“Bufeze Ngokupheleleyo Ubulungiseleli Bakho”
“Yenze ngokucokisekileyo inkonzo yakho.”—2 TIMOTI 4:5, Byington.
1, 2. Nangona onke amaKristu engabavangeli, ngokweZibhalo yintoni elindelekileyo kubadala?
NGABA ungumvakalisi woBukumkani? Ukuba kunjalo, mbulele uYehova uThixo ngeli lungelo likhulu kangaka. Ngaba ungumdala ebandleni? Elo lilungelo elingakumbi elivela kuYehova. Kodwa asimele silibale ukuba asiyomfundo yethu yehlabathi okanye ubuciko njengezithethi obusenza sifaneleke kubulungiseleli okanye ukongamela ibandla. NguYehova osenza sifanelekele ubulungiseleli, yaye kungenxa yokuba amadoda athile phakathi kwethu aye afaneleka ngokweZibhalo nto leyo ewenza afumane ilungelo lokuba ngabaveleli.—2 Korinte 3:5, 6; 1 Timoti 3:1-7.
2 Onke amaKristu azahluleleyo enza umsebenzi wobuvangeli, kodwa ngokukhethekileyo abaveleli okanye abadala, bafanele babe ngumzekelo omhle kubulungiseleli. UThixo noKristu bayababona abadala ‘abasebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni,’ yaye oku kunjalo nangamanye amaNgqina kaYehova. (1 Timoti 5:17; Efese 5:23; Hebhere 6:10-12) Phantsi kwazo zonke iimeko, imfundiso yomdala ifanele iphile ngokomoya, kuba umpostile uPawulos wamxelela oku uTimoti owayengumveleli: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe; baya kuyifulathela inyaniso, baphambukele kumabali obuxoki. Ke wena, hlala uthe qwa, nyamezela ububi, yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.”—2 Timoti 4:3-5.
3. Yintoni efanele yenziwa ukuze iimfundiso zobuxoki zingalisongeli ibandla ngokomoya?
3 Ukuze kuqinisekwe ukuba iimfundiso zobuxoki azilisongeli ibandla ngokomoya, umveleli umele athobele isiluleko sikaPawulos esithi: “Hlala uphaphile ngandlela zonke, . . . inkonzo yakho yenze ngokucokisekileyo.” (2 Timoti 4:5, Byington) Ewe, umdala ufanele ‘abufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli bakhe.’ Kufuneka abufeze ngokupheleleyo, ngokucokisekileyo, okanye ngokuzeleyo. Umdala obufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bakhe uphumeza zonke iimbopheleleko zakhe, akukho nto ayishiya ingenziwanga okanye ingagqitywanga. Indoda enjalo ithembeke nakwizinto ezincinane.—Luka 12:48; 16:10.
4. Yintoni enokusinceda sibufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli?
4 Ukubufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu akusoloko kufuna ixesha elingakumbi, kodwa kufuna ukuba ixesha lisetyenziswe kakuhle. Ukulungelelana kunokuwanceda onke amaKristu ukuba abufeze ubulungiseleli. Ukuze achithe ixesha elingakumbi kwinkonzo yasentsimini, umdala ufanele akwazi ukuzicwangcisa kakuhle izinto azazi nezinto afanele azabele abanye nendlela yokwenjenjalo. (Hebhere 13:17) Ngokuqhelekileyo, umdala ohlonelwayo uyayifeza indima yakhe, njengoNehemiya, naye owaba nenxaxheba xa kwakuphinda kusakhiwa iindonga zeYerusalem. (Nehemiya 5:16) Yaye bonke abakhonzi bakaYehova bafanele babe nenxaxheba ngokuthe rhoqo emsebenzini wokushumayela ngoBukumkani.—1 Korinte 9:16-18.
5. Sifanele sivakalelwe njani ngobulungiseleli?
5 Hayi indlela ovuyisa ngayo umsebenzi esiwunikiweyo njengabavakalisi boBukumkani obumisiweyo emazulwini! Ngokuqinisekileyo siyalixabisa ilungelo esinalo lokushumayela iindaba ezilungileyo kuwo wonke umhlaba omiweyo ngaphambi kokufika kwesiphelo. (Mateyu 24:14) Nangona singafezekanga, sinokukhuthazwa ngamazwi kaPawulos athi: “Obu buncwane sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.” (2 Korinte 4:7) Ewe, sinokunikela inkonzo eyamkelekileyo—kuphela ngamandla nobulumko obuvela kuThixo.—1 Korinte 1:26-31.
Ukubonakalisa Uzuko LukaThixo
6. Nguwuphi umahluko owabakho phakathi koSirayeli wemvelo nowokomoya?
6 Ethetha ngamaKristu athanjisiweyo, uPawulos uthi uThixo “wasenza sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha.” Lo mpostile uthelekisa umnqophiso omtsha owenziwa noSirayeli wokomoya ngoYesu Kristu nomnqophiso woMthetho omdala owenziwa noSirayeli wokwemvelo ngoMoses. UPawulos wongezelela esithi xa uMoses wehla kwiNtaba yeSinayi ephethe amacwecwe awayebhalwe iMithetho Elishumi, ubuso bakhe babukhazimla kangangokuba amaSirayeli ayengakwazi ukumqwalasela. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, kwenzeka into embi ngakumbi kuba “amandla abo engqondo enziwa buthuntu” yaye isigqubuthelo sagubungela iintliziyo zabo. Noko ke, xa ngenxa yokuzinikela kuphethukelwa kuYehova ngentliziyo iphela, isigqubuthelo siyasuswa. Emva koku, ethetha ngobulungiseleli obunikwe abo bakumnqophiso omtsha, uPawulos uthi: “Thina sonke, silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova.” (2 Korinte 3:6-8, 14-18; Eksodus 34:29-35) “Ezinye izimvu” zikaYesu zanamhlanje nazo zinelungelo lokubonakalisa uzuko lukaYehova.—Yohane 10:16.
7. Abantu banokulubonakalisa njani uzuko lukaThixo?
7 Abantu abanesono banokulubonakalisa njani uzuko lukaThixo, xa kungekho mntu onokububona ubuso bakhe aze aphile? (Eksodus 33:20) Kaloku, ukongezelela kuzuko lukaYehova, unenjongo yakhe ezukileyo ekukuthethelelwa kolongamo lwakhe ngoBukumkani bakhe. Iinyaniso eziphathelele uBukumkani ziyinxalenye ‘yezinto zobungangamela zikaThixo’ ezaqalisa ukuvakaliswa ngabo kwathululelwa umoya oyingcwele phezu kwabo ngePentekoste yowama-33 C.E. (IZenzo 2:11) Ngolwalathiso lomoya, babenokubufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli ababebunikiwe.—IZenzo 1:8.
8. Ngokuphathelele ubulungiseleli, yintoni uPawulos awayezimisele ukuyenza?
8 UPawulos wayezimisele ukungavumeli nantoni na imthintele ekuzaliseni ubulungiseleli bakhe ngokuzeleyo. Wabhala esithi: “Ekubeni sinobu bulungiseleli ngokwenceba esayenzelwayo, asethi mandla; sisuka sizilahle izinto ezifihlakeleyo ezibangela iintloni, singahambi ngobuqhokolo, singalingxengi nelizwi likaThixo, kodwa ngokuyibonakalisa inyaniso siyazincomela kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo.” (2 Korinte 4:1, 2) Ngoko uPawulos akubiza ngokuthi “obu bulungiseleli,” inyaniso yenziwa yaziwe yaye kudluliselwa ukukhanya okungokomoya emhlabeni wonke.
9, 10. Uzuko lukaYehova lunokukhanyiswa njani?
9 Ngokuphathelele uMthombo wokukhanya kokoqobo nokokomoya, uPawulos ubhala esithi: “UThixo wathi: ‘Ukukhanya makukhanye ebumnyameni,’ yaye uye wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele ngolwazi oluzukileyo lukaThixo ngobuso bukaKristu.” (2 Korinte 4:6; Genesis 1:2-5) Ekubeni sijizekwe ngelungelo elingathethekiyo lokuba ngabalungiseleli bakaThixo, masizigcine sicocekile ukuze njengezipili sikwazi ukubonakalisa uzuko lukaYehova.
10 Abantu abasebumnyameni ngokomoya abanakulubona uzuko lukaYehova okanye imbonakaliso yalo kuYesu Kristu, uMoses Omkhulu. Kodwa njengabakhonzi bakaYehova, sifumana uzuko lokukhanya kweZibhalo size sikhanyisele abanye. Ukuba abo ngoku basebumnyameni ngokomoya baza kusinda bangatshatyalaliswa, bafanele bafumane ukukhanya okuvela kuThixo. Ngoko ke, ngovuyo nangenzondelelo, sithobela umyalelo kaThixo wokukhanyisa ebumnyameni ukuze kuzukiswe uYehova.
Bonakalisa Ukukhanya Kwizifundo ZeBhayibhile Zasekhaya
11. UYesu wathini ngokukhanyisa kwethu, yaye yiyiphi enye indlela esinokukwenza ngayo oku kubulungiseleli bethu?
11 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Nilukhanyiselo lwehlabathi. Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba. Abantu balumeka isibane baze basibeke, kungekhona phantsi kwengobozi yokulinganisa, kodwa phezu kwesiphatho sezibane, sikhanyisele bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:14-16) Ihambo yethu entle inokubangela abanye ukuba bazukise uThixo. (1 Petros 2:12) Yaye iinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wethu wobuvangeli zisinika amathuba amaninzi okukhanyisa. Enye yezona njongo zethu ziphambili kukubonakalisa ukukhanya okuvela kwiLizwi likaThixo ngokuqhuba izifundo zeBhayibhile eziphumelelayo. Le yindlela ebalulekileyo yokufeza ubulungiseleli bethu ngokuzeleyo. Ngawaphi amacebiso anokusinceda ukuze siqhube izifundo zeBhayibhile ezichukumisa iintliziyo zabo bafuna inyaniso?
12. Umthandazo unxulumene njani nomsebenzi wokuqhuba izifundo zeBhayibhile zasekhaya?
12 Ukuwuthandazela kwethu kuYehova lo mbandela kubonisa ukuba sinomdla onyanisekileyo wokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Kwakhona kubonisa ukuba siyakubona ukubaluleka kokunceda abanye ukuze bafumane ulwazi ngoThixo. (Hezekile 33:7-9) Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyiphendula imithandazo yethu aze asisikelele kwimizamo yethu yenkuthalo kubulungiseleli. (1 Yohane 5:14, 15) Kodwa asithandazeli nje kuphela ukufumana umntu esinokuqhuba naye isifundo seBhayibhile sasekhaya. Emva kokuba sifumene isifundo, ukuthandaza nokucamngca ngeentswelo ezikhethekileyo zaloo mfundi weBhayibhile kuya kusinceda ukuze sihlandlo ngasinye sisiqhube isifundo ngendlela ephumelelayo.—Roma 12:12.
13. Yintoni enokusinceda ukuze siqhube izifundo zeBhayibhile zasekhaya eziphumelelayo?
13 Ukuze siqhube izifundo zeBhayibhile zasekhaya eziphumelelayo, sifanele silungiselele kakuhle sihlandlo ngasinye. Ukuba ngandlel’ ithile siziva singafanelekanga, kusenokuba luncedo ukujonga indlela umveleli weSifundo Sencwadi Sebandla asiqhuba ngayo isifundo seveki nganye. Ngamathuba athile, sisenokukwazi nokuhamba nomvakalisi woBukumkani ophumelelayo ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile zasekhaya. Phofu ke, ngokukhethekileyo sifanele siqwalasele isimo sengqondo sikaYesu Kristu neendlela wayefundisa ngazo.
14. Sinokuyifikelela njani intliziyo yomfundi weBhayibhile?
14 UYesu wayekuvuyela ukwenza ukuthanda kukaYise wasezulwini nokuthetha nabanye ngoThixo. (INdumiso 40:8) Wayenobulali yaye wayekwazi ukufikelela iintliziyo zabo babemphulaphula. (Mateyu 11:28-30) Ngoko ke masizabalazele ukufikelela iintliziyo zabo sifundisisa nabo iBhayibhile. Ukuze sikwazi ukwenjenjalo, sifanele sisilungiselele isifundo ngasinye sicinga ngeemeko zomfundi ngamnye. Ngokomzekelo, ukuba ungoweqela labantu abangaqhelananga neBhayibhile, kusenokufuneka simqinisekise ukuba iBhayibhile iyinyaniso. Ukuba kunjalo, ngokucacileyo kuya kufuneka sifunde izibhalo ezininzi size sizicacise.
Nceda Abafundi Baqonde Imizekeliso
15, 16. (a) Sisenokumnceda njani umfundi ongawuqondiyo umzekeliso osetyenziswa eBhayibhileni? (b) Yintoni esinokuyenza xa enye yeempapasho zethu isebenzisa umzekeliso oqondakala nzima kumfundi weBhayibhile othile?
15 Umfundi weBhayibhile usenokuba akaqhelananga nomzekeliso othile osetyenziswe eZibhalweni. Ngokomzekelo, usenokungakuqondi oko kwakuthethwa nguYesu xa wayethetha ngokubeka isibane kwisiphatho saso. (Marko 4:21, 22) UYesu wayethetha ngesibane seoli sakudala esinomtya. Esi sibane sasibekwa kwisiphatho esithile esikhethekileyo ukuze sikhanyise kwindawo ethile endlwini. Ukuwuphanda lo mbandela kumxholo othi “Lamp [Isibane]” nothi “Lampstand [Isiphatho sesibane]” kwimpapasho enjengethi Insight on the Scriptures kusenokuwenza ukhanye lo mzekeliso kaYesu.a Kodwa hayi indlela ekuvuza ngayo ukuza esifundweni seBhayibhile unenkcazelo eqondakalayo nexatyiswayo ngumfundi!
16 Kwimpapasho ethile ecacisa iBhayibhile kusenokusetyenziswa umzekeliso othile onzima ukuba umfundi awuqonde. Zinike ixesha lokuwucacisa, okanye sebenzisa omnye umzekeliso ovelisa ingongoma efanayo. Mhlawumbi impapasho ethile igxininisa ukuba iqabane elilungileyo nokusebenzisana kubalulekile emtshatweni. Ukuzekelisa oku, kusenokuthethwa ngendoda ekujingi, iphezulu iyawuyeka, ize ixhomekeke komnye umdlali ukuba ayigange. Oku kusenokuzekeliswa ngenye indlela, mhlawumbi imfuneko yeqabane elifanelekileyo nokusebenzisana kusenokuzekeliswa ngentsebenziswano yabasebenzi abaphoselana ngeebhokisi xa bezithula kwilori enkulu.
17. Yintoni esinokuyifunda kuYesu ngokuphathelele imizekeliso?
17 Ukusebenzisa omnye umzekeliso kusenokufuna ulungiselele kusengaphambili. Leyo yindlela yokubonakalisa ukuba nomdla kumfundi weBhayibhile. UYesu wasebenzisa imizekeliso elula ukucacisa imibandela ethile enzima. Umzekelo woku ufumaneka kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, yaye iBhayibhile ibonisa ukuba imfundiso yakhe yabaphembelela ngokunzulu abo babemphulaphule. (Mateyu 5:1–7:29) Ngomonde uYesu wazicacisa izinto kuba wayenomdla onyanisekileyo kwabanye.—Mateyu 16:5-12.
18. Yintoni ekhuthazwayo ngezibhalo ezicatshulwe kwiimpapasho zethu?
18 Ukuba nomdla kwethu kwabanye kuya kusikhuthaza ukuba ‘siqiqe ngeZibhalo.’ (IZenzo 17:2, 3) Oku kuthetha ukuba sifanele sifundisise ngokunzulu size sizisebenzise ngobulumko iimpapasho ezilungiselelwe ‘ligosa elithembekileyo.’ (Luka 12:42-44) Ngokomzekelo, kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade kucatshulwa izibhalo ezininzi.b Ngenxa yokungabikho kwendawo eyaneleyo, ezinye kubhekiselwa nje kuzo. Ebudeni besifundo seBhayibhile, kubalulekile ukufunda nokucacisa ubuncinane ezinye zezi zibhalo zalathiweyo. Kakade ke, imfundiso yethu isekelwe kwiLizwi likaThixo, yaye linamandla amakhulu. (Hebhere 4:12) Bhekisela eBhayibhileni sihlandlo ngasinye uqhuba isifundo, uzisebenzise kakhulu izibhalo ezikwisiqendu ngasinye. Nceda umfundi abone oko iBhayibhile ikuthethayo ngombandela okanye ikhondo elithile. Zabalazela ukumbonisa indlela aya kuzuza ngayo xa ethobela uThixo.—Isaya 48:17, 18.
Buza Imibuzo Exhokonxa Ingcinga
19, 20. (a) Kutheni ufanele usebenzise imibuzo yokufumanisa uluvo xa uqhuba isifundo seBhayibhile sasekhaya? (b) Yintoni enokwenziwa ukuba umbandela othile ufuna ukuphinda uhlolisiswe?
19 Ubuchule bukaYesu bokusebenzisa imibuzo kwanceda abantu ukuba baqiqe. (Mateyu 17:24-27) Ukuba sibuza imibuzo ephathelele uluvo nengamenzi abe neentloni umfundi weBhayibhile, iimpendulo zakhe zisenokutyhila oko akucingayo ngombandela othile. Sisenokufumanisa ukuba usabambelele kwiimbono ezingavumelaniyo neZibhalo. Ngokomzekelo, usenokuba ukholelwa kuBathathu Emnye. Kwisahluko 3, incwadi ethi Ulwazi ibonisa ukuba igama elithi “uBathathu Emnye” alikho eBhayibhileni. Le ncwadi icaphula ize yalathe kwizibhalo ezibonisa ukuba uYehova noYesu ngabantu abahlukileyo yaye umoya oyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo, asingomntu. Ukufunda nokuthetha ngezi ndinyana zeBhayibhile kusenokuba kwanele. Kodwa kuthekani ukuba kufuneka okungakumbi? Mhlawumbi emva kwesifundo esilandelayo, kusenokuchithwa ixesha kuthethwa ngalo mbandela njengoko ugutyungelwa kwenye impapasho yamaNgqina kaYehova, njengencwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe Kubathathu Emnye? Emva koko, sinokuphinda siqhubeke nesifundo ngencwadi ethi Ulwazi.
20 Masithi umfundi uwuphendula ngendlela eyothusayo okanye ekudanisayo umbuzo othile. Ukuba usatshaya okanye unenye ingxaki enzulu, sinokucebisa ukuba aqhubeke efunda size sithethe ngalo mbandela kwixesha elizayo. Ukwazi ukuba lo mfundi usatshaya kusinika ithuba lokufumana inkcazelo ebhaliweyo esenokumnceda ukuze enze inkqubela ngokomoya. Njengokuba sizabalazela ukufikelela intliziyo yomfundi, sinokuthandazela ukuba uYehova amncede enze inkqubela ngokomoya.
21. Yintoni enokwenzeka ukuba sifundisa ngendlela yokufikelela iintswelo zomfundi weBhayibhile ngamnye?
21 Ukuba silungiselela kakuhle yaye sifumana uncedo lukaYehova, ngokungathandabuzekiyo siya kukwazi ukufundisa ngendlela eya kukwazi ukufikelela iintswelo zomfundi weBhayibhile. Njengokuba ixesha lihamba, sisenokumnceda ukuze akhulise uthando olunzulu ngoThixo. Kwakhona sisenokuphumelela ekwakheni intlonelo noxabiso ngentlangano kaYehova. Yaye hayi indlela ekuvuyisa ngayo xa abafundi beBhayibhile bevuma ukuba ‘ngokwenene uThixo uphakathi kwethu.’ (1 Korinte 14:24, 25) Ngamana singaqhuba izifundo zeBhayibhile eziphumelelayo size senze konke esinako ukunceda abanye babe ngabafundi bakaYesu.
Ilungelo Elifanele Lixatyiswe
22, 23. Yintoni efunekayo ukuze sikwazi ukubufeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu?
22 Ukuze sibufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu, sifanele sithembele ngamandla kaThixo. Ethetha ngobulungiseleli, uPawulos wabhalela amanye amaKristu athanjisiweyo esithi: “Obu buncwane sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.”—2 Korinte 4:7.
23 Enoba singabathanjiswa okanye ‘ezinye izimvu,’ sinjengezitya zodongwe ezaphuka msinya. (Yohane 10:16) Kanti, uYehova unokusomeleza ukuze sikwazi ukufeza izabelo zethu enoba ziziphi iingcinezelo esijamelana nazo. (Yohane 16:13; Filipi 4:13) Ngoko ke, ngamana singathembela kuYehova ngokupheleleyo, silixabise ilungelo esinalo lenkonzo, size sibufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni abadala abanokuyenza ukuze babufeze ngokuzeleyo ubulungiseleli babo?
• Sinokuyiphucula njani impumelelo yethu ekuqhubeni izifundo zeBhayibhile zasekhaya?
• Yintoni oya kuyenza ukuba umfundi weBhayibhile akawuqondi umzekeliso othile okanye ufuna inkcazelo engakumbi kumbandela othile?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abadala abangamaKristu bafundisa ebandleni baze bancede ekuqeqesheni amanye amakholwa kubulungiseleli
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukuqhuba izifundo zeBhayibhile zasekhaya eziphumelelayo yenye indlela yokubonakalisa ukhanya kwethu