-
Ngaba Ndikulungele Ukuthandana?Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
-
-
Isahluko 1
Ngaba Ndikulungele Ukuthandana?
“Ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndithandane. Ibe kukho abafana abaninzi abaziinzwana.”—UWhitney.
“Amanye amantombazana ayazibika, yaye nam andikwazi kuzibamba. Kodwa ukuba bendinokubuza kubazali bam, ndiyazi ukuba bebeza kuthini.”—UPhillip.
UNOKUBA namandla kakhulu umnqweno wokuba kunye nomntu omthandayo, abe naye ekuthanda, nkqu naxa uselula kakhulu. UJenifer uthi: “Ndaqalisa ukufuna ukuthandana xa ndandineminyaka eli-11 ubudala.” UBrittany uthi: “Esikolweni uba ngathi akungomntu ukuba akuthandani!”
Kuthekani ngawe? Ngaba wena ukulungele ukuthandana? Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo, masiqale siphendule lo mbuzo ubalulekileyo:
Kukuthini “Ukuthandana”?
Phawula impendulo yakho kule mibuzo ilandelayo:
Uphuma rhoqo nomntu wesini esahlukileyo niye kubethwa ngumoya. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Wena nomntu wesini esahlukileyo ninomdla omnye komnye. Ngokuphindaphindiweyo suku ngalunye, nibhalelana imiyalezo ngefowuni okanye niyafowunelana. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Ngalo lonke ixesha ukunye nabahlobo bakho, ukho lo wesini esahlukileyo othi cebu kunye naye. Ngaba niyathandana?
□ Ewe
□ Hayi
Kunokwenzeka ukuba akubanga nangxaki yokuphendula umbuzo wokuqala. Kodwa kusenokwenzeka ukuba ukhe wema nematha ukuphendula owesibini nowesithathu. Kukuthini kanye kanye ukuthandana? Xa sitheth’ inyani, ukuthandana kukusoloko ukunye nomntu otsaleleke kuye. Eyona mpendulo ichanileyo kuyo yomithathu le mibuzo ingasentla nguewe. Enoba nithetha efowunini okanye ubuso ngobuso, phakathi kwabantu okanye emfihlekweni, ukuba nitsalelekile omnye komnye yaye nincokola rhoqo, niyathandana. Ngaba ukulungele ukuthabatha eli nyathelo? Ukuqwalasela le mibuzo mithathu kuya kukunceda.
Kutheni Ufuna Ukuthandana?
Kwiindawo ezininzi ukuthandana kuyindlela eyamkelekileyo yokuba abantu ababini bazane ngakumbi. Kodwa ukuthandana kumele kwenziwe ngenjongo—ukunceda umfana okanye ibhinqa eliselula baqonde enoba banokutshata na.
Liyinyaniso elokuba abanye oontanga bakho banokucinga ukuba ukuthandana kuyinto engenamsebenzi. Mhlawumbi kumnandi nje kubo ukuba nomntu wesini esahlukileyo, kodwa bengenamdla ekutshateni. Abanye basenokumgqala umhlobo onjalo njengembasa ethile okanye into yokuqhayisa phakathi kwabantu. Phofu ke, ulwalamano olunjalo alusoloko luphumelela. Intwazana egama linguHeather ithi: “Abaselula abaninzi abathandanayo bayahlukana emva kweveki okanye ezimbini. Abalugqali ulwalamano njengento ehlala ixesha elide—isimo sengqondo esinjalo sikhokelela kuqhawulo-mtshato kungekhona kumtshato ohlala uhleli.”
Icacile into yokuba xa uthandana, iimvakalelo zomnye umntu zibandakanyekile. Ngoko ke, qiniseka ukuba uthandana ngenjongo. Khawucinge ngoku: Ngaba ubungathanda ukuba iimvakalelo zakho kudlalwe ngazo ngokungathi yinto yokudlala yomntwana—adlala ngayo aze aphinde ayilahle ngokukhawuleza? Ibhinqa eliselula uChelsea lithi: “Ngamany’ amaxesha ndikhe ndifune ukuthi ukuthandana kumele kube kukuzonwabisa nje, kodwa akukho nto yonwabisayo xa omnye ezimisele abe omnye edlala.”
Uneminyaka Emingaphi?
Ucinga ukuba ulutsha lufanele luthandane xa luneminyaka emingaphi? ․․․․․
Khawubuze omnye wabazali bakho okanye bobabini lo mbuzo mnye, uze ubhale impendulo yabo ․․․․․
Into enokwenzeka kukuba inani olibhale ekuqaleni lincinane kunenani olibhale ngezantsi kwalo. Ukuba akunjalo, uphakathi kolutsha olulumkileyo ngokulinda lukhule ngokwaneleyo ukuze luzazi kakuhle ngaphambi kokuthandana. Wagqiba kwelo kanye uDanielle oneminyaka eli-17 ubudala. Uthi: “Xa ndicinga uhlobo lweqabane endandilifuna kwiminyaka emibini edluleyo, ndibona ukuba lwahluke kwaphela kuhlobo lomntu endimfunayo ngoku. Nanamhlanje oku, andizithembanga ngokwaneleyo ukwenza isigqibo esinjalo. Xa ndibona ukuba ndizinzile kangangeminyaka eliqela, ndingaqala ukucinga ngokuthandana.”
Sikho nesinye isizathu esenza ukuba ukulinda kube bubulumko. IBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi ‘intlahla yobutsha’ xa ithetha ngexesha apho iimvakalelo zesini nezokuthandana ziqalisa ukuba namandla. (1 Korinte 7:36) Ukusoloko uthene nca nomntu othile wesini esahlukileyo kunokwenza le minqweno inganyamezeleki ize ikhokelele kwisenzo esiphosakeleyo. Inyaniso kukuba oku kusenokuba yinto engenamsebenzi koontanga bakho. Uninzi lwabo lukufuna ngamandla ukuva ukuba kunjani ukuba neentlobano zesini. Kodwa unako ukuyoyisa le ndlela yokucinga! (Roma 12:2) Ngapha koko, iBhayibhile ikubongoza ukuba ‘usabe kulo uhenyuzo.’ (1 Korinte 6:18) Ngokulinda de udlule entlahleni yobutsha, ‘unokunqanda intlekele.’—INtshumayeli 11:10.
Ngaba Ukulungele Ukutshata?
Ukuze ukwazi ukuphendula lo mbuzo khawucingisise ngoku kulandelayo:
Ulwalamano lwakho nabanye. Ubaphatha njani abazali bakho nabantwana bakowenu? Ngaba ukhe ungakwazi ukuzibamba, mhlawumbi usebenzisa amazwi abukhali ukuze uchaze indlela ovakalelwa ngayo? Phofu bona bathini ngawe kulo mbandela? Indlela ophatha ngayo abantu bakowenu ibonisa indlela oya kuliphatha ngayo iqabane lakho.—Funda eyabase-Efese 4:31.
Imbono yakho ngobomi. Ngaba unesimo sengqondo esakhayo ngobomi okanye ugxeka yonk’ into? Ngaba unolwazelelelo okanye ufuna kuviwe ngawe—kwenziwe izinto ngendlela yakho? Ngaba uyakwazi ukuzibamba xa uxinezelekile? Ngaba unomonde? Ukuhlakulela isiqhamo somoya kaThixo kwangoku kuya kukunceda ukuba ube yindoda okanye umfazi ofanelekileyo kwixa elizayo.—Funda eyabaseGalati 5:22, 23.
Imali. Uyisebenzisa njani imali? Ngaba usoloko usematyaleni? Ngaba uyakwazi ukuhlala emsebenzini omnye? Ukuba akunjalo, kutheni? Ngaba kungenxa yaloo msebenzi okanye umqeshi wakho? Okanye ngaba kungenxa yobuthathaka onabo omele ubuphucule? Ukuba unengxaki yokusebenzisa imali ngoku, uza kuyiqala ngaphi eyentsapho?—Funda eyoku-1 kuTimoti 5:8.
Izinto zokomoya. Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, uqhuba njani ngokomoya? Ngaba wenza konke okusemandleni ukufunda iLizwi likaThixo, ukuya entsimini uze ube nenxaxheba kwiintlanganiso zamaKristu? Xa utshata umele womelele ngokomoya.—Funda iNtshumayeli 4:9, 10.
Onokukwenza
Ukuthandana ngaphambi kwexesha kufana nokubhala iimviwo ungakhange ufunde. Licacile elokuba oko kuya kuba kukuzidlel’ indlala! Ufanele ufunde ngaphambi kokuba ubhale iimviwo ukuze uzixhobele.
Kufana nqwa nokuthandana. Njengokuba sibonile, ukuthandana akuyondlwan’ iyanetha. Ngoko ngaphambi kokuba uzimisele ukunikela ingqalelo kumntu omnye, kufuneka ufunde eyona nto ibalulekileyo—ukwakha ubuhlobo. Kamva xa udibana nomntu okufaneleyo, uza kube ukulungele ukwakha ulwalamano oluluqilima. Kaloku, umtshato ophumelelayo lumanyano lwabahlobo ababini abasenyongweni.
Ukulinda ixeshana ngaphambi kokuba uthandane akusayi kuhlutha inkululeko yakho. Kunoko, kuya kukunika inkululeko engakumbi ‘yokuba nemihlali ebutsheni bakho.’ (INtshumayeli 11:9) Yaye uya kuba nexesha elaneleyo lokuphucula ubuntu bakho, yaye okubaluleke nangakumbi, kukuba uya kukhula ngokomoya.—IZililo 3:27.
Okwangoku, unako ukuba kunye nabesini esahlukileyo. Yiyiphi eyona ndlela iphumelelayo yokwenza oku? Kukuba kwiqela labafana namantombazana eliphantsi kweliso lomntu omdala. Intombazana egama linguTammy, ithi: “Ndicinga ukuba kuba mnandi xa kunjalo. Kubhetele ukuba nabahlobo abaninzi.” UMonica uvumelana naye ngelithi: “Ukuba kunye njengeqela licebo elihle kakhulu, kuba ubona abantu abanobuntu obahlukahlukeneyo.”
Kwelinye icala, xa unikel’ ingqalelo kumntu omnye ngaphambi kwexesha, uzibeka esichengeni sokwaphuk’ intliziyo. Ziphe ixesha elaneleyo. Sebenzisa eli xesha ebomini bakho ukuze ufunde indlela yokuhlakulela nokugcina ubuhlobo. Uya kuthi kamva xa ucinga ngokuthandana, ube nembono ephangaleleyo ngawe, nezona zinto uzifunayo kwiqabane lobomi bakho bonke.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 29 NESAMA-30
Ngaba ucinga ngokuthandana ungabaxelelanga abazali bakho? Zininzi iingozi zokwenza oku kunokuba ucinga.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.
ICEBISO
Ukuba ulungiselela ukuthandana nokutshata, funda eyesi-2 kaPetros 1:5-7 uze ukhethe uphawu olunye omele usebenzele kulo. Kwisithuba senyanga, zihlole uze ubone ukuba ufunde ntoni ngalo, uze ubone nendlela ophucule ngayo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Uhlolisiso lubonisa ukuba abantu abaye batshata beneminyaka engaphantsi kwama-20 badla ngokuqhawula umtshato kwisithuba seminyaka emihlanu
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndilungiselela ukutshata kufuneka ndisebenzele kwezi mpawu: ․․․․․
Ndinokusebenzela kwezi mpawu ngokuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kunini apho kufanelekileyo ukuba kunye nabantu besini esahlukileyo?
● Unokumnceda njani umntwana wakowenu oselula kakhulu kodwa ofuna ukuthandana?
● Ukuba uthandana nomntu othile kodwa akunanjongo yakutshata, unokuchaphazeleka njani lowo uthandana naye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 18]
“Ndicinga ukuba kufuneka uqalise ukuthandana nomntu xa ubona ukuba uxabisekile kuwe yaye uvakalelwa kukuba ikamva lenu kunye liqaqambile. Ufanele umthande lo mntu, kunokufuna nje ukuthandana.”—UAmber.
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Ukuba uthandana ungenanjongo yokutshata, ufana nomntwana odlala ngezinto zokudlala ezintsha, akugqiba azilahle
-
-
Ukuthandana Ngokufihlakeleyo—Kunokuba Yingozi Njani?Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
-
-
Isahluko 2
Ukuthandana Ngokufihlakeleyo—Kunokuba Yingozi Njani?
UJessica wayesengxakini. Yaqal’ inkathazo xa uJeremy awayefunda naye esikolweni ebonisa umdla kuye. Uthi: “Wayeyinzwana, amanye amantombazana ayesithi ungoyena mfana uziphethe kakuhle kwendakha ndadibana nabo. Maninzi amantombazana awayekhe azibika kuye, kodwa wayengenamdla kuwo. Wayethe swii ndim kuphela.”
Kungabanga thuba lide, uJeremy wacela uthando kuJessica. UJessica wathi njengokuba eliNgqina likaYehova akanakuthandana nomntu anganquli naye. “Kodwa uJeremy weza necebo,” utsho njalo uJessica. “Wandibuza, ‘Kutheni ke singathandani, sibafihlele abazali bakho?’”
UKUBA umntu otsaleleke kuye ebenokuthetha into efanayo, ubuya kuphendula uthini? Kusenokukothusa ukwazi ukuba, uJessica wavumelana necebo likaJeremy. Le ntwazana ithi: “Ndandiqinisekile ukuba, xa nje sinokuthandana, ndinokumnceda athande uYehova.” Waba yintoni umphumo? Siza kuphinda siwuphendule lo mbuzo. Makhe siqale sibone indlela abanye abaye babambiseka ngayo kumgibe wokuthandana ngokufihlakeleyo.
Isizathu Sokuba Bakwenze Oku
Kutheni abanye bethandana ngokufihlakeleyo? UDavid oselula uthi, “Bazi kakuhle ukuba abazali babo abasoze bavume, ngoko ababaxeleli.” UJane uchaza esinye isizathu. Uthi: “Ukuthandana ngokufihlakeleyo kukuvukela. Xa uvakalelwa kukuba uphathwa njengosana, ugqiba kwelokuba wenze unothanda, nto nje ungabaxeleli abazali bakho.”
Ngaba mhlawumbi zikho ezinye izizathu ocinga ukuba zenza abanye bathandane ngokufihlakeleyo? Ukuba kunjalo, zibhale apha ngezantsi.
․․․․․
Uyazi ukuba iBhayibhile ithi umele ubathobele abazali bakho. (Efese 6:1) Xa abazali bakho bekwalela ukuba uthandane, bamele ukuba banesizathu esivakalayo. Phofu ke, mayingakothusi into yokuba ucinga oku:
● Ndiziva ndingafani nabanye abantwana, kuba wonk’ umntu uyathandana.
● Nakuba singekho kunqulo olunye, kodwa ndiyamthanda.
● Ndifuna ukuthandana nomnye umKristu, nakuba ndisemncinane kakhulu ukuba ndingatshata.
Kusenokwenzeka ukuba uyazi ukuba abazali bakho banokuthini xa unokuthetha oku kungasentla. Yaye xa ucingisisa kakuhle uyazi ukuba abazali bakho banyanisile. Kwangaxeshanye usenokuvakalelwa njengentombazana egama linguManami, ethi: “Akulula ukumelana nengcinezelo yokuthandana, kangangokuba nam ndidla ngokungaqiniseki kanye kanye ngesigqibo endimele ndisenze. Kunzima ngolutsha namhlanje ukuba lungathandani. Ngaphezu koko, akumnandanga ukuba wedwa!” Ngenxa yoko, abanye baqalisa ukuthandana, baze bakufihle oko kubazali. Njani?
“Saxelelwa Ukuba Singakhe Siyiphathe”
Kwaigama eli lithi “ukuthandana ngokufihlakeleyo” libonisa ukuba kufuneka ubaqhathe abazali. Ngaloo ndlela abanye bancokola ngefowuni okanye ngeInternet ukuze bangaziwa ukuba bayathandana. Phambi kwabantu bakhangeleka bengabahlobo nje, kodwa ii-email abathumelelana zona, nezinto abazincokola efowunini, zithetha enye into.
Olunye ulutsha luye lulungiselele umcimbi othile njengeqela, ukuze kamva mntu ngamnye ahlale nesithandwa sakhe. UJames uthi: “Sakha samenywa kwenye imbutho, xa sifika apho safumanisa ukuba le nto ibicetywe kwangaphambili ukuze kudityaniswe enye inkwenkwe nenye intombazana. Saxelelwa ukuba singakhe siyiphathe.”
Njengokuba uJames ebonisa, abahlobo badla ngokufak’ isandla xa abantu bethandana ngokufihlakeleyo. UCarol uthi: “Kudla ngokubakho umhlobo olwaziyo olu lwalamano kodwa akhethe ukungaxeli kuba engafuni ukudiza amahlebo.” Ngamanye amaxesha kubakho nokungathembeki. UBeth oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Ulutsha oluninzi lufihla ukuthandana kwalo kubazali balo ngokungaxeli apho luya khona.” UMisaki oneminyaka eli-19 ubudala wenza kanye loo nto. Uthi: “Kwakufuneka ndicinge amaqhinga. Ndandiqiniseka ukuba andixoki ngenye into ngaphandle nje kwale yokuthandana kwam, ukuze abazali bahlale bendithemba.”
Iingxaki Zokuthandana Ngokufihlakeleyo
Ukuba ufuna ukuthandana ngokufihlakeleyo—okanye sele uthandana—kufuneka uzibuze le mibuzo mibini ilandelayo:
Ndiza kuphelela phi? Ngaba uzimisele ukutshata nalo mntu ngokukhawuleza? UEvan oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Ukuthandana ungenanjongo yokutshata kufana nokuthengisa into ongafuni ukuba ithengwe.” Unokuba yintoni umphumo? IMizekeliso 13:12 ithi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” Ngaba ngokwenene ufuna ukwenza intliziyo yomntu omthandayo igule? Nasi esinye isilumkiso: Ukuthandana ngokufihlakeleyo kubangela ukuba abazali bakho nabanye abantu abanamava bangakwazi ukukunceda. Ngenxa yoko, usenokuwela kumgibe wokuziphatha kakubi ngokwesini.—Galati 6:7.
Uvakalelwa njani uYehova uThixo ngale nto ndiyenzayo? IBhayibhile ithi: “Zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Ngoko xa ufihla ukuthandana kwakho—okanye ukuthandana komhlobo wakho—uYehova uyayazi loo nto. Yaye ukuba uyabaqhatha abazali bakho umele ulumke, kuba uYehova uThixo ukuthiyile ukuxoka. Enyanisweni, iBhayibhile ithi uyalucekisa “ulwimi oluxokayo.”—IMizekeliso 6:16-19.
Ukuzisa Izinto Ekukhanyeni
Enyanisweni, kuya kuba yinto entle ukuthetha nomzali okanye omnye umKristu okhulileyo ngolu lwalamano ulufihlayo. Yaye ukuba umhlobo wakho uthandana ngokufihlakeleyo, musa ukuncedisana naye ekufihleni ukuthandana kwakhe. (1 Timoti 5:22) Ngaphezu koko, ubuya kuvakalelwa njani ukuba olu lwalamano lunokuba nemiphumo emibi? Ngaba ubungenakuziva unetyala?
Ngokomzekelo: Masithi umhlobo wakho unesifo seswekile kodwa utya iilekese yaye uyakufihla oko. Ubuya kwenza ntoni xa ubuyazi loo nto, kodwa abe umhlobo wakho ekubongoza ukuba ungaxeleli mntu? Yiyiphi eyona nto ibalulekileyo—kukuquma umhlobo wakho okanye kukwenza okuthile ukuze usindise ubomi bakhe?
Kuyafana naxa usazi ukuba umhlobo wakho uthandana ngokufihlakeleyo. Musa ukuba nexhala lokuphela kobuhlobo. Njengokuba ixesha lihamba, umhlobo wokwenene uya kubona ukuba ubuzama ukumnceda.—INdumiso 141:5.
Ngaba Yimfihlelo Okanye Ngumbandela Wobuqu?
Noko ke, asingabo bonke abantu abathandana ngokufihlakeleyo abakhohlisayo. Ngokomzekelo, masithi umfana nentombazana bafuna ukwazana bhetele, kodwa abakafuni ukuba oko kwaziwe nguwonke wonke. Mhlawumbi njengokuba uThomas esitsho, “abakafuni ukuphekwa besophulwa ngemibuzo enjengalo, ‘Khanitsho ke, nitshata nini?’”
Ingcinezelo evela kwabanye inokuba yingozi. (INgoma yazo iiNgoma 2:7) Ngoko ke, xa ulwalamano lusaqala, abanye basenokukhetha ukungathethi ngalo. (IMizekeliso 10:19) UAnna oneminyaka engama-20, uthi: “Oku kuya kunika aba bantu babini ithuba lokuba bacinge nzulu ngenjongo yokuthandana kwabo. Xa sele beqinisekile, basenokuziva bekhululekile ukwazisa nabanye abantu.”
Kwangaxeshanye, kuphosakele ukufihla ulwalamano lwenu kubantu abamele balwazi, njengabazali bakho okanye abazali bomntu othandana naye. Eneneni, ukuba akufuni abantu bazi ngokuthandana kwakho, kufuneka uzibuze ukuba, yintoni le ingaka uyifihlayo? Ngaba uyazi entliziyweni yakho ukuba abazali bakho baza kuba nezizathu ezivakalayo zokukwalela?
“Ndandikwazi Endimele Ndikwenze”
UJessica esithethe ngaye ekuqaleni, watshintsha ingqondo ngokuthandana noJeremy, emva kokuba eve into eyenzeka komnye umKristu owayekwimeko efanayo. Uthi: “Emva kokuba ndive indlela awaluphelisa ngayo olo lwalamano, ndandikwazi endimele ndikwenze.” Ngaba kwakulula ukwahlukana? Akunjalo! UJessica uthi: “Kuphela komfana endakha ndamthanda lo. Zaqengqeleka iiveki ndikhala.”
UJessica wayesazi ukuba uyamthanda uYehova. Nakuba wakha waphambuka, wayefuna ukwenza okulungileyo. Emva kwexesha, loo ntlungu yokwahlukana yathomalala. UJessica uthi: “Ngoku ulwalamano lwam noYehova lubhetele kunakuqala. Ndinombulelo gqitha ngokusinika kwakhe ukhokelo olusifaneleyo ngexesha elifanelekileyo!”
Ukulungele ukuthandana yaye sele umfumene umntu omthandayo. Kodwa wazi njani ukuba lo mntu ukufanele?
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.
ICEBISO
Akuyomfuneko ukuxelela wonk’ umntu ukuba uyathandana. Kodwa baxelele abo banelungelo lokwazi, ingakumbi abazali bakho nabazali bomntu othandana naye.
NGABA UBASAZI . . . ?
Ukuthembana sisiseko solwalamano oluphumelelayo. Ukuthandana ngokufihlakeleyo kwenza abazali bakho bangakuthembi yaye kusisiseko esihexayo solwalamano lwakho nomntu othandana naye.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba ndithandana nomKristu ngokufihlakeleyo, ndiza ․․․․․
Ukuba umhlobo wam uthandana ngokufihlakeleyo, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Khawucingisise ngezi meko zintathu zibhalwe ngqindilili ezikwiphepha 22. Yiyiphi kwezi ebonisa indlela ovakalelwa ngayo ngamanye amaxesha?
● Yintoni onokuyenza ngaphandle kokuthandana ngokufihlakeleyo?
● Ukuba uyazi ukuba umhlobo wakho uthandana ngokufihlakeleyo, unokuhlangabezana njani nale meko, yaye kutheni ukhetha ukwenza ngaloo ndlela?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
“Ndayeka ukuthandana ngokufihlakeleyo. Kodwa kwakunzima ukusoloko ndidibana nenkwenkwe endandiyithanda esikolweni. Kodwa uYehova uThixo wazi yonke into, ngokungafaniyo nathi. Kufuneka nje thina simthembe.”—UJessica
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ukuquma umhlobo othandana ngokufihlakeleyo kufana nokuquma umhlobo wakho otya iilekese ngokufihlakeleyo kodwa enesifo seswekile
-
-
Ngaba Lo Mntu Undifanele?Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
-
-
Isahluko 3
Ngaba Lo Mntu Undifanele?
Khawuziphe ixesha uze uphendule le mibuzo ilandelayo:
Ziziphi iimpawu ocinga ukuba zibalulekile kumntu ofuna ukutshata naye? Kolu ludwe, faka olu phawu ✔ kwizinto ezine ocinga ukuba zibalulekile.
□ Mhle □ Uqolile ngokomoya
□ Unobubele □ Unokuthenjwa
□ Udumile □ Uziphethe kakuhle
□ Uyahlekisa □ Unosukelo ebomini
Ngoxa wawusengumntwana ngaba wakha wathabatheka ngumntu othile? Kuludwe olungentla, faka olu phawu × ecaleni kwento ocinga ukuba watsalwa yiyo kuloo mntu.
AKUKHO nanye ephosakeleyo kwezi zinto zingasentla. Zonke ziyathandeka. Kodwa ngaba akuyonyaniso na ukuba xa uselula yaye uthe swii ngumntu othile, udla ngokubona iimpawu zangaphandle njengezo zikumhlathi ongasekhohlo?
Njengoko usiya ukhula, ubona nezinye iimpawu ezibaluleke ngakumbi njengezo zikumhlathi ongasekunene. Ngokomzekelo, ufumanisa ukuba eyona ntombi intle kwindawo ohlala kuyo ayithembekanga kangako, okanye oyena mfana uthandwa kakhulu eklasini kusenokwenzeka ukuba akaziphathanga kakuhle. Xa udlulile entlahleni yobutsha, akukhangeli iimpawu zangaphandle kuphela xa ufuna ‘umntu okufaneleyo.’
Zazi Kuqala
Ngaphambi kokwazi umntu okufaneleyo, kufuneka uzazi wena kuqala. Ukuze uzazi kakuhle, phendula le mibuzo ilandelayo:
Ziziphi iimpawu ezintle endinazo? ․․․․․
Ziziphi izinto endibuthathaka kuzo? ․․․․․
Ndifuna ukuphathwa njani liqabane yaye ndifuna ukuba nolwalamano olunjani noThixo? ․․․․․
Ukuzazi asinto ilula, kodwa imibuzo efana nale ingasentla inokukunceda. Xa uzazi kakuhle kuya kuba lula ukufumana umntu oza kuzenza zibalasele nangakumbi iimpawu ezintle onazo kunokubalaselisa izinto obuthathaka kuzo.a Kuthekani xa ucinga ukuba umfumene umntu onjalo?
Ngaba Ndinokutshata Nabani Na?
“Ndicela ukukwazi ngakumbi.” Xa umntu ethetha loo mazwi unokothuka okanye uvuye—kuxhomekeke ukuba athethwa ngubani. Masithi uyavuma. Njengokuba nithandana, unokwazi njani ukuba esi sithandwa sakho sikufanele?
Masithi ufuna ukuthenga izihlangu ezitsha. Ungena evenkileni ubone izihlangu ozithandayo. Xa uzilinganisa, ufumanisa ukuba azikulingani, yaye uyadana. Yintoni oza kuyenza? Ngaba uya kuzithenga nokuba azikulingani? Okanye uya kufuna ezinye izihlangu? Kucacile ukuba eyona nto ibiya kuba bhetele kukuzibuyisela uze ufune ezinye. Bekungayi kuba bubulumko ukunxiba izihlangu ezingakulinganiyo!
Le meko ifana nqwa nokukhetha iqabane lomtshato. Ebomini, usenokuphandlwa ngabantu abaninzi. Kodwa asinguye wonk’ ubani okufaneleyo. Ngaphezu koko, ufuna umntu oza kukhululeka xa ukunye naye—umntu obufanela twatse ubuntu bakho nosukelo lwakho. (Genesis 2:18; Mateyu 19:4-6) Ngaba sele umfumene umntu onjalo? Ukuba kunjalo, unokwazi njani ukuba ukufanele?
Jonga Izinto Ngeliso Elibanzi
Ukuze uphendule lo mbuzo wokugqibela, mjonge kakuhle loo mntu, ungamfanyekiswa luthando. Kodwa lumka! Usenokubona kuphela oko ufuna ukukubona. Ngoko ke ziphe ixesha. Zama ukuqonda kakuhle ukuba ungumntu onjani. Oku kuya kufuna umgudu. Phofu oko akumele kukumangalise. Ngokomzekelo: Masithi ufuna ukuthenga imoto. Ubuya kuyihlola ngokucokiseke kangakanani? Ngaba ubuya kujonga umphandle kuphela? Ngaba bekungayi kuba bubulumko ukuyijongisisa—mhlawumbi uhlole nenjini yayo?
Ukufuna iqabane lomtshato kubaluleke ngakumbi kunokukhetha imoto. Kodwa abantu abaninzi abathandanayo abajongi izinto ngeliso elibanzi. Batsalwa nje zizinto abafana ngazo: ‘Sithanda umculo ofanayo.’ ‘Sithanda izinto ezifanayo.’ ‘Sivumelana ngayo yonk’ into!’ Njengokuba kuchaziwe ngasentla, ukuba sele udlulile entlahleni, ukhangela nezinye izinto ezibalulekileyo. Uyaqonda ukuba kubalulekile ukwazi ‘umntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:4; Efese 3:16.
Ngokomzekelo, kunokunikel’ ingqalelo kwizinto enivumelana ngazo kuphela, kunokuba bhetele ukuqwalasela okwenzekayo xa ningavumelani. Ngamany’ amazwi, wenza ntoni lo mntu xa ningavisisani—ngaba unyanzelisa izimvo zakhe, mhlawumbi ‘agqajukelwe ngumsindo’ okanye asebenzise ‘intetho etshabhisayo’? (Galati 5:19, 20; Kolose 3:8) Ngaba mhlawumbi ubonakalisa ingqiqo—ngokuyekelela kwimibandela ephathelele ukhetho lobuqu, ukuze kuhlale kukho uxolo?—Yakobi 3:17.
Enye inkalo omele uyiqwalasele yile: Ngaba uthanda ukulawula, okanye uyakhweleta? Ngaba ufuna ukwazi yonk’ into oyenzayo? UNicole uthi: “Ndidla ngokuva abantu abathandanayo bexabana kuba izithandwa zabo zingabachazelanga apho zikhoyo. Andiqondi ukuba umntu onjalo unokuba liqabane elifanelekileyo.”—1 Korinte 13:4.
Ngasentla, sixubushe ngobuntu nehambo. Kodwa ke, kubalulekile nokwazi indlela aziwa ngayo loo mntu. Waziwa njani ngabanye abantu? Usenokubuza ngaye kubantu ekudala bemazi, njengamalungu ebandla aqolileyo. Oko kuya kukunceda wazi enoba ‘kunikelwa ingxelo entle ngaye’ kusini na.—IZenzo 16:1, 2.
Ukubhala phantsi izinto oziphawulileyo kunokukunceda ubone enoba niyafanelana kusini na nomhlobo wakho.
Ubuntu ․․․․․
Ihambo ․․․․․
Indlela aziwa ngayo ․․․․․
Usenokuzuza lukhulu ngokuqwalasela ibhokisi enomxholo othi: “Ngaba Angangumyeni Ofanelekileyo?” kwiphepha 39 okanye “Ngaba Angangumfazi Ofanelekileyo?” kwiphepha 40. Imibuzo elapho inokukunceda uqonde enoba angaliqabane lomtshato elifanelekileyo na.
Yintoni ofanele uyenze xa ubona ukuba lo mntu akakufanelanga? Xa kunjalo, umele ucinge ngalo mbuzo ubalulekileyo:
Ngaba Sifanele Sahlukane?
Ngamanye amaxesha kubhetele ukwahlukana. Khawuve nje okwenzeka kuJill. Uthi: “Ekuqaleni, ndandiyithanda into yokuba umfana endithandana naye esoloko efun’ ukwazi apho ndikhoyo, into endiyenzayo nabantu endikunye nabo. Kodwa ndandingasakwazi ukuchith’ ixesha nabanye abantu. Wayekhweleta naxa ndikunye nentsapho yasekhaya—ingakumbi uTata. Emva kokuba ndiqhawule ulwalamano naye, kwaba ngathi kuthe xibilili umthwalo omkhulu emagxeni am!”
Kwenzeka into efanayo nakuSarah. Wafumanisa ukuba uJohn, awayethandana naye unempoxo, kunzima ukumkholisa yaye ukrwada. USarah uthi: “Ngenye imini, wafika ekhaya kwiiyure ezintathu emva kwexesha esasilibekile! Xa uMama evula umnyango, akazange ambulise nokumbulisa, wasuka wathi kum: ‘Masambe. Sishiywe lixesha.’ Akazange athi, ‘Ndishiywe lixesha,’ kodwa wathi ‘Sishiywe lixesha.’ Ndandilindele ukuba acele uxolo okanye achaze isizathu sokuba afike emva kwexesha. Ngaphezu koko, wayemele ahlonele uMama!” Noko ke, impazamo enye ayithethi kuthi olo lwalamano alunakuphumelela. (INdumiso 130:3) Kodwa emva kokuba uSarah ebonile ukuba uJohn ukrwada, wagqiba ekubeni aluphelise olo lwalamano.
Kuthekani ukuba, umntu ubucinga ukuba lubambo lwakho akakufanelanga, njengoJill noSarah? Ukuba kunjalo, musa ukuyiyayaza loo nto! Nakuba kunokuba nzima, kusenokuba bubulumko ukuluqhawula olo lwalamano. IMizekeliso 22:3 ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” Ukuba umntu othandana naye uneempawu ezingathandekiyo, ezichazwe kwiphepha 39 nelama-40, kusenokuba bhetele ukuluphelisa ulwalamano lwenu—mhlawumbi de kulungiswe loo ngxaki. Enyanisweni, kusenokungabi lula ukwahlukana. Kodwa umtshato liqhina elifanele lihlale lihleli. Kubhetele ukuva intlungu okwexeshana kunokuzisola ubomi bakho bonke!
Ukumazisa Ngokwahlukana
Unokuluphelisa njani ulwalamano? Okokuqala, zama ukuthetha naye ngendlela efanelekileyo. Njani? Khawucinge indlela wena obuya kufuna ukuphathwa ngayo kule meko. (Mateyu 7:12) Ngaba ubunokufuna ukuchazelwa phambi kwabanye? Ubungenakuyithanda loo nto. Ngaphandle kokuba unyanzelwa ziimeko, bekungayi kuba kuhle ukushiya okanye ukuthumela umyalezo efowunini okanye kwie-mail. Ngoko khetha ixesha nendawo efanelekileyo yokuthetha ngalo mba ubaluleke kangaka.
Umele uthini xa uchaza ezi ndaba? Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘athethe inyaniso’ omnye komnye. (Efese 4:25) Eyona ndlela ibhetele, kukukhetha amagama kodwa ungqale. Chaza ngokucacileyo isizathu sokucinga ukuba ulwalamano lwenu aluyi kuphumelela. Akuyomfuneko ukuchaza udederhu lweempazamo zakhe okanye umgxeke. Eneneni, endaweni yokuthi, “Wena akwenzi oku” okanye “Wena wenza oku,” kubhetele ukusebenzisa amabinzana ajoliswe kwindlela ovakalelwa ngayo—“Ndifuna umntu owenza . . .” okanye “Ndivakalelwa kukuba ulwalamano lwethu maluphele ngenxa yokuba . . .”
Eli asiloxesha lokuthetha into engavakaliyo okanye lokuvumela umntu othandana naye atshintshe isigqibo sakho. Khumbula ukuba ukhethe ukwahlukana nalo mntu ngesizathu esivakalayo. Mlumkele angakwenzi utshintshe indlela ocinga ngayo. Elinye ibhinqa eliselula eligama linguLori, lithi: “Emva kokuba ndiluphelisile ulwalamano esasinalo nomnye umfana, wayesoloko ezenza odandathekileyo. Ndicinga ukuba wayesenzela ukuba ndimsizele. Ndamsizela. Kodwa andizange ndivumele ukuba oko kutshintshe isigqibo sam.” Njengokuba uLori wenzayo, yazi into oyifunayo. Yima kwisigqibo sakho. Uhayi wakho makabe nguhayi.—Yakobi 5:12.
Imiphumo Yokwahlukana
Ungothuki ukuba uziva ukhathazekile kangangethuba elithile emva kokuba nahlukene. Usenokude uvakalelwe njengomdumisi, owathi: “Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo; imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.” (INdumiso 38:6) Abanye abahlobo bakho basenokuzama ukukunceda ngokukukhuthaza ukuba nibuyelane. Lumka! Nguwe oya kuhlala ujamelene nemiphumo yeso sigqibo—kungekhona abahlobo bakho. Ungoyiki ukuma kwisigqibo sakho—nakuba unokuziva ubuhlungu ngokwenzekileyo.
Qiniseka ukuba, ekuhambeni kwexesha ezo mvakalelo ziza kuphela. Okwangoku, kutheni ungazami ukuthabatha la manyathelo alandelayo ukuze ukwazi ukuhlangabezana nale meko?
Phalaza imbilini yakho kumhlobo omthembayo.b (IMizekeliso 15:22) Thandaza kuYehova. (INdumiso 55:22) Zigcine uxakekile. (1 Korinte 15:58) Musa ukusoloko uwedwa! (IMizekeliso 18:1) Nxulumana nabantu abanokukukhuthaza. Hlala ucinga ngezinto ezakhayo.—Filipi 4:8.
Ekuhambeni kwexesha, usenokufumana umhlobo omtsha. Ngaphandle kwamathandabuzo ngelo xesha uya kube sele unembono ephangaleleyo. Mhlawumbi ngelo xesha, xa uphendula umbuzo othi “Ngaba lo mntu undifanele?” uya kuthi ewe!
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 31
Xa uthandana nomntu othile, nguwuphi umlinganiselo enimele nizibekele wona ekuboniseni uthando omnye komnye?
[Imibhalo esemazantsi]
a Usenokuzazi ngakumbi ngokuhlolisisa imibuzo ekwiSahluko 1 phantsi komxholwana othi “Ngaba Ukulungele Ukutshata?”
b Abazali bakho okanye abanye abantu abakhulileyo, njengabadala abangamaKristu, banokukunceda. Usenokufumanisa ukuba nabo bakha bahamb’ indlela efanayo ngoxa babesakhula.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.”—IMizekeliso 20:11
ICEBISO
Yenzani izinto ezinokubangela kuvele ubuntu benu:
● Fundani iLizwi likaThixo kunye.
● Jongani indlela omnye aba nenxaxheba ngayo kwiintlanganiso zebandla nasentsimini.
● Xhasani amalungiselelo okucoca nawokwakha iiHolo ZoBukumkani.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Uphando lubonisa ukuba imitshato yabantu abangekho kunqulo olunye, idla ngokuqhawuka.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba ndinomdla kumntu ongakholwayo, ndiza ․․․․․
Ukuze ndazi indlela aziwa ngayo umntu endithandana naye, ndimele ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ziziphi iimpawu ezintle onazo ezinokuba yingenelo emtshatweni?
● Ziziphi iimpawu ocinga ukuba zibalulekile kwiqabane lomtshato?
● Ziziphi iingxaki ezinokuvela ukuba utshata nomntu oneenkolelo ezingafaniyo nezakho?
● Unokuzazi njani iimpawu, ihambo nendlela aziwa ngayo umntu othandana naye?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 37]
“Indlela umntu othandana naye ayiphatha ngayo intsapho yakowabo yindlela aza kukuphatha ngayo nawe.”—UTony
[Ibhokisi ekwiphepha 34]
“Musani Ukubotshwa Edyokhweni Kunye Nabangakholwayo”
“Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.” Kusenokwenzeka ukuba uyawuqonda umgaqo okweyesi-2 kwabaseKorinte 6:14. Nakuba kunjalo, usenokutsaleleka kumntu ongakholwayo. Ngoba? Ngamanye amaxesha iba yintabatheko nje yangaphandle. Enye inkwenkwe egama linguMark ithi: “Kukho le ntombazana ndandisoloko ndiyibona ejimini. Yayidla ngokuza kuthetha nam. Kwaba lula ukuba sibe ngabahlobo.”
Ukuba uzazi kakuhle yaye unemilinganiselo ephakamileyo yokomoya—yaye akulawulwa ziimvakalelo—uyakwazi omele ukwenze. Enyanisweni, lo mntu—enoba mhle, uyathandeka, okanye ukhangeleka eziphethe kakuhle—akayi kukwenza ube nolwalamano oluhle noThixo.—Yakobi 4:4.
Kakade ke, ukuba sele nithandana, kuya kuba nzima ukuphelisa olo lwalamano—yaye uCindy unamava oko. Uthi: “Ndandilila yonk’ imihla. Ndandicinga ngale nkwenkwe ngalo lonke ixesha, nkqu naxa ndikwiintlanganiso zamaKristu. Ndandiyithanda kakhulu kangangokuba ndandixolel’ ukufa kunokwahlukana nayo.” Noko ke kamva, uCindy wasamkela isiluleko sikanina ngokuphathelele ukuthandana nomntu ongakholwayo. Uthi: “Ndiyavuya kuba ndahlukana nayo. Ndiqinisekile ukuba uYehova uya kuzanelisa iimfuno zam.”
Ngaba ukwimeko efana nekaCindy? Ukuba kunjalo, akuyomfuneko ukuba ujamelane nale ngxaki wedwa! Usenokuthetha nabazali bakho. Yiloo nto kanye yenziwa nguJim xa wazibona ethe phithi thwanga yintombazana ethile esikolweni. Uthi: “Ekugqibeleni ndacela uncedo kubazali. Oko kwandinceda ndayeka ukuthanda loo ntombazana.” Nabadala bebandla banokukunceda. Kutheni ungathethi nomnye wabo ngale ngxaki?—Isaya 32:1, 2.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 39]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Angangumyeni Ofanelekileyo?
Izinto Omele Uzazi
□ Ulisebenzisa njani igunya analo?—Mateyu 20:25, 26.
□ Luyintoni usukelo lwakhe?—1 Timoti 4:15.
□ Ngaba ngoku usebenzela ukulufikelela olo sukelo?—1 Korinte 9:26, 27.
□ Uyiphatha njani intsapho yakowabo?—Eksodus 20:12.
□ Ngoobani abahlobo bakhe?—IMizekeliso 13:20.
□ Uncokola ngantoni?—Luka 6:45.
□ Uyijonga njani imali?—Hebhere 13:5, 6.
□ Yintoni azonwabisa ngayo?—INdumiso 97:10.
□ Ubonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?—1 Yohane 5:3.
Iimpawu Omele Uzazi
□ Ngaba ukhuthele?—IMizekeliso 6:9-11.
□ Ngaba uyisebenzisa kakuhle imali?—Luka 14:28.
□ Ngaba kuthethwa kakuhle ngaye?—IZenzo 16:1, 2.
□ Ngaba uyabacingela abanye abantu?—Filipi 2:4.
Izinto Omele Uzilumkele
□ Ngaba ukhawuleza abe nomsindo?—IMizekeliso 22:24.
□ Ngaba ufuna ukuba niziphathe kakubi ngokwesini?—Galati 5:19.
□ Ngaba uyathuka okanye uyabetha?—Efese 4:31.
□ Ngaba kufuneka asele utywala ukuze onwabe?—IMizekeliso 20:1.
□ Ngaba uyakhweleta okanye uyazingca?—1 Korinte 13:4, 5.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 40]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Angangumfazi Ofanelekileyo?
Izinto Omele Uzazi
◻ Ngaba uyazithoba kwintsapho yakowabo nasebandleni?—Efese 5:21, 22.
◻ Uyiphatha njani intsapho yakowabo?—Eksodus 20:12.
◻ Ngoobani abahlobo bakhe?—IMizekeliso 13:20.
◻ Uncokola ngantoni?—Luka 6:45.
◻ Uyijonga njani imali?—1 Yohane 2:15-17.
◻ Luyintoni usukelo lwakhe?—1 Timoti 4:15.
◻ Ngaba ngoku usebenzela ukulufikelela olo sukelo?—1 Korinte 9:26, 27.
◻ Yintoni azonwabisa ngayo?—INdumiso 97:10.
◻ Ubonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?—1 Yohane 5:3.
Iimpawu Omele Uzazi
◻ Ngaba ukhuthele?—IMizekeliso 31:17, 19, 21, 22, 27.
◻ Ngaba uyisebenzisa kakuhle imali?—IMizekeliso 31:16, 18.
◻ Ngaba kuthethwa kakuhle ngaye?—Rute 3:11.
◻ Ngaba uyabacingela abanye?—IMizekeliso 31:20.
Izinto Omele Uzilumkele
◻ Ngaba uyazithand’ iingxabano?—IMizekeliso 21:19.
◻ Ngaba ufuna ukuba niziphathe kakubi ngokwesini?—Galati 5:19.
◻ Ngaba uyathuka okanye uyabetha?—Efese 4:31.
◻ Ngaba kufuneka asele utywala ukuze onwabe?—IMizekeliso 20:1.
◻ Ngaba uyakhweleta okanye uyazingca?—1 Korinte 13:4, 5.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Asizizo zonke izihlangu ezinokukulingana; ngokufanayo, asinguye wonk’ umntu oya kuba liqabane elikufaneleyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ngaba ucinga ukuba kubalulekile ukungajongi nje umphandle xa ufuna ukuthenga imoto? Kukangakanani ke xa ufuna ukukhetha iqabane lomtshato!
-
-
Ngaba Siyagabadela?Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
-
-
Isahluko 4
Ngaba Siyagabadela?
Yinyaniso okanye bubuxoki . . .
Kuphosakele naninina ukuba abantu abathandanayo babambane.
□ Yinyaniso
□ Bubuxoki
Abantu abathandanayo basenokuziphepha iintlobano zesini kodwa babe netyala lohenyuzo.
□ Yinyaniso
□ Bubuxoki
Ukuba abantu abathandanayo abaphathaphathani ngendlela evuselela inkanuko, oko kuthetha ukuthi abathandani ngokwenene.
□ Yinyaniso
□ Bubuxoki
NGOKUQINISEKILEYO ukhe ucinge ngezi zinto. Ngaphezu koko, xa nithandana kunokuba nzima ukwazi umda enimele ningadluli kuwo xa nibonakalisa uthando. Makhe sihlolisise ezi ngongoma zintathu zingasentla size sibone ukuba iLizwi likaThixo lisinceda njani ekuphenduleni umbuzo othi, “Ngaba siyagabadela?”
● Kuphosakele naninina ukuba abantu abathandanayo babambane.
Bubuxoki. IBhayibhile ayikwaleli ukubonakalisa uthando ngendlela eyamkelekileyo necocekileyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ngomShulamikazi nesithandwa sakhe esingumalusi. Ukuthandana kwabo kwakunyulu. Kodwa kuyabonakala ukuba kukho iindlela ezithile ababebonakalisa ngazo uthando ngaphambi kokuba batshate. (INgoma yazo iiNgoma 1:2; 2:6; 8:5) Namhlanje abantu abasele beza kutshata basenokuvakalelwa kukuba kwamkelekile ukubonakalisa uthando ngendlela ecocekileyo.a
Noko ke, abantu abathandanayo kufuneka balumke ngeyona ndlela. Ukuphuzana, ukuwolana okanye ukwenza nantoni na enokuvusa iinkanuko zesini kunokukhokelela ekuziphatheni okubi. Nabantu ebebengazimiselanga kuziphatha kakubi, banokuwela kulo mgibe.—Kolose 3:5.
● Abantu abathandanayo basenokuziphepha iintlobano zesini kodwa babe netyala lohenyuzo.
Yinyaniso. Igama lantlandlolo lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “uhenyuzo” (por·neiʹa) linentsingiselo ebanzi. Libhekisela kuzo zonke iintlobano zesini phakathi kwabantu abangatshatanga yaye ngokuyintloko libhekisela ekusebenziseni amalungu esini ngendlela engafanelekanga. Ngaloo ndlela, uhenyuzo asikokuba neentlobano zesini kuphela kodwa kuquka nezenzo ezifana nokuphulula amaphambili omnye omntu, ukuba neentlobano zesini emlonyeni okanye ezimpundu.
Ngaphezu koko, iBhayibhile ayigwebi uhenyuzo kuphela. Umpostile uPawulos wabhala: “Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile, uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala.” Wongezelela wathi: “Abo baqhelisela izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—Galati 5:19-21.
Kuthetha ukuthini “ukungahlambuluki”? Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ukungahlambuluki liquka ukungcola kwalo naluphi na uhlobo, intetho nezenzo. Ngokuqinisekileyo kukungcola ukufaka isandla ngaphantsi kwempahla yomnye umntu, ukukhulula omnye umntu iimpahla okanye ukumphulula amalungu afihlakeleyo, njengamabele. Ukuphulula amabele ekuthethwa ngako eBhayibhileni kubhekisela kubantu abatshatileyo kuphela.—IMizekeliso 5:18, 19.
Olunye ulutsha luyayidelela le milinganiselo yobuthixo. Lugabadela ngabom, okanye lufune ukuziphatha kakubi nabantu abahlukahlukeneyo. Abanye basenokuba netyala loko umpostile uPawulos akubiza ngokuba ‘yihambo evakalala.’ Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ihambo evakalala’ lithetha ‘ukugabadela, ukuqaqadeka nenkanuko engalawulekiyo.’ Ngokuqinisekileyo akufuni kwaziwa njengomntu ‘ongasazivayo konke konke ngokokuziphatha’ ngenxa yokuzinikela ‘kwihambo evakalala ukuze usebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo lokubawa.’—Efese 4:17-19.
● Ukuba abantu abathandanayo abaphathaphathani ngendlela evuselela inkanuko, oko kuthetha ukuthi abathandani ngokwenene.
Bubuxoki. Ngokwahlukileyo kwiimbono zabanye, ukuphathaphathana ngendlela evuselela inkanuko akwenzi ulwalamano lube luqilima. Kunoko, kuphelisa ukuhlonelana nokuthembana. Khawucinge ngokwenzeka kuLaura. Uthi: “Ngenye imini umfana endandithandana naye wafika ekhaya umama engekho, wahlala sabukela umabonwakude. Ekuqaleni wabamba isandla sam. Ngesiquphe nje waqalisa ukundiphathaphatha. Ndandisoyika ukumnqanda, ndicinga ukuba uza kuba nomsindo afune ukuhamba.”
Ucinga ntoni? Ngaba lo mfana wayemthanda uLaura, okanye wayefuna nje ukwanelisa inkanuko yakhe? Ngaba umntu ozama ukukuhendela kwihambo engacocekanga ukuthanda ngokwenene?
Xa inkwenkwe ihendela intombazana ekubeni yonakalise isazela sayo sobuKristu esiqeqeshiweyo, yaphula umthetho kaThixo yaye oko kubonisa ukuba ayiyithandi ngokwenene loo ntombazana. Ngaphezu koko, xa intombazana inikezela lula, ivumela ukuba ixhatshazwe. Okubi nakakhulu kukuba yenza isenzo esingcolileyo—mhlawumbi de ihenyuze.b—1 Korinte 6:9, 10.
Zibekeleni Imida
Ukuba niyathandana, ninokukuphepha njani ukubonisa uthando ngendlela engafanelekanga? Elona khondo lobulumko kukubeka imida ecacileyo kwasekuqaleni. IMizekeliso 13:10 ithi: “Kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.” Ngoko thetha nalo mntu uthandana naye uchaze indlela efanelekileyo yokubonakalisa uthando. Ukulinda de nithi swii luthando ngaphambi kokubeka imida kufana nokulinda de indlu yakho itshe ngaphambi kokufaka ialam.
Ewe, ukuncokola ngombandela ontununtunu ngolo hlobo kunokuba nzima—mhlawumbi kude kwenz’ iintloni—ingakumbi xa nisaqala ukuthandana. Kodwa ukumisela imida kunokuthintela iingxaki ezinzulu ezinokuvela kamva. Loo mida ifana nealam ekhalayo xa kusitsha. Ngaphezu koko, xa nincokola ngezi zinto niya kutsho nibone enoba luya kuphumelela kusini na ulwalamano lwenu. Eneneni, ukuzeyisa, umonde nokungazingci sisiseko sokuba neentlobano zesini ezanelisayo emtshatweni.—1 Korinte 7:3, 4.
Enyanisweni, akukho lula ukunamathela kwimilinganiselo kaThixo. Kodwa unokuyithemba imilinganiselo emiselwe nguYehova. Ngaphezu koko, kuIsaya 48:17, uzichaza ‘njengaLowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.’ UYehova ufuna ukuba uphumelele!
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 24
Ukuba nyulu akuthethi ukuba kukho into ephosakeleyo ngawe. Kunoko, kulikhondo lobulumko. Isizathu soko uya kusifumana kwesi sahluko.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kwezinye iindawo ukubonakalisa uthando esidlangalaleni kwabantu abangatshatanga kujongwa njengokungabi nasimilo. AmaKristu ayakuphepha ukukhubekisa abanye.—2 Korinte 6:3.
b Oku kunokubhekisela nakwintombazana.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Uthando . . . aluziphathi ngokungandilisekanga.”—1 Korinte 13:4, 5.
ICEBISO
Phumani njengeqela, okanye niqiniseke ukuba nisoloko nikunye nomntu wesithathu. Ziphepheni iimeko ezinokuba yingozi, njengokuba nibe nedwa emotweni okanye endlwini.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Xa nithembisene ngomtshato, nifanele nithethe ngemibandela ephathelele isini. Kodwa ukuthetha ngesini ngenjongo yokuvuselela inkanuko kukungcola—enoba kusefowunini.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ndinokukuphepha ukuhendelwa ekuziphatheni okubi ngokuthi ․․․․․
Ukuba umntu endithandana naye undihendela kwihambo engcolileyo, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Yiyiphi imida onokuyibekela umntu wesini esahlukileyo?
● Chaza umahluko phakathi kohenyuzo, ukungcola nehambo evakalala.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 46]
“Mna nomntu endiza kutshata naye siye safunda iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ezithetha ngokuhlala unyulu. Siyixabisa kakhulu indlela ezisincede ngayo ekugcineni izazela zethu zicocekile.”—ULeticia
[Ibhokisi ekwiphepha 44]
Kuthekani Ukuba Siye Sagabadela?
Kuthekani ukuba uye wabandakanyeka kwihambo engafanelekanga? Ungazikhohlisi ucinge ukuba unokuyilungisa wedwa le ngxaki. Omnye oselula wathi: “Ndandidla ngokuthandaza ndithi, ‘Sincede singaphindi sikwenze oku.’ Ngamanye amaxesha sasikwazi ukuzeyisa kodwa izihlandlo ezininzi asizange sikwazi.” Ngoko ke, thetha nabazali bakho. IBhayibhile inikela eli cebiso lihle: ‘Biza amadoda amakhulu ebandla.’ (Yakobi 5:14) Aba balusi bangamaKristu banokukunika isiluleko, icebiso nesohlwayo ukuze ukwazi ukuba nolwalamano oluhle noThixo kwakhona
[Imifanekiso ekwiphepha 47]
Ngaba ubuya kulinda indlu yakho itshe kuqala ngaphambi kokufaka ialam? Ngoko musani ukulinda de nithi swii luthando ngaphambi kokubeka imida yokuziphatha
-
-
Kutheni Ufanele Uhlale Unyulu?Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
-
-
Isahluko 5
Kutheni Ufanele Uhlale Unyulu?
“Ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndibe neentlobano zesini.”—UKelly.
“Ndivakalelwa ngathi kukho into engemanga kakuhle ngam kuba ndisenyulu.”—UJordon.
“NGABA usenyulu?” Ukuva nje umbuzo onjalo kunokukwenza urhwaqele! Kwamanye amazwe umntu oselula osenyulu ugqalwa njengowahlukileyo. Yiloo nto ebangela abantwana abaninzi abafikisayo babe neentlobano zesini!
Ukutsalwa Ngumnqweno Nempembelelo Yoontanga
Ukuba ungumKristu, uyazi ukuba iBhayibhile ithi umele ‘ukhwebuke kuhenyuzo.’ (1 Tesalonika 4:3) Nakuba kunjalo, usenokukufumanisa kunzima ukulawula umnqweno wakho wesini. Omnye umfana ogama linguPaul uthi: “Ngamanye amaxesha, iingcinga zesini zithi qatha engqondweni ngaphandle kwesizathu.” Kuqhelekile ukuba neemvakalelo ezinjalo.
Noko ke, akumnandanga ukugculelwa ngenxa yokuba unyulu! Ngokomzekelo, kuthekani ukuba oontanga bakho bathi akuyondoda okanye ibhinqa lokwenene xa ungekabi nazo iintlobano zesini? UEllen uthi: “Oontanga bakho basenokwenza kubonakale ngathi ukuba neentlobano zesini kumnandi yaye yinto eqhelekileyo. Ukuba akunazintlobano zesini, ujongwa njengomntu ongafaniyo nabanye.”
Kodwa ikho into oontanga bakho abasenokungayikhankanyi ngokuphathelele isini. Ngokomzekelo, uMaria owaba neentlobano zesini nomfana awayethandana naye, uthi: “Emva koko ndaba neentloni. Ndandizithiyile, ndithiye naloo mfana.” Kuqhelekile ukuba neemvakalelo ezinjalo nakuba ulutsha oluninzi lungakuqondi oko. Enyanisweni, ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato kubangela umvandedwa!
Noko ke, uShanda oselula uthi, “Kutheni uThixo edale abantu abaselula ukuba babe nomnqweno wesini, esazi ukuba kufuneka bahlale benyulu de batshate?” Ngumbuzo omhle lowo. Kodwa khawucinge ngezi nkalo zilandelayo:
Ngaba umnqweno wesini kuphela komnqweno onawo? Akunjalo. UYehova uThixo ukudale waneemvakalelo neminqweno eyahlukahlukeneyo.
Ngaba ufanele wanelise nawuphi na umnqweno onawo? Akunjalo, kaloku uThixo ukwenze ukuba ukwazi ukulawula iimvakalelo zakho.
Sifunda ntoni koku? Ukuba neminqweno ethile kusenokungaphepheki, kodwa unako ukulawula oko ukwenzayo ngaloo mnqweno. Eneneni, ukwanelisa umnqweno wesini ngalo lonke ixesha kuphosakele yaye bubudenge, kufana nje nomntu obetha abanye qho xa enomsindo.
Enyanisweni, yayingeyonjongo kaThixo ukuba siwasebenzise kakubi amalungu ethu okuzala. IBhayibhile ithi: “Ngamnye wenu [ufanele] akwazi ukusizuza esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko.” (1 Tesalonika 4:4) Kanye njengokuba kukho “ixesha lokuthanda nexesha lokuthiya,” likho ixesha lokwanelisa umnqweno wesini nexesha omele uzibambe ngalo. (INtshumayeli 3:1-8) Ngapha koko, nguwe omele ulawule umnqweno onawo!
Kodwa yintoni omele uyenze xa umntu ekugculela, esithi, “Ngaba nyhani usenyulu?” Musa ukukhathazeka. Ukuba umntu uyakugculela, usenokuthi: “Ewe, ndisenyulu, yaye ndinebhongo ngaloo nto!” Okanye usenokuthi, “Andithandi ukuthetha nabanye abantu ngalo mbandela.”a (IMizekeliso 26:4; Kolose 4:6) Kwelinye icala, usenokuvakalelwa kukuba ufanele umphendule loo mntu ukubuzayo. Ukuba kunjalo, usenokumchazela izizathu ezisekelwe eBhayibhileni.
Ngaba zikho ezinye iindlela onokuphendula ngazo xa umntu ekubuza umbuzo othi “Ngaba nyhani usenyulu?” Ukuba kunjalo zibhale apha ngezantsi.
․․․․․
Isipho Esixabisekileyo
Uvakalelwa njani uThixo xa abantu begqiba ekubeni babe neentlobano zesini bengatshatanga? Masithi uthengele umhlobo wakho isipho. Kodwa uyasivula ungekamniki ngokwakho! Ngaba ubungayi kucaphuka? Ngoko khawucinge indlela anokuvakalelwa ngayo uThixo xa unokuba neentlobano zesini ungatshatanga. Ufuna ukuba ulinde de utshate ukuze unandiphe isipho seentlobano zesini.—Genesis 1:28.
Yintoni ofanele uyenze xa unomnqweno wesini? Funda ukuwulawula. Unako ukuwulawula! Thandaza kuYehova ukuba akuncede. Umoya wakhe unokukunceda ukwazi ukuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Khumbula ukuba uYehova “akayi kubandeza nantoni na elungileyo kwabo bahamba ngokungenamposiso.” (INdumiso 84:11) UGordon oselula uthi: “Xa ndifikelwa yingcinga yokuba ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato akuphosakalanga kangako, kuye kuthi qatha indlela okuyingozi ngayo oko ngokomoya yaye ndiyaqonda ukuba akukho sono sifanele sonakalise ulwalamano lwam noYehova.”
Eneneni, akukho nto iphosakeleyo ngokuhlala unyulu. Eyona nto ithob’ isidima, ezintloni neyingozi, kukuziphatha kakubi ngokwesini. Ngoko ke, musa ukuvumela ihlabathi likuhlohle umoya walo wokucinga ukuba kukho into ephosakeleyo ngokubambelela kwimilinganiselo yeBhayibhile. Ngokuhlala unyulu, ukhusela impilo yakho, iimvakalelo zakho yaye—ngaphezu kwako konke, ukhusela ulwalamano lwakho noThixo.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 1, ISAHLUKO 24
[Umbhalo osemazantsi]
a Okubangel’ umdla kukuba, uYesu wakhetha ukungamphenduli uHerode. (Luka 23:8, 9) Kudla ngokuba bhetele ukuba ungayiphenduli imibuzo enjalo.
IZIBHALO EZIBALASELISA
‘Ukuba nabani na wenze isigqibo entliziyweni yakhe, sokugcina ubunyulu bakhe, uya kuba wenza kakuhle.’—1 Korinte 7:37.
ICEBISO
Kuphephe ukunxulumana nabantu abanemilinganiselo ephantsi yokuziphatha, nokuba bathi iinkolelo zabo zonqulo ziyafana nezakho.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abantu abaziphethe kakubi ngokwesini abadli ngokutshintsha naxa sele betshatile. Kodwa, abo babambelela kwimilinganiselo kaThixo xa bengekatshati badla ngokuthembeka nakumaqabane abo omtshato.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndihlale ndinyulu de nditshate, ndifanele ․․․․․
Ukuba abahlobo bam abasixhasi isigqibo endisenzileyo, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ucinga ukuba kutheni abanye bebagculela abo banyulu?
● Kutheni kunokuba nzima ukuhlala unyulu?
● Ziziphi iingenelo zokuhlala unyulu de utshate?
● Unokuzichaza njani iingenelo zokuhlala unyulu kumntwana wakowenu ongaphantsi kuwe?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 51]
“Into endikhuthazayo ukuba ndihlale ndinyulu kukwazi ukuba ‘akukho mhenyuzi namntu ungahlambulukanga unelifa ebukumkanini bukaThixo.’” (Efese 5:5)—ULydia
[Ibhokisi ekwiphepha 49]
Isalathiso Samaphepha
Yintoni Eye Yenzeke Ngokwenene?
Oontanga namajelo ezolonwabo awayichazi imiphumo emibi yokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato. Khawucinge ngezi meko zintathu zilandelayo. Ucinga ukuba yintoni eza kwenzeka ngokwenene kolu lutsha?
● Umfana ofunda naye esikolweni uqhayisa ngokulala namantombazana amaninzi. Uthi kumnandi—akukho mntu usala esentlungwini. Ucinga ukuba yintoni ngokwenene eyenzekayo kamva—kuye nakula mantombazana athetha ngawo? ․․․․․
● Imovie iphela kanye xa inkwenkwe nentombazana besiba neentlobano zesini ukubonisa indlela abathandana ngayo. Yintoni ebiza kwenzeka kamva ukuba le ibingeyomovie? ․․․․․
● Udibana nenzwana ize ikucele ukuba nibe neentlobano zesini. Ithi akuyomfuneko ukuba kubekho mntu okwaziyo oko. Ukuba uyavuma, yaye ungaxeleli mntu, yintoni ngokwenene eza kwenzeka kamva? ․․․․․
[Umfanekiso okwiphepha 54]
Ukuba neentlobano zesini ungatshatanga kufana nokuvula isipho ongekasinikwa
-