IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Singakwazi Ukujamelana Naso Nasiphi Na Isilingo!
    IMboniselo—2005 | Juni 15
    • ‘Ububele Obungasifanelanga BukaThixo Bubonakaliswa Ngeendlela Ezahlukahlukeneyo’

      Umpostile uPetros uchaza ukuba amaKristu ‘eva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.’ (1 Petros 1:6) Kwincwadi yakhe ephefumlelweyo uphinda athi, ‘ububele obungasifanelanga bukaThixo bubonakaliswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.’ (1 Petros 4:10) Ibinzana elithi “ngeendlela ezahlukahlukeneyo” linengcamango efanayo neyegama lokuqala lesiGrike. Ephawula ngeli gama, omnye umphengululi weBhayibhile uthi: “Le ngcamango imangalisa ngokwenene. . . . Ukuchaza inceba kaThixo [okanye, ububele obungasifanelanga] njengepoikilos kuthetha ukuba akukho meko anokuba kuyo umntu ize inceba kaThixo ingakwazi kumnceda ajamelane nayo.” Uhlabela mgama athi: “Akukho meko ingaphaya kwamandla, kungekho nangxaki ingxamisekileyo engenako ukuconjululwa yinceba kaThixo, ize yoyiswe. Akukho nanye into enokoyisa inceba kaThixo. Igama elithi poikilos lisenza sicinge ngaloo mibalabala yenceba kaThixo ekwaziyo kakuhle ukusinceda sijamelane nezinto zonke.”

      Izilingo Zoyiswa Ngobubele

      Ngokutsho kukaPetros, enye indlela uThixo abonakalisa ngayo ububele bakhe obungasifanelanga usebenzisa abantu abahlukahlukeneyo bebandla lamaKristu. (1 Petros 4:11) Mkhonzi ngamnye kaThixo unesiphiwo somoya, okanye amandla anokukhuthaza abo bajamelene nezilingo. (Roma 12:6-8) Ngokomzekelo, amanye amalungu ebandla abalasele ekufundiseni iBhayibhile. Amazwi awo okuqonda avuselela aze omeleze abanye banyamezele. (Nehemiya 8:1-4, 8, 12) Amanye ahlala etyelela ukuze aluse abo bafuna ukuthuthuzelwa kumakhaya abo. Loo matyelelo aba lukhuthazo, ‘athuthuzela iintliziyo.’ (Kolose 2:2) Xa abaveleli betyelela ukuze bomeleze ukholo lwabazalwana, babanika isipho somoya. (Yohane 21:16) Ebandleni kukho nabanye abaziwa ngobubele, uvelwano nokuthantamisa amanye amakholwa akhathazekileyo ngenxa yezilingo. (IZenzo 4:36; Roma 12:10; Kolose 3:10) Uvelwano noncedo lwabo bazalwana noodade banothando yimbonakaliso ebalaseleyo, okanye “umbala,” wobubele obungasifanelanga bukaThixo.—IMizekeliso 12:25; 17:17.

  • Singakwazi Ukujamelana Naso Nasiphi Na Isilingo!
    IMboniselo—2005 | Juni 15
    • Ewe, enoba unjani na “umbala,” okanye uhlobo, lwesilingo esisifumanayo, kuya kusoloko kukho “umbala,” oya kufana twatse naso okanye imbonakaliso, yobubele obungasifanelanga bukaThixo eya kusinceda sikwazi ukumelana naso. (Yakobi 1:17) Ngexesha elifanelekileyo uYehova uyabaxhasa abakhonzi bakhe—kungakhathaliseki ukuba zininzi kangakanani na izilingo okanye iimvavanyo abajamelene nazo—nto leyo ebubungqina ‘bobulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi.’ (Efese 3:10) Ngaba wena akuvumelani noko?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share