-
‘Yibani Nothando Phakathi Kwenu’IMboniselo—2003 | Februwari 1
-
-
9. Ifuzisela ntoni inkxalabo eyabonakaliswa ngumalusi nomfazi othile?
9 Phawula indlela uYesu aqukumbela ngayo kwezi meko zombini xa esithi: “Ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo olungakumbi ezulwini ngenxa yomoni omnye oguqukayo” naxa esithi “ngokukwanjalo, ndithi kuni, kubakho uvuyo phakathi kweengelosi zikaThixo ngenxa yomoni omnye oguqukayo.” Ngoko ke, inkxalabo yomalusi neyomfazi ibonisa kancinane indlela uYehova nezidalwa zakhe zasezulwini ezivakalelwa ngayo. Kanye njengokuba into eyayilahlekile yayixabisekile kumalusi nakumfazi, ngoko ke abo baphambukileyo nabalahlekileyo kubantu bakaThixo bahlala bexabisekile emehlweni kaYehova. (Yeremiya 31:3) Kusenokwenzeka ukuba abantu abanjalo babuthathaka ngokomoya, sekunjalo oko akuthethi ukuba banemvukelo. Phezu kwayo nje imeko yabo ebuthathaka, kusenokwenzeka ukuba basayigcinile imiyalelo kaYehova ukusa kumlinganiselo othile. (INdumiso 119:176; IZenzo 15:29) Ngenxa yoko, njengakwixa elidluleyo, uYehova akakhawulezi ‘ukubalahla phambi kobuso bakhe.’—2 Kumkani 13:23.
10, 11. (a) Sifanele sibagqale njani abo baye baphambuka ebandleni? (b) Ngokutsho kwemizekeliso kaYesu emibini, sinokuyibonakalisa njani inkxalabo yethu ngabo?
10 NjengoYehova noYesu, nathi sinenkxalabo enzulu ngabo babuthathaka nabangaseziyo kwibandla lamaKristu. (Hezekile 34:16; Luka 19:10) Umntu obuthathaka ngokomoya simgqala njengegusha elahlekileyo—kungekhona igusha emnyama. Asiqiqi ngokuthi: ‘Ndizikhathaza ngantoni ngomntu obuthathaka? Kakade ibandla liqhuba kakuhle ngaphandle kwakhe.’ Kunoko, njengoYehova, sibagqala abo baye baphambuka kodwa abafuna ukubuyela njengabaxabisekileyo.
11 Noko ke, sinokuyibonakalisa njani inkxalabo yethu ngabo? Imizekeliso emibini kaYesu ibonisa ukuba sinokwenjenjalo (1) ngokuthabatha inyathelo, (2) ngokuba nobubele, (3) nangokunyaniseka. Makhe siqwalasele nganye kwezi ngongoma.
Thabatha Inyathelo
12. Amazwi athi uya “kufuna leyo ilahlekileyo” asixelela ntoni ngesimo sengqondo somalusi?
12 Kumzekeliso wokuqala kwemibini, uYesu uthi umalusi uya “kufuna leyo ilahlekileyo.” Umalusi uthabath’ inyathelo aze enze umgudu wenkuthalo ukuya kufuna leyo ilahlekileyo. Akaphazanyiswa ziingxaki, ziingozi nomgama afanele awuhambe. Ngokwahlukileyo koko, umalusi uyazingisa “ade ayifumane.”—Luka 15:4.
13. Amadoda athembekileyo amandulo asabela njani kwiintswelo zabo babuthathaka, yaye sinokuyixelisa njani imizekelo yeBhayibhile enjalo?
13 Ngokufanayo, ukunceda umntu ofuna ukukhuthazwa kudla ngokufuna lowo womeleleyo athabath’ inyathelo. Amadoda athembekileyo amandulo ayekuqonda oku. Ngokomzekelo, xa uYonatan unyana kaKumkani uSawule, waphawula ukuba umhlobo wakhe osenyongweni uDavide wayefuna ukukhuthazwa, uYonatan “wesuka waza waya kuDavide eHoreshi, ukuze asomeleze isandla sakhe ngokubhekisele kuThixo.” (1 Samuweli 23:15, 16) Kwiinkulungwane kamva, xa iRhuluneli uNehemiya wabona ukuba abazalwana bakhe abangamaYuda babedimazekile, naye ‘ngoko nangoko wasukuma’ waza wabakhuthaza ukuba ‘bakhumbule uYehova.’ (Nehemiya 4:14) Nathi namhlanje simele ‘sisukume’—sithabath’ inyathelo—ukuze someleze abo babuthathaka. Kodwa ngoobani abamele benze oku ebandleni?
14. Ngubani ebandleni lamaKristu ofanele ancede abo babuthathaka?
14 Abadala abangamaKristu, ngokukhethekileyo, banembopheleleko ‘yokomeleza izandla ezibuthathaka. . . nokuwaqinisa amadolo agexayo’ baze ‘bathi kwabantliziyo zinexhala: “Yomelelani. Musani ukoyika.”’ (Isaya 35:3, 4; 1 Petros 5:1, 2) Noko ke, phawula ukuba isibongozo sikaPawulos ‘sokuthuthuzela imiphefumlo edandathekileyo’ ‘nokuxhasa ababuthathaka’ sasinganikelwanga kubadala kuphela. Kunoko, amazwi kaPawulos ayebhekisela kulo lonke “ibandla labaseTesalonika.” (1 Tesalonika 1:1; 5:14) Ngoko ke ukunceda abo babuthathaka sisabelo sawo onke amaKristu. Njengomalusi kulo mzekeliso, mKristu ngamnye ufanele ‘aye kufuna lowo ulahlekileyo.’ Kakade ke, oku kwenziwa ngokuphumelelayo xa sibambisana nabadala. Ngaba ikho into onokuyenza ukuze uncede umntu obuthathaka ebandleni lakho?
Bonakalisa Ububele
15. Kutheni kusenokuba lo malusi wazenza izinto ngale ndlela?
15 Umalusi wenza ntoni xa ekugqibeleni eyifumana imvu yakhe ebilahlekile? “Uyibeka emagxeni akhe enemihlali.” (Luka 15:5) Oku kuchukumisa ngokwenene! Kusenokwenzeka ukuba le mvu ibibhadula ubusuku nemini kwindawo engayaziyo, mhlawumbi isengozini yokuqwengwa ziingonyama. (Yobhi 38:39, 40) Alithandabuzeki elokuba le mvu ibuthathaka ngenxa yokungafumani kutya. Ayinamandla okoyisa imiqobo eza kudibana nayo ngoxa ibuyela ebuhlanti. Ngoko ke, umalusi uyagoba, ayifunqule ngobubele imvu, aze ayithwale eyiphephisa kuyo yonke imiqobo enokudibana nayo ngoxa ibuyela emhlambini. Sinokufunda ntoni kwinyameko ebonakaliswa ngulo malusi?
16. Kutheni sifanele sicinge ngendlela umalusi awayeyithantamisa ngayo imvu eyayilahlekile?
16 Umntu ongasanxulumaniyo nebandla kusenokwenzeka ukuba udiniwe ngengqiqo engokomoya. Njengemvu elahlekelwe ngumalusi wayo, kusenokwenzeka ukuba umntu onjalo ebebhadula engenanjongo kweli hlabathi likhohlakeleyo. Engenayo inkuselo efumaneka ngokuba phakathi kubuhlanti, obulibandla lamaKristu, usenokuhlaselwa nguMtyholi, ‘ohambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.’ (1 Petros 5:8) Ngaphezu koko, ubuthathaka ngenxa yokungafumani kutya kokomoya. Ngenxa yoko, kusenokwenzeka ukuba akanamandla aneleyo okujamelana nemiqobo anokudibana nayo xa ebuyela ebandleni. Ngoko ke, sifanele sigobe, ngokungathi kunjalo, ngothantamiso simfunqule lowo ubuthathaka, size sibuye naye. (Galati 6:2) Sinokukwenza njani oku?
17. Sinokumxelisa njani umpostile uPawulos xa sityelele umntu obuthathaka?
17 Umpostile uPawulos wathi: “Xa kukho obuthathaka, nam ndibabuthathaka.” (2 Korinte 11:29, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996; 1 Korinte 9:22) UPawulos wayenovelwano ngabantu, kuquka nababuthathaka. Sifanele sibonakalise uvelwano olufanayo ngabo babuthathaka. Xa utyelele umKristu obuthathaka ngokomoya, mqinisekise ukuba uxabisekile emehlweni kaYehova yaye amanye amaNgqina ayamkhumbula ngokwenene. (1 Tesalonika 2:17) Mxelele ukuba akulungele ukumxhasa nokuba “ngumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17; INdumiso 34:18) Amazwi ethu ovelwano ngokuthe ngcembe asenokumkhuthaza kangangokuba ade akwazi ukubuyela kumhlambi. Yintoni esifanele siyenze emva koko? Umzekeliso womfazi nengqekembe elahlekileyo unikela ulwalathiso.
Nyaniseka
18. (a) Kutheni umfazi okulo mzekeliso engaphelelwa lithemba? (b) Nguwuphi umzamo owenziwa ngulo mfazi, yaye uphumela entwenini?
18 Umfazi olahlekelwe yingqekembe uyazi ukuba akunto ilula ukuyifumana kodwa akaphelelwa lithemba. Ukuba le ngqekembe ibiwe kwityholo elikhulu nelifukufuku okanye kumgxobhozo onzulu, kusenokwenzeka ukuba ngewayesuke nje wayincama. Noko ke, kuba esazi ukuba le ngqekembe isenokuba ikwalapha endlwini, kwindawo asenokuyifumana kuyo, uqalisa ukugubhulula eyifuna ngokunyanisekileyo. (Luka 15:8) Ekuqaleni, ukhanyisa indlu yakhe emnyama. Wandula ke atshayele, enethemba lokuva into ekhenkcezayo. Ekugqibeleni, ukhangela nayiphi na indawo eyingontsi de abone umenye-menye wengqekembe yesilivere. Enyanisweni kulo mfazi, umzingisi akanashwa!
19. Sifunda ntoni koko kwenziwa ngumfazi okumzekeliso wengqekembe elahlekileyo ngokunceda abo babuthathaka?
19 Njengoko iinkcukacha zalo mzekeliso zisikhumbuza, imbopheleleko engokweZibhalo yokunceda umKristu obuthathaka asinto ingaphezu kwamandla ethu. Kwangaxeshanye, siyaqonda ukuba oko kufuna umgudu. Ngapha koko, umpostile uPawulos wathi kubadala base-Efese: “Nimele nisebenze ukuze nincede abo babuthathaka.” (IZenzo 20:35a) Khumbula ukuba lo mfazi akayifumani ingqekembe yakhe ngokulaqaza nje endlwini, okanye ayifumane nje ngebhaqo. Kodwa uyayifumana kuba uyikhangela ngocwangco “ade ayifumane.” Ngokufanayo, xa sisenza umzamo wokunceda othile obuthathaka, sifanele sinyaniseke size sizimisele. Yintoni esinokuyenza?
20. Yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe ababuthathaka?
20 Sinokumnceda njani obuthathaka ukuze akhe ukholo noxabiso? Kusenokufuneka aqhutyelwe isifundo seBhayibhile kwimpapasho yamaKristu efanelekileyo. Eneneni, ukuqhubela umntu obuthathaka isifundo seBhayibhile kusinika ithuba lokumnceda ngokuqhubekayo nangokucokisekileyo. Kusenokwenzeka ukuba umveleli wenkonzo unokugqiba ngalowo ufanelekileyo ukuze anikele olo ncedo. Usenokucebisa ngemibandela efanele ifundisiswe nempapasho eya kuba luncedo. Kanye njengokuba umfazi womzekeliso ephumeza umsebenzi wakhe ngokusebenzisa izinto eziluncedo, nathi namhlanje sinezinto eziluncedo ukuze siphumeze imbopheleleko yethu esiyinikwe nguThixo yokunceda abo babuthathaka. Ezimbini kwizixhobo zethu ezintsha, okanye iimpapasho, ziya kuba luncedo gqitha kule nkalo. Ezi zixhobo, yincwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso nethi Sondela KuYehova.a
21. Ukunceda abo babuthathaka kuzizisa njani iintsikelelo kuthi sonke?
21 Ukunceda abo babuthathaka kuzisa iintsikelelo kuthi sonke. Lowo uncedwayo uyakuvuyela ukuphinda abe kunye nabahlobo bokwenene. Oku kusizisela uvuyo olufumaneka kuphela ngokupha. (Luka 15:6, 9; IZenzo 20:35b) Ibandla liphela liyafudumala njengoko ilungu ngalinye libonakalisa umdla kwabanye. Yaye ngaphezu kwako konke, oku kuzukisa aBalusi bethu abanenyameko, uYehova noYesu, njengoko umnqweno wabo wokuxhasa ababuthathaka ubonakaliswa ngabakhonzi bakhe basemhlabeni. (INdumiso 72:12-14; Mateyu 11:28-30; 1 Korinte 11:1; Efese 5:1) Ngoko ke, sinezizathu ezihle kakhulu zokuhlala ‘sinothando phakathi kwethu’!
-
-
‘Hlalani Nithwala Isiqhamo Esininzi’IMboniselo—2003 | Februwari 1
-
-
‘Hlalani Nithwala Isiqhamo Esininzi’
“Nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.”—YOHANE 15:8.
1. (a) Nguwuphi umyalelo wokuba ngumfundi uYesu awawuxelela abalandeli bakhe? (b) Nguwuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?
YAYIBUBUSUKU ngaphambi kokufa kwakhe. UYesu wayechithe ixesha elininzi ekhuthaza abapostile bakhe ebaphalazela imbilini yakhe. Ngoku, kusenokuba kusemva kwasezinzulwini zobusuku, kodwa uYesu, eqhutywa luthando ngabahlobo bakhe abasenyongweni, uqhubeka ethetha. Wandula ke, ebudeni bencoko yakhe, abakhumbuze ngomnye umyalelo ongakumbi abafanele bawuthobele ukuze bahlale bengabafundi bakhe. Wathi: “UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale nithwala isiqhamo esininzi nize nizingqine ningabafundi bam.” (Yohane 15:8) Ngaba nathi namhlanje siyawuthobela lo myalelo wokuba ngumfundi? Kuthetha ukuthini ‘ukuthwala isiqhamo esininzi’? Ukuze sikufumanise oko, makhe siphinde siqwalasele oko wakuthethayo ngobo busuku.
2. Nguwuphi umzekeliso ongesiqhamo uYesu athetha ngawo ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe?
2 Isiluleko sokuba sithwale isiqhamo siyinxalenye yomzekeliso uYesu awawenzela abapostile bakhe. Wathi: “Mna ndingumdiliya wenyaniso, yaye uBawo ngumlimi. Onke amasebe akum angathwali siqhamo uyawasusa, yaye onke lawo athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo esingakumbi. Nina senihlambulukile ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. Hlalani nimanyene nam, nam ndimanyene nani. Kanye njengoko isebe lingenakuzithwalela isiqhamo ngokwalo ngaphandle kokuba lihlale emdiliyeni, ngokufanayo nani aninako, ngaphandle kokuba nihlala nimanyene nam. Mna ndingumdiliya, nina ningamasebe. . . . UBawo uzukiswa kuko oku, ukuba nihlale
-