IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 1/1 iphe. 20-24
  • Ukholose Kangakanani NgoThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukholose Kangakanani NgoThixo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Musani Ukuxhala’
  • Imbono Elungeleleneyo
  • ‘Ningaze Nixhale’
  • Zama Ukuba Nembono Efanelekileyo
  • ‘Qhubeka Ufuna Kuqala Ubukumkani’
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
  • Funa UBukumkani, Kungekhona Izinto
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Kholosa NgoYehova Ngokupheleleyo Ngamaxesha Okubandezeleka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • ‘Yiba Ngumlandeli Wam’​—Wayethetha Ukuthini UYesu?
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 1/1 iphe. 20-24

Ukholose Kangakanani NgoThixo?

“Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani.”—MATEYU 6:33.

1, 2. Luluphi uhlengahlengiso olwenziwa ngomnye umfana ngokuphathelele umsebenzi wakhe, ibe kwakutheni ukuze enjenjalo?

UMFANA othile wayefuna ukuba luncedo ngakumbi kwibandla akhonza kulo. Kodwa wayenengxaki yokuphazanyiswa ngumsebenzi wempangelo ngoko engakwazi ukubakho rhoqo kwiintlanganiso. Wayicombulula njani? Wazama ukuphila ubomi obulula, wawuyeka loo msebenzi wakhe, ibe ethubeni waqeshwa kwindawo eyayingaz’ ukuphazamisana nemisebenzi yakhe kwibandla lobuKristu. Namhlanje, wamkela imali encinane gqitha kuleyo yangaphambili, kodwa usakwazi ukunyamekela intsapho yakhe ibe uluncedo ngakumbi ebandleni.

2 Ngaba uyasiqonda isizathu sokuba lo mfana enze olo hlengahlengiso? Ngaba ucinga ukuba ubunokukwenza wena oko? Okuvuyisayo kukuba, maninzi amaKristu aye akwenza, ibe izenzo zawo zibonisa ukuba anentembelo kwisithembiso sikaYesu esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Athembe ukukhuselwa nguYehova kunokukholosa ngeli hlabathi.—IMizekeliso 3:23, 26.

3. Yintoni enokwenza abanye bangaqiniseki enoba kububulumko kusini na ukubeka uBukumkani bukaThixo kuqala namhlanje?

3 Ekubeni siphila kumaxesha anzima, abanye basenokuthandabuza ukuba loo mfana wenza isigqibo sobulumko. Namhlanje, kukho abantu abaziimpula zikaLujaca ngoxa abanye bezezona zinhanha zaziwayo embalini. Inkoliso yabantu abakumazwe ahlwempuzekileyo ibiya kuxhakamfula naliphi na ithuba elivelayo ukuze iphucule ubomi bayo. Kwelinye icala, abaninzi kumazwe ami kakuhle bazabalazela ukulondoloza umgangatho wobomi babo phezu kwako nje ukudodobala kwezoqoqosho, ukuphela kwemisebenzi nabaqeshi abaya befuna izinto ezingakumbi kubaqeshwa babo. Ngenxa yoxinezeleko olukhoyo kwimigudu yokuphila, abanye bayazibuza enoba, ‘Isebubulumko kusini na into yokufuna uBukumkani kuqala?’ Ukuze ufumane impendulo kulo mbuzo, cinga ngabo bantu wayethetha nabo uYesu.

‘Musani Ukuxhala’

4, 5. UYesu wakuzekelisa njani ukuba sengqiqweni kokuba abantu bakaThixo bangaxhalabeli ngokugqithiseleyo izinto zemihla ngemihla?

4 UYesu wayeseGalili, ethetha nezihlwele zabantu ababevela kwiindawo ezahlukahlukeneyo. (Mateyu 4:25) Bambalwa ukuba babekho kwabo bantu ababezizityebi. Kunokwenzeka ukuba inkoliso yabo yayingamahlwempu. Sekunjalo uYesu wababongoza ukuba bangasukeli ukuba zizityebi kunoko baziqwebele eyona nto ixabiseke ngakumbi—ubutyebi bokomoya. (Mateyu 6:19-21, 24) Wathi: “Musani ukuxhalela imiphefumlo yenu mayela noko niya kukudla okanye oko niya kukusela, okanye imizimba yenu mayela noko niya kukunxiba. Umphefumlo awungaphezulu na kunokutya nomzimba kunesinxibo?”—Mateyu 6:25.

5 La mazwi kaYesu asenokuba avakala engekho ngqiqweni kwabaninzi apho. Babesazi ukuba xa bengasebenzi nzima, iintsapho zabo zaziya kulamba. Noko ke, uYesu wabakhumbuza ngeentaka. Mini nganye zimele zifumane ukutya nendawo yokufihl’ intloko, ukanti uYehova uyazinyamekela. UYesu wabakhumbuza nangendlela uYehova anyamekela ngayo iintyatyambo zasendle, ubuhle obulodlula lee lonke uzuko lukaSolomon. Ukuba uYehova uyazinyamekela iintaka neentyatyambo, kuya kubekela phi ke kuthi? (Mateyu 6:26-30) Njengokuba uYesu watshoyo, ubomi (imiphefumlo) nemizimba yethu zibaluleke ngaphezu kokutya esikuthengayo ukuze sityele ukuphila nempahla esiyithengayo ukuze sambathise imizimba. Xa sibhokoxa onke amandla ethu ukuze nje sifumane ukutya nento yokwambatha sibe singamkhonzi uYehova, siya kuba siyiphosile eyona njongo yobomi.—INtshumayeli 12:13.

Imbono Elungeleleneyo

6. (a) Yintoni anembopheleleko yayo amaKristu? (b) Yintoni akholosa ngokupheleleyo ngayo amaKristu?

6 Kakade ke, uYesu wayengakhuthazi abantu ukuba bayeke ukusebenza, balindele ukuba uThixo abenzele icebo lokondla iintsapho zabo. Nkqu neentaka kufuneka ziye kuzifunela ukutya kwazo nokwamantshontsho azo. Ngoko, amaKristu kwakufuneka asebenze ukuze afumane ukutya. Kwakufuneka anyamekele iimbopheleleko zentsapho zawo. Izicaka namakhoboka angamaKristu kwakufuneka azibhokoxe xa esebenzela iinkosi zawo. (2 Tesalonika 3:10-12; 1 Timoti 5:8; 1 Petros 2:18) Umpostile uPawulos wayedla ngokwenza iintethe ukuze azixhase. (IZenzo 18:1-4; 1 Tesalonika 2:9) Sekunjalo, loo maKristu akazange akholose ngomsebenzi wempangelo ukuze anqabiseke. Ayethembele kuYehova. Ngenxa yoko, ayenoxolo lwengqondo into ababengayazi abanye. Umdumisi wathi: “Abo bakholosa ngoYehova banjengeNtaba yeZiyon, engenakushukunyiswa, kodwa ihleli kude kube lixesha elingenammiselo.”—INdumiso 125:1.

7. Yiyiphi imbono anokuba nayo umntu ongakholosanga ngokupheleleyo ngoYehova?

7 Nabani na ongakholosi ngokupheleleyo ngoYehova unokukubona ngendlela eyahlukileyo oku. Inkoliso yabantu ijonga ubutyebi njengento engundoqo ukuze ubani anqabiseke. Ngenxa yoko, abazali baye bakhuthaza abantwana ukuba babhokoxe amandla obutsha babo kwimfundo ephakamileyo, benethemba lokuba oko kuya kubanceda bafumane umvuzo omhle xa besebenza. Okubuhlungu kukuba, oko kuye kwabangela iintlungu ezingathethekiyo kwiintsapho zamanye amaKristu, njengoko abantwana bazo beye balahla izinto zokomoya basukela izinto eziphathekayo.

8. Kukuphi ukulungelelana akuzabalazelayo amaKristu?

8 AmaKristu ayaqonda ukuba njengakwinkulungwane yokuqala esi siluleko sikaYesu sisasebenza gqitha nanamhlanje yaye azama ukuhlala elungelelene. Kwanokuba kufuneka achithe iiyure ezininzi empangelweni ukuze anyamekele ezo mbopheleleko zawo ziseZibhalweni, akanakuze avumele ukufuna kwawo imali kuwenze aziphose ngasemva izinto ezibalulekileyo zokomoya.—INtshumayeli 7:12.

‘Ningaze Nixhale’

9. UYesu ubaqinisekisa njani abo bathembele ngokupheleleyo kuYehova?

9 KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.” (Mateyu 6:31, 32) La mazwi athuthuzela gqitha! Ukuba sithembela ngokupheleleyo kuYehova, uya kuhlala esixhasa. Noko ke, la mazwi kaYesu anayo nendawo ekwenza ucinge. Asikhumbuza into yokuba xa sisukela “ngentumekelelo” izinto eziphathekayo, siya kuba sicinga ‘njengeentlanga,’ abantu abangengawo amaKristu okwenyaniso.

10. Xa umfana othile wafuna icebiso kuye, uYesu wenza ntoni ukuze atyhile eyona nto yayiphambili kuloo mfana?

10 Kwakha kweza umfana osisityebi kuYesu wambuza oko amele akwenze ukuze azuze ubomi obungunaphakade. UYesu wamkhumbuza ngoko kufunwa nguMthetho, owawusasebenza ngelo xesha. Lo mfana waqinisekisa uYesu wathi: “Ndiye ndazigcina zonke ezi zinto; yintoni endisayisweleyo?” Impendulo kaYesu, isenokuvakala ingekho ngqiqweni kwabanye. Wathi: “Ukuba ufuna ukugqibelela, hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.” (Mateyu 19:16-21) Loo mfana wemka ebuhlungu, kuba yayingangeni kuye into yokuphulukana nobutyebi bakhe. Kungakhathaliseki ukuba wayemthanda kangakanani uYehova, kodwa wayenochatha ekuthandeni izinto zakhe.

11, 12. (a) Ngawaphi amazwi othusayo athethwa nguYesu ngobutyebi? (b) Izinto eziphathekayo zinokumthintela njani umntu ekukhonzeni uYehova?

11 Eso siganeko sakhokelela ekubeni uYesu athethe into eyayingalindelwanga esithi: “Kuya kuba nzima ngesityebi ukungena ebukumkanini bamazulu. . . . Kulula ngakumbi ngenkamela ukuphumela kwintunja yenaliti kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.” (Mateyu 19:23, 24) Ngaba uYesu wayethetha ukuba akukho sityebi siya kuze sizuze uBukumkani? Akunjalo, kuba wahlabela mgama wathi: “KuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.” (Mateyu 19:25, 26) Enyanisweni, ngoncedo lukaYehova abanye ababezizityebi ngoko baba ngamaKristu athanjisiweyo. (1 Timoti 6:17) Enoba kwakutheni, uYesu wayenesizathu sokutsho loo mazwi othusayo, kuba wayelumkisa.

12 Ukuba umntu ubeka intliziyo yakhe kwizinto anazo njengaloo mfana wayesisityebi, ezo zinto zinokumthintela angakwazi ukukhonza uYehova ngayo yonke iintliziyo yakhe. Oko kunokwenzeka kumntu osele esisityebi nakumntu ‘ozimisele ukuba sisityebi.’ (1 Timoti 6:9, 10) Ukukholosa gqitha ngezinto eziphathekayo kungenza ubani ‘angayiphapheli kakuhle intswelo yakhe yokomoya.’ (Mateyu 5:3) Ngenxa yoko, usenokungayiqondi kakuhle into yokuba umele athembele kuYehova. (Duteronomi 6:10-12) Usenokulindela ukuphathwa ngendlela ekhethekileyo ebandleni. (Yakobi 2:1-4) Ibe usenokuchitha ixesha elininzi ezonwabisa ngobutyebi bakhe kunokuba akhonze uYehova.

Zama Ukuba Nembono Efanelekileyo

13. Yiyiphi imbono ephosakeleyo ababenayo abantu baseLawodike?

13 Elinye iqela elalinembono ephosakeleyo ngezinto eziphathekayo yayilibandla lenkulungwane yokuqala laseLawodike. UYesu wathi kulo: “Uthi: ‘Ndisisityebi, ndizuze ubutyebi, andiswele nto,’ kodwa akwazi ukuba uludwayi nosizana nehlwempu nemfama kwaye uhamba ze.” Asibobutyebi babo obabangela loo meko ilusizi. Ntonje kukuba babekholose ngabo kunokuthembela kuYehova. Ngenxa yoko, baba dikidiki ngokomoya, sele beza ‘kuhlanzwa’ nguYesu.—ISityhilelo 3:14-17.

14. Kwakutheni ukuze uPawulos awaqhwabel’ izandla amaKristu angamaHebhere?

14 Kwelinye icala, uPawulos wawaqhwabel’ izandla amaKristu angamaHebhere ngesimo sengqondo sawo xa kwakuqalisa intshutshiso. Wathi: “Kuba nabonakalisa uvelwano ngabo basentolongweni naza nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kwempahla yenu, nisazi ukuba nina ngokwenu ninokuthile eninako okulunge ngakumbi nokuhlala kuhleli.” (Hebhere 10:34) Loo maKristu zange aphazanyiswe kukuphulukana nezinto zawo. Ahlala evuya kuba ayesenobona butyebi buxabisekileyo, izinto zawo ‘ezilunge ngakumbi nezihlala zihleli.’ Njengomrhwebi womzekeliso kaYesu owancama yonk’ into anayo ngenxa yeperile enye yexabiso, loo maKristu azimisela ukubambelela nkqi kwithemba loBukumkani, kungakhathaliseki ukuba zintoni na alahlekelwa zizo. (Mateyu 13:45, 46) Ayenesimo sengqondo esihle gqitha!

15. Ibhinqa elingumKristu laseLiberia lenza njani ukuze libeke kuqala izilangazelelo zoBukumkani?

15 Baninzi nanamhlanje abaye bahlakulela isimo sengqondo esihle ngolo hlobo. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa eliselula elingumKristu laseLiberia lanikwa ithuba lokuya kufunda eyunivesithi. Kwelo lizwe, elo thuba ligqalwa njengeyona ndlela yokufumana ikamva elinqabisekileyo. Noko ke, lalinguvulindlela, umshumayeli wexesha elizeleyo weendaba ezilungileyo, ibe lalifumene nesimemo sokuya kukhonza njengovulindlela okhethekileyo wethutyana. Lakhetha ukufuna uBukumkani kuqala laza laqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo. Laya kweso sabelo salo laza laqalisa izifundo zeBhayibhile ezingama-21 kwiinyanga nje ezintathu. Lo dade uselula namanye amawaka afana naye bafuna kuqala uBukumkani, enoba oko kuthetha ukuphulukana namathuba okufumana izinto eziphathekayo. Benza njani ukuze bahlale beneso simo sengqondo kweli hlabathi lithanda izinto eziphathekayo? Baye bahlakulela iqela leempawu ezintle. Makhe sixubushe ngezinye zazo.

16, 17. (a) Kutheni kufuneka sithozame nje ukuze sikwazi ukukholosa ngoYehova? (b) Kutheni simele sizabalazele ukuba nentembelo nje kwizithembiso zikaThixo?

16 Ukuthozama: IBhayibhile ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo.” (IMizekeliso 3:5-7) Maxa wambi, kusenokubonakala kububulumko ukwenza into ethile xa uyijonga ngeliso lenyama. (Yeremiya 17:9) Ukanti, umKristu onyanisekileyo ukhangela ukhokelo lukaYehova. (INdumiso 48:14) ‘Ezindleleni zakhe zonke’—kwimicimbi yebandla, imfundo okanye umsebenzi, ukubethwa ngumoya okanye nantoni na—ngokuthozama ukhangela icebiso likaYehova.—INdumiso 73:24.

17 Ukuba nentembelo kwizithembiso zikaYehova: UPawulos wathi: “Lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Xa sithandabuza ukuba uYehova uya kuzifezekisa izithembiso zakhe, kunokubonakala kusengqiqweni ‘ukulisebenzisa ngokupheleleyo eli hlabathi.’ (1 Korinte 7:31) Kwelinye icala, ukuba sinokholo olomeleleyo, siya kuzimisela ukufuna uBukumkani kuqala. Yintoni esinokuyenza ukuze sibe nokholo olomeleleyo? Kukuhlala sisondele kuYehova, sithandaze ngokusuk’ entliziyweni yaye sibe nesifundo sobuqu rhoqo. (INdumiso 1:1-3; Filipi 4:6, 7; Yakobi 4:8) NjengoKumkani uDavide, sinokuthandaza sithi: “Ndikholose ngawe, Yehova. Ndithe: ‘UnguThixo wam.’ Hayi ukuba kuninzi kokulunga kwakho.”—INdumiso 31:14, 19.

18, 19. (a) Ukukhuthala kusenza njani sibe nentembelo ngakumbi kuYehova? (b) Kutheni umKristu emele akulungele ukuzincama?

18 Ukukhuthala kwinkonzo kaYehova: UPawulos wanxulumanisa ukuba nentembelo kwizithembiso zikaYehova kunye nokukhuthala xa wathi: “Sinqwenela ukuba ngamnye wenu akhuthale ngokufanayo khon’ ukuze nibe nokuqiniseka ngokupheleleyo ngethemba lenu kude kuse ekupheleni.” (Hebhere 6:11) Ukuba sixakekile kwinkonzo kaYehova, uya kusixhasa. Sihlandlo ngasinye sifumana loo nkxaso, sikholosa ngaye ngakumbi, sitsho ‘siqine singabi nakushukuma.’ (1 Korinte 15:58) Ukholo lwethu lutsho luhlaziyeke size sibe nethemba elomeleleyo.—Efese 3:16-19.

19 Ukulungela ukuzincama: UPawulos wancama amathuba amahle gqitha ukuze akwazi ukulandela uYesu. Kucacile ukuba wenza ukhetho olufanelekileyo, nakuba wayekhe ajamelane nobunzima angabi nazo izinto eziphathekayo. (1 Korinte 4:11-13) UYehova akasithembisi ngobomi obutofotofo, ibe maxa wambi abakhonzi bakhe kukhe kufuneke banyamezele ubunzima. Umnqweno wethu wokuphila ubomi obulula nokuncama izinto ezithile ubonisa indlela esikulangazelela ngayo ukukhonza uYehova.—1 Timoti 6:6-8.

20. Kutheni kufuneka abe nomonde nje umntu obeka uBukumkani kweyona ndawo iphambili ebomini?

20 Umonde: Umfundi uYakobi wabongoza amanye amaKristu wathi: “Yibani nomonde, ke ngoko, bazalwana, de ibe bubukho beNkosi.” (Yakobi 5:7) Kunzima gqitha ukuba nomonde kweli hlabathi limaxhaphetshu. Sifuna izinto zenzeke ngokukhawuleza. Kodwa uPawulos usibongoza ukuba sixelise abo “bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.” (Hebhere 6:12) Kulungele ukulindela kuYehova. Asinakuze sizisole ngokuhlala silindele umhlaba oyiparadesi.

21. (a) Yintoni esiyibonisayo xa sibeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?

21 Ewe, isiluleko sikaYesu sokuba sifune kuqala uBukumkani sisengqiqweni. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba sikholose ngokwenene ngoYehova, ibe sikhetha eyona ndlela ifanelekileyo amele aphile ngayo umKristu. Noko ke, uYesu wacebisa ukuba siqhubeke ‘sifuna kuqala nobulungisa bukaThixo.’ Kwinqaku elilandelayo, siza kubona isizathu sokuba lufuneka ngokukhethekileyo nje namhlanje olo khuthazo.

Ungachaza Na?

• Ngokuphathelele izinto eziphathekayo, yiyiphi indlela elungeleleneyo awakhuthaza ukuba sibe nayo uYesu?

• Yintoni esiyifunda kumzekeliso kaYesu wenkamela nentunja yenaliti?

• Ziziphi iimpawu zamaKristu ezisinceda sifune kuqala uBukumkani bukaThixo?

[Umfanekiso okwiphepha 21]

Abantu abaninzi kwabo babephulaphule uYesu babengamahlwempu

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Umrhwebi womzekeliso kaYesu wancama yonk’ into awayenayo ukuze nje afumane iperile exabiso likhulu

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Umfana osisityebi wayethanda izinto zakhe eziphathekayo ngaphezu koThixo

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Ukuba sihlala simaxhaphetshu kwinkonzo yakhe, uYehova uya kusixhasa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share