IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 1/15 iphe. 26-30
  • Mchaseni USathana, Wonibaleka!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Mchaseni USathana, Wonibaleka!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sifanele Simoyike UMtyholi?
  • Yintoni Ebangela Ukuba USathana Asitshutshise?
  • “Sihlangule Kulowo Ungendawo”
  • Ungabi Sisisulu SikaMtyholi
  • Sikhuselwe Sisikrweqe SikaThixo
  • Mchaseni UMtyholi, Wonibaleka
  • “Mchaseni UMtyholi” Kanye Njengoko UYesu Wenzayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UMtyholi—Akayonto Nje Ekholelwayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Sifanele Simbek’ Ityala USathana Ngezono Zethu?
    Vukani!—1998
  • Ngaba Ukholelwa Ngokwenene Ukuba UMtyholi Ukho?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 1/15 iphe. 26-30

Mchaseni USathana, Wonibaleka!

“Zithobeni . . . kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—YAKOBI 4:7.

1, 2. (a) Luluphi uphawu lukaMtyholi oluchazwe kwincwadi kaIsaya isahluko 14? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyixubusha?

UMTYHOLI ngumzekelo ophilayo wesidalwa esinekratshi. Ikratshi lakhe lachazwa ngumprofeti kaThixo uIsaya. Kwisithuba esingaphezu kwenkulungwane ngaphambi kokuba iBhabhiloni ibe ligunya lehlabathi, abantu bakaYehova bathi ‘kukumkani waseBhabhiloni’: “Uthe entliziyweni yakho, ‘Ndiya kunyuka ndiye ezulwini. Itrone yam ndiya kuyiphakamisa phezu kweenkwenkwezi zikaThixo [ookumkani bomnombo kaDavide] . . . ndiya kuzifanisa nOyena Uphakamileyo.’” (Isaya 14:3, 4, 12-15; Numeri 24:17) Ikratshi ‘likakumkani waseBhabhiloni’ lalifana nelikaSathana, “uthixo wale nkqubo yezinto.” (2 Korinte 4:4) Kodwa ikratshi likaSathana liya kuphelela kwintlekele kanye njengokuba ubukhosi baseBhabhiloni baphela kabuhlungu.

2 Noko ke, logama uMtyholi esekho sisenokuxhalatyiswa yimibuzo efana nale: Ngaba sifanele simoyike uSathana? Kutheni ephembelela abantu ukuba batshutshise amaKristu? Sinokukuphepha njani ukuba zizisulu zikaMtyholi?

Ngaba Sifanele Simoyike UMtyholi?

3, 4. Kutheni amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo engamoyiki uMtyholi?

3 La mazwi awathethwa nguYesu Kristu alukhuthazo kakhulu kumaKristu athanjisiweyo: “Musa ukuzoyika izinto osele uza kubandezeleka ngazo. Khangela! UMtyholi uya kuhlala ephosa bambi benu entolongweni ukuze nivavanywe ngokupheleleyo, nokuze nibe nembandezelo imihla elishumi. Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, mna ke ndokunika isithsaba sobomi.” (ISityhilelo 2:10) Abathanjiswa namaqabane abo anethemba lokuphila emhlabeni abamoyiki uMtyholi. Oko akubangelwa yinkalipho abazalwa benayo. Kungenxa yokuba boyika uThixo yaye ‘basabela emthunzini wamaphiko akhe.’—INdumiso 34:9; 36:7.

4 Abafundi bakaYesu Kristu bokuqala ababengoyiki bathembeka de kwasekufeni nakuba babehlangabezana neembandezelo. Babengakoyiki oko kunokwenziwa nguSathana uMtyholi, kuba babesazi ukuba uYehova akanakuze abashiye abo banyanisekileyo kuye. Ngokufanayo, ngoxa namhlanje ejamelana nentshutshiso eqatha, amaKristu athanjisiweyo namaqabane awo azahluleleyo azimisele ukungayophuli ingqibelelo yawo kuThixo. Noko ke, umpostile uPawulos wabonisa ukuba uMtyholi unokubangela ukufa. Ngaba loo nto ayifanele isenze soyike?

5. Yintoni esiyifundayo kumaHebhere 2:14, 15?

5 UPawulos wathi uYesu wanikwa umzimba wenyama ukuze “ngokufa kwakhe amtshitshise lowo unamandla okubangela ukufa, oko kukuthi, uMtyholi; aze abakhulule bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.” (Hebhere 2:14, 15) Njengalowo “unamandla okubangela ukufa,” uSathana wangena kuYudas Skariyoti waza wasebenzisa iinkokeli zamaYuda namaRoma ukuba zibulale uYesu. (Luka 22:3; Yohane 13:26, 27) Noko ke ngokufa kwakhe okulidini, uYesu wakhulula uluntu olunesono kumgibe kaSathana waza wasenza sakufanelekela ukufumana ubomi obungunaphakade.—Yohane 3:16.

6, 7. Angakanani amandla kaSathana okubangela ukufa?

6 Angakanani amandla kaMtyholi okubangela ukufa? Kaloku, kususela ekuqaliseni kukaSathana ukuba ngongendawo, ubuxoki bakhe nokulahlekisa kwakhe abantu kuye kwabangela ukuba bafe. Oku kungenxa yokuba uAdam wona waza ngaloo ndlela wadlulisela isono nokufa ebantwini. (Roma 5:12) Ngapha koko, abakhonzi bakaSathana abasemhlabeni baye babatshutshisa abo banqula uYehova yaye maxa wambi babatshutshisa de bafe njengoko benzayo kuYesu Kristu.

7 Sekunjalo, asifanele sicinge ukuba uMtyholi unokubulala nabani na afuna ukumbulala. UThixo uyabakhusela abantu bakhe yaye akasayi kuze amvumele uSathana atshabalalise bonke abanquli bokwenyaniso abasemhlabeni. (Roma 14:8) Liyinyaniso elokuba uYehova uyayivumela into yokuba abantu bakhe batshutshiswe yaye uvumela nokuba sife ngenxa yokuhlaselwa nguMtyholi. Kodwa iZibhalo zisithembisa ukuba uThixo uza kubavusa abo ‘bakwincwadi yokukhumbuza’—yaye uMtyholi akanakukuthintela oko!—Malaki 3:16; Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

Yintoni Ebangela Ukuba USathana Asitshutshise?

8. Yintoni ebangela ukuba uMtyholi atshutshise abakhonzi bakaThixo?

8 Ukuba singabakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo, uMtyholi unesizathu esikhethekileyo sokusitshutshisa. Ufuna silalanise kukholo lwethu. Sinolwalamano oluxabisekileyo noBawo wethu osezulwini yaye uSathana ufuna ukutshitshisa olo lwalamano. Oku akumele kusimangalise. E-Eden, uYehova waxela kwangaphambili ukuba kwakuya kubakho ubutshaba phakathi ‘komfazi’ wokomfuziselo ‘nenyoka’ naphakathi “kwembewu” yabo. (Genesis 3:14, 15) IZibhalo zithi uMtyholi ‘yinyoka yantlandlolo’ yaye zithi ixesha analo lifutshane yaye unomsindo omkhulu. (ISityhilelo 12:9, 12) Logama ubutshaba phakathi kwezi ‘mbewu’ zimbini busekho, abo bakhonza uYehova ngokuthembeka bamele balindele ukutshutshiswa. (2 Timoti 3:12) Ngaba uyasibona esona sizathu sokuba uSathana asitshutshise?

9, 10. Yiyiphi imbambano eye yaphakanyiswa nguMtyholi yaye inxulumene njani nokuziphatha kwabantu?

9 UMtyholi uye waphakamisa imbambano yolongamo kwindalo iphela. Uye wathandabuza nokuba abantu banokugcina ingqibelelo kuMdali wabo. USathana watshutshisa uYobhi, indoda eyayithembekile. Ngoba? Wayefuna uYobhi aphule ingqibelelo yakhe kuYehova. Umfazi kaYobhi ‘nabathuthuzeli abanenkathazo’ abathathu baphumeza injongo kaMtyholi ngelo xesha. Njengoko incwadi kaYobhi ibonisa, uMtyholi wamcel’ umngeni uThixo, esithi akukho mntu unokuqhubeka ethembekile kuye ukuba uSathana unokuvunyelwa amvavanye loo mntu. Kodwa uYobhi wabambelela ngokuqinileyo kwingqibelelo yakhe waza ngaloo ndlela wamngqina uSathana elixoki. (Yobhi 1:8–2:9; 16:2; 27:5; 31:6) UMtyholi utshutshisa amaNgqina kaYehova namhlanje ukuze aphule ingqibelelo yawo nokuze ibango lakhe lingqineke liyinyaniso.

10 Ukwazi kwethu ukuba uMtyholi usitshutshisa ngenxa yokuba efuna ukwaphula ingqibelelo yethu kuThixo kunokusinceda ukuba sikhaliphe yaye somelele. (Duteronomi 31:6) UThixo wethu nguMongami Wendalo Iphela yaye uya kusinceda ukuba sigcine ingqibelelo yethu. Ngamana singazabalazela ukuvuyisa intliziyo kaYehova ngokuthi sigcine ingqibelelo yethu ukuze akwazi ukuphendula lowo umngcikivayo, uSathana uMtyholi.—IMizekeliso 27:11.

“Sihlangule Kulowo Ungendawo”

11. Sithetha ukuthini isicelo esithi, “Ungasingenisi ekuhendweni”?

11 Ukugcina ingqibelelo akulula; kufuneka ubani athandaze ngokunyanisekileyo. Amazwi omthandazo ongumzekelo aluncedo kakhulu. Loo mthandazo kaYesu unamazwi athi: “Ungasingenisi ekuhendweni, kodwa sihlangule kulowo ungendawo.” (Mateyu 6:13) UYehova akasihendeli esonweni. (Yakobi 1:13) Noko ke, maxa wambi iZibhalo ziye zithi wenza okanye ubangela okuthile, ngoxa enyanisweni, evumele loo nto ukuba yenzeke. (Rute 1:20, 21) Ngoko, xa sithandaza ngale ndlela uYesu wasifundisa ukuba sithandaze ngayo, sicela uYehova ukuba angasivumeli singene esilingweni. Yaye uya kusiphulaphula, kuba sifumana esi siqinisekiso eZibhalweni: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.

12. Kutheni sithandaza sisithi: “Sihlangule kulowo ungendawo”?

12 Emva kokukhankanya ukuhendwa kumthandazo ongumzekelo, ngokufanelekileyo uYesu wathi: “Sihlangule kulowo ungendawo.” Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zithi: “Sihlangule kubungendawo” (King James Version; Revised Standard Version) okanye “Sikhusele kubungendawo.” (Contemporary English Version) Noko ke, eZibhalweni igama elithi ‘hlangula’ lisetyenziswa xa kubhekiselwa ebantwini yaye iVangeli kaMateyu ithi uMtyholi ‘nguMhendi.’ (Mateyu 4:3, 11) Ngoko kubalulekile ukuba sithandazele ukuhlangulwa “kulowo ungendawo,” uSathana uMtyholi. Uzama ukusihendela ekubeni sone uThixo. (1 Tesalonika 3:5) Xa sicela sisithi, “Sihlangule kulowo ungendawo,” sicela uBawo wethu osezulwini ukuba asikhokele aze asincede ukuze singabi zizisulu zikaMtyholi.

Ungabi Sisisulu SikaMtyholi

13, 14. Kwakutheni ukuze kufuneke abaseKorinte batshintshe indlela ababeyiphethe ngayo indoda eyayikwelo bandla, eyayikhe yaziphatha kakubi?

13 Xa uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte ukuba axolele, wabhala wathi: “Xa sukuba nixolela nabani na ngobubele, nam ndiyamxolela. Enyanisweni, mna ke, nakuphi na endikuxolele ngobubele, ukuba ndiye ndaxolela ngobubele, bekungenxa yenu emehlweni kaKristu; ukuze singabi zizisulu zikaSathana, kuba siyawazi amacebo akhe.” (2 Korinte 2:10, 11) Sinokuba zizisulu zikaMtyholi ngeendlela ezahlukahlukeneyo kodwa kwakutheni ukuze uPawulos athethe la mazwi angasentla?

14 UPawulos wabohlwaya abaseKorinte kuba babevumele indoda eziphethe kakubi ukuba ihlale ebandleni. Oku kumele ukuba kwamvuyisa uSathana, kuba ibandla lalingcikivwa ngokuvumela ‘uhenyuzo olungekho naphakathi kweentlanga.’ Ekugqibeleni, loo moni wasuswa kubudlelane. (1 Korinte 5:1-5, 11-13) Le ndoda kamva yaguquka. Ukuba abaseKorinte babengavumi ukuyixolela baze bayibuyisele kubudlelane, babeza kuba zizisulu zikaMtyholi ngandlel’ ithile. Njani? Oko kwakuza kuthetha ukuba bangqwabalala yaye abananceba, njengoSathana. Ukuba le ndoda iguqukileyo ‘yayidliwe kukuba buhlungu kwayo ngokugqithiseleyo’ ize inikezele, abadala ngokukhethekileyo, babeza kuba netyala phambi koThixo onenceba, uYehova. (2 Korinte 2:7; Yakobi 2:13; 3:1) Kakade ke, akakho umKristu onyanisekileyo onokufuna ukuxelisa uSathana ngokukhohlakala, ukuba ngqwabalala nokungabi nanceba.

Sikhuselwe Sisikrweqe SikaThixo

15. Silwa noobani yaye ukoyisa kwethu kuxhomekeke entwenini?

15 Ukuze sihlangulwe kuMtyholi, simele silwe nemikhosi yoomoya abangendawo. Ukuze siyoyise loo mimoya ingendawo kufuneka sinxibe “sonke isikrweqe sikaThixo.” (Efese 6:11-18) Esi sikrweqe siquka “isigcina-sifuba sobulungisa.” (Efese 6:14) UKumkani uSawule wakwaSirayeli akazange amthobele uThixo yaye ngenxa yoko waphulukana nomoya oyingcwele. (1 Samuweli 15:22, 23) Kodwa ukuba siqhelisela ubulungisa size sinxibe sonke isikrweqe sokomoya, siya kufumana umoya oyingcwele kaThixo yaye uya kusikhusela kuSathana nakwiingelosi zakhe ezingendawo, iidemon.—IMizekeliso 18:10.

16. Yintoni enokusinceda ukuze sihlale sikhuselekile kwimikhosi yoomoya abangendawo?

16 Ukuze sihlale sikhuselekile kwimikhosi yoomoya abangendawo, kufuneka sifundisise iLizwi likaThixo rhoqo, sisebenzise iimpapasho ezilungiselelwe ‘ligosa elithembekileyo.’ (Luka 12:42) Ngaloo ndlela, siya kuhlala sicinga ngezinto zokomoya ezakhayo, ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos esithi: “Bazalwana, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.

17. Yintoni eya kusinceda siphumelele ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo?

17 UYehova usinceda sikwazi ‘ukuxhobisela iinyawo zethu iindaba ezilungileyo zoxolo.’ (Efese 6:15) Ukuba nenxaxheba rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu kusixhobisela ukuba sikwazi ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Olunjani lona uvuyo esilufumanayo ngokunceda abanye bafunde inyaniso kaThixo baze bakhululeke ngokomoya! (Yohane 8:32) ‘Ikrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo,’ libaluleke kakhulu ekusikhuseleni nxamnye neemfundiso zobuxoki yaye liyasinceda ukuze ‘sibhukuqe izinto ezinqatyisiweyo.’ (Efese 6:17; 2 Korinte 10:4, 5) Ukulisebenzisa ngobuchule iLizwi likaThixo elibhaliweyo, iBhayibhile, kusinceda sikwazi ukufundisa abanye inyaniso yaye liyasikhusela ukuze singaqhathwa nguMtyholi.

18. ‘Sinokuma njani siqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi?’?

18 Xa eqalisa ingxubusho yakhe ephathelele isikrweqe sokomoya, uPawulos wathi: “Qhubekani nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo. Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.” (Efese 6:10, 11) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘yimani niqinile’ libhekisela kwindlela elima ngayo ijoni kwisikhundla salo. Sima siqinile kwimfazwe yokomoya nangona uSathana esebenzisa amacebo awahlukahlukeneyo xa ezama ukuphazamisa umanyano lwethu, ukonakalisa iimfundiso zethu okanye ukwaphula ingqibelelo yethu kuThixo. Kodwa ukuza kuthi ga ngoku uMtyholi akakaphumeleli ekuhlaseleni kwakhe—yaye akasoze aphumelele!a

Mchaseni UMtyholi, Wonibaleka

19. Yiyiphi enye indlela esinokumchasa ngayo uMtyholi?

19 Sinokuphumelela kumlo wethu wokomoya nxamnye noMtyholi nemikhosi yoomoya abangendawo elawulwa nguye. Akukho sizathu sakumoyika uSathana, kuba umfundi uYakobi wabhala wathi: “Zithobeni . . . kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” (Yakobi 4:7) Enye indlela yokuchasa uSathana kunye nezidalwa zokomoya ezingendawo ezisebenza kunye naye kukungazibandakanyi nobugqi okanye umlingo kunye nabo bawuqheliselayo. IZibhalo zibonisa ngokucacileyo ukuba abakhonzi bakaYehova bamele bangavumi ukuhlaba izihlabo okanye ukuvumisa ngeenkwenkwezi, ukuya koosiyazi nokusebenzelana nemimoya. Ukuba sixakeke yimisebenzi yokomoya yaye sinokholo olomeleleyo, asimele soyike ukuba kukho umntu onokusithakatha.—Numeri 23:23; Duteronomi 18:10-12; Isaya 47:12-15; IZenzo 19:18-20.

20. Sinokumchasa njani uMtyholi?

20 ‘Siyamchasa uMtyholi’ ngokunamathela kwimilinganiselo nenyaniso yeBhayibhile nangokuma siqinile nxamnye naye. Ihlabathi liyasebenzisana noSathana kuba unguthixo walo. (2 Korinte 4:4) Ngaloo ndlela, siyazigatya iimpawu zehlabathi, njengekratshi, ukuzingca, ukuziphatha okubi, ugonyamelo nokuthanda izinto eziphathekayo. Siyazi ukuba uMtyholi wabaleka emva kokuba uYesu eye waxhathisa ngokusebenzisa iZibhalo xa wayemhenda entlango. (Mateyu 4:4, 7, 10, 11) Ngokufanayo, siya kumoyisa uSathana aze ‘asibaleke’ ukuba sithobela uYehova ngokupheleleyo size sikholose ngaye. (Efese 6:18) Ngenkxaso kaYehova uThixo noNyana wakhe amthandayo, akukho mntu unokusenzakalisa ngokupheleleyo—nditsho noMtyholi ngokwakhe!—INdumiso 91:9-11.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele isikrweqe sikaThixo, funda IMboniselo kaMeyi 15, 1992, iphepha 21-3.

Ungaphendula Uthini?

• Ngaba sifanele simoyike uSathana uMtyholi?

• Yintoni ebangela ukuba uSathana atshutshise amaKristu?

• Kutheni sifanele sithandazele ukuhlangulwa “kulowo ungendawo”?

• Sinokuphumelela njani kwimfazwe yokomoya?

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Abalandeli bakaKristu bokuqala bathembeka de kwasekufeni

[Umfanekiso okwiphepha 27]

UMtyholi akanakukuthintela ukuvuswa kwabo bakwinkumbulo kaYehova

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Ngaba uyakuthandazela ukuhlangulwa “kulowo ungendawo”?

[Umfanekiso okwiphepha 29]

Ngaba unxibe “sonke isikrweqe sikaThixo”?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share