IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 8/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Utshaba Lokugqibela, Ukufa, Luya Kutshitshiswa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • IMini KaThixo Yomgwebo—Umphumo Wayo Ovuyisayo!
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Ukufa Nokuvuswa KukaYesu—Kunokuthetha Ntoni Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Kwenzeka Ntoni Kwabo Sibathandayo Bafileyo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 8/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Emva kovavanyo lokugqibela ekupheleni kweMinyaka Eliwaka, ngaba kunokwenzeka ukuba abantu bone baze bafe?

Inkcazelo esiyifumana kwizibhalo ezibini zeSityhilelo isinceda sifumane impendulo: “Ukufa neHadesi kwaphoswa edikeni lomlilo. Oku kuthetha ukufa kwesibini, idike lomlilo.” (ISityhilelo 20:14) “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.

Phawula ixesha ezenzeka ngalo ezi zinto. “Ukufa neHadesi” kuphoswa edikeni lomlilo emva kokuba abo basinde eArmagedon, abavuswe ekufeni nabazelwe emva kweArmagedon sele begwetyiwe ‘ngokwezinto ezibhalwe kwimisongo,’ okanye ngokwemilinganiselo uYehova aya kuyibekela uluntu ebudeni beminyaka eliwaka. (ISityhilelo 20:12, 13) Umpostile uYohane ubhala omnye umbono, ofumaneka kwiSityhilelo isahluko 21, oya kuzaliseka ebudeni boLawulo lukaYesu Kristu Lwewaka Leminyaka. Noko ke, loo mbono uya kuzaliseka ngokupheleleyo ekupheleni kweMini Yomgwebo eya kuthabatha iminyaka eliwaka. Uya kwandula ke uYehova ahlale nabantu ngengqiqo epheleleyo kungekho mntu ongumlamleli wabantu, ekubeni uYesu eya kube enikele uBukumkani kuYise. UYehova uya kuhlala ngokufuziselayo ‘nabantu bakhe’ ixesha elingenasiphelo nangendlela engokoqobo. ‘Ukufa akusayi kubakho’ xa abantu befezeka ngenxa yeenzuzo zokusebenza ngokupheleleyo kwedini likaKristu lentlawulelo.—ISityhilelo 21:3, 4.

Ngoko ke, ukufa okukhankanywe eZibhalweni ezingasentla kukufa okwabangelwa nguAdam, okuza kube kupheliswe yintlawulelo kaKristu. (Roma 5:12-21) Xa ukufa abantu abakuzuza njengelifa kumntu wokuqala kuphelisiwe, abantu baya kuba njengoAdam ekudalweni kwakhe. UAdam wayefezekile, kodwa oko kwakungathethi ukuba wayengenakufa. UYehova wamxelela uAdam ukuba angatyi ‘kumthi wokwazi okulungileyo nokubi’ waza wathi: “Mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:17) Oku yayikukufa okubangelwa sisono sangabom. Emva kovavanyo lokugqibela loLawulo lweWaka Leminyaka, abantu baya kube besenayo inkululeko yokuzikhethela. (ISityhilelo 20:7-10) Baya kuzikhethela enoba bayafuna okanye abafuni ukumkhonza uYehova. Akunakuthiwa akusayi kubakho mntu uya kumfulathela uThixo, njengokuba wenzayo uAdam.

Yintoni eya kwenzeka kumntu okhetha ukuvukela emva kovavanyo lokugqibela xa kungasekho kufa okanye iHadesi? Ngelo xesha, ukufa okwabangelwa nguAdam kuya kube kungasekho. Yaye iHadesi, ingcwaba eliqhelekileyo loluntu olunethemba lovuko, iya kube ingasekho. Sekunjalo, uYehova usenokumtshabalalisa nabani na ovukelayo kwichibi lomlilo, angaze aphinde avuke. Leyo yindlela awafa ngayo uAdam noEva, ingekuko ukufa abantu abakuzuz’ ilifa kuAdam.

Noko ke, asinasizathu sakulindela ukuba oku kungenzeka. Abo baye basinda kuvavanyo lokugqibela baya kube behlukile kuAdam ngendlela ekhethekileyo. Baya kube bevavanywe ngokupheleleyo. Sinokuba nentembelo yokuba uvavanyo lokugqibela luya kuba lolucokisekileyo kuba uYehova uyakwazi ukugocagoca abantu. Kwakhona sinokuqiniseka ukuba uvavanyo lokugqibela luya kubashenxisa bonke abasenokuyisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela. Ngoko ke, nangona kunokwenzeka ukuba abo basindileyo kuvavanyo lokugqibela bamvukele uThixo, loo nto ayinakufane yenzeke.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Emva kovavanyo lokugqibela, abantu baya kufana njani noAdam?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share