NguThixo Kuphela Onokusindisa Umhlaba
“ISACHOLO ESIKHAZIMLAYO ESINOMBALA OLUHLAZA NAMHLOPHE.” Le yindlela usomajukujuku uEdgar Mitchell awawuchaza ngayo umhlaba njengoko wayewujonge kwintsunguzi yobumnyama.
UThixo wasebenza ngamandla elungisa umhlaba ukuze umntu akwazi ukuphila kuwo. Xa wawudalwa, iingelosi ‘zancoma.’ (Yobhi 38:7) Emva kokuba sifunde ngemimangaliso yesi sijikelezi-langa, nathi sinesizathu sokuncoma. Zininzi iinkqubo ezintsonkothileyo ezenza izinto zikwazi ukuphila emhlabeni. Kwenye yezona nkqubo zaziwayo, uhlaza lusebenzisa imitha yelanga, icarbon dioxide, namanzi, ukuze kuveliswe iziqhamo. Le nkqubo iphinda ivelise ioksijini esincedayo ukuba siqhubeke siphila.
IBhayibhile ithi uThixo wanika umntu ilungelo lokuba ongamele umhlaba. (Genesis 1:28; 2:15) Noko ke, ukuze izinto eziphila emhlabeni zilungelelane, kwakuza kufuneka umntu aziphathe kakuhle. Kwakufuneka awuthande umhlaba olikhaya lakhe. Kwakuza kufuneka awugcine ubukeka. Kodwa ngenxa yokuba wanikwa inkululeko yokuzikhethela, ngoko ukuba wayethanda wayenokukhetha ukuwonakalisa umhlaba. Wenza loo nto kanye. Ukungakhathali nokubawa kwakhe kuye kwawonakalisa kakhulu umhlaba.
Makhe sikhankanye iingxaki ezimbalwa eziye zabangelwa koku: (1) Ukutshatyalaliswa kwamahlathi kwenza kubekho icarbon dioxide eninzi, nto leyo enokubangela ukuba imozulu ingalungelelani. (2) Ukutshatyalaliswa kwezinambuzane kubangela ukuba indalo ingalungelelani. (3) Ukulotywa kweentlanzi ngokugqithisileyo nokungcoliswa kweelwandle nemilambo kubulala iintlanzi. (4) Ukusetyenziswa kakubi kobuncwane bomhlaba kubangela ukuba izizukulwana ezizayo zingafumani nto yaye kucingelwa ukuba kwenza umhlaba uye usiba shushu ngakumbi. Abanye abantu abaxhalabele izinto eziphila emhlabeni bathi ukunyibilika komkhenkce okwiincam zomhlaba kubonisa ukuba umhlaba uya usiba shushu.
Ekubeni zisiya zisanda iintlekele zemvelo, bambi basenokuthi umhlaba uyazilwela, nto leyo eyenza abantu babe sebugxwayibeni. UThixo wasinika umhlaba simahla. (Genesis 1:26-29) Noko ke, izinto ezenzeka ehlabathini zibonisa ukuba abantu abaninzi abawukhathalelanga umhlaba. Bazixakekise ngezinto abazithandayo. Baye abawuphatha kakuhle—‘bawonakalisa,’ njengoko kwaprofetwayo kwiSityhilelo 11:18.
Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uThixo onguSomandla, uYehova, uMdali wezinto eziphila emhlabeni, uthi lifikile ilixa lokuba “asuse” abantu abonakalisa umhlaba. (Zefaniya 1:14; ISityhilelo 19:11-15) Ngaphambi kokuba abantu bawonakalise umhlaba, uThixo uza kungenelela kamsinya.a (Mateyu 24:44) Liyinyaniso elokuba, nguThixo kuphela onokusindisa umhlaba.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele ukungxamiseka kwamaxesha, funda incwadana enemifanekiso ethi Hlalani Nilindile! epapashwe ngamaNgqina kaYehova.