Imbono YeBhayibhile
Buthetha Ntoni Ngokwenene Ubuntloko Emtshatweni?
KUMAZWE amaninzi xa kutshatwa kudla ngokwenziwa izifungo apho umtshakazi ethembisa ukuthobela umyeni wakhe. Sekunjalo, amabhinqa amaninzi akayithandi into yokuba amadoda awo abe ziintloko emtshatweni. Makhe siqwalasele oko kufundiswa yiBhayibhile ngalo mbandela. Uya kufumanisa ukuba oko ikufundisayo kulungelelene yaye kuyasebenza.
UThixo Uyachaza Ukuba Buyintoni Ubuntloko
IBhayibhile iyabuchaza ubuntloko kweyabase-Efese 5:22-24: “Abafazi mabathobele amadoda abo njengakuyo iNkosi, ngenxa yokuba indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla . . . Enyanisweni, njengoko ibandla limthobela uKristu, ngoko mabenjenjalo nabafazi kumadoda abo kuyo yonk’ into.” ‘Njengentloko yomfazi,’ indoda ifanele ikhokele entsatsheni, umfazi alandele ukhokelo lwayo aze abuhlonele ubuntloko bayo.—Efese 5:33.
Igunya lendoda lingaphantsi kwegunya likaThixo noKristu. Ayinalungelo lakuyalela umfazi wayo ukuba aphule imithetho kaThixo okanye angasiphulaphuli isazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Kodwa ke, phezu kwako nje oku, uThixo wabele indoda imbopheleleko yokwenza izigqibo ezibalulekileyo zentsapho.—Roma 7:2; 1 Korinte 11:3.
IBhayibhile iyalela indoda ukuba ilawule ngokungazingci, icingele umfazi wayo kuqala. Eyabase-Efese 5:25 ithi: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” Indoda elandela umzekelo obalaseleyo kaKristu wothando ayiyi kubusebenzisa kakubi ubuntloko.
Ngaphezu koko, iBhayibhile iyalela indoda ukuba ihlale nomfazi wayo “ngokokwazi.” (1 Petros 3:7) Oku kuthetha okungakumbi kunokwazi nje ukuba abafazi bahlukile kumadoda ngokwamandla nangokweemvakalelo. Ifanele izazi iimfuno zomfazi wayo.
‘Liqabane Lakho’
Ngaba ukuthobela komfazi kuthetha ukuba umele abe nguvuma-zonke? Makhe sithethe ngoSara, ochazwa eBhayibhileni njengowaba ngumzekelo ekuthobeleni umyeni wakhe, uAbraham. (1 Petros 3:5, 6) Wayemthobela kwimibandela emikhulu nemincinane, ukususela ekufudukeni esuka kwindlu etofotofo ehamba ethwala impahla ehlala ezintenteni, nokulungiselela izidlo ngomzuzu wokugqibela. (Genesis 12:5-9; 18:6) Noko ke, ngokuphathelele umbandela onzulu, ngokuphindaphindiweyo waveza imbono yakhe eyahlukileyo kweka-Abraham. Oku kwenzeka xa wayefuna ukugxotha isicakazana uHagare nonyana waso wamazibulo uIshmayeli endlwini yakhe. Kunokuba akhalimele uSara, uThixo waxelela uAbraham ukuba ‘aliphulaphule ilizwi lakhe.’ Ebudeni belo xesha, uSara waqhubeka emthobela uAbraham ngokulinda ukuba enze okuthile kunokuba amgxothe ngokwakhe uHagare noIshmayeli.—Genesis 21:8-14.
Umzekelo kaSara ubonisa ukuba kunokuba umfazi abe nguvuma-zonke, umele abe ‘liqabane’ lendoda yakhe, abe kwindawo ebekekileyo. (Malaki 2:14) Njengeqabane layo, unegalelo elikhulu kwizigqibo eziphathelele intsapho yaye unegunya elithile entsatsheni, ngokufuthi enyamekela intsapho kwanemali. Kakade ke, njengentloko-ntsapho, indoda ifanele yenze izigqibo ngemali.—IMizekeliso 31:10-31; 1 Timoti 5:14.
Ukuthobela UMdali
UYehova uThixo wadala indoda nomfazi, yaye waseka umtshato njengesibopho esingcwele phakathi kwabo. (Genesis 2:18-24) Kwakhona wanika indoda nomfazi indima yabo eya kubazisela ulonwabo.—Duteronomi 24:5; IMizekeliso 5:18.
NjengoMsunguli womtshato, uYehova unelungelo namandla okumisela imilinganiselo kwilungiselelo lomtshato. UThixo uyakholiswa yaye uyawaxhasa amaqabane omtshato afeza indima yawo nathobela ilungiselelo lakhe lobuntloko, kungekhona nje kuba lisebenza, kodwa ngenxa yokumthobela.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Ngubani owamisela umzekelo omhle wobuntloko?—Efese 5:25.
◼ Ngaba uThixo ulisikele umda igunya lendoda?—1 Korinte 11:3.
◼ Yintoni injongo yomtshato nelungiselelo lobuntloko?—IMizekeliso 5:18.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Xa kulandelwa umzekelo kaKristu wobuntloko oko kwenza omabini amaqabane onwabe aze aneliseke