“Ziziseni Zonke Izishumi Endlwini Yobuncwane”
“Nindicikide ngale nto, . . . ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu.”—MALAKI 3:10.
1. (a) Ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, sisiphi isimemo uYehova awasidlulisela kubantu bakhe? (b) Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, waba yintoni umphumo xa uYehova weza etempileni ezokugweba?
NGENKULUNGWANE yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, amaSirayeli ayengathembekanga kuYehova. Awazange angenise izishumi yaye azisa etempileni izilwanyana ezingekho mgangathweni njengeminikelo. Sekunjalo, uYehova wawathembisa ukuba ukuba ayenokuzisa zonke izishumi endlwini yobuncwane, wayeya kuwathululela iintsikelelo kude kungasweleki lutho. (Malaki 3:8-10) Kwiminyaka enokuba ngama-500 kamva, uYehova, emelwa nguYesu njengomthunywa Wakhe womnqophiso, weza etempileni eYerusalem ukuze agwebe. (Malaki 3:1) Uhlanga lwakwaSirayeli lwafunyaniswa luswele, kodwa abo babuyelayo kuYehova basikelelwa ngokutyebileyo. (Malaki 3:7) Bathanjiselwa ukuba ngoonyana bokomoya bakaYehova, izidalwa ezitsha, “uSirayeli kaThixo.”—Galati 6:16, NW; Roma 3:25, 26.
2. UMalaki 3:1-10 wayeya kuzaliseka nini okwesibini, yaye yintoni esimenyelwa ukuba siyenze ngokunxibelelene noku?
2 Phantse kwiminyaka eli-1 900 emva koku, ngowe-1914, uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo basezulwini, yaye amazwi aphefumlelwe nguThixo akuMalaki 3:1-10 ayefanele azaliseke okwesibini. Ngokunxibelelene nesi siganeko sichwayitisayo, namhlanje amaKristu amenyelwa ukuba azise isishumi esipheleleyo endlwini yobuncwane. Ukuba senjenjalo, nathi siya kunandipha iintsikelelo kude kungasweleki lutho.
3. Wayengubani umthunywa owayegeca indlela phambi koYehova (a) ngenkululngwane yokuqala? (b) ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala?
3 Ngokuphathelele ukuza kwakhe etempileni, uYehova wathi: “Yabonani, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam.” (Malaki 3:1) Njengenzaliseko yoku yenkulungwane yokuqala, uYohane umBhaptizi weza kumaSirayeli eshumayela ukuguquka ezonweni. (Marko 1:2, 3) Ngaba kwakukho umsebenzi othile ofanele wenziwe ukulungiselela ukuza kwesibini kukaYehova etempileni yakhe? Ewe. Kumashumi eminyaka ngaphambi kwemfazwe yehlabathi yokuqala, aBafundi beBhayibhile babonakala ehlabathini lonke befundisa imfundiso enyulu yeBhayibhile yaye bebhenca ubuxoki bokungahloneli Thixo, njengemfundiso kaBathathu Emnye neyesihogo somlilo. Kwakhona balumkisa ngokuza kwesiphelo samaXesha eeNtlanga ngowe-1914. Baninzi abasabelayo kwaba bathwali bokukhanya kwenyaniso.—INdumiso 43:3; Mateyu 5:14, 16.
4. Nguwuphi umbuzo owawufanele uphendulwe ebudeni bemini yeNkosi?
4 Unyaka we-1914 waqalisa oko iBhayibhile ikubiza ngokuba ‘yimini yeNkosi.’ (ISityhilelo 1:10) Kwakuza kwenzeka iziganeko ezibalulekileyo ngaloo mini, kuquka ukufaniswa ‘komkhonzi othembekileyo noqondayo’ nokumiselwa kwakhe “phezu kwayo yonke impahla [yeNkosi].” (Mateyu 24:45-47) Ngowe-1914, iicawa ezininzi zazizibanga zingamaKristu. Liliphi iqela elaliya kugqalwa yiNkosi, uYesu Kristu, njengomkhonzi wakhe othembekileyo noqondayo? Loo mbuzo wawuza kuphendulwa xa uYehova esiza etempileni.
Ukuza Kwitempile Yokomoya
5, 6. (a) Yiyiphi itempile uYehova aweza kuyo ukuze agwebe? (b) Nguwuphi umgwebo iNgqobhoko eyawufumanayo kuYehova?
5 Noko ke, yiyiphi itempile aweza kuyo? Ngokucacileyo akazange eze kwitempile yokoqobo eyayiseYerusalem. Eyokugqibela kwezo tempile yatshatyalaliswa ngowama-70 C.E. Noko ke, uYehova unayo itempile enkulu eyafanekiselwa kwangaphambili yileyo yayiseYerusalem. UPawulos wathetha ngale tempile enkulu waza wabonisa indlela ezuke ngayo ngokwenyaniso, enendawo yayo engcwele ezulwini nentendelezo yayo apha emhlabeni. (Hebhere 9:11, 12, 24; 10:19, 20) Yile tempile yokomoya aweza kuyo uYehova ukuze agwebe.—Thelekisa ISityhilelo 11:1; 15:8.
6 Kwenzeka nini oku? Ngokobungqina obuyintabalala obukhoyo, kwenzeka ngowe-1918.a Waba yintoni umphumo? Ngokuphathelele iNgqobhoko, uYehova wayijonga njengentlangano ezandla zayo zizele ligazi, inkqubo yonqulo enganyanisekanga eye yahenyuza neli hlabathi, ezimanya nezityebi ize icinezele amahlwempu, efundisa iimfundiso zobuhedeni kunokuqhelisela unqulo olunyulu. (Yakobi 1:27; 4:4) NgoMalaki, uYehova walumkisa: “Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama.” (Malaki 3:5) INgqobhoko yenze kanye oko nokungaphezu koko. Ngowe-1919 kwabonakala ngokucacileyo ukuba uYehova wayigwebela intshabalalo ndawonye nayo yonke iBhabhiloni Enkulu, inkqubo yehlabathi lonke yonqulo lobuxoki. Ukususela ngelo xesha ukubheka phambili, kuye kwahlatyw’ ikhwelo kwabantliziyo zilungileyo kusithiwa: “Phumani kuyo, bantu bam.”—ISityhilelo 18:1, 4.
7. Ngubani uYesu awamgqala njengomkhonzi wakhe othembekileyo noqondayo?
7 Ngoko, yayingubani umkhonzi othembekileyo noqondayo? Ngenkulungwane yokuqala, waqalisa ngeqela elincinane labantu abasabelayo kumsebenzi wokunikela ubungqina kaYohane uMbhaptizi noYesu, umthunywa womnqophiso. Kwinkulungwane yethu, yayingamawaka ambalwa awasabelayo kumsebenzi wokulungiselela waBafundi beBhayibhile ebudeni beminyaka yangaphambi kowe-1914. Aba banyamezela iimeko ezilingayo nezinzima ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, kodwa babonakalisa ukuba intliziyo yabo yayinoYehova.
Umsebenzi Wokucoca
8, 9. Ngowe-1918, kungaziphi iindlela ekwafuneka ukuba umkhonzi othembekileyo noqondayo acocwe ngazo, yaye liliphi idinga uYehova awalenzayo ngokuphathelele oku?
8 Noko ke, neli qela kwafuneka lihlanjululwe. Bambi ababezimanye kunye nalo baguqukela ekubeni ziintshaba zokholo ibe kwafuneka bekhutshiwe. (Filipi 3:18) Abanye babengafuni ukuthwala iimbopheleleko ezazibandakanyekile ekukhonzeni uYehova baza bakhukhuliseka bemka. (Hebhere 2:1) Ngaphandle koko, kwakusekho amasiko aseBhabhiloni awayesenziwa nawayefanele ashenxiswe. Nangokwentlangano umkhonzi othembekileyo noqondayo wayefanele acocwe. Wayefanele afunde aze ngokufanelekileyo angathabathi cala ngakweli hlabathi. Yaye njengoko ihlabathi lalisiya lisonakala ngakumbi nangakumbi, wayefanele alwe nzima ukuze agcine ukungcola kokuziphatha nokokomoya kungekho emabandleni.—Thelekisa uYuda 3, 4.
9 Ewe, kwakufuneka ukucocwa, kodwa ngothando uYehova wayethembise oku ngokuphathelele ukubekwa kukaYesu etroneni: “Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.” (Malaki 3:3) Ukususela ngowe-1918, uYehova, ngomthunywa wakhe womnqophiso, uye walizalisekisa idinga lakhe waza wabacoca abantu bakhe.
10. Luhlobo luni lomnikelo abantu bakaThixo abaluzisayo, yaye sisiphi isimemo uYehova asidlulisele kubo?
10 Abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo nesihlwele esikhulu esathi kamva sabathelela ekukhonzeni uYehova bonke baye bangenelwa kumsebenzi kaYehova njengomnyibilikisi nomcoci wesilivere. (ISityhilelo 7:9, 14, 15) Njengentlangano, banikela, yaye basaya kunikela, benobulungisa. Yaye umnikelo wabo ‘umnandi kuYehova ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.’ (Malaki 3:4) Ngabo abo uYehova awabamema ngesiprofeto esithi: “Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.”—Malaki 3:10.
Iminikelo Nezishumi
11. Kutheni iminikelo evisisana nenkqubo yoMthetho kaMoses ingaseyomfuneko?
11 Ngomhla kaMalaki abantu bakaThixo babezisa iminikelo nezishumi zokoqobo, njengengqolowa, iziqhamo nempahla emfutshane. Kwanangomhla kaYesu, amaSirayeli athembekileyo ayenikela ngezinto zokoqobo etempileni. Noko ke, emva kokufa kukaYesu kwaguquka konke oko. UMthetho wapheliswa, kuquka nomyalelo wokunikela izinto ezithile eziphathekayo nezishumi. (Efese 2:15) UYesu wasizalisekisa isiprofeto esingohlobo lweminikelo eyayinikelwa phantsi koMthetho. (Efese 5:2; Hebhere 10:1, 2, 10) Ngoko, kungayiphi indlela amaKristu anokuzisa ngayo iminikelo nezishumi?
12. Luhlobo luni lweminikelo namadini okomoya olwenziwa ngamaKristu?
12 Kuwo, ngokubalaseleyo iminikelo yeyokomoya. (Thelekisa eyabaseFilipi 2:17; 2 Timoti 4:6.) Ngokomzekelo, uPawulos wathetha ngomsebenzi wokushumayela njengomnikelo xa wathi: “Ngoko masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.” Wabhekisela kolunye uhlobo lwedini lokomoya xa wabongoza esithi: “Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.” (Hebhere 13:15, 16) Xa abazali bekhuthaza abantwana babo ukuba bangenele inkonzo yobuvulindlela, kunokuthiwa banikela ngabo kuYehova, kanye njengokuba uYifeta wanikela ngentombi yakhe ‘njengedini elinyukayo’ kuThixo, owambangela ukuba oyise.—ABagwebi 11:30, 31, 39.
13. Kutheni kungeyomfuneko ukuba amaKristu anikele isishumi sokoqobo sengeniso yawo?
13 Noko ke, kuthekani ngezishumi? Ngaba amaKristu anyanzelekile ukuba abekele ecaleni isishumi sayo yonke ingeniso yawo yezinto eziphathekayo aze anikele ngayo entlanganweni kaYehova, ngokufanayo noko kwenziwa kwezinye iicawa zeNgqobhoko? Akunjalo, oko akuyomfuneko. Akukho sibhalo sibekela amaKristu umthetho onjalo. Xa uPawulos wayeqokolela iminikelo ukwenzela abasweleyo bakwaYuda, akazange akhankanye umlinganiselo woko ayefanele akunikele. Kunoko, wathi: “Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.” (2 Korinte 9:7) Ethetha ngabo bakubulungiseleli obukhethekileyo, uPawulos wabonisa ukuba ngoxa abanye babexhaswa kakuhle gqitha ngeminikelo yokuzithandela, wayekulungele ukusebenza aze azixhase. (IZenzo 18:3, 4; 1 Korinte 9:13-15) Kwakunganikelwa zishumi ngenxa yale njongo.
14. (a) Kutheni ukuzisa isishumi kungafanekiseli ukunikela ngako konke esinako kuYehova? (b) Simela ntoni isishumi?
14 Ngokucacileyo, kumaKristu izishumi zifanekisela, okanye zimela, okuthile. Ekubeni ngokufuthi ishumi eBhayibhileni lifanekisela ukuphelela kwezinto zasemhlabeni, ngaba isishumi sifanekisela ukunikela yonke into esinayo kuYehova? Akunjalo. Xa sasizinikela kuYehova saza sakufuzisela oku ngobhaptizo lwamanzi, sasinikela konke okwethu kuye. Ukususela kwixesha lokuzinikela kwethu, akukho nanye into esinayo engeyiyo ekaYehova. Noko ke, uYehova uyabavumela abantu ukuba bazisebenzise izinto zabo ngendlela abathanda ngayo. Ngoko, isishumi simela inxalenye yoko kukokwethu esikuzisa kuYehova, okanye esikusebenzisa enkonzweni kaYehova, njengembonakaliso yokumthanda kwethu nokuqonda kwethu isibakala sokuba singabakhe. Isishumi sale mihla asifanele sibe kuphela sisinye eshumini. Kwezinye imeko siya kuba ngaphantsi koko. Kwezinye siya kuba ngaphezulu. Umntu ngamnye uzisa oko intliziyo yakhe imqhubela ukukuzisa nangokuvunyelwa ziimeko zakhe.
15, 16. Yintoni equkiweyo kwisishumi sethu sokomoya?
15 Yintoni ebandakanyekileyo kwesi sishumi sokomoya? Phakathi kwezinye izinto, sinikela kuYehova ixesha namandla ethu. Ixesha esilichithela kwiintlanganiso, ekuyeni kwiindibano ezincinane nezinkulu, kwinkonzo yasentsimini, konke oku kuyinto esiyinikela kuYehova—inxalenye yesishumi sethu. Ixesha namandla esiwachithela ekutyeleleni abagulayo nasekuncedeni abanye—kwakhona, ezi zinto ziyinxalenye yesishumi sethu. Ukufak’ isandla ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani nasekubeni nesabelo kumsebenzi wokulungisa nokucoca iholo ngokufanayo kukwayinxalenye.
16 Kwakhona isishumi sethu siquka ukunikela ngemali. Ngenxa yokwanda okukhulu gqitha kwentlangano kaYehova kwiminyaka yakutshanje, iimbopheleleko ezifuna imali ziye zanda. Kufuneka iiHolo zoBukumkani ezintsha, ndawonye nezakhiwo ezitsha zamasebe neeHolo zeeNdibano ezintsha, kwakunye nokulungiswa kwezo sele zakhiwe. Ukugubungela iindleko zabo baye bazenza bafumanekela inkonzo ekhethekileyo—ngokufuthi bencama izinto ezininzi zobuqu ukuze benjenjalo—kulucelomngeni olukhulu. Ngowe-1991 iindleko zokulungiselela abavangeli basemazweni, abaveleli abahambahambayo noovulindlela abakhethekileyo bebodwa ziye zafikelela ngaphezu kwe-110 lezigidi zeerandi, konke oko kuvela kwiminikelo yokuzithandela.
17. Kanye kanye yintoni esifanele sinikele ngayo njengesishumi sethu sokomoya?
17 Kanye kanye yintoni esifanele sinikele ngayo njengenxalenye yesishumi sethu sokomoya? UYehova akabeki mlinganiselo. Sekunjalo, ukuqonda intsingiselo yokuzinikela kwethu, uthando lokwenene ngoYehova nangabazalwana, ndawonye nokuqonda ungxamiseko ngenxa yokuphawula ukuba kukho ubomi ekufuneka busindisiwe, kuyasikhuthaza ukuba sizise sonke isishumi sethu sokomoya. Siziva sinyanzelekile ukukhonza uYehova ukusa kowona mlinganiselo mkhulu kangangoko kunokwenzeka. Ukuba siyavimba okanye siyakrikriza ukunikela ngeziqu zethu okanye ngobuncwane bethu, oku kuya kufana nokuqhatha uThixo.—Thelekisa uLuka 21:1-4.
Ukusikelelwa Kude Kungasweleki Lutho
18, 19. Abantu bakaYehova baye basikelelwa njani ngokuzisa sonke isishumi sabo?
18 Ukususela ngowe-1919, abantu bakaYehova baye basabela ngobubele ngokunikela ngexesha, amandla nangobuncwane babo bemali kwiintswelo zomsebenzi wokushumayela. Enyanisweni baye bazisa sonke isishumi endlwini yobuncwane. Ngenxa yoko, uYehova uye walizalisekisa idinga lakhe waza wabathululela intsikelelo kwada akwasweleka lutho. Oku kuye kwabonwa ngokuphawulekayo kwindlela abaye banda ngayo. Ukusuka kumawaka ambalwa abathanjisiweyo ababekhonza uYehova xa weza etempileni yakhe ngowe-1918, baye banda de namhlanje abathanjisiweyo ndawonye namaqabane abo, ezinye izimvu, bangaphezu kwezigidi ezine kumazwe angama-211. (Isaya 60:22) Kwakhona aba baye basikelelwa ngokuya beyiqonda ngakumbi inyaniso. Ilizwi lesiprofeto liye lenziwa laqiniseka ngakumbi kubo. Intembelo yabo kwinzaliseko yeenjongo zikaYehova iye yamiselwa ngokuqinileyo. (2 Petros 1:19) Enyanisweni ‘bangabafundi bakaYehova.’—Isaya 54:13.
19 NgoMalaki, uYehova waxela kwangaphambili iintsikelelo ezibhekele phaya: “Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Kuzo zonke iintlangano ezizibanga zingamaKristu, kuphela ngamaNgqina kaYehova acinga ngegama lakhe naliphakamisayo phakathi kweentlanga. (INdumiso 34:3) Hayi indlela avuya ngayo kukuqinisekiswa ukuba uYehova uyakukhumbula ukuthembeka kwawo!
20, 21. (a) Luluphi ulwalamano olusikelelekileyo olunanditshwa ngamaKristu okwenyaniso? (b) Ngokuphathelele iNgqobhoko, nguwuphi umahluko oya ucaca ngokucaca?
20 Intsalela ethanjisiweyo ngabantu bakaYehova abakhethekileyo, yaye isihlwele esikhulu, esiza sithontelana ukuza kunxulumana nayo, sizuza kunye nayo iintsikelelo zonqulo olunyulu. (Zekariya 8:23) NgoMalaki, uYehova uyathembisa: “Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.” (Malaki 3:17) Enjani yona intsikelelo ekuyiyo ukuba uYehova abe nenkathalo yothando enjalo ngabo!
21 Eneneni, umahluko phakathi kwamaKristu okwenyaniso nawobuxoki uya ubonakala ngokubonakala. Njengoko abantu bakaYehova bezabalazela ukwenza ngokuvumelana nemilinganiselo yakhe, iNgqobhoko iya itshona ngokutshona kumgxobhozo weli hlabathi wokungacoceki. Ngokwenyaniso, ilizwi likaYehova liye langqineka liyinyaniso: “Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.”—Malaki 3:18.
22. Ziziphi iintsikelelo esinokuba nentembelo yokuzinandipha ukuba siqhubeka sisizisa sonke isishumi?
22 Kungekudala, amaKristu obuxoki aza kufikelwa yimini yomgwebo. “Yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi.” (Malaki 4:1) Abantu bakaYehova bayazi ukuba uya kubakhusela ngelo xesha, njengoko wakhusela uhlanga lwakhe lokomoya ngowama-70 C.E. (Malaki 4:2) Hayi indlela abavuya ngayo kukuba neso siqinisekiso! Ngenxa yoko, de elo xesha lifike ngamnye wethu makabonakalise uxabiso nothando lwethu ngoYehova ngokuzisa sonke isishumi kwindlu yobuncwane. Ngoko sinokuba nentembelo yokuba uya kuqhubeka esisikelela de kungasweleki lutho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona IMboniselo kaJuni 15, 1987, iphepha 14-20.
Ngaba Unokucacisa?
◻ Kumaxesha ethu, uYehova uze nini etempileni nomthunywa wakhe womnqophiso?
◻ Ngubani umkhonzi othembekileyo noqondayo, ibe kukuphi ukucocwa ababekufuna emva kowe-1918?
◻ Luhlobo luni lweminikelo yokomoya amaKristu okwenyaniso afanele aluzise kuYehova?
◻ Sisiphi isishumi amaKristu amenyelwa ukuba asizise endlwini yobuncwane?
◻ Ziziphi iintsikelelo abantu bakaThixo abazinandiphayo ngokunikela izishumi zokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Izishumi zethu zokomoya ziquka ukunikela ngamandla nangobuncwane bethu ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngenxa yokuba uYehova ebasikelela abantu bakhe, kuye kwafuneka kwenziwe umsebenzi omkhulu wokwakha, kuquka ukwakha iiHolo zoBukumkani neeHolo zeeNdibano