Imibuzo Yabafundi
Kutheni UThixo Evumele Ukubandezeleka?
UThixo akabangeli abantu ukuba babandezeleke. IBhayibhile ithi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo!” (Yobhi 34:10) Ngubani ngokwenene obangela ukubandezeleka?
UYesu wathi uSathana ‘ngumlawuli wehlabathi.’ (Yohane 14:30) Liyinyaniso elokuba, uYehova nguMongami Wendalo Iphela, yaye uya kuhlala enguye. Noko ke, uThixo uye wamvumela uSathana ukuba alawule uluntu kangangexesha elithile.—1 Yohane 5:19.
USathana uye waba ngumlawuli onjani? Ukususela ukuqala kwakhe ukuthetha nabantu, uSathana ebengumbulali nomkhohlisi. USathana uluhlasela ngamandla uluntu. UYesu wambek’ ityala wathi: “Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni, yaye akemi enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.” (Yohane 8:44) Kwakhona uYesu wathi abo babefuna ukumbulala bangabantwana bombulali wokuqala. Bazenza abantwana bakhe ngokulandela iindlela zakhe. Kanye njengokuba iqhalo lisitsho, bafana nqwa nabazali ngemikhwa.
USathana usabaphembelela abantu ukuba babe ngababulali. Ngokomzekelo, uR. J. Rummel, unjingalwazi odla umhlala-phantsi weYunivesithi yaseHawaii, eUnited States, uthelekelela ukuba ukususela ngowe-1900 ukusa kowe-1987, oorhulumente abahlukahlukeneyo babulala abantu abali-169 198 000 ngenxa yeengxwabangxwaba zopolitiko nezobuhlanga. La manani awaquki amashumi ezigidi zabantu ababulawa ezimfazweni ngaloo minyaka.
Ukuba uThixo akangonobangela wokubandezeleka kutheni ekuvumela? Kungenxa yokuba kusafuneka kuzinziswe imbambano eyaqala kudala ephathelele okulungileyo nokubi. Makhe siqwalasele le mbambano.
Emva kokudalwa kwabantu, uAdam noEva balandela uSathana. Balugatya ulawulo lukaThixo baza bafuna ukuzilawula, nto leyo eneneni ebonisa ukuba babelawulwa nguMtyholi.—Genesis 3:1-6; ISityhilelo 12:9.
Ekubeni uYehova ethanda okusesikweni wavumela abantu ukuba bazilawule. Waba yintoni umphumo? Ulawulo lwabantu abaphenjelelwa nguSathana lubangela ukubandezeleka. Eneneni ukuvumela kukaThixo abantu ukuba bazilawule ixesha elide kuyingenelo ebantwini. Njani? Abo bahlolisisa ubungqina baze babukholelwe bafumana ithuba lokubonisa ukuba bakhetha ulawulo lukaThixo. Abo bafunda ngemilinganiselo kaThixo baze baphile ngokuvisisana nayo banethemba lokuphila ngonaphakade.—Yohane 17:3; 1 Yohane 2:17.
Eneneni okwangoku ihlabathi lisalawulwa nguSathana. Kodwa akuzukuba lithuba elide. Kungekudala, uYehova uza kusebenzisa uNyana wakhe ukuze “ayichithe imisebenzi kaMtyholi.” (1 Yohane 3:8) Phantsi kolwalathiso lukaThixo, uYesu uza kubopha iintliziyo ezaphukileyo aze abuyisele abantu kwisimo esifanelekileyo. Uza kuvusa amawaka ezigidi zabantu abaye bafa ukutyhubela iinkulungwane.—Yohane 11:25.
Ukuvuswa kukaYesu kubonisa ukuba uThixo unamandla okuphelisa imisebenzi kaMtyholi—yaye oko kubonisa ukuba abantu abakhetha ulawulo lukaThixo nabo baza kuvuswa. (IZenzo 17:31) IBhayibhile itsalela ingqalelo yethu koko kuza kwenzeka kwikamva: “Abe nguThixo walo [uluntu]. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.