-
Bazali—Ncedani Abantwana Benu Babe ‘Nobulumko Obusa Elusindisweni’IMboniselo (Efundwayo)—2017 | Disemba
-
-
3. (a) UTimoti waba nguye njani umKristu, ibe wenza ntoni emva kokuba enguye? (b) Ziintoni ezintathu uPawulos awathetha ngazo?
3 Kusenokwenzeka ukuba uTimoti waqala ukuva ngobuKristu ngo-47 C.E., xa umpostile uPawulos wayetyelele eListra okokuqala. Nangona uTimoti wayesengumfana ngelo xesha kuyabonakala ukuba wayezimisele. Kwiminyaka emibini kamva watyelela amabandla ehamba noPawulos. Kwiminyaka emalunga neyi-16 emva koko, uPawulos wabhalela uTimoti wathi: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni, ubazi abantu owazifunda kubo, kuba uyaze kwasebusaneni imibhalo engcwele [iZibhalo ZesiHebhere], enako ukukunika ubulumko obusa elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.” (2 Tim. 3:14, 15) Qaphela ukuba uPawulos wathetha (1) ngokwazi imibhalo engcwele, (2) ngokweyiselwa ekuyikholelweni (3) nangokufumana ubulumko obusa elusindisweni ngokukholelwa kuKristu Yesu.
-
-
Bazali—Ncedani Abantwana Benu Babe ‘Nobulumko Obusa Elusindisweni’IMboniselo (Efundwayo)—2017 | Disemba
-
-
UKUFUNDISWA DE UYIKHOLELWE INTO
5. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukweyiselwa ekuzikholelweni’ izinto? (b) Sazi njani ukuba uTimoti wancedwa wakholwa kuYesu?
5 Kubalulekile ukwazi izibhalo ezingcwele. Kodwa ke, akumelanga uphelele nje ekufundiseni abantwana bakho ngabantu okanye izinto eziseBhayibhileni. UTimoti ‘weyiselwa ukuba akholwe.’ Igama lesiGrike elisetyenziswe apha lithetha “ukuqinisekiswa” okanye “ukwenziwa uqiniseke ukuba into ethile yinyani.” UTimoti wazazi eselusana iZibhalo ZesiHebhere. Kodwa ekuhambeni kwexesha, wabona ubungqina obucacileyo bokuba uYesu wayenguMesiya. Ngamanye amazwi singathi, ulwazi awaba nalo lwamnceda xa waba nokholo. UTimoti waqiniseka ngezinto awazifundayo kangangokuba wabhaptizwa waza waba ngumvangeli noPawulos.
6. Unokubanceda njani abantwana bakho bayikholelwe into abayifunda kwiLizwi LikaThixo?
6 Unokubanceda njani abantwana bakho babe nokholo baze baqiniseke njengoTimoti? Yiba nomonde. Kuthath’ ixesha ukuba nokholo, ibe abazovele babe nalo abantwana bakho kuba nje wena uye wancedwa waba nalo. Umntwana kufuneka asebenzise awakhe ‘amandla engqiqo’ ukuze ayikholelwe iBhayibhile. (Funda amaRoma 12:1.) Wena mzali unendima ebalulekileyo kuloo nto, ingakumbi xa umntwana wakho ekubuza imibuzo. Makhe sibone kulo mzekelo ulandelayo.
7, 8. (a) UThomas uba nomonde njani kwintombi yakhe xa eyifundisa? (b) Wena, kutheni kuye kwafuneka ube nomonde kubantwana bakho?
7 UThomas onentombi eneminyaka eyi-11, uthi: “Intombi yam ikhe indibuze, ‘Ngaba uYehova wenza into enye ephilayo zaza ezinye zavela kuyo?’ okanye, ‘Kutheni thina singakhe senze izinto ezenziwa ngabanye abantu, njengokuvota ukuze siphucule izinto?’ Ngelinye ixesha kuye kufuneke ndizibambe ukuze ndingayixeleli nje into emayiyikholelwe ndibe ndingayicaciseli. Ngapha koko, ayizukuba nokholo kuba nje ndiyixelela inyani kube kanye. Kufuneka ndimane ndiyifundisa.”
8 UThomas uyazi ukuba kufuneka ube nomonde xa ufundisa umntwana. Phofu ke onke amaKristu kufuneka abe nomonde. (Kol. 3:12) UThomas uyazi ukuba kuza kuthath’ ixesha ibe kufuneka amane encokola nentombi yakhe. Kufuneka ayincede iqonde iZibhalo ukuze intombi yakhe iqiniseke ngento ayifundisa yona. Uthi: “Mna nenkosikazi siye sifune ukuqonda ukuba iyayikholelwa nyhani into esiyifundisa yona nokuba iyavakala na kuyo, ingakumbi xa izizinto ezibalulekileyo. Ndiyavuya xa ibuza. Xa ndithetha inyani, bendiza kuba nexhala xa isamkela yonke into ingabuzi.”
9. Ungabanceda njani abantwana bakho balikholelwe iLizwi LikaThixo?
9 Xa abazali bebafundisa benomonde, abantwana babo baza kude babuqonde “ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu” bokholo. (Efe. 3:18) Kufuneka sibafundise ngokweminyaka yabo nezinto abanokuziqonda. Xa bezikholelwa izinto abazifundayo, baza kukwazi ukuphendula xa bebuzwa ngazo, naxa bebuzwa ngabanye abantwana esikolweni. (1 Pet. 3:15) Ngokomzekelo, ngaba abantwana bakho bayakwazi ukuphendula besebenzisa iBhayibhile, xa bebuzwa ukuba kwenzeka ntoni kumntu xa esifa? Ngaba into ethethwa yiBhayibhile iyavakala kubo?a Kufuneka ube nomonde xa unceda abantwana bakho ukuba balikholelwe iLizwi LikaThixo, kodwa awuyi kuzisola ngokwenza loo nto.—Dut. 6:6, 7.
10. Yeyiphi enye into ebalulekileyo xa ufundisa abantwana bakho?
10 Enye into ebalulekileyo ukuze abantwana bakho babe nokholo, kukuba ngumzekelo. UStephanie oneentombi ezintathu uthi: “Ukususela besebancinci abantwana bam bendisoloko ndizibuza, ‘Ngaba ndiyathetha nabo ngokuba kutheni mna ndiqinisekile ukuba uYehova ukho, uyasithanda kwaye yonke into ayenzayo ilungile? Ngaba abantwana bam bayabona ukuba mna ndimthanda nyhani uYehova?’ Andinakulindela ukuba abantwana bam baqiniseke ngezi zinto ndibe mna ndingaqinisekanga.”
-