IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 5/1 iphe. 16-17
  • NgoBukumkani BukaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • NgoBukumkani BukaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni uBukumkani bukaThixo?
  • Ngoobani abalawuli boBukumkani bukaThixo?
  • Uza kubaphi lo rhulumente?
  • Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo ngobungendawo?
  • Ngoobani abaza kulawulwa bobu Bukumkani emhlabeni?
  • UBukumkani bukaThixo buya kubenzela ntoni abantu emhlabeni?
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Oko Kwafundiswa NguYesu NgoBukumkani BukaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 5/1 iphe. 16-17

Oko Sikufunda KuYesu

NgoBukumkani BukaThixo

Yintoni uBukumkani bukaThixo?

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente oza kulawula umhlaba wonke. UYesu wathi: “Nina nize nithandaze ngale ndlela: . . . ‘Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.’”—Mateyu 6:9, 10; Daniyeli 2:44.

Ngoobani abalawuli boBukumkani bukaThixo?

UYesu wazalelwa ukuba abe nguMlawuli woBukumkani bukaThixo. Ingelosi yaxela unina kaYesu yathi: “UYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani.” (Luka 1:30-33) Ukongezelela, uYesu wakhetha abanye babalandeli bakhe ukuba balawule kunye naye. Wathi kubapostile bakhe: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam; yaye ndenza umnqophiso nani, kanye njengoko uBawo enze umnqophiso nam, wobukumkani.” (Luka 22:28, 29; Daniyeli 7:27) UYesu uya kulawula nabalandeli bakhe abali-144 000.—ISityhilelo 5:9, 10; 14:1.

Uza kubaphi lo rhulumente?

UBukumkani bukaThixo buza kulawula busezulwini. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ukuba ndiyemka ndize ndinilungiselele indawo [ezulwini], ndiya kuza kwakhona ndize ndinamkelele kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani. . . . Ndiyemka ndiya kuBawo.”—Yohane 14:2, 3, 12; Daniyeli 7:13, 14.

Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo ngobungendawo?

UYesu uza kuwucoca umhlaba ngokususa abantu abangendawo. UYesu wathi: “Xa uNyana womntu [uYesu] efika esebuqaqawulini bakhe, nazo zonke iingelosi zikunye naye, uya kwandula ke ahlale phantsi kwitrone yakhe yobuqaqawuli. Kwaye zonke iintlanga ziya kuhlanganiselwa phambi kwakhe, abahlule abantu omnye komnye . . . Kwaye aba [abangendawo] baya kumka baye kwintshabalalo engunaphakade, kodwa bona abangamalungisa baye ebomini obungunaphakade.”—Mateyu 25:31-34, 46.

Ngoobani abaza kulawulwa bobu Bukumkani emhlabeni?

UYesu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5; INdumiso 37:29; 72:8) Umhlaba uya kuzaliswa ngabantu abafunda ukuthandana kanye ngoku. UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:34, 35.

UBukumkani bukaThixo buya kubenzela ntoni abantu emhlabeni?

UYesu uza kunyanga izifo zoluntu. Ngoxa wayesemhlabeni uYesu wathetha nezihlwele ‘ngobukumkani bukaThixo, yaye wabaphilisa nabo babengenampilo.’ (Luka 9:11) Emva kokubona uYesu ovusiweyo embonweni, umpostile uYohane wathi: “Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha . . . Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu . . . Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa.’”—ISityhilelo 21:1-4.

UBukumkani bukaThixo buya kubuyisela iParadesi emhlabeni. Umenzi-bubi owayexhonywe noYesu wathi: “Yesu, uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” Yaye uYesu wathi kuye: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadesi.”—Luka 23:42, 43; Isaya 11:4-9.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda isahluko sesibhozo sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a

[Umbhalo osemazantsi]

a Epapashwe ngamaNgqina kaYehova

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share