IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 2/1 iphe. 8
  • Ngaba UThixo Undikhathalele Mna?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Undikhathalele Mna?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Abalawuli Abakummandla Womoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Kutheni Kusenzeka Izinto Ezimbi?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Hlalani Nithe Qwa—USathana Ufuna Ukuniqwenga!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 2/1 iphe. 8

Ngaba UThixo Undikhathalele Mna?

Izinto ezidla ngokuthethwa ngabantu:

▪ “UThixo ubaluleke kakhulu ukuba angazikhathaza ngeengxaki zam.”

▪ “Andiqondi ukuba undikhathalele.”

Wathini yena uYesu?

▪ “Oongqatyana abahlanu bathengiswa ngeengqekembe ezimbini ezixabiso lincinane, akunjalo? Kanti akukho namnye kubo olibalekayo phambi koThixo. Kodwa kwaneenwele zeentloko zenu zibaliwe zonke. Musani ukuba noloyiko; nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” (Luka 12:6, 7) Kuzicacele ukuba uYesu wafundisa ukuba uThixo uyasikhathalela.

▪ “Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ Kuba zonke ezi zizinto iintlanga ezizisukela ngentumekelelo. Kuba uYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.” (Mateyu 6:31, 32) UYesu wayeqinisekile ukuba uThixo uyazazi iingxaki ngamnye wethu anazo.

IBhayibhile iyibeka icace into yokuba uThixo usikhathalele. (INdumiso 55:22; 1 Petros 5:7) Ukuba kunjalo, kutheni ke siphila nzima kangaka kule mihla? Ukuba uThixo unothando kwaye unamandla onke, kutheni engabuphelisi obu bunzima siphila kubo?

Impendulo isithatha isise kwinkalo ethile abangayaziyo abantu abaninzi—nguSathana uMtyholi umlawuli weli hlabathi lingendawo. Xa uSathana wayelinga uYesu, wamthembisa ngazo zonke izikumkani zehlabathi, esithi: “Ndiza kukunika lonke eli gunya nozuko lwazo, ngenxa yokuba linikelwe kum, kwaye ndilinika nabani na endisukuba ndinqwenela ukumnika.”—Luka 4:5-7.

Ngubani owenza uSathana umlawuli wehlabathi? Xa abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, bathobela uSathana baza bamnikel’ umva uThixo, kwakufana nokuba babemvotela ukuba abe ngumlawuli wabo. Ukususela kuloo mvukelo, uYehova uThixo uye ngomonde wavumela ukuba kubekho ixesha lokungqina ulawulo lukaSathana njengolusileleyo. UYehova akabanyanzeli abantu ukuba bamkhonze, kunoko usivulele indlela yokuba sibuyele kuye.—Roma 5:10.

Ekubeni uThixo esikhathalele, wenze amalungiselelo okuba uYesu asihlangule kulawulo lukaSathana. Kwixesha elizayo, uYesu uya ‘kumtshitshisa lowo unamandla okubangela ukufa, oko kukuthi, uMtyholi.’ (Hebhere 2:14) Xa esenjenjalo, uya ‘kuyichitha imisebenzi kaMtyholi.’—1 Yohane 3:8.

Iparadesi iza kubuyiselwa apha emhlabeni. Ngelo xesha, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abantu] abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili [ziya kube] zidlule.”—ISityhilelo 21:4, 5.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesizathu sokuba uThixo avumele ukuba abantu baphile kabuhlungu, bona isahluko se-11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]

Iparadesi iza kubuyiselwa apha emhlabeni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share