Yimilinganiselo Kabani Onokuyithemba?
Umntu owayendwendwele eAfrika okwesihlandlo sokuqala wamangaliswa kukubona indoda ime nkqo ecaleni kwendlela. Waphawula ukuba kwimizuzu embalwa, le ndoda yayishixizisa iinyawo zayo ize ingangxamanga iye kwelinye icala ngoxa isame nkqo. Olu ndwendwe lwasibona kamva isizathu sokuba le ndoda ishukume njengoko yenzile. Enyanisweni, yayizama ukuzigcina isemthunzini wepali yocingo. Isithunzi sasihamba kancinane njengoko ilanga lasemini lalihamba.
NJENGESITHUNZI esihanjiswa lilanga, imicimbi nemilinganiselo yomntu ihlala iguquguquka. Ngokwahlukileyo, uYehova uThixo, “uYise wezikhanyiso zesibhakabhaka,” akaguquguquki. Umfundi uYakobi wabhala wathi: “yena akaguquguquki njengesithunzi.” (Yakobi 1:17) Umprofeti ongumHebhere uMalaki wabhala oko kwathethwa nguThixo: “Kuba ndinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) UThixo wathi kuhlanga lakwaSirayeli ngemihla kaIsaya: “Kwanasebudaleni bukabani isekwaNdim; nasekubeni ubani abe yingwevu ndiya kuqhubeka ndithwele. Ngokuqinisekileyo mna ndiya kusebenza.” (Isaya 46:4) Ngenxa yoko, ukuhamba kwexesha akusenzi siphelelwe lithemba kwizithembiso zikaSomandla.
Ukufunda KuMthetho
Njengoko izithembiso zikaYehova zinokuthenjwa yaye zingaguquguquki, ngokufanayo nemilinganiselo yakhe yokulungileyo nokuphosakeleyo. Ngaba unokumthemba umrhwebi osebenzisa imilinganiselo emibini, ngoxa umnye nje kuphela ochanileyo? Ngokuqinisekileyo ubungenakumthemba. Ngokufanayo, “izikali eziqhathayo ziyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ilitye lokulinganisa elipheleleyo uyakholiswa lilo.” (IMizekeliso 11:1; 20:10) KuMthetho awawunika amaSirayeli, uYehova waquka lo myalelo: “Nize ningenzi okungekho sikweni ekugwebeni, nasekulinganiseni ubude, ubunzima okanye ukuzala kwento. Nifanele nibe nezikali ezichanileyo, amatye okulinganisa achanileyo, iefa echanileyo nehin echanileyo. NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.”—Levitikus 19:35, 36.
UThixo wayekholiswa ngamaSirayeli xa ewuthobela lo mthetho yaye ayengenelwa kakhulu ngokwezinto eziphathekayo. Ngokufanayo, ukunamathela kwimilinganiselo kaYehova engaguquguqukiyo, kungekuphela nje kwimilinganiselo, kodwa kuzo zonke iinkalo zobomi, kuphumela kwiintsikelelo kumnquli omthembayo. UThixo uthi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.”—Isaya 48:17.
Kutheni Imilinganiselo Iwohloka Namhlanje?
IBhayibhile ichaza isizathu sokuba imilinganiselo iwohloke namhlanje. Incwadi yokugqibela yeBhayibhile, iSityhilelo, ichaza imfazwe esezulwini, umphumo wayo oye wachaphazela bonke abantu de kube namhlanje. Umpostile uYohane wabhala: “Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba kunye neengelosi zayo kodwa ayizange yoyise, azabi safunyanelwa ndawo ezulwini. Ngoko yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye.”—ISityhilelo 12:7-9.
Waba yintoni umphumo waloo mfazwe? UYohane waqhubeka: “Ngoko chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo! Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.”—ISityhilelo 12:12.
Kwaba ‘nguyeha emhlabeni’ xa kwaqhambuka iMfazwe Yehlabathi I ngowe-1914 yaza yaphelisa imilinganiselo eyahluke kakhulu kuleyo yanamhlanje. Umbhali-mbali uBarbara Tuchman uthi: “IMfazwe Enkulu yowe-1914-18 ime njengomda owahlula elo xesha nelethu.” “Ngokubulala abantu abaninzi ababenokusetyenziswa kwiminyaka eyalandelayo, ngokuphelisa ukholo, ngokuguqula iingcamango, yaye ishiya amanxeba angapholiyo okuphelelwa lithemba, yabangela umsantsa wokwenene nendlela eyahlukileyo yokucinga phakathi kwala maxesha.” Omnye umbhali-mbali uEric Hobsbawm uvuma ngelithi: “Ukususela ngowe-1914, kuye kwabakho ukuwohloka okuphawulekayo kwemilinganiselo eyayigqalwa njengeqhelekileyo kumazwe ahambele phambili . . . Akulula ukuqonda ukuba siye sibuyela ngamandla koko ookhokho bethu benkulungwane yeshumi elinesithoba bakubiza ngokuba yimilinganiselo yobundlavini.”
Kwincwadi yakhe ethi Humanity—A Moral History of the Twentieth Century, umbhali uJonathan Glover uthi: “Enye inkalo ekhoyo kweli xesha lethu kukuphela komthetho wokuziphatha.” Nangona esawuthandabuza umthetho wokuziphatha ofumaneka komnye umthombo ngenxa yokuwohloka konqulo kumazwe aseNtshona, ulumkisa ngelithi: “Abo kuthi bangakholelwayo kumthetho wokuziphatha wonqulo bafanele bakhathazwe kukuphela kwawo.”
Ukuphela kokuthembana namhlanje—enoba kukwezorhwebo, kwezobupolitika, okanye kunqulo okanye nakulwalamano lobuqu nolwentsapho—nemiphumo emibi yinxalenye yeqhinga elingendawo likaMtyholi lokuzisa uyeha kubemi bomhlaba. USathana uzimisele ukwenza imfazwe de kube sekugqibeleni aze afe nabo benza umgudu wokuphila ngemilinganiselo kaThixo.—ISityhilelo 12:17.
Ngaba ikho indlela yokuphuma koku, isicombululo sokuphela kokuthembana? Umpostile uPetros uyaphendula: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso [sikaThixo], apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Sinokusithemba eso sithembiso kuba uThixo akanamandla okufeza injongo yakhe nje kuphela kodwa uqinisekisa nangenzaliseko yayo. Ngokuphathelele naliphi na ‘ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe’ uYehova uthi: “Aliyi kubuyela kum ngaphandle kwemiphumo, kodwa ngokuqinisekileyo liya kukwenza oko ndiyoliswa kuko, likuphumelelise ngokuqinisekileyo oko ndilithumele kona.” Eneneni, sisithembiso esinokuthenjwa.—Isaya 55:11; ISityhilelo 21:4, 5.
Ukuphila Ngemilinganiselo KaThixo
Kwihlabathi elinemilinganiselo eguquguqukayo newohlokayo, amaNgqina kaYehova enza umgudu wokuphila ngemilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni. Ngenxa yoko, ahlukile kwinkoliso yabantu, yaye oku ngokufuthi kuye kwatsala ingqalelo—nokugculelwa—ngabanye.
Kwindibano yamaNgqina kaYehova eLondon, isithethi sabuzwa yintatheli kamabonwakude enoba amaNgqina kaYehova ngamaKristu okwenene kusini na. Saphendula: “Ewe, ngokwenene angawo kuba uYesu ngumzekelo wethu. Ihlabathi lizele kukuzingca, yaye sinikela ingqalelo kuYesu Kristu njengendlela, inyaniso, nobomi. Sikholelwa kukuba unguNyana kaThixo, kungekhona inxalenye kaBathathu Emnye, ngoko indlela esiyiqonda ngayo iBhayibhile yahlukile kweyonqulo oluqhelekileyo.”
Xa olu dliwano-ndlebe lwavela kumabonwakude weBBC, le ntatheli yaqukumbela inkqubo ngokuthi: “Ndifunde okuninzi ngesizathu sokuba amaNgqina kaYehova enkqonkqoza emizini yethu. Yaye andizange ndibabone abantu abangama-25 000 abanxibe kakuhle kangaka nabaziphethe kakuhle bonke benkwindawo enye ngexesha elinye.” Obunjani ubungqina obuhle obuvela kumntu wangaphandle obone ubulumko bokuthobela imilinganiselo kaThixo engaguquguqukiyo!
Nakuba bambi bedinyazwa yingcamango yokuphila ngemilinganiselo abangazibekelanga yona, siyakukhuthaza ukhangele eBhayibhileni uze ufunde ngemilinganiselo kaThixo. Kodwa musa ukwaneliswa luhlolisiso olungenzulu. Landela isiluleko sikampostile uPawulos: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Tyelela iHolo yoBukumkani kwindawo ohlala kuyo, uze uwazi amaNgqina alapho. Uya kufumanisa ukuba angabantu abaqhelekileyo abanethemba kwizithembiso zeBhayibhile nabathemba uThixo ngokuzama ukuphila ngokwemilinganiselo yakhe.
Ngokubambelela kwimilinganiselo kaThixo engaguquguqukiyo nethembekileyo kubomi bakho, ngokuqinisekileyo uya kufumana iintsikelelo. Thobela isimemo sikaThixo: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.”—Isaya 48:18.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Namhlanje, abantu abanathemba kwezorhwebo, kwezobupolitika, kwezonqulo nakulwalamano lwentsapho