IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Uya Kuma Njani Phambi Kwesihlalo Sokugweba?
    IMboniselo—1995 | Oktobha 15
    • Uya Kuma Njani Phambi Kwesihlalo Sokugweba?

      “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe.”—MATEYU 25:31.

      1-3. Sisiphi isizathu esinaso sokuba nethemba ngokuphathelele okusesikweni?

      ‘UNETYALA OKANYE AKUNATYALA?’ Abaninzi bayamangaliswa xa besiva ngamatyala athile asenkundleni. Iijaji nabagwebi basenokuzama ukunyaniseka, kodwa ngaba ngokuqhelekileyo kugwetywa ngokusesikweni? Ngaba akukeva ngokungabikho kokusesikweni nobulungisa kwinkqubo yokugweba? Ukungabikho kokusesikweni okunjalo akunto intsha, njengoko sibona kumzekeliso kaYesu ofumaneka kuLuka 18:1-8.

      2 Enokuba anjani amava onawo ngokusesikweni kwabantu, phawula isigqibo uYesu awafikelela kuso: “UThixo akayi kukha abalungise [“abenzele okusesikweni,” NW] na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku . . . ? Ndithi kuni, Uya kubalungisa [“kubenzela okusesikweni,” NW], abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?”

      3 Ewe, uYehova uya kuqinisekisa ukuba abakhonzi bakhe ekugqibeleni baya kufumana okusesikweni. Kwakhona, noYesu ubandakanyekile, ngokukodwa ngoku ekubeni siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yale nkqubo ikhoyo ingendawo yezinto. Kungekudala uYehova uya kusebenzisa uNyana wakhe onamandla ukuze atshayele ubungendawo buphele emhlabeni. (2 Timoti 3:1; 2 Tesalonika 1:7, 8; ISityhilelo 19:11-16) Indima kaYesu sinokuyiqonda kakuhle ngokujonga omnye wemizekeliso yokugqibela awayenzayo, ngokufuthi obizwa ngokuba ngumzekeliso wezimvu neebhokhwe.

      4. Besiliqonda njani ixesha lokuzaliseka komzekeliso wezimvu neebhokhwe, kodwa kutheni siza kunikela ingqalelo kulo mzekeliso ngoku? (IMizekeliso 4:18)

      4 Kangangethuba elide besivakalelwa kukuba lo mzekeliso ubonisa uYesu ehlala njengoKumkani ngowe-1914 aze ukususela ngoko agwebe—enika ubomi obungunaphakade kubantu abazingqina befana nezimvu, nokufa ngonaphakade kwiibhokhwe. Kodwa ukuwuhlolisisa ngokutsha lo mzekeliso kusenza siyilungise indlela ebesiliqonda ngayo ixesha ozaliseka ngalo noko ukufuziselayo. Olu hlaziyo lukubethelela ngamandla ukubaluleka komsebenzi wethu wokushumayela nokubaluleka kwendlela abantu abasabela ngayo. Ukuze sibone isizathu sokuwuqonda ngale ndlela inzulu ngakumbi lo mzekeliso, masiqwalasele oko iBhayibhile ikuchazayo ngoYehova noYesu, njengooKumkani naBagwebi.

      UYehova NjengoMgwebi Ophakamileyo

      5, 6. Kutheni kufanelekile ukuba uYehova simgqale njengoKumkani noMgwebi?

      5 UYehova ulawula indalo iphela njengalowo unamandla phezu kwento yonke. Ekubeni engenasiqalo yaye engenasiphelo, nguye “uKumkani wawo amaphakade.” (1 Timoti 1:17; INdumiso 90:2, 4; ISityhilelo 15:3) Unegunya lokwenza imimiselo, okanye imithetho, nokuqiniseka ukuba iyathotyelwa. Kodwa igunya lakhe likwaquka ukuba nguMgwebi. UIsaya 33:22 uthi: “Umgwebi wethu nguYehova, ummisi-mthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena.”

      6 Kudala abakhonzi bakaThixo bemgqala uYehova njengoMgwebi wamatyala neembambano. Ngokomzekelo, emva kokuba “umgwebi wehlabathi lonke” ebuhlolile ubungqina ngobungendawo beSodom neGomora, wawisa isigwebo sokuba abemi balapho kwakufuneka batshatyalaliswe waza wabangela ukuba uphunyezwe loo mgwebo wobulungisa. (Genesis 18:20-33; Yobhi 34:10-12) Hayi indlela okufanele kusiqinisekise ngayo ukwazi ukuba uYehova nguMgwebi olilungisa onokuyiphumeza ngamaxesha onke imigwebo yakhe!

      7. UYehova wayenguMgwebi njani ekuqhubaneni namaSirayeli?

      7 Maxa wambi, kwaSirayeli mandulo, uYehova wayeyidlulisela ngokuthe ngqo imigwebo yakhe. Ngaba ngewawungazange uzive ukhululekile emva apho kukwazi ukuba nguMgwebi ofezekileyo owayegqiba ngemicimbi? (Levitikus 24:10-16; Numeri 15:32-36; 27:1-11) Kwakhona uThixo walungiselela “amasiko” awayelunge ngokupheleleyo njengemilinganiselo yokugweba. (Levitikus 25:18, 19; Nehemiya 9:13; INdumiso 19:9, 10; 119:7, 75, 164; 147:19, 20) Nguye “umgwebi wehlabathi lonke,” ngoko sonke siyachaphazeleka.—Hebhere 12:23.

      8. Nguwuphi umbono ophathelele oku uDaniyeli awawubonayo?

      8 Sinobungqina “bamangqina okuzibonela” ngokuphathelele lo mbandela. Umprofeti uDaniyeli wanikwa umbono wamarhamncwa akhohlakeleyo awayemela oorhulumente okanye ubukhosi. (Daniyeli 7:1-8, 17) Wongezelela: “Zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu.” (Daniyeli 7:9) Phawula ukuba uDaniyeli wabona iitrone waza “wahlala uNyangelemihla [uYehova].” (Akekeliswe sithi.) Zibuze, ‘Ngaba uDaniyeli apha wayebona uThixo esiba nguKumkani?’

      9. Yiyiphi enye intsingiselo ‘yokuhlala’ etroneni? Nikela imizekelo.

      9 Kaloku, xa sifunda ukuba umntu “wahlala” etroneni, sisenokucinga ukuba wayesiba ngukumkani, kuba maxa wambi iBhayibhile iyathetha ngolo hlobo. Ngokomzekelo: “Kwathi, akuba ngukumkani [uZimri], kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, . . .” (1 Kumkani 16:11; 2 Kumkani 10:30; 15:12; Yeremiya 33:17) Isiprofeto esingoMesiya sasithe: “Ihlale ilawule etroneni yayo.” (Akekeliswe sithi.) Ngenxa yoko, ‘ukuhlala etroneni’ kusenokuthetha ukuba ngukumkani. (Zekariya 6:12, 13) UYehova uchazwa njengoKumkani ohleli etroneni. (1 Kumkani 22:19; Isaya 6:1; ISityhilelo 4:1-3) ‘UnguKumkani wamaphakade.’ Sekunjalo, xa ebonakalisa inkalo entsha yolongamo lwakhe, kunokuthiwa uye waba nguKumkani, ngokungathi uhleli etroneni yakhe ngokutsha.—1 Kronike 16:1, 31; Isaya 52:7; ISityhilelo 11:15-17; 15:3; 19:1, 2, 6.

      10. Yayinguwuphi umsebenzi oyintloko wookumkani bakwaSirayeli? Zekelisa.

      10 Kodwa nantsi ingongoma eyintloko: Umsebenzi oyintloko wookumkani bamandulo yayingulowo wokuchophela amatyala baze banikele izigwebo. (IMizekeliso 29:14) Uyasikhumbula isigwebo sobulumko sikaSolomon xa abafazi ababini babebanga umntwana omnye. (1 Kumkani 3:16-28; 2 Kronike 9:8) Esinye sezakhiwo zakhe zaseburhulumenteni ‘sasiyivaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala,’ ikwabizwa ngokuthi “yivaranda yamatyala.” (1 Kumkani 7:7) IYerusalem yayichazwa njengendawo apho ‘kwakumiswe khona iitrone zokugweba.’ (INdumiso 122:5) Ngokucacileyo, ‘ukuhlala etroneni’ kukwanokuthetha ukusebenzisa igunya lokugweba.—Eksodus 18:13; IMizekeliso 20:8.

      11, 12. (a) Kwakubaluleke ngantoni ukuhlala kukaYehova phantsi, okukhankanywe kuDaniyeli isahluko 7? (b) Ezinye izibhalo zikungqina njani ukuba uYehova uhlala phantsi ukuze agwebe?

      11 Ngoku masibuyele kumbono apho uDaniyeli wabona ‘uNyangelemihla ehlala.’ (Akekeliswe sithi.) UDaniyeli 7:10 uyongezelela: “Abagwebi [“iNkundla,” NW] bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.” Ewe, uNyangelemihla wayehlala ukuze agwebe ngokuphathelele ulawulo lwehlabathi nokuze agwebele uNyana womntu njengalowo ufanele ukulawula. (Daniyeli 7:13, 14) Kwakhona sifunda ukuba “weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele,” abo bagwetyelwa njengabafanelekayo ukulawula noNyana womntu. (Daniyeli 7:22, akekeliswe sithi.) Ekugqibeleni ‘abagwebi [“iNkundla,” NW] bahlala phantsi’ baze badlulisele isigwebo esiqatha kwigunya lokugqibela lehlabathi.—Daniyeli 7:26.a

      12 Ngenxa yoko, ukubona kukaDaniyeli uThixo ‘ehlala etroneni’ kwathetha ukuza Kwakhe ukuze adlulisele isigwebo. Ngaphambili uDavide wayevume le ngoma: “[Yehova] ulifezile ityala lam nebango lam; uhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.” (INdumiso 9:4, 7) Yaye uYoweli wabhala: “Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba [mna Yehova] ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga.” (Yoweli 3:12; thelekisa uIsaya 16:5.) Bobabini uYesu noPawulos babekhe babandakanyeka kwiimeko apho kwakufuneka umntu ahlale athethe ityala aze awise isigwebo.b—Yohane 19:12-16; IZenzo 23:3; 25:6.

      Isikhundla SikaYesu

      13, 14. (a) Sisiphi isiqinisekiso abantu bakaThixo ababenaso sokuba uYesu wayeya kuba nguKumkani? (b) UYesu wahlala nini etroneni yakhe, yaye wayelawula ngayiphi ingqiqo ukususela ngowama-33 C.E. ukusa phambili?

      13 UYehova nguKumkani okwanguMgwebi. Kuthekani ngoYesu? Isithunywa sezulu esavakalisa ukuzalwa kwakhe sathi: “INkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise, . . . nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.” (Luka 1:32, 33) UYesu wayeya kuba yindlalifa esisigxina yobukumkani bukaDavide. (2 Samuweli 7:12-16) Wayeya kulawula esezulwini, kuba uDavide wathi: “Utsho uYehova eNkosini yam [uYesu] ukuthi, Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isitulo seenyawo zakho. Intonga yamandla akho uya kuyithumela uYehova ivela eZiyon, esithi, Yiba nobukhosi phakathi kweentshaba zakho.”—INdumiso 110:1-4.

      14 Kwakuya kwenzeka nini oko? UYesu akazange alawule njengoKumkani ngoxa wayengumntu. (Yohane 18:33-37) Ngowama-33 C.E., wafa, wavuswa, waza wanyukela ezulwini. AmaHebhere 10:12 athi: “Yena lo, esondeze idini lalinye ngenxa yezono, usuke wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo ngokungapheliyo.” Wayenaliphi igunya uYesu? “[UThixo] wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo, ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi . . . wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla.” (Efese 1:20-22) Ngenxa yokuba ngoko uYesu wayenegunya njengokumkani phezu kwamaKristu, uPawulos wayenokubhala athi nguYehova “owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe.”—Kolose 1:13; 3:1.

      15, 16. (a) Kutheni sisithi uYesu akazange abe nguKumkani woBukumkani bukaThixo ngowama-33 C.E.? (b) UYesu waqala nini ukulawula eBukumkanini bukaThixo?

      15 Noko ke, ngelo xesha uYesu akazange abe nguKumkani noMgwebi phezu kweentlanga. Wahlala ecaleni koThixo, elindele ixesha lokusebenza njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. UPawulos wabhala wathi ngaye: “Sisiphi na ke isithunywa, awakha wathi kuso, Hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?”—Hebhere 1:13.

      16 AmaNgqina kaYehova apapashe ubungqina obuninzi bokuba ixesha likaYesu lokulinda laphela ngowe-1914, xa waba ngumlawuli woBukumkani bukaThixo emazulwini angabonakaliyo. ISityhilelo 11:15, 18 sithi: “Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu wayo. Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” “Iintlanga zaqumba, yeza ingqumbo yakho.” Ewe, iintlanga zabonakalisa ukuqumbelana ebudeni beMfazwe Yehlabathi I. (Luka 21:24) Iimfazwe, iinyikima, iindyikitya zokufa, iindlala, nezinto ezifana nezo, esizibonileyo ukususela ngowe-1914 zingqina ukuba uYesu ngoku uyalawula eBukumkanini bukaThixo, yaye isiphelo sokugqibela seli hlabathi sisondele.—Mateyu 24:3-14.

      17. Ziziphi iingongoma eziziintloko esizifumanisileyo ukuza kuthi ga ngoku?

      17 Xa sisenza impinda emfutshane: UThixo kunokuthiwa uhleli etroneni njengoKumkani, kodwa ngenye ingqiqo unokuhlala etroneni yakhe ukuze agwebe. Ngowama-33 C.E., uYesu wahlala ngakwesokunene sikaThixo, yaye ngoku unguKumkani woBukumkani. Kodwa ngaba uYesu, ngoku olawula njengoKumkani, ukwanguMgwebi? Yaye kutheni sifanele sibe nomdla koku, ngokukodwa ngeli xesha?

      18. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba uYesu uya kuba nguye noMgwebi?

      18 UYehova, onelungelo lokumisela abagwebi, wakhetha uYesu njengoMgwebi oyifikelelayo imilinganiselo Yakhe. UYesu wakubonisa oku xa wayethetha ngokuphila kwabantu ngokomoya: “UYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana.” (Yohane 5:22) Kodwa, indima kaYesu yokugweba ayipheleli kolo hlobo lokugweba kuphela, kuba ungumgwebi wabaphilileyo nabafileyo. (IZenzo 10:42; 2 Timoti 4:1) UPawulos wakha wathi: “Ngokokuba [uThixo] emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda [uYesu] awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.”—IZenzo 17:31; INdumiso 72:2-7.

      19. Kutheni kuchanile ukuthi uYesu uhlala phantsi njengoMgwebi?

      19 Ngaba ke ngoko sichanile xa sigqiba kwelokuba uYesu uhlala phantsi kwitrone ezukileyo kwindima ekhethekileyo yoMgwebi? Ewe. UYesu waxelela abapostile oku: “Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.” (Mateyu 19:28, akekeliswe sithi.) Nangona uYesu ngoku enguKumkani woBukumkani, umsebenzi wakhe obhekele phaya okhankanywe kuMateyu 19:28 uya kuquka ukuhlala etroneni ukuze agwebe ebudeni beWaka Leminyaka. Ngelo xesha uya kugweba lonke uluntu, amalungisa nabangemalungisa. (IZenzo 24:15) Kuluncedo ukuba sikhumbule oku njengoko siguqulela ingqalelo yethu komnye wemizekeliso kaYesu onento yokwenza nexesha lethu nobomi bethu.

      Uthini Umzekeliso?

      20, 21. Yintoni eyabuzwa ngabapostile bakaYesu enokuthanani nexesha lethu, nto leyo ephakamisa wuphi umbuzo?

      20 Ngaphambi nje kokuba uYesu afe, abafundi bakhe bambuza: “Ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso [“wobukho bakho,” NW], nowokupheliswa kwephakade eli?” (Mateyu 24:3) UYesu wachaza iziganeko eziphawulekayo ezaziya kwenzeka emhlabeni ngaphambi kokuba ‘kufike ukuphela.’ Ngaphambilana nje kweso siphelo, iintlanga ziya kuthi “zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.”—Mateyu 24:14, 29, 30.

      21 Noko ke, kuya kwenzeka ntoni kubantu bezo ntlanga xa uNyana womntu efika esebuqaqawulini bakhe? Masikhangele kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, oqala ngala mazwi: “Xa athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga.”—Mateyu 25:31, 32.

      22, 23. Ziziphi iingongoma ezibonisa ukuba umzekeliso wezimvu neebhokhwe awuzange uqalise ukuzaliseka ngowe-1914?

      22 Ngaba lo mzekeliso usebenza xa uYesu wahlala phantsi esemandleni obukumkani ngowe-1914, njengokuba besisoloko siqonda njalo? Kaloku, uMateyu 25:34 uyathetha ngaye njengoKumkani, ngoko lo mzekeliso ngokusengqiqweni usebenza emva kokuba uYesu waba nguKumkani ngowe-1914. Kodwa kukuphi ukugweba awakwenzayo ngokukhawuleza emva koko? Akazange agwebe “zonke iintlanga.” Kunoko waguqulela ingqalelo yakhe kwabo babezibanga bebumba ‘indlu kaThixo.’ (1 Petros 4:17, akekeliswe sithi.) Ngokuvisisana noMalaki 3:1-3, uYesu, njengomthunywa kaYehova, wahlola ngenjongo yokugweba amaKristu athanjisiweyo awayesasele emhlabeni. Kwakhona elo yayilixesha lokuba awise isigwebo kwiNgqobhoko, ethe ngobuxoki yazibanga ‘iyindlu kaThixo.’c (ISityhilelo 17:1, 2; 18:4-8) Kanti akukho nto ibonisa ukuba ngelo xesha, okanye singathi kwanokususela ngoko, uYesu ebehleli egweba okokugqibela zonke iintlanga njengezimvu okanye iibhokhwe.

      23 Ukuba sihlolisisa oko kwenziwa nguYesu kulo mzekeliso, siphawula ukuba uzigweba okokugqibela zonke iintlanga. Lo mzekeliso awubonisi ukuba ukugweba okunjalo kwakuya kuqhubeka ixesha elide leminyaka emininzi, ngokungathi wonke umntu obesifa ebudeni bala mashumi eminyaka adlulileyo ebegwetywa njengofanelwe kukufa ngonaphakade okanye bubomi obungunaphakade. Kubonakala ngathi inkoliso yabo bafe kumashumi eminyaka akutshanje baye kwingcwaba loluntu eliqhelekileyo. (ISityhilelo 6:8; 20:13) Noko ke, lo mzekeliso ubonisa ixesha laxa uYesu egweba abantu bazo “zonke iintlanga” abaphilayo ngelo xesha nabajamelene nokuphunyezwa kwesigwebo sakhe.

      24. Uya kuzaliseka nini umzekeliso wezimvu neebhokhwe?

      24 Ngamanye amazwi, lo mzekeliso walatha kwixesha elizayo laxa uNyana womntu eya kuza esebuqaqawulini bakhe. Uya kuhlala phantsi ukuze agwebe abantu abaphilayo ngelo xesha. Umgwebo wakhe uya kusekelwa koko bazibonakalise bekuko. Ngelo xesha “umahluko phakathi kwelungisa nongendawo” uya kube ucace okwekati emhlophe ehlungwini. (Malaki 3:18) Ukuvakaliswa nokuphunyezwa kwesigwebo kuya kwenziwa ngexesha elifutshane. UYesu uya kuwisa izigwebo ezisesikweni ngokusekelwe koko kuye kwabonakala ngabo bantu.—Bona kwaneyesi-2 kwabaseKorinte 5:10.

      25. Ubonisa ntoni uMateyu 25:31 xa ethetha ngoNyana womntu ehlala etroneni yobuqaqawuli?

      25 Ngoko, oku kuthetha ukuba ‘ukuhlala kukaYesu etroneni yobuqaqawuli bakhe’ ukuze agwebe, okuthethwa ngako kuMateyu 25:31, kusebenza kwixesha elizayo xa lo Kumkani unamandla eya kuhlala phantsi ukuze avakalise aze aphumeze umgwebo kwiintlanga. Ewe, umgwebo obandakanya uYesu kuMateyu 25:31-33, 46 uyafana nalowo ukuDaniyeli isahluko 7, apho uKumkani olawulayo, uNyangelemihla, wahlala phantsi ukuze aphumeze indima yakhe njengoMgwebi.

      26. Yiyiphi indlela entsha evelayo yokuchaza lo mzekeliso?

      26 Ukuqonda umzekeliso wezimvu neebhokhwe ngolu hlobo kubonisa ukuba ukuphunyezwa komgwebo kwizimvu neebhokhwe kuseyinto yexesha elizayo. Kuya kwenzeka emva kokuqhambuka ‘kwembandezelo’ ekhankanywe kuMateyu 24:29, 30 noNyana womntu ‘efikile esebuqaqawulini bakhe.’ (Thelekisa uMarko 13:24-26.) Ngoko, ekubeni yonke inkqubo yezinto engendawo ifikelele esiphelweni sayo, uYesu uya kumisa inkundla aze awise aze aphumeze umgwebo.—Yohane 5:30; 2 Tesalonika 1:7-10.

      27. Yintoni esifanele sibe nomdla wokuyazi ngomzekeliso kaYesu wokugqibela?

      27 Oku kukwenza kucace ukuliqonda kwethu ixesha lokuzaliseka kwalo mzekeliso kaYesu, obonisa ukuba izimvu neebhokhwe ziya kugwetywa nini. Kodwa oku kusichaphazela njani thina bashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngenzondelelo? (Mateyu 24:14) Ngaba kuwenza umsebenzi wethu ungabaluleki kangako, okanye ngaba kuwenza ube yimbopheleleko enzulu ngakumbi? Masibone kwinqaku elilandelayo ukuba sichaphazeleka njani.

      [Imibhalo esemazantsi]

      a Igama eliguqulelwe ngokuthi “iNkundla” kuDaniyeli 7:10, 26 likwafumaneka kuEzra 7:26 nakuDaniyeli 4:37; 7:22.

      b Ngokuphathelele ukuba amaKristu asane ezinkundleni, uPawulos wabuza: “Nimisa [ngokoqobo “nihlalisa”] abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na?”—1 Korinte 6:4.

      c Bona ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, iphepha 56, 73, 235-45, 260, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

      Uyakhumbula na?

      ◻ UYehova nguKumkani noMgwebi njani?

      ◻ Ziziphi iintsingiselo ezimbini okunokuba nazo ‘ukuhlala etroneni’?

      ◻ Besifudula sisithini ngexesha azaliseka ngalo uMateyu 25:31, kodwa imbono elungisiweyo isekelwe kwintoni?

      ◻ UNyana womntu uhlala nini etroneni yakhe, njengoko kuboniswe kuMateyu 25:31?

  • Liyintoni Ikamva Lezimvu Neebhokhwe?
    IMboniselo—1995 | Oktobha 15
    • Liyintoni Ikamva Lezimvu Neebhokhwe?

      “Abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni.”—MATEYU 25:32.

      1, 2. Kutheni sifanele sibe nomdla kumzekeliso wezimvu neebhokhwe?

      NGOKUQINISEKILEYO uYesu Kristu wayengoyena Mfundisi ubalaseleyo emhlabeni. (Yohane 7:46) Enye yeendlela zakhe zokufundisa yayikukusebenzisa imizekeliso. (Mateyu 13:34, 35) Le mizekeliso yayilula kodwa inamandla ekudluliseleni iinyaniso ezinzulu zokomoya nezingeziprofeto.

      2 Kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, uYesu wathetha ngexesha laxa eya kuba kwisikhundla esikhethekileyo: “Xa athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, . . .” (Mateyu 25:31) Sifanele sibe nomdla koku kuba ngumzekeliso uYesu awayiqukumbela ngawo impendulo yakhe yombuzo othi: “Uya kuba yini na umqondiso [“wobukho bakho,” NW], nowokupheliswa kwephakade eli?” (Mateyu 24:3) Kodwa kuthetha ntoni oku kuthi?

      3. Ngaphambilana kwintetho yakhe, uYesu wathi kuya kwenzeka ntoni kwaoko emveni kokuqalisa kwembandezelo enkulu?

      3 UYesu wachaza iziganeko eziphawulekayo eziya kwenzeka “kwaoko ke, emveni” kokuqhambuka kwembandezelo enkulu, ziganeko ezo esizilindeleyo. Wathi wawuya kwandula ke ukubonakala “umqondiso woNyana woMntu.” Oku kuya kuzichaphazela ngokunzulu “zonke izizwe zomhlaba” eziya kuthi “zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” UNyana womntu uya kuphelekwa ‘zizithunywa zakhe.’ (Mateyu 24:21, 29-31)a Kuthekani ngomzekeliso wezimvu neebhokhwe? IiBhayibhile zanamhlanje ziwubeka kwisahluko 25, kodwa uyinxalenye yempendulo kaYesu, unikela iinkcukacha ezingakumbi ngokuza kwakhe enobuqaqawuli aze anikele ingqalelo ekugwebeni kwakhe “zonke iintlanga.”—Mateyu 25:32.

      Abalinganiswa Kulo Mzekeliso

      4. Kuthiwani ngoYesu ekuqaleni komzekeliso wezimvu neebhokhwe, yaye ngoobani abanye abakhankanywayo?

      4 UYesu uwuqalisa lo mzekeliso ngokuthi: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu.” Umele ukuba uyazi ukuba ngubani “uNyana woMntu.” Ababhali beencwadi zeVangeli ngokufuthi elo gama balibhekisela kuYesu. NoYesu wenjenjalo, ngokungathandabuzekiyo ecinga ngombono kaDaniyeli ‘wonjengonyana womntu’ oweza kuNyangelemihla ukuze afumane “igunya, nobuhandiba, nobukumkani.” (Daniyeli 7:13, 14; Mateyu 26:63, 64; Marko 14:61, 62) Ngoxa uYesu engoyena ubalaseleyo kulo mzekeliso, akayedwa. Ngaphambilana kule ntetho, njengokuba kucatshulwe kuMateyu 24:30, 31, wathi xa uNyana womntu ‘esiza enamandla, nobuqaqawuli obukhulu,’ izithunywa zakhe ziya kuba nendima ebalulekileyo. Ngokufanayo, umzekeliso wezimvu neebhokhwe ubonisa izithunywa zikunye noYesu xa ‘ehlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe’ ukuze agwebe. (Thelekisa uMateyu 16:27.) Kodwa lo Mgwebi nezithunywa zakhe basezulwini, ngoko ngaba kunjalo nangabantu ekuxutyushwa ngabo kulo mzekeliso?

      5. Sinokubazi njani “abazalwana” bakaYesu?

      5 Ukuphos’ iliso nje kulo mzekeliso kusibonisa amaqela amathathu ekufuneka siwazi. Ukongezelela kwizimvu neebhokhwe, uNyana womntu wongezelela iqela lesithathu ekubalulekileyo ukuba silazi ukuze sizazi izimvu neebhokhwe. Eli qela lesithathu uYesu ulibiza ngokuba ngabazalwana bakhe bokomoya. (Mateyu 25:40, 45) Limele ukuba lelabanquli bokwenyaniso, kuba uYesu wathi: “Osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo . . . , yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.” (Mateyu 12:50; Yohane 20:17) Ngokuvisisana nale ngongoma, uPawulos wabhala ngamaKristu ayinxalenye ‘yembewu ka-Abraham’ nangoonyana bakaThixo. Wawabiza ngokuba ‘ngabazalwana’ bakaYesu kunye ‘namabelana ngobizo lwasemazulwini.’—Hebhere 2:9–3:1; Galati 3:26, 29.

      6. Ngoobani “abona bancinane” kubazalwana bakaYesu?

      6 Kutheni uYesu wakhankanya “abona bancinane” babazalwana bakhe? Loo mazwi aphinda oko abapostile bamva ekuthetha ngaphambilana. Xa wayechaza umahluko phakathi koYohane uMbhaptizi, owafa ngaphambi koYesu yaye ngenxa yoko onethemba lasemhlabeni, nabo bafumana ubomi ezulwini, uYesu wathi: “Akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.” (Mateyu 11:11) Bambi abaya ezulwini basenokuba bebebalasele ebandleni, njengabapostile, abanye bengabalaselanga kangako, kodwa bonke bangabazalwana bakaYesu bokomoya. (Luka 16:10; 1 Korinte 15:9; Efese 3:8; Hebhere 8:11) Ngaloo ndlela, kwanokuba abanye babebonakala bengabalulekanga emhlabeni, babengabazalwana bakhe yaye babefanele baphathwe ngolo hlobo.

      Ngoobani Izimvu Neebhokhwe?

      7, 8. Wathini uYesu ngezimvu, ngoko sinokugqiba kwelithini ngazo?

      7 Ngokuphathelele ukugwetywa kwezimvu siyafunda: “Uya kuthi ke [uYesu] kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselelwa nina kwasekusekweni kwehlabathi; kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini; ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum. Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza? Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa? Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe? Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.” (Akekeliswe sithi.)—Mateyu 25:34-40.

      8 Ngokucacileyo, izimvu ezigwetywa njengezifanelwe kukuba kwesokunene sembeko nenkoliseko kaYesu zimela udidi lwabantu. (Efese 1:20; Hebhere 1:3) Benza ntoni yaye nini? UYesu uthi ngobubele, ngentlonelo nangesisa bamnika ukudla, bamseza baza bamambesa, bemnceda xa wayegula okanye esentolongweni. Xa izimvu zisithi azizange zikwenze kuYesu ngokobuqu oku, ubonisa ukuba zabaxhasa abazalwana bakhe bokomoya, intsalela yamaKristu athanjisiweyo, ngoko ngaloo ngqiqo zakwenza kuye.

      9. Kutheni lo mzekeliso ungasebenzi ebudeni beWaka Leminyaka?

      9 Lo mzekeliso awusebenzi ebudeni beWaka Leminyaka, kuba abathanjiswa abayi kuba bengabantu abalambayo, banxanwe, bagule, okanye bavalelwe entolongweni ngelo xesha. Noko ke, kwabaninzi babo ziye zenzeka ezo zinto ebudeni bokuphela kwale nkqubo yezinto. Kususela oko uSathana waphoswa phantsi emhlabeni, intsalela uye wayenza amaxhoba akhethekileyo okukhuphela umsindo wakhe, eyenza igculelwe, ithuthunjiswe ize ibulawe.—ISityhilelo 12:17.

      10, 11. (a) Kutheni kungekho ngqiqweni ukukholelwa ukuba izimvu ziquka wonk’ ubani owenza isenzo sobubele kubazalwana bakaYesu? (b) Ngokufanelekileyo zimela bani izimvu?

      10 Ngaba uYesu uthi wonk’ ubani owenza isenzwana esithile sobubele komnye wabazalwana bakhe, njengokubapha iqhekeza lesonka okanye igilasi yamanzi, uyafaneleka njengomnye wezi zimvu? Liyinyaniso elokuba ukwenza ububele obunjalo kusenokubonisa ububele bobuntu, kodwa eneneni, kubonakala ngathi kubandakanyeke okungakumbi kwizimvu ezikulo mzekeliso. Ngokomzekelo, kungangenkankulu ukuba uYesu abe wayebhekisela kubantu abangakholelwayo kuThixo okanye kubefundisi abenza isenzo sobubele komnye wabazalwana bakhe. Ngokuchasene noko, kabini uYesu wabiza izimvu ngokuthi “amalungisa.” (Mateyu 25:37, 46) Ngoko izimvu zimele ukuba ngabo bathe kangangethuba elithile banceda—baxhasa ngenkuthalo—abazalwana bakaKristu baza babonakalisa ukholo ukusa kumkhamo wokuba bafumane ukuma njengamalungisa phambi koThixo.

      11 Ukutyhubela iinkulungwane, abaninzi abanjengoAbraham baye banandipha ukugqalwa njengamalungisa. (Yakobi 2:21-23) UNowa, uAbraham, nabanye abathembekileyo babalwa phakathi ‘kwezinye izimvu’ eziya kudla ilifa ubomi eParadisi ngaphantsi koBukumkani bukaThixo. Kumaxesha akutshanje izigidi ezingakumbi ziye zalwamkela unqulo lokwenyaniso njengezinye izimvu yaye ‘zingumhlambi omnye’ nabathanjiswa. (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9) Aba banamathemba asemhlabeni babagqala abazalwana bakaYesu njengabameli boBukumkani yaye ngoko ke babancedile—ngokoqobo nangokomoya. UYesu ukubala njengokwenziwe kuye oko ezinye izimvu zikwenzela abazalwana bakhe abasemhlabeni. Abanjalo abaphilayo xa efika ukuze agwebe iintlanga baya kugwetyelwa njengezimvu.

      12. Kutheni izimvu zinokubuza ukuba zamenzela ububele njani uYesu?

      12 Ukuba ezinye izimvu ngoku zishumayela iindaba ezilungileyo nabathanjiswa yaye ziyabanceda, kutheni zibuza oku: “Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?” (Mateyu 25:37) Kusenokubakho izizathu eziliqela. Lo ngumzekeliso. Ngawo, uYesu ubonisa inkxalabo enzulu anayo ngabazalwana bakhe bokomoya; uvakalelwa kunye nabo, ubandezeleka kunye nabo. Ngaphambilana uYesu wayethe: “Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.” (Mateyu 10:40) Kulo mzekeliso, uYesu uwuhambisela phambili lo mgaqo, ebonisa ukuba oko kwenziwa (okulungileyo okanye okubi) kubazalwana bakhe kufikelela nasezulwini; kufana nokuba kwenziwa kuye ezulwini. Kwakhona, apha uYesu ubethelela imilinganiselo kaYehova yokugweba, ecacisa ukuba umgwebo kaThixo, enokuba ngowenkoliseko okanye ngowokutshatyalaliswa, ufanelekile yaye usesikweni. Iibhokhwe azinakuzithethelela ngelithi, ‘Ukuba nje, sasikubone ngokoqobo.’

      13. Kutheni abo bafana neebhokhwe benokuthi “Nkosi” kuYesu?

      13 Xa siqonda ukuba lo mgwebo oboniswe kulo mzekeliso unini, sicacelwa ngakumbi kukuba ngoobani na iibhokhwe. Uzaliseka xa “ubonakala . . . umqondiso woNyana woMntu ezulwini, zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza . . . enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” (Mateyu 24:29, 30, akekeliswe sithi.) Abo basinde kwimbandezelo yeBhabhiloni Enkulu abaye babaphatha ngenkohlakalo abazalwana boKumkani ngoku basenokuthi bambize uMgwebi ngokuthi “Nkosi,” bezama ukusindisa ubomi babo.—Mateyu 7:22, 23; thelekisa ISityhilelo 6:15-17.

      14. UYesu uya kuzigweba ngokusekelwe kwintoni izimvu neebhokhwe?

      14 Noko ke, umgwebo kaYesu awuyi kusekelwa kwizibongozo ezilusizi zabantu abebefudula bengabahambi becawa, abo bangakholelwayo kuThixo, okanye abanye. (2 Tesalonika 1:8) Kunoko, lo mgwebi uya kuhlola isimo sentliziyo nendlela abantu abaye benza ngayo ngaphambili nakomnye ‘waba bazalwana bakhe bangabona bancinane.’ Kuyavunywa ukuba inani lamaKristu athanjisiweyo aseleyo emhlabeni liyancipha. Noko ke, logama nje abathanjiswa, abayila ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo,’ besaqhubeka benikela ukudla kokomoya nolwalathiso, abo basenokuba zizimvu banethuba lokwenza okulungileyo kudidi lomkhonzi, kanye njengokuba ‘isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu’ senzile.—ISityhilelo 7:9, 14.

      15. (a) Abaninzi bazibonakalise befana neebhokhwe njani? (b) Kutheni sifanele sikuphephe ukuthi umntu othile yimvu okanye yibhokhwe?

      15 Abazalwana bakaKristu nezigidi zezinye izimvu ezimanyene nabo njengomhlambi omnye baye baphathwa njani? Abantu abaninzi basenokuba ababahlaselanga ngokobuqu aba bameli bakaKristu, kodwa kwangaxeshanye ababaphathanga ngothando abantu bakhe. Bekhetha ihlabathi elingendawo, abantu abafana neebhokhwe abasamkeli isigidimi soBukumkani, enoba basiva ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga. (1 Yohane 2:15-17) Kambe ke, ekugqibeleni, nguYesu omiselwe ukuba agwebe. Asikokwethu ukugqiba ngokuba ngoobani izimvu ibe ngoobani iibhokhwe.—Marko 2:8; Luka 5:22; Yohane 2:24, 25; Roma 14:10-12; 1 Korinte 4:5.

      Liyintoni Ikamva Leqela Ngalinye?

      16, 17. Liya kuba yintoni ikamva lezimvu?

      16 UYesu wayichaza indlela aya kuzigweba ngayo izimvu: “Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” Esinjani sona ukufudumala isimemo—“Yizani”! Kwintoni? Kubomi obungunaphakade, njengokuba wavakalisayo xa wayeshwankathela: “Amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.”—Mateyu 25:34, 46.

      17 Kumzekeliso weetalente, uYesu wabonisa oko kufunekayo kwabo baya kulawula naye ezulwini, kodwa kulo mzekeliso ubonisa oko kufunekayo kubalawulwa boBukumkani. (Mateyu 25:14-23) Ngokucacileyo, ngenxa yokuxhasa kwazo ngentliziyo iphela abazalwana bakaYesu, izimvu zizuza njengelifa indawo kummandla wasemhlabeni woBukumkani bakhe. Ziya kunandipha ubomi kumhlaba oyiparadisi—ithemba uThixo awalilungiselela zona “kwasekusekweni kwehlabathi” labantu abanokukhululwa.—Luka 11:50, 51.

      18, 19. (a) UYesu uya kuzigweba njani iibhokhwe? (b) Kutheni sinokuqiniseka ukuba iibhokhwe aziyi kuthuthunjelwa ngonaphakade?

      18 Hayi indlela owahluke ngayo umgwebo odluliselwa kwiibhokhwe! “Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe. Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza; ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela. Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela? Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.”—Mateyu 25:41-45.

      19 Abafundi beBhayibhile bayazi ukuba oku akunakuba kuthetha ukuba imiphefumlo engafiyo yabantu abafana neebhokhwe iya kuthuthunjelwa emlilweni ongunaphakade. Akunjalo, kuba abantu bayimiphefumlo; abananto kuthiwa ngumphefumlo ongafiyo. (Genesis 2:7; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4) Ngokugwebela iibhokhwe “emlilweni ongunaphakade,” lo Mgwebi uthetha ukutshatyalaliswa kungabikho themba ngekamva, nto leyo eya kuba sisiphelo sikanaphakade sikaMtyholi needemon zakhe. (ISityhilelo 20:10, 14) Ngenxa yoko, uMgwebi kaYehova uwisa izigwebo ezingafaniyo. Kwizimvu uthi, “Yizani”; aze kwiibhokhwe athi, “Mkani kum.” Izimvu ziya kuzuza njengelifa ‘ubomi obungunaphakade.’ Iibhokhwe ziya kufumana ‘ubetho olungunaphakade.’—Mateyu 25:46.b

      Kuthetha Ntoni Oku Kuthi?

      20, 21. (a) AmaKristu amele enze wuphi umsebenzi obalulekileyo? (b) Kukuphi ukwahlula okuqhubekayo ngoku? (c) Iya kuba njani imeko yabantu xa umzekeliso wezimvu neebhokhwe uqalisa ukuzaliseka?

      20 Abapostile abane abayivayo impendulo kaYesu ngomqondiso wobukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo kwakukuninzi ababefanele bakuqwalasele. Kwakuza kufuneka bahlale bephaphile yaye belindile. (Mateyu 24:42) Kwakhona kwakufuneka benze umsebenzi wokunikela ubungqina okhankanywe kuMarko 13:10. AmaNgqina kaYehova azibhokoxa ngamandla kuloo msebenzi namhlanje.

      21 Noko ke, le ndlela intsha yokuqonda umzekeliso wezimvu neebhokhwe ithetha ntoni kuthi? Kaloku, abantu sele beqalisile ukuthabatha amacala. Abanye ‘bakwindlela ephangaleleyo esa entshabalalweni,’ ngoxa abanye bezama ukuhlala ‘kwindlela ecutheneyo esa ebomini.’ (Mateyu 7:13, 14) Kodwa ixesha uYesu aya kuvakalisa umgwebo wokugqibela ngalo kwizimvu nakwiibhokhwe eliboniswe kulo mzekeliso liseza. Xa uNyana womntu esiza njengoMgwebi, uya kugqiba ngokuba amaKristu okwenyaniso amaninzi—eneneni “isihlwele esikhulu” sezimvu ezizahluleleyo—aya kufanelekela ukusinda kwinxalenye yokugqibela ‘yembandezelo enkulu’ angene kwihlabathi elitsha. Elo themba ngoku lifanele libe ngumthombo wovuyo. (ISityhilelo 7:9, 14) Kwelinye icala, abantu abaninzi abaphuma kuzo “zonke iintlanga” baya kuba bezingqine befana neebhokhwe ezineenkani. Baya “kumka . . . baye elubethweni olungunaphakade.” Emhlabeni kuya kutsho kuthi qabu unoQolomba efile nje!

      22, 23. Ekubeni lo mzekeliso useza kuzaliseka, kutheni umsebenzi wethu wokushumayela namhlanje ubalulekile?

      22 Nangona umgwebo ochazwe kulo mzekeliso usondele, kwanangoku kukho into ebalulekileyo eyenzekayo. Thina maKristu sibandakanyeke kumsebenzi osindisa ubomi wokuvakalisa isigidimi esibangela ukwahlukana phakathi kwabantu. (Mateyu 10:32-39) UPawulos wabhala: “Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli?” (Roma 10:13, 14) Ubulungiseleli bethu basesidlangalaleni bufikelela abantu kumazwe angaphezu kwama-230 ngegama likaThixo nesigidimi sakhe sosindiso. Abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo basakhokela kulo msebenzi. Malunga nezigidi ezihlanu zezinye izimvu ngoku zibathelele. Abantu emhlabeni wonke bayasabela kwisigidimi esivakaliswa ngabazalwana bakaYesu.

      23 Abaninzi badibana nesigidimi sethu njengoko sishumayela kwindlu ngendlu okanye ngokungacwangciswanga. Abanye basenokuva ngamaNgqina kaYehova nangesigidimi sethu ngeendlela esingazaziyo. Xa lifika ixa lomgwebo, uYesu uya kuligweba ngokwasiphi isizinzi ibutho labantu neentsapho? Asazi, yaye akuyi kusinceda nokucingela. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 7:14.) Ngoku abaninzi bazenza abangevayo, bagculele, okanye babatshutshise ngokuphandle abantu bakaThixo. Ngenxa yoko, eli lixesha elibalulekileyo; abanjalo basenokuba bazenza babe ngabo uYesu aya kubagweba njengeebhokhwe.—Mateyu 10:22; Yohane 15:20; 16:2, 3; Roma 2:5, 6.

      24. (a) Kutheni kubalulekile ukuba abantu basabele kakuhle ekushumayeleni kwethu? (b) Wena ngokobuqu esi sifundo sikuncede wanasiphi isimo sengqondo ngobulungiseleli bakho?

      24 Noko ke, okuvuyisayo kukuba abaninzi basabela kakuhle, bafundisise iLizwi likaThixo, baze babe ngamaNgqina kaYehova. Bambi ngoku ababonakala befana neebhokhwe basenokuguquka baze bafane nezimvu. Ingongoma ikukuba abo basabelayo baze ngenkuthalo baxhase intsalela yabazalwana bakaKristu ngoku banikela ubungqina obuya kubenza bamiswe ngakwesokunene sikaYesu xa, kungekudala, ehlala phantsi etroneni yakhe ukuze agwebe. Aba bayasikelelwa yaye baya kuqhubeka besikelelwa. Ngaloo ndlela, lo mzekeliso ufanele usikhuthazele ekubeni sisebenze ngenzondelelo ngakumbi kubulungiseleli bamaKristu. Ngaphambi kokuba sishiywe lixesha, sifuna ukwenza konke okusemandleni ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani size ngaloo ndlela sinike abanye ithuba lokusabela. Ngoko nguYesu oya kuwisa isigwebo, enoba sesokutshatyalaliswa okanye sesenkoliseko.—Mateyu 25:46.

      [Imibhalo esemazantsi]

      a Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1994, iphepha 16-21.

      b IEl Evangelio de Mateo iphawula oku: “Ubomi obungunaphakade bubomi obuqinisekileyo; isichasi sabo kukohlwaywa okuqinisekileyo. Isichazi sesiGrike esithi aionios ngokuyintloko asibonisi ubude bexesha, kodwa ubunjani. Isohlwayo esiqinisekileyo kukufa ngonaphakade.”—Unjingalwazi odla umhlala-phantsi uJuan Mateos (Pontifical Biblical Institute, Rome) noNjingalwazi Fernando Camacho (Theological Center, Seville), Madrid, Speyin, 1981.

      Uyakhumbula Na?

      ◻ Ziziphi izinto ezifanayo kuMateyu 24:29-31 noMateyu 25:31-33 ezibonisa ukuba umzekeliso wezimvu neebhokhwe uya kuzaliseka kwixesha elizayo, yaye liya kuba nini?

      ◻ Ngoobani “abona bancinane” kubazalwana bakaYesu?

      ◻ Indlela uYesu alisebenzisa ngayo igama elithi “amalungisa” isinceda njani siqonde ukuba aba bamela bani yaye abameli bani?

      ◻ Nangona lo mzekeliso uya kuzaliseka kwixesha elizayo, kutheni ukushumayela kwethu ngoku kubaluleke yaye kungxamiseke kangaka?

      [Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 24]

      PHAWULA IZINTO EZIFANAYO

      Mateyu 24:29-31 Mateyu 25:31-33

      Emva kokuqalisa kwembandezelo enkulu, UNyana womntu uyafika

      uNyana womntu uyeza

      Uza enobuqaqawuli obukhulu Ufika enobuqaqawuli ahlale

      etroneni yobuqaqawuli

      Ukunye nezithunywa Ufika nezithunywa

      Zonke izizwe zomhlaba ziyambona Kuhlanganiswa zonke

      iintlanga; ekugqibeleni

      iibhokhwe ziyagwetywa

      (imbandezelo enkulu

      iyaphela)

      [Inkcazelo]

      Garo Nalbandian

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share