-
Akukho Nto Ilunge Ngakumbi KunenyanisoIMboniselo—1998 | Januwari 1
-
-
Akukho Nto Ilunge Ngakumbi Kunenyaniso
Ngokubaliswa Ngug. N. Van Der Bijl
NgoJuni 1941, ndanikelwa kwiGestapo ndaza ndasiwa kwinkampu yoxinaniso yaseSachsenhausen kufuphi neBerlin, eJamani. Apho, njengebanjwa elinenombolo engu-38190, ndahlala de kwaba luhambo olubuhlungu olusinge ekufeni ngoAprili 1945. Kodwa ngaphambi kokuba ndichaze ngezo ziganeko, makhe ndikuthele thsuphe ngendlela ekwenzeka ngayo ukuba ndibe libanjwa.
NDAZALELWA eRotterdam, eNetherlands, kungekudala emva kokuba IMfazwe Yehlabathi I iqalisile ngowe-1914. UTata wayesebenza kwindlela kaloliwe, yaye indawo esasihlala kuyo yayikufuphi nendlela kaloliwe. Ngasekupheleni kwemfazwe ngowe-1918, ndabona oololiwe abaninzi abathwele abaguli bedlula ngesantya esiphezulu. Alithandabuzeki elokuba babezele ngamajoni onzakeleyo awayegoduswa esuka edabini.
Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ndasishiya isikolo ukuze ndifumane umsebenzi. Kwiminyaka esibhozo kamva ndabhalisela ukuba ngumququzeleli wabakhweli benqanawa, yaye kwiminyaka emine elandelayo, ndandihamba ngenqanawa phakathi kweNetherlands neUnited States.
Xa safika ngenqanawa kwizibuko laseNew York ngehlobo lowe-1939, kwaqalisa isisongelo senye imfazwe yehlabathi. Ngoko xa enye indoda yeza kwinqanawa yethu yaza yandinika incwadi ethi Government, eyayithetha ngorhulumente olungileyo, ndayamkela ngovuyo loo ncwadi. Ekubuyeleni kwam eRotterdam, ndaqalisa ukufuna omnye umsebenzi ongenguwo owaselwandle, ekubeni ubomi elwandle babungasabonakali bukhuselekile. NgoSeptemba 1, iJamani yahlasela iPoland yaye loo mazwe aqalisa iMfazwe Yehlabathi II.
Ukufunda Inyaniso YeBhayibhile
Ngenye intsasa yangeCawa ngoMatshi 1940, ndandityelele umkhuluwa wam otshatileyo xa kwankqonkqoza omnye wamaNgqina kaYehova. Ndamxelela ukuba sendinayo incwadi ethi Government yaye ndambuza ngezulu nangabo baya kulo. Ndafumana impendulo ecace ngca nesengqiqweni kangangokuba ndazixelela oku, ‘Le yinyaniso.’ Ndamnika ikhelingi yam ndaza ndammema ukuba andityelele endlwini yam.
Emva nje kokutyelelwa izihlandlo ezithathu, esathi saba neengxubusho ezinzulu zeBhayibhile, ndaqalisa ukulipheleka eli Ngqina kumsebenzi wokushumayela wendlu ngendlu. Ekufikeni kwethu entsimini, landibonisa apho ndiza kuqalisa khona, yaye ndahamba ndedwa. Leyo yayiyindlela abaninzi abatsha ababefundiswa ngayo umsebenzi wokushumayela ngezo mini. Ndacetyiswa ukuba, ukuze ndingabonwa esitratweni, ndifanele ndibe sepasejini ngalo lonke ixesha ndihambisa uncwadi. Kwakufanele ukuba ubani alumke ngezo mini zokuqala kwemfazwe.
Emva kweeveki ezintathu, ngoMeyi 10, 1940, umkhosi waseJamani wahlasela iNetherlands, yaye ngoMeyi 29, umkhomishinala weReich uSeyss-Inquart wavakalisa ukuba intlangano yamaNgqina kaYehova ivaliwe. Sasihlanganisana kuphela njengamaqela amancinane, yaye ngobulumko iindawo zethu zokuhlanganisana sasizigcina ziyimfihlelo. Sasikhuthazwa ngokukodwa ngamatyelelo abaveleli abahambahambayo.
Ndandiyingedle yentshayi, yaye xa ndanika iNgqina elalindifundela umdiza ndafumanisa ukuba lalingatshayi, ndathi: “Andisokuze ndiyeke ukutshaya!” Noko ke, kamsinya emva koko, njengoko ndandisihla ngendlela, ndacinga, ‘Ukuba ndifuna ukuba liNgqina, ndifuna ukuba liNgqina lokwenene.’ Ngoko andizange ndiphinde nditshaye.
Ukumela Inyaniso
NgoJuni 1940, kwixesha nje elingaphantsi kweenyanga ezintathu emva kokuba ndidibene neNgqina kwamkhuluwa wam, ndafuzisela uzahlulelo lwam kuYehova ndaza ndabhaptizwa. Kwiinyanga nje ezimbalwa kamva, ngo-Oktobha 1940, ndangenelela inkonzo yexesha elizeleyo njengovulindlela. Ngelo xesha, ndanikwa ibhatyi ekwakusithiwa yeyobuvulindlela. Yayineepokotho ezininzi zokufaka iincwadi neencwadana, yaye yayinokunxitywa phantsi kwedyasi.
Kwasekuqaleni koloyiso lwamaJamani, amaNgqina kaYehova ayefunwa apho ayekho ukuze avalelwe. Ngenye intsasa ngoFebruwari 1941, ndandisentsimini kwakunye namanye amaNgqina ambalwa. Ngoxa ayesebenza kwelinye icala lezakhiwo zezindlu, ndandisebenza kwelinye icala lezakhiwo ukuze sihlangabezane. Ekuhambeni kwexesha, ndaya kuwakhangela ukuba ayelityaziswa yintoni ndaza ndadibana nendoda eyandibuza oku, “Ngaba nawe unazo ezinye zezi ncwadi zincinane?”
“Ewe,” ndaphendula ndisitsho. Ngoko nangoko yandibamba yaza yandithabatha yandisa kwisikhululo samapolisa. Ndagcinwa entolongweni phantse iiveki ezine. Inkoliso yabaphathi yayinobubele. Logama umntu engasiwanga kwiGestapo, wayenokukhululwa ngokulula ngokuthi atyobele isibhengezo esibhalwe phantsi sokuba akasokuze aphinde asasaze uncwadi lweBhayibhile. Xa ndacelwa ukuba ndityobele eso sibhengezo, ndaphendula ndathi: “Nokuba ninokundinika intywenka yemali, andisokuze ndityobele.”
Emva kokugcinwa ixesha elide, ndathunyelwa kwiGestapo. Ndandula ke ndasiwa kwinkampu yoxinaniso eSachsenhausen eJamani.
Ubomi ESachsenhausen
Xa ndafikayo ngoJuni 1941, kwakusekukho amaNgqina amalunga ne-150—inkoliso yawo yayingamaJamani—eSachsenhausen. Thina mabanjwa amatsha sasiwa kwicandelo lenkampu ekuthiwa yi-Isolation. Apho abazalwana bethu abangamaKristu basinyamekela baza basixhobisela oko simele sikulindele. Emva kweveki kwaziswa elinye iqela lamaNgqina ngenqanawa lisuka eNetherlands. Ekuqaleni sabelwa ukuba sime kwindawo enye phambi komzi wamajoni ukususela ngentsimbi yesixhenxe ekuseni ukusa kweyesithandathu ngokuhlwa. Maxa wambi amabanjwa ayemele enze oko imihla yonke kangangeveki okanye ezingakumbi.
Phezu kwayo nje impatho embi, abazalwana baqonda ukuba kwakukho imfuneko engxamisekileyo yokuhlala benocwangciso yaye befumana ukondliwa ngokomoya. Imihla ngemihla kwakukho umntu owabelweyo ukuze alungiselele iingongoma ezithile kwitekisi yeBhayibhile. Kamva, kwibala lendibano, Ngqina ngalinye lalisiya kulowo lize liphulaphule oko akulungiseleleyo. Ngandlela ithile, uncwadi lwaluthutyeleziswa ngokuthe rhoqo enkampini, yaye sasihlanganisana Cawa nganye size sifundisise uncwadi lweBhayibhile kunye.
Ngandlela ithile umbhalo wencwadi ethi Children, eyakhululwa kwindibano yaseSt. Louis eUnited States ngehlobo lowe-1941, yathutyeleziswa eSachsenhausen. Ukuze sikhusele le ncwadi ingabhaqwa ize itshatyalaliswe, sayahlulahlula, yaye amacandelo adluliselwa kubazalwana ukuze bonke bafumane amathuba okuyifunda.
Emva kwethutyana, abaphathi benkampu bafumanisa ngeentlanganiso ezaziqhutywa. Ngoko amaNgqina ohlulwa aza abekwa kwimizi yamajoni eyahlukahlukeneyo. Oko kwasinika ithuba elihle lokuba sishumayele kwamanye amabanjwa, yaye ngenxa yoko, amabanjwa amaninzi asePoland, aseUkraine, namanye ayamkela inyaniso.
AmaNazi ayengayifihli into yokuba ayefuna ukwaphula ingqibelelo okanye ukubulala iiBibelforscher, njengoko ayebizwa njalo amaNgqina kaYehova. Ngenxa yoko, safumana ingcinezelo eqatha. Saxelelwa ukuba sasiza kukhululwa ukuba nje siye satyobela isibhengezo sokuba siyaluyeka unqulo lwethu. Abanye abazalwana baqalisa ukuqiqa ngelithi, “Ukuba ndikhululekile, ndinokwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova.” Nangona abambalwa batyobela, inkoliso yabazalwana bethu yahlala ithembekile ngaphezu kwako nje ukuswela, ukuthotywa kwanokuphathwa kakubi. Abanye babo balalanisayo asizange sive nto ngabo kwakhona. Noko ke, kuyavuyisa ukuba abanye kamva bachacha yaye bangamaNgqina akhutheleyo unanamhla.
Ngokuthe rhoqo sasinyanzelwa ukuba sibukele njengoko amabanjwa esohlwaywa ngenkohlakalo, njengokubethwa imivumbo engama-25 ngenduku. Ngesinye isihlandlo, kwathiwa masibukele amadoda amane xa exhonywa. Loo mava aba nento ayenzayo emntwini. Omnye umzalwana, othe ncothu, noyinzwana esasihlala kunye kumzi wamajoni, wathi kum: “Ngaphambi kokuba ndize apha, ndandisifa isiqaqa xa ndandibona igazi. Kodwa ngoku akukho nento ethi thiki.” Sekunjalo, nangona saye saqina, asizange sibe lukhuni. Ndimele nditsho ukuba, andizange ndibe nolunya okanye ndibathiye kangako abo babesitshutshisa.
Emva kokusebenza nekommando (abasebenzi) kangangethuba elithile, ndalaliswa esibhedlele ngenxa yecesina. Ndancedwa ngomnye ugqirha onobubele waseNorway nomongikazi waseCzechoslovakia, yaye kunokwenzeka ukuba bububele babo obandisindisayo.
Uhambo Olusingise Ekufeni
NgoAprili 1945, kwakucacile ukuba iJamani yayisoyiswa emfazweni. Amahlakani asentshona ayehlasela ngokukhawuleza ukususela entshona, yaye awaseSoviet, ngasempuma. Kwakungenakwenzeka ukuba amaNazi akwazi ukubulala amakhulu amawaka abantu kwiinkampu zoxinaniso aze agqumelele kwanemizimba yawo kwiintsuku ezimbalwa ngaphandle kokushiya nawuphi na umkhondo. Ngoko agqiba kwelokuba abulale abo bagulayo aze afudusele amabanjwa aseleyo kumazibuko akufuphi. Apho agqiba kwelokuba awafake kwinqanawa aze ayizikise elwandle.
Uhambo lwamabanjwa anokuba ngama-26-000 asuka eSachsenhausen lwaqalisa ebusuku ngoAprili 20. Ngaphambi kokuba siyishiye inkampu, abazalwana bethu abagulayo bahlangulwa kwindawo ehlangula abaguli. Kwafumaneka inqwelwana ukuze ibahambise. Sisonke sasingama-230, sisuka kumazwe amathandathu awahlukahlukeneyo. Phakathi kwabaguli kwakukho uMzalwan’ uArthur Winkler, owayenenxaxheba enkulu ekwandiseni umsebenzi eNetherlands. Thina maNgqina sasingabokugqibela kolo hambo, yaye ngokuqhubekayo sakhuthazana ukuba siqhubeke sihamba.
Ekuqaleni, sahamba iiyure ezingama-36 ngaphandle kokuphumla. Njengoko ndandihamba, ndalala ngenxa yenkxwaleko nokudinwa. Kodwa ukusala ngasemva nokuphumla kwakuyinto enganakwenzeka kuba ubani wayebeka ubomi bakhe esichengeni sokudutyulwa ngabalindi. Ebusuku sasilala amathafeni nasemahlathini. Kwakukuncinane okanye kungekho kwaukubakho ukutya. Xa indlala yayingasanyamezeleki, ndaqalisa ukukhotha intlama yamazinyo esasiyinikwe liziko loMnqamlezo Obomvu laseSweden.
Ngesinye isihlandlo, ngenxa yokuba abalindi bamaJamani babedidekile bengazi apho akhoyo amajoni amaRashiya nawaseUnited States, samisa iintente iintsuku ezine ehlathini. Oku kwaba yingenelo kuba, ngenxa yoko, asizange sifike kwangethuba eLübeck Bay ukuze sikhwele iinqanawa ezaziza kusithabatha zisintywilisele elwandle. Ekugqibeleni, emva kweentsuku ezili-12 kwanohambo oluziikhilomitha ezingama-200, safika eCrivitz Wood. Le ndawo yayingekude eSchwerin, idolophu ekwiikhilomitha ezingama-50 ukusuka eLübeck.
Abantu baseSoviet babengasekunene kwethu, yaye amaMerika, engasekhohlo. Kwasekuqaliseni kwezithonga zemipu emikhulu kwanokudubula okungapheliyo kweziqhushumbisi, sasisazi ukuba sasikummandla kafayayo. Abalindi bamaJamani baphakuzela; abanye babaleka, yaye abanye bakhulula iyunifomu yasemkhosini baza banxiba impahla yamabanjwa afileyo, benethemba lokuba abasoze babhaqwe. Phakathi kweso siphithiphithi, thina maNgqina sahlanganisana ukuze sithandazele ukhokelo.
Abazalwana ababekhokela bagqiba kwelokuba sihambe ekuseni kakhulu ngentsasa elandelayo ukuze silandele indlela esinge kumajoni aseUnited States. Nangona phantse isiqingatha samabanjwa awayeqalise uhambo olusinge ekufeni aye afa okanye abulawa endleleni, onke amaNgqina asinda.
Ndakhweliswa ngumsebenzi wasemkhosini waseKhanada ukuya kwidolophu iNijmegen, apho udadewethu wayehlala khona. Kodwa xa ndafikayo, ndafumanisa ukuba wafuduka kuloo ndawo. Ngoko ndahamba ngeenyawo ndisinge eRotterdam. Ngethamsanqa, endleleni ndakhweliswa ngomnye umntu kwinqwelo-mafutha yakhe owandisa kanye kuloo ndawo ndandisiya kuyo.
Inyaniso Iye Yabubomi Bam
Kanye ngosuku endafika ngalo eRotterdam, ndafaka isicelo sokuba nguvulindlela. Emva kweeveki ezintathu ndandikwisabelo sam kwidolophu yaseZutphen, apho ndakhonza unyaka onesiqingatha. Ebudeni belo xesha, ndomelela kwakhona emzimbeni. Ndandula ke ndamiselwa njengomveleli wesiphaluka, njengoko abalungiseleli abahambahambayo bebizwa njalo. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, ndamenywa kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi eMzantsi Lansing, eNew York. Emva kokuphumelela kwiklasi ye-12 yeso sikolo ngoFebruwari 1949, ndabelwa eBelgium.
Ndiye ndasebenza kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli eBelgium, kuquka phantse iminyaka esibhozo kwiofisi yesebe kwanamashumi eminyaka kumsebenzi wokuhambahamba njengomveleli wesiphaluka nowesithili. Ngowe-1958, ndatshata uJustine, owandipheleka kuhambo lwam. Ngoku, njengokuba sendonganyelwe bubudala, kusandivuyisa ukunikela inkonzo ngokomlinganiselo othile njengobambela umveleli wesiphaluka.
Xa ndikhangela emva kubulungiseleli bam, inene ndingathi: “Akukho nto ilunge ngakumbi kunenyaniso.” Kakade ke, bekungelula ngamaxesha onke. Ndiye ndakufumanisa kuyimfuneko ukufunda kwiimpazamo nakwiziphoso zam. Ngoko xa ndithetha nabantu abaselula, ndisoloko ndibaxelela ukuba: “Nani niza kuzenza iimpazamo yaye mhlawumbi nenze izono ezinzulu, kodwa musani ukuxoka. Zixubusheni ezo zinto nabazali benu okanye nomdala, nize nilungise oko kuyimfuneko.”
Kwiminyaka yam ephantse ibe ngama-50 ndikwinkonzo yexesha elizeleyo eBelgium, ndiye ndanelungelo lokubona abo bendibazi besengabantwana bekhonza njengabadala kwanabaveleli beziphaluka. Yaye ndiye ndabona abavakalisi boBukumkani abanokuba li-1700 nangaphezulu kweli lizwe besanda ukusa ngaphezu kwama-27 000.
Ndibuza oku, “Ngaba ikho enye indlela esikeleleke ngakumbi kunokukhonza uYehova?” Ayizange ibekho, ingekho nangoku, yaye ingasokuze ibekho. Ndithandazela ukuba uYehova aqhubeke esikhokela yaye esisikelela mna nomfazi wam ukuze siqhubeke simkhonza ngonaphakade.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ndinomfazi wam kwithutyana nje sitshatile ngowe-1958
-
-
“Nenze Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”IMboniselo—1998 | Januwari 1
-
-
“Nenze Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”
“HAMBANI ke ngoko nize nenze abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loyise nelonyana nelomoya oyingcwele.” Le yindlela INguqulelo Yehlabathi Elitsha ewubeka ngayo umyalelo kaYesu okuMateyu 28:19. Noko ke, le ndlela yokuguqulela iye yahlatywa amadlala. Ngokomzekelo, enye incwadana yonqulo ithi: “Ekuphela kwenguqulelo evumelana namazwi esiGrike yile: ‘Yenzani abafundi bazo zonke iintlanga!’” Ngaba oku kuyinyaniso?
Le ndlela yokuguqulela ethi, “Yenzani abafundi bazo zonke iintlanga,” ivela kwiinguqulelo ezininzi zeBhayibhile yaye iyinguqulelo yegama negama yesiGrike. Ngoko, sisiphi isizinzi sokuba oku kufundwe ngokuthi, “Nenze abafundi abantu beentlanga zonke nibabhaptiza”? Ngokomongo. Ibinzana elithi “nibabhaptiza” ngokucacileyo libhekisa kubantu ngabanye, hayi kwiintlanga. Umphengululi ongumJamani uHans Bruns ucacisa esithi: “[Igama] elithi ‘nibabhaptiza’ alibhekiseli kwiintlanga (isiGrike senza umahluko ocacileyo), kodwa kubantu abasezintlangeni.”
Ngokubhekele phaya, imele iqwalaselwe indlela umyalelo kaYesu owaphunyezwa ngayo. Ngokuphathelele ubulungiseleli bukaPawulos noBharnabhas eDerbhe, isixeko saseAsia Minor, sifunda oku: “Emva kokuvakalisa iindaba ezilungileyo kweso sixeko nokwenza abafundi abaliqela, babuyela eListra naseIkoniyo nakwa-Antiyokwe.” (IZenzo 14:21) Phawula ukuba uPawulos noBharnabhas benza abafundi hayi besixeko saseDerbhe, kodwa kwinxalenye yabantu baseDerbhe.
Ngokufanayo, mayela nexesha lesiphelo, incwadi yeSityhilelo yaxela kwangaphambili ukuba asizizo izizwe ezipheleleyo ezaziya kukhonza uThixo, kodwa “isihlwele esikhulu . . . esiphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi” sasiya kwenjenjalo. (ISityhilelo 7:9) Ngaloo ndlela, INguqulelo Yehlabathi Elitsha iye yazingqina iyinguqulelo enokuthenjwa yaso ‘sonke iSibhalo esiphefumlelwe nguThixo.’—2 Timoti 3:16.
-