Ngaba Ululungele Olona Suku Lubalulekileyo Lonyaka?
KWIIYURE nje ezimbalwa ngaphambi kokuba afe, uYesu wasungula indlela ekhethekileyo yokukhumbula ukufa kwakhe. Esi siganeko saye saziwa “njengesidlo seNkosi sangokuhlwa,” okanye “isidlo seNkosi.” (1 Korinte 11:20; English Standard Version) Ebonisa ukubaluleka kwesi sihlandlo, uYesu wayalela wathi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ngaba uyakufuna ukuthobela uYesu? Ukuba kunjalo, ixesha lokufa kukaYesu uya kulijonga njengelona libalulekileyo.
Sifanele sikhunjulwe nini esi siganeko? Unokuqiniseka njani ukuba uyayiqonda injongo yesi siganeko sibalulekileyo? Le yimibuzo ekufuneka iphendulwe ngumKristu ngamnye.
Kangaphi?
Iziganeko ezibalulekileyo sidla ngokuzikhumbula kanye ngonyaka. Ngokomzekelo, nangona intlekele eyenzeka ngoSeptemba 11, 2001, isoloko isezingqondweni zabantu besiXeko saseNew York abaphulukana nezalamane zabo xa kwahlaselwa iWorld Trade Center, xa lufika olo suku nyaka ngamnye, lunentsingiselo ekhethekileyo kubo.
Nangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile iziganeko ezibalulekileyo zazikhunjulwa minyaka le. (Estere 9:21, 27) UYehova wayalela amaSirayeli ukuba akhumbule ukukhululwa kwawo ebukhobokeni eYiputa ngokungummangaliso kanye ngonyaka. IBhayibhile isibiza ngokuba yiPasika eso siganeko, amaSirayeli asikhumbula eso siganeko kanye ngonyaka kanye ngolwaa suku akhululwa ngalo.—Eksodus 12:24-27; 13:10.
UYesu wayegqiba kuqukumbela iPasika nabapostile bakhe xa wasungula isidlo esikhethekileyo eyayiza kuba yindlela yokukhumbula ukufa kwakhe. (Luka 22:7-20) Ipasika yayikhunjulwa minyaka le. Ngaloo ndlela, sinokugqiba kwelokuba esi siganeko sathabathel’ indawo iPasika naso sifanele sikhunjulwe kanye ngonyaka. Ngaluphi usuku?
Nini?
Ukuze siphendule lo mbuzo kufuneka sikhumbule izinto ezimbini. Okokuqala, ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile usuku lwaluqala ukutshona kwelanga luze luphele ngosuku olulandelayo ukutshona kwelanga.—Levitikus 23:32.
Okwesibini iBhayibhile ayisebenzisi ikhalenda esiyisebenzisa namhlanje. Kunokuba isebenzise iinyanga ezinamagama afana nala ethu njengoMatshi noAprili, iBhayibhile isebenzisa iinyanga ezinjengoAdare noNisan. (Estere 3:7) AmaYuda xa ebala inyanga ayeqala ebutsheni benyanga ukusa ekuqaleni kwenye inyanga. Ayebhiyozela iPasika ngosuku lwe-14 ngenyanga yokuqala yekhalenda yawo, uNisan. (Levitikus 23:5; Numeri 28:16) Olo suku, uNisan 14, yayilusuku olunye nolo amaRoma abethelela ngalo iNkosi yethu uYesu Kristu. Wafa emva kweminyaka eli-1 545 emva kokusungulwa kwesidlo sePasika sokuqala. Lusuku olubalulekileyo uNisan 14.
Kodwa luluphi usuku olungqamana noNisan 14 kwiikhalenda zethu? Ukulubala olo suku kunokusinceda silwazi. UNisan 1 uqalisa xa imini nobusuku zilingana (kuqalisa intwasahlobo kwiNcam eNgasentla) eYerusalem. Ukuba sibala iintsuku ezili-14 ukususela kweso siganeko sifikelela kuNisan 14. Ngolu suku inyanga idla ngokuphelela. Xa sisebenzisa le ndlela yeBhayibhile, uNisan 14 kulo nyaka uza kuqalisa ekutshoneni kwelanga ngeCawa, ngoAprili 17, 2011.a
AmaNgqina kaYehova alungiselela ukuhlanganisana kulo nyaka nabo bonke abo banqwenela ukukhumbula ukufa kukaYesu, ayakumema nawe. Nceda udibane namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo ukuze akuchazele ixesha nendawo aza kudibana kuyo. Aza kukhumbula esi siganeko ekutshoneni kwelanga, kungekhona ekuseni okanye emva kwemini. Kutheni? Kuba ngokutsho kweBhayibhile, esi ‘sisidlo sangokuhlwa.’ (1 Korinte 11:25) Urhatya lwangeCawa, Aprili 17, 2011, lusuku uYesu aqalisa ngalo esi siganeko sikhethekileyo kwiminyaka eli-1 978 eyadlulayo. Kwakusekuqaleni kosuku afa ngalo uYesu, ngoNisan 14. Luluphi olunye usuku okunokukhunjulwa ngalo ukufa kwakhe?
Indlela Onokululungiselela Ngayo
Unokusilungiselela njani esi siganeko senzeka kanye ngonyaka? Enye indlela kukucamngca ngoko asenzele kona uYesu. Incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?b iye yanceda izigidi zabantu zakuxabisa oko kuthethwa kukufa kukaYesu.—Mateyu 20:28.
Enye indlela yokulungiselela esi siganeko sikhethekileyo kukufunda izinto ezenzeka xa wayesele eza kufa uYesu. Kumaphepha alandelayo uza kufumana isicangca. Kwicala elingasekunene, kukho uludwe lwezibhalo ezichaza izinto ezenzeka ngaphambi kokuba uYesu afe. Kolu ludwe kuqukwe izahluko zencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphilac echaza ezi ziganeko.
Kwicala elingasekhohlo kungqanyaniswa imihla ezenzeka ngayo ezo ziganeko neentsuku ezingqamana nazo kwiikhalenda zethu. Kutheni ungaziphi ixesha lokufunda izicatshulwa zeZibhalo zosuku ngalunye olukhokelela kwiSidlo seNkosi saNgokuhlwa? Kuya kukunceda ulungiselele esona siganeko sibalulekileyo sonyaka.
[Imibhalo esemazantsi]
a Olu suku lusenokungangqamani nePasika eyenziwa ngamaYuda namhlanje. Kutheni? Inkoliso yamaYuda namhlanje yenza iPasika ngoNisan 15, akholelwa ukuba umyalelo okwiEksodus 12:6 ubhekisela kolo suku. (Funda IMboniselo Februwari 15, 1990, iphepha 14.) Kodwa uYesu wabhiyozela uNisan 14, ngokuvisisana noMthetho kaMoses. Ukuze ufumane inkcazelo ngendlela yokubala olu suku, funda IMboniselo yesiNgesi kaJuni 15, 1977, iphepha 383-384.
b Ipapashwa ngamaNgqina kaYehova. Funda iphepha 47-56, 206-208. Unokuyifumana le ncwadi kwiWeb site ethi www.watchtower.org.
c Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]
Khumbula Ukufa KukaYesu Ngecawa, NgoAprili 17, 2011
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 23, 24]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
IVEKI YOKUGQIBELA
2011 NgoLwesibini Aprili 12 ▪ ISabatha Mateyu
2012 ․․․․․ Marko
2013 ․․․․․ Luka
UNISAN 9 (Uqalisa ekutshoneni kwelanga)
Ngamaxesha okubhalwa ▪ Isidlo noSimon □ Mateyu 26:6-13
kweBhayibhile usuku lwaluqala owayeneqhenqa
ekutshoneni kwelanga, luze ▪ UMariya umthambisa □ Marko 14:3-9
luphele ekutshoneni kwelanga ngamafutha enadusi
ngosuku olulandelayo ▪ AmaYuda eze Luka
kubona uYesu □ Yohane 12:2-11
noLazaro □ gt 101, isiqe. 5-9
2011 NgoLwesithathu Aprili 13 ▪ kungena eYerusalem □ Mateyu 21:1-11, 14-17
2012 ․․․․․ ngomngcelele woloyiso
2013 ․․․․․ ▪ Ufundisa etempileni □ Marko 11:1-11
□ gt 102
UNISAN 10 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
▪ Uchitha ubusuku
eBhethani
2011 NgoLwesine Aprili 14 ▪ Uhambo lokuqala lokuya □ Mateyu 21:12, 13,
2012 ․․․․․ eYerusalem 18, 19
2013 ․․․․․ ▪ Ucoca itempile □ Marko 11:12-19
▪ UYehova uthetha □ Luka 19:45-48
esezulwini □ Yohane 12:20-50
NISAN 11 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
2011 NgoLwesihlanu Aprili 15 ▪ Ufundisa etempileni □ Mateyu 21:19–25:46
2012 ․․․․․ esebenzisa
2013 ․․․․․ imizekeliso
▪ Ukhalimela □ Marko 11:20–13:37
abaFarisi
▪ Uncoma umnikelo □ Luka 20:1–21:38
womhlolokazi
▪ Uprofeta ngokuwa Yohane
kweYerusalem
▪ Uchaza umqondiso □ gt 105-112, isiqe. 1
wobukho bakhe
UNISAN 12 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
2011 NgoMgqibelo Aprili 16 ▪ Engasese nabafundi □ Mateyu 26:1-5, 14-16
2012 ․․․․․ bakhe
2013 ․․․․․ eBhethani
▪ UYudas ulungiselela □ Marko 14:1, 2, 10, 11
ukumngcatsha
Yohane
NISAN 13 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
2011 NgeCawa Aprili 17 ▪ UPetros noYohane □ Mateyu 26:17-19
2012 ․․․․․ balungiselela
2013 ․․․․․ iPasika
▪ UYesu nabanye □ Marko 14:12-16
abapostile abalishumi □ Luka 22:7-13
bayalandela Yohane
emva kwemini □ gt 112, isiqe. 5-113, isiqe. 1
UNISAN 14 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
▪ Ubhiyozela □ Mateyu 26:20-35
iPasika
▪ Uhlamba iinyawo □ Marko 14:17-31
zabapostile
▪ Ugxotha uYudas □ Luka 22:14-38
▪ Usungula iSikhumbuzo □ Yohane 13:1–17:26
sokufa kwakhe □ gt 113, isiqe. 2-kwisahluko 116
ezinzulwini zobusuku ▪ Uyangcatshwa aze □ Mateyu 26:36-75
2011 NgoMvulo Aprili 18 abanjwe
2012 ․․․․․ eGetsemane
2013 ․․․․․ ▪ Abapostile bayasaba □ Marko 14:32-72
▪ Ityala lakhe lichotshelwa □ Luka 22:39-62
yiSanhedrin
▪ UPetros ukhanyela □ Yohane 18:1-27
uYesu □ gt 117-kwisahluko 120
▪ Uya kwiSanhedrin □ Mateyu 27:1-61
kwakhona
▪ Ugwetyelwa ukufa □ Luka 22:63–23:56
aze abethelelwe
▪ Umzimba wakhe □ gt 121-127, isiqe. 7
uyothulwa uze ungcwatywe
UNISAN 15 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
▪ ISabatha
2011 NgoLwesibini Aprili 19 ▪ UPilato uyavuma □ Mateyu 27:62-66
2012 ․․․․․ ukuba kulindwe Marko
2013 ․․․․․ ingcwaba likaYesu Luka
Yohane
UNISAN 16 (uqalisa ekutshoneni kwelanga)
2011 NgoLwesithathu Aprili 20 ▪ Uyavusw □ Mateyu 28:1-15
2012 ․․․․․ ▪ Ubonakala □ Marko 16:2-8
2013 ․․․․․ kubafundi □ Luka 24:1-49
[Umbhalo osemazantsi]
d Amanani achazwe apha abhekisela kwizahluko zencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila (gt). Ukuze ufumane isicangca esineembekiselo zeMibhalo ezithetha ngobulungiseleli bokugqibela bukaYesu, funda incwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” iphepha 290, ezipapashwe ngamaNgqina kaYehova.