IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/10 iphe. 10-11
  • Iyintoni Imini Yomgwebo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iyintoni Imini Yomgwebo?
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IMini YoMgwebo—Kutheni Ifuneka?
  • UYesu Ugweba “Abaphilayo”
  • Ukugweba “Abafileyo”
  • Akukho Sizathu Sakuyoyika
  • IMini Yomgwebo—Iyintoni?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Imini Yomgwebo—Ixesha Lethemba!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Kuza Kwenzeka Ntoni Ngemini Yomgwebo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Vukani!—2010
g 1/10 iphe. 10-11

Imbono YeBhayibhile

Iyintoni Imini Yomgwebo?

IBhayibhile ithi uThixo “umise imini anenjongo ngayo yokuba agwebe umhlaba omiweyo.” (IZenzo 17:31) Abantu abaninzi abafuni nokuyiva into yokuba baza kugwetywa. Ngaba nawe uvakalelwa ngendlela efanayo?

UKUBA kunjalo, siya kukuthuthuzela isibakala sokuba iMini yoMgwebo iyindlela yothando yokusikelela abantu—kuquka abo bafileyo. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16) Kutheni ifuneka nje iMini yoMgwebo? Yintoni eyona nto iza kwenzeka ngaloo “mini”?

IMini YoMgwebo—Kutheni Ifuneka?

Xa uThixo wabeka abantu emhlabeni, wayengenanjongo yakuwenza indawo yokuvavanya indlela ubomi obuya kuba yiyo kwesinye isijikelezi-langa. Wadala abantu ukuze baphile ngonaphakade emhlabeni. Isibini sokuqala esingabantu samvukela uThixo nakuba sasinemizimba neengqondo ezifezekileyo. Ngenxa yoko, salahlekelwa lithemba lokuphila ngonaphakade saza sabangela ukuba yonke inzala yaso ibe nesono ize ife.—Genesis 2:15-17; Roma 5:12.

IMini yoMgwebo iya kuba yiminyaka eliwaka ekuya kuthi ngayo abantu babe nethuba lokufumana oko kwalahlwa nguAdam noEva.a Phawula ukuba iZenzo 17:31 ezicatshulwe ngasentla zithi iMini yoMgwebo iya kuchaphazela abo baphila ‘kumhlaba omiweyo.’ Abo bamkholisayo uThixo baya kuphila emhlabeni baze baphile ngonaphakade kwimo yokufezeka. (ISityhilelo 21:3, 4) Ngaloo ndlela, iMini yoMgwebo iya kufeza injongo kaThixo awayenayo ntlandlolo ngoluntu nomhlaba.

UMgwebi omiselwe nguThixo nguKristu Yesu. IBhayibhile ithi uYesu uya “kugweba abaphilayo nabafileyo.” (2 Timoti 4:1) Ngoobani “abaphilayo” abaya kugwetywa? Abafileyo bona banokuphinda njani baphile ‘kumhlaba omiweyo’?

UYesu Ugweba “Abaphilayo”

Sele sikufutshane kwisiphelo sale nkqubo yezinto esaxelwa kwangaphambili, apho uThixo eya kutshabalalisa iinkalo ezonakeleyo zebutho labantu kwakunye nabantu abangendawo. Abo basinde kwisiphelo sale nkqubo ‘ngabaphilayo’ abaya kugwetywa.—ISityhilelo 7:9-14; 19:11-16.

Kwelo xesha lomgwebo, eliya kuthabatha iminyaka eli-1 000, uKristu Yesu kwakunye namadoda namabhinqa ali-144 000 avuselwe kubomi basezulwini baya kulawula umhlaba. Baya kuba ngookumkani nababingeleli, besebenzisa idini lentlawulelo likaYesu ukuze ngokuqhubekayo bancede abantu abathembekileyo bafezeke emzimbeni nasengqondweni.—ISityhilelo 5:10; 14:1-4; 20:4-6.

Ebudeni beMini yoMgwebo, uSathana needemon zakhe baya kuthintelwa ekuphembeleleni abantu. (ISityhilelo 20:1-3) Noko ke, ekupheleni kweMini yoMgwebo, uSathana uya kuvunyelwa ukuba avavanye ukunyaniseka komntu ngamnye ophilayo. Abo bahlala benyanisekile kuThixo baya kuba baluphumelele uvavanyo oloyisa uAdam noEva. Baya kugwetywa njengabakufaneleyo ukuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi. Abo bakhetha ukuvukela uThixo baya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo, kunye noSathana needemon.—ISityhilelo 20:7-9.

Ukugweba “Abafileyo”

IBhayibhile ithi ngeMini yoMgwebo, abafileyo baya “kusuka beme.” (Mateyu 12:41) UYesu wathi “liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume, abo benze izinto ezilungileyo beze kuvuko lobomi, abo baqhelisele izinto ezimbi kuvuko lomgwebo.” (Yohane 5:28, 29) Oku akubhekiseli kwimiphefumlo engenamizimba yabo bafileyo. Abafileyo abazi nto konke konke yaye abanamphefumlo ungafiyo. (INtshumayeli 9:5; Yohane 11:11-14, 23, 24) UYesu uya kuvusa abo bafileyo ukuze baphile emhlabeni.

Ngaba ukugwetywa kwabo bavusiweyo kuya kusekelwa koko bakwenzayo ngaphambi kokufa kwabo? Akunjalo. IBhayibhile ifundisa ukuba “lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.” (Roma 6:7) Kanye njengabo baya kube besinde kwisiphelo sale nkqubo, abo bavuselwe ukuphila emhlabeni baya kugwetywa “ngokwezenzo zabo” ngeMini yoMgwebo. (ISityhilelo 20:12, 13) Kuxhomekeka kwimiphumo yezenzo zabo, olu iya kuba luvuko olusa kubomi obungunaphakade okanye uvuko oluya kuphelela kwintshabalalo. Uninzi lwabo baya kuvuswa luya kuthi okokuqala lwazi ngoYehova uThixo nemilinganiselo yobomi. Luya kuba nethuba lokuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo luze lufumane ubomi obungunaphakade emhlabeni.

Akukho Sizathu Sakuyoyika

IMini yoMgwebo ayisayi kuba lixesha lokufundiswa nguThixo kuphela kodwa lelokuba abo baphilayo basebenzise oko bakufundileyo baze basikelelwe ngokwenjenjalo. Khawucinge nje ngendlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuba kunye nabantu abavusiweyo obathandayo ufezeke kunye nabo!

UThixo uya kuvumela uSathana ukuba avavanye ukunyaniseka kwezidalwa ezingabantu ekupheleni kweMini yoMgwebo. Kodwa akukho mfuneko yakuxhalaba okanye soyike. Xa iphela iMini yoMgwebo, bonke abaphilayo baya kuba bekulungele ukumelana novavanyo lokugqibela. Ngaloo ndlela iMini yoMgwebo iya kuba yinxalenye yokuphunyezwa kwenjongo kaThixo yokulungisa imiphumo yokuvukelwa kukaThixo okokuqala kumyezo wase-Eden.

[Umbhalo osemazantsi]

a EBhayibhileni igama elithi “imini” linokubhekisela kumaxesha anobude obahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, funda iGenesis 2:4.

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

● Yintoni iMini yoMgwebo?—IZenzo 17:31.

● Ngoobani abaya kugwetywa?—2 Timoti 4:1.

● Iya kuthabatha ixesha elingakanani iMini yoMgwebo?—ISityhilelo 20:4-6.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]

Khawucinge nje ngendlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuba kunye nabantu abavusiweyo obathandayo

[Imifanekiso ekwiphepha 10]

Phantsi kolawulo lukaKristu, abo bafileyo baya kuvuselwa kwiparadesi esemhlabeni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share