3:1-21) Kamva uNikodemo wathethelela uYesu xa abanye abaFarisi babeyigalela amanzi ingxelo entle ngoYesu.—Yohane 7:46-51.

11 UYesu wayekubona ukuhanahanisa kwabo babezama ukumbambisa. Akazange avumele abachasi bakhe bamtsalele kwiimpikiswano ezingasi ndawo. Kodwa xa kufanelekile, wayephosa impendulo nje emfutshane etsho kuvokotheke ukuze achaze umgaqo othile, esebenzisa umzekeliso, okanye ecaphula isibhalo. (Mateyu 12:38-42; 15:1-9; 16:1-4) Ngezinye izihlandlo, uYesu wayesuka angakhuphi nelimdaka xa ebona ukuba ukuvula umlomo akuzi kunceda nto.—Marko 15:2-5; Luka 22:67-70.

12. Kwanaxa enkqangazwa, uYesu wakwazi njani ukunceda abantu?

12 Maxa wambi, uYesu wayenkqangazwa ngabantu abaqhutywa yimimoya emdaka. Xa kunjalo, wayezibamba ibe wayede asebenzise namandla awaphiwe nguThixo abaphilise. (Marko 1:23-28; 5:2-8, 15) Xa abanye abantu besiba nomsindo baze basinkqangaze kubulungiseleli, nathi kufuneka sizibambe yaye simele sizimisele ukuyicombulula ngobubele nangobulumko imeko enjalo.—Kolose 4:6.

Ukuzibamba Entsatsheni

13. Yintoni ebangela ukuba maxa wambi abantu balichase ilungu lentsapho eliqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova?

13 Ukuzibamba kwabalandeli bakaYesu kudla ngokufuneka kakhulu entsatsheni. Umntu ochukunyiswe ngokwenene yinyaniso yeBhayibhile udla ngokunqwenela ukuba nentsapho yakhe iyamkele. Kodwa uYesu wathi, umntu unokuphathwa kakubi yintsapho yakhe. (Mateyu 10:32-37; Yohane 15:20, 21) Zininzi izizathu ezibangela oku. Ngokomzekelo, ngoxa imfundiso yeBhayibhile inokusinceda sinyaniseke, sikwazi ukusingatha iimbopheleleko yaye sihlonelwe, iZibhalo zifundisa ukuba eyona mbopheleleko yethu kukukhonza uMdali wethu. (INtshumayeli 12:1, 13; IZenzo 5:29) Ilungu lentsapho elivakalelwa kukuba ngandlel’ ithile asithobeli igunya lalo ngenxa yokunyaniseka kwethu kuYehova lisenokukhathazeka. Xa sikulo meko, kubaluleke gqitha ukuba sixelise umzekelo kaYesu wokuzibamba.—1 Petros 2:21-23; 3:1, 2.

14-16. Yintoni eyenza abanye ababekade bechasa amalungu eentsapho zabo batshintshe?

14 Abaninzi ngoku abakhonza uYehova banamaqabane omtshato okanye amalungu entsapho awayekade ebachasa xa babesenza iinguqulelo ukuqala kwabo ukufunda iBhayibhile. Abo bachasayo basenokuba beva kuthethwa kakubi ngamaNgqina kaYehova, babe ke boyikela ukuba oko kuze nempembelelo embi entsatsheni. Kwenzeka ntoni ukuze batshintshe? Kwiimeko ezininzi, undoqo ngumzekelo omhle walowo ukholwayo. Kuba eqhubeka ethobela isiluleko seBhayibhile—ngokuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nenxaxheba kubulungiseleli ngoxa enyamekela iimbopheleleko zentsapho aze azibambe xa egculelwa—maxa wambi inkcaso yentsapho iyadamba.—1 Petros 2:12.

15 Umntu ochasayo usenokungafuni kuva kwanto le ngeBhayibhile ngenxa yentiyo okanye ikratshi. Kwenzeka oko kwenye indoda yaseUnited States eyathi yona ilithanda gqitha ilizwe layo. Ngesinye isihlandlo, ngoxa umfazi wayo esaye kwindibano, yathabatha konke okwayo yahamba. Ukanti kwesinye, yemka ekhaya iphethe umkhonw’ ekati isongela ngokuzibulala. Yatyhola unqulo lo mfazi wayo ngayo nayiphi na into ephum’ ecaleni eyenzayo. Kodwa lo mfazi waqhubeka ethobela isiluleko seBhayibhile. Emva kweminyaka engama-20 eliNgqina likaYehova, nendoda yakhe yaba lilo. EAlbania elinye ibhinqa laba lugcwabevu ngumsindo kuba intombi yalo yafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova yaza yabhaptizwa. Izihlandlo ezili-12 unina wakrazula iBhayibhile yayo. Kwala ke ngenye imini wavula iBhayibhile entsha eyashiywa yintombi yakhe phezu kwetafile. Ngokuzenzekelayo, yavuleka kuMateyu 10:36, ibe unina waqonda ukuba oko kutsho kuye. Sekunjalo, ngenxa yokuxhalabela impilo-ntle yentombi yakhe, wayipheleka ukuya esikhepheni apho yayisiya kuthi ndlela-ntle kumaNgqina awayesiya endibanweni eItali. Wathi unina akubona indlela athandana ngayo, esangana ezaliswe luncumo nokuhleka kwelo qela ngenxa yokonwaba waqala wanyibilika. Kungekudala, wavuma ukufundelwa iBhayibhile. Namhlanje uzimisele ukunceda abanye ababekade bechasa.

16 Ngesinye isihlandlo, omnye umyeni wakhawulela inkosikazi yakhe ephethe imela, eyityabeka ngezityholo njengoko isondela kwiHolo yoBukumkani. Izolile le nkosikazi yaphendula yathi: “Yiza singene ngaphakathi kwiHolo yoBukumkani, uza kuzibonela ngokwakho.” Yangena, ibe ethubeni yaba ngumdala ongumKristu.

17. Xa imeko isiba mbi kwikhaya lomKristu, sisiphi isiluleko seZibhalo esinokuba luncedo?

17 Nokuba yonke intsapho ingamaKristu, kusenokuvela amaxesha apho imeko yentsapho iba mbi de kuphume namazwi angekho mnandi kwaphela ngenxa yokungafezeki. Kubonakala ukuba amaKristu ebandla lamandulo lase-Efese alulekwa kwathiwa: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.” (Efese 4:31) Kucaca ukuba, iimeko awayephila kuzo amaKristu ase-Efese, ukungafezeki kwawo, kwezinye iimeko ikakade lawo, ezi zinto zazinempembelelo kuwo. Yintoni eyayiza kuwanceda atshintshe? Kwakufuneka ‘ahlaziywe amandla engqondo yawo.’ (Efese 4:23) Njengoko efunda eLizwi likaThixo, ecamngca ngendlela elimele liphembelele ngayo ubomi bawo, enxulumana namanye amaKristu yaye ethandaza ngokunyaniseka, isiqhamo somoya kaThixo sasiza kuya sibonakala ngakumbi kubomi bawo. Kwakuza kufuneka afunde ‘ukuba nobubele omnye komnye, abe nemfesane, axolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wawaxolela ngesisa ngaye uKristu.’ (Efese 4:32) Phezu kwako nje oko kwenziwa ngabanye, kufuneka sizibambe, sibe nobubele, uvelwano, sixolele. Ewe, asimele ‘sibuyisele ububi ngobubi nakubani na.’ (Roma 12:17, 18) Ukubathanda ngokwenene abanye sixelisa uThixo kusoloko kuyeyona ndlela ifanelekileyo.—1 Yohane 4:8.

Isiluleko Kuwo Onke AmaKristu

18. Kutheni isiluleko esikweyesi-2 kuTimoti 2:24 sasifanelekile nje kubadala bebandla lamandulo lase-Efese, yaye sinokuwanceda njani onke amaKristu?

18 Isiluleko sokuba ‘sinyamezele ububi’ sibhekiswa kuwo onke amaKristu. (2 Timoti 2:24) Kodwa okokuqala sabhekiswa kuTimoti, ekwakufuneka asifumane xa wayengumdala kwibandla lase-Efese. Bambi kwelo bandla babethetha phandle ngezimvo zabo yaye befundisa izinto ezijijekileyo. Ekubeni babengayiqondi kakuhle injongo yoMthetho kaMoses, babengakuqondi ukubaluleka kokholo, uthando nokuba nesazela esicocekileyo. Ikratshi labangela ukruthakruthwano njengoko babexambulisana ngamazwi, kodwa beyiphosa eyona mfundiso kaKristu nokubaluleka kokuzinikela kuThixo. Ukuze asingathe le meko, uTimoti kwakufuneka abambelele nkqi kwinyaniso yeZibhalo kodwa abathantamise abazalwana bakhe. Njengabadala banamhlanje, wayesazi ukuba asingowakhe loo mhlambi ibe kufuneka aphathe abanye ngendlela eza kukhuthaza uthando nobunye kumaKristu.—Efese 4:1-3; 1 Timoti 1:3-11; 5:1, 2; 6:3-5.

19. Kutheni kubalulekile nje ukuba sonke ‘sifune ululamo’?

19 UThixo ubongoza abantu bakhe ukuba ‘bafune ululamo.’ (Zefaniya 2:3) Igama lesiHebhere elithetha “ululamo” lithetha ukuba kwimeko enceda umntu akwazi ukunyamezela ngomonde, ngaphandle kokucaphuka yaye angaziphindezeli. Akwaba besinokucela uYehova asincede sikwazi ukuzibamba yaye simmele ngokufanelekileyo naphantsi kweemeko ezinzima.

Ufunde Ntoni?

• Xa kukho umntu othetha ukusa kuwe, ziziphi izibhalo ezinokukunceda?

• Kwakutheni ukuze uSawule enze izinto zokusa?

• Umzekelo kaYesu usinceda njani sikwazi ukuziphatha kakuhle zonke iintlobo zabantu?

• Ziziphi iingenelo ezinokubangelwa kukuzibamba kwindlela esithetha ngayo ekhaya?

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Phezu kwayo nje indlela awayesaziwa ngayo uSawule, uAnaniyas wamphatha ngobubele

[Umfanekiso okwiphepha 29]

UmKristu ozinyamekela ngokuthembeka iimbopheleleko zakhe unokuyidambisa inkcaso yentsapho

[Umfanekiso okwiphepha 30]

AmaKristu akhuthaza uthando nobunye

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share