IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w97 2/15 iphe. 21-24
  • Ukuzisa Inkululeko Yokomoya Kwabasentolongweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuzisa Inkululeko Yokomoya Kwabasentolongweni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Imixholwana
  • Indlela Owenziwa Ngayo Umsebenzi
  • I-Islas Marías
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
w97 2/15 iphe. 21-24

Ukuzisa Inkululeko Yokomoya Kwabasentolongweni

“BESINILINDELE.” “Kobu busuku bumbalwa budluleyo, ndiye ndaniphupha nisiza.” “Sibamba ngazibini ngokwabela umntu ukuba asityelele ngokuthe rhoqo.” “Sivakalisa umbulelo wethu ngentsikelelo nganye engasifanelanga esiyifumana ivela kuYehova nakwintlangano yakhe ngokusinika ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.”

Kwakutheni ukuze kuthethwe la mazwi ombulelo? La ngamazwi avela kumabanjwa athile avalelwe kwiintolongo ezahlukeneyo zaseMexico. Ayayixabisa ingqalelo ayifumanayo kumaNgqina kaYehova, eye yawazisela inkululeko yokomoya nangona esentolongweni. EMexico kukho iintolongo ezingama-42 amaNgqina kaYehova alungiselela kuzo iintswelo zokomoya zamabanjwa. Ezi ndawo zibizwa ngokuba ziiCentro Readaptación Social (iZiko Lentlalo Lokubuyisela Kwimeko Yangaphambili). Kwezinye zezi ntolongo, iintlanganiso zamaKristu zide ziqhutywe ngokuthe rhoqo yaye imiphumo mihle gqitha. Ngokomzekelo, xa bekubalwa kutshanje, bebemalunga nama-380 abantu abahlanganisana kwezi ndawo. Ngelo xesha bekuqhutywa izifundo zeBhayibhile ezilinganiselwa kuma-350. Ezingama-37 bezikufanelekele ukuqalisa ukushumayela, yaye ezingama-32 bezibahlulele ubomi bazo kuYehova, zifuzisela oko ngokubhaptizwa emanzini.

Indlela Owenziwa Ngayo Umsebenzi

AmaNgqina kaYehova awuqhuba njani umsebenzi wawo wokushumayela kwezi ndawo? Kuqala aya kumagosa aphetheyo aye kucela imvume ebhalwe phantsi yokungena kuloo ntolongo, echaza injongo yolo tyelelo—ukufundisa amabanjwa indlela yokuphucula umgangatho wobomi bawo aze akhonze uThixo ngendlela emkholisayo.

Sihlandlo ngasinye abasemagunyeni baye bawanika imvume. La magosa ayaluxabisa ulwalathiso lweBhayibhile olunikelwa kula mabanjwa. Abasemagunyeni bentolongo baye babona ukuba amaNgqina kaYehova ayayithobela imiyalelo yokhuseleko eye yabekwa kwezi ndawo. Baye babavumela aba balungiseleli batyelelayo ukuba basebenzise iiofisi, amagumbi okutyela namagumbi okusebenzela ukuze baqhube iintlanganiso zabo. Kwenye indawo amaNgqina ade avunyelwa ukuba akhe iHolo YoBukumkani encinane, njengoko kubonisiwe kumava alandelayo abaliswa ngumveleli ohambahambayo kumzantsi mpuma weMexico.

“Ekuqaleni kowe-1991 saqalisa ukutyelela intolongo yaseTehuantepec, eOaxaca, apho safika kugquba indlala ngokomoya. Kungekudala saqalisa izifundo zeBhayibhile ezingama-27. Ngenxa yomdla wamabanjwa, kwacwangciswa iintlanganiso zebandla ezintlanu. Elinye lamabanjwa, elabonakalisa ukumthanda gqitha uYehova, lagqiba kwelokuba lakhe iHolo YoBukumkani encinane ngaphakathi kwentolongo ukuze kubekho indawo yokuqhuba iintlanganiso. Laya kumphathi wentolongo laza lacela imvume, ibe abasemagunyeni baba nentsebenziswano gqitha. Ekuqaleni koDisemba we-1992, amabanjwa amathandathu afaneleka njengabavakalisi beendaba ezilungileyo. Ngenxa yenkqubela eyabonakaliswayo, kwenziwa amalungiselelo okuqhuba iSikhumbuzo ngaphakathi kwentolongo. Sacela imvume yokuza nemifuziselo—isonka newayini—kumphathi wentolongo, ibe emva kwengxoxo eyathabatha iiyure ezine, sayinikwa imvume.

“Kwenzeka ukuba ngoAprili 3, 1993, (kwiintsuku ezintathu ngaphambi kombhiyozo weSikhumbuzo), amanye amabanjwa akhululwe. Xa elinye elalingumvakalisi lafumana amaphepha okulikhulula entolongweni, lacela ukuthetha nomphathi wentolongo ukuze lifumane imvume yokuba lihlale de kudlule umbhiyozo weSikhumbuzo. Oku kwammangalisa ngokwenene lo mphathi, ekubeni eso yayisisicelo esingaqhelekanga, kodwa ngenxa yomdla omkhulu welo banjwa wokubakho kwiSikhumbuzo apho entolongweni, wasivumela eso sicelo. Kweso Sikhumbuzo kwakuze abantu abangama-53, ababelila iinyembezi zovuyo ekupheleni kolo cwangciso. Siye savumelana ukuba eli qela silibize ngokuthi ‘Freedom Cereso,’ ngenxa yokuba likhululekile ngengqiqo yokomoya.”

Umsebenzi wamaNgqina kaYehova uxatyiswa gqitha kwezi ndawo. Kwenye yezi ndawo zigcina abenzi bubi, umntu ophetheyo ngokuphandle uncomela ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova “njengeyeza” lokubuyela kwimeko yangaphambili ngokukhawuleza kumabanjwa.

Inkqubo Yokubuyisela Kwimeko Yangaphambili Eyimpumelelo

Umsebenzi wamaNgqina kaYehova uye waphumela ekubeni amabanjwa amaninzi abuyiselwe ngokupheleleyo kwimeko yangaphambili. Ngoxa kuyinyaniso ukuba abo bakhe baba sentolongweni babuyela kubomi bolwaphulo-mthetho bakukhululwa, abo baye basamkela ngokwenene isigidimi seLizwi likaThixo baye batshintsha ngokupheleleyo. Ukuguquka kwabo kusikhumbuza amazwi ompostile uPawulos athi: “Abahenyuzi . . . , namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. Ukanti oko koko bambi kuni babekuko. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka, kodwa niye nangcwaliswa, kodwa niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.”—1 Korinte 6:9-11.

Ukutshintsha okubalaseleyo kobuntu babo kubonakala xa bevakalisa iimvakalelo zabo. UMiguel, okwintolongo yaseCampeche kwisiXeko saseCampeche, wakubeka ngale ndlela oku: “Namhlanje ndinokutsho ngovuyo ukuba ndizibala phakathi kwezinye izimvu ezinethemba elibhalwe kweyesi-2 kaPetros 3:13 nakuMateyu 5:5.” UJosé, oseKoben, kwintolongo yaseCampeche, wagqabaza esithi: “Nangona ndilibanjwa yaye nento endiyibanjelweyo isenokuba inzulu gqitha, ndiyaqonda ukuba uYehova unenceba gqitha yaye uyayiphulaphula imithandazo nezicelo zam. Unokuzixolela iziphoso zam aze andinike ithuba lokuchitha bonke ubomi bam ndisabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Sibamba ngazibini kubadala bethu ngexesha abalichitha besityelela entolongweni ukuze singenelwe kumadinga oBukumkani bukaThixo. Ezinjani ukuba mnandi iintsikelelo! Ngaba ndinokutsho ukuba ndilibanjwa? Hayi, uYehova undinike inkululeko yokomoya ebendiyifuna.”

Yintoni le iguqula ababulali, abadlwenguli, abaqhekezi, amasela nabanye babe ngamaKristu aphila ngendlela efanelekileyo? Ngokutsho kwala madoda, ngamandla aguqulayo eLizwi likaThixo nonxulumano olulungileyo nabantu abazinikele ngokwenene. Imeko kaTiburcio, ovalelwe kumzi wokugcina abenzi bobubi eMazatlán, eSinaloa, ibonisa ukuphumelela kolu cwangciso lokubuyela kwimeko yangaphambili. Wayekwintolongo yaseConcordia, eSinaloa, apho wayenengxaki yomsindo ongalawulekiyo. Umkakhe wayengomnye wamaNgqina kaYehova, ibe wayedla ngokumphatha kakubi gqitha, kwanaxa wayeze kumtyelela entolongweni. Wayenomonde ibe waqhubeka emtyelela, ngoko wamcela ukuba amphathele incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, awaqalisa ukuzifundela yedwa.a Wandula ke wacela ukuba kuze omnye umntu entolongweni aze kufundisisa naye. Waqalisa ukwenza inkqubela ngokomoya, ibe ulwalamano lwakhe nabanye lwaqalisa ukuphucula. Watshintshelwa kwintolongo yaseMazatlán apho kukho iqela elifundisisa iBhayibhile, yaye ngoku ungumvakalisi. Ugqabaza athi: “Ngoku, ndikunye nomkam nabantwana kunye namaqabane am asentolongweni, ndinombulelo gqitha ngokukwazi ukuphulaphula iinyaniso zeBhayibhile apha, ndinethemba lokuba kungentsuku zatywala, ndiza kukhululwa ndikwazi ukuya kuzo zonke iindibano neentlanganiso zebandla.”

Kwakhona, kukho uConrado, onombulelo gqitha ngotshintsho aye wakwazi ukulwenza ebomini bakhe. Wayeneengxaki ezinkulu zomtshato kangangokuba inkosikazi yakhe yamshiya. Ngoko wabhenela kwiziyobisi. Ekuhambeni kwexesha waba ngumthengisi weziyobisi. Wabanjwa waza wavalelwa entolongweni ngenxa yokuthutha umya necocaine. Entolongweni kwakukho iqela elalifundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, ibe wamenywa ukuba afundisise nawo. Iimvakalelo zakhe uzivakalisa ngolu hlobo: “Ndachukunyiswa yindlela iintlanganiso ezaziqhutywa ngocwangco ngayo, ucwangciso lokuphanda ngeempapasho, nesibakala sokuba yonke into yayisekelwe eBhayibhileni. Ngokukhawuleza ndacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile ndaza ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso.” Oko kwenzeka ngoJanuwari we-1993. Ngoku uConrado uphumile entolongweni yaye uyaqhubeka esenza inkqubela ebandleni lamaKristu.

I-Islas Marías

EMexico kukho intolongo eyoyikwa gqitha equka iziqithi ezine ebizwa ngokuba yi-Islas Marías. Amabanjwa anokuhambahamba kwezi ziqithi avalelwe kuzo. Amanye ahlala apho kunye nabafazi nabantwana bawo.

Kuye kwamiselwa ibandla elincinane. Abazalwana abathathu baseMazatlán batyelela apho kube kanye ngenyanga, benceda ekuqhubeni iintlanganiso, bazise uncwadi, yaye banikele ukhuthazo. Maxa wambi umveleli wesiphaluka uyabatyelela. Umlinganiselo woziwo uphakathi kwama-20 nama-25. Kukho abavakalisi abane ababhaptiziweyo nababini abangabhaptizwanga. Umveleli ohambahambayo unikela ingxelo yokuba “amanye ahamba iikhilomitha ezili-17 ukuya kwiintlanganiso ngeCawa kuze kufuneke azishiye iintlanganiso engxamele ukuba afike ngaphambi kokuba kubalwe amabanjwa. Xa ekhawuleza, athabatha iiyure ezimbini ukubuya.” Omnye umzalwana, owafunda inyaniso kule ntolongo, kutshanje uye wathi: “Ndandidla ngokuba nomdla wokukhululwa ngokukhawuleza, kodwa ngoku kungenzeka nantoni na ethandwa nguYehova, kuba ndinomsebenzi omninzi gqitha apha ngaphakathi.”

Sivuyiswa kukubona ukuba inyaniso iyawasebenzisa amandla ayo okukhulula abanyanisekileyo abafuna indlela abanokumkholisa ngayo uYehova. Iqaqobana labo, abafunde inyaniso entolongweni, liye lakhululwa, labhaptizwa, ibe ngoku liphila ngokubekekileyo njengabakhonzi bakaThixo, bambi bade baba ngabadala bebandla. Amandla eBhayibhile okuphilisa iintliziyo nawokuhlaziya abantu aye abonakaliswa ngokucacileyo. La madoda awayevalelwe ngenxa yokwenza izenzo ezingalunganga athi akungena kwindlela yokukhanya kweLizwi likaThixo, afumana inkululeko yokwenene eyathenjiswa nguYesu xa wathi: “Niya kuyazi inyaniso, ibe inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32; INdumiso 119:105.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Picture On Page 23]

Abaninzi baye bangenelwa ziinyaniso zamaKristu abazifunde entolongweni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share