Hebhere
1 UThixo, owathetha kwakudala kangangezihlandlo ezininzi+ nangeendlela ezininzi kookhokho bethu ngabaprofeti,+ 2 uye ekupheleni kwale mihla+ wathetha nathi ngoNyana,+ aye wammisela njengendlalifa yezinto zonke,+ nathe ngaye wenza+ iinkqubo zezinto. 3 Uyimbonakaliso yozuko lwakhe+ nembonakaliso yoko kanye akuko,+ yaye uthwala zonke izinto ngelizwi lamandla akhe;+ uthe ke akuba ezisulungekisile izono zethu+ wahlala phantsi kwisandla sasekunene+ sobuNgangamsha kwiindawo eziphakamileyo.+ 4 Ngoko uye waba ngaphezu kweengelosi,+ wazuz’ ilifa legama+ elibalasele ngakumbi kunelazo.
5 Ngokomzekelo, yiyiphi ingelosi awakha wathi kuyo: “Ungunyana wam; mna, namhlanje, ndibe nguyihlo”?+ Waza kwakhona wathi: “Mna ndiya kuba nguyise, yona ibe ngunyana wam”?+ 6 Kwakhona ekuliziseni kwakhe emhlabeni omiweyo iZibulo+ lakhe, uthi: “Maziqubude kuye+ zonke iingelosi zikaThixo.”+
7 Kanjalo, ngokubhekisele kwiingelosi uthi: “Neengelosi zakhe uzenza zibe ngoomoya, nezicaka zakhe zikawonke-wonke zibe lidangatye lomlilo.”+ 8 Kodwa ngokubhekisele kuNyana uthi: “UThixo uyitrone yakho ngonaphakade+ kanaphakade, nentonga yobukhosi yobukumkani+ bakho yintonga yobukhosi yokuthe tye.+ 9 Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho. Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yemigcobo ngaphezu kwamaqabane akho.”+ 10 Nokuthi: “Ekuqaleni, wena Nkosi, wabeka iziseko zomhlaba ngokwawo, namazulu ayimisebenzi yezandla zakho.+ 11 Wona ngokwawo aya kutshabalala, kodwa wena uya kuhlala uhleli; yaye kanye njengesambatho sangaphezulu+ onke aya kuba madala, 12 kwaye uya kuwasonga kanye njengengubo yokwaleka,+ njengesambatho sangaphezulu; ibe aya kutshintshwa, kodwa wena ukwanguwe, kwaye iminyaka yakho ayisayi kuze iphele.”+
13 Kodwa wakha watsho ngokubhekisele kuyiphi na yeengelosi ukuthi: “Hlala ngasekunene kwam, ndide ndizibeke iintshaba zakho njengesihlalo seenyawo zakho”?+ 14 Azingabo na zonke oomoya+ abasebenzela uwonke-wonke,+ abathunyelwa ukulungiselela abo baza kuzuz’ ilifa+ usindiso?