-
IMini Yomgwebo—Iyintoni?Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
-
-
IMini Yomgwebo iya kuvulela izigidi zabantu ithuba lokuba zifunde okokuqala ngokuthanda kukaThixo zize ziphile ngokuvisisana nako. Oku kuthetha ukuba kuya kubakho umsebenzi omkhulu wokufundisa. “Ngokuqinisekileyo abemi belizwe elinemveliso baya kufunda ubulungisa.” (Isaya 26:9) Noko ke, asingabo bonke abaza kukwenza ukuthanda kukaThixo. UIsaya 26:10 uthi: “Nokuba ongendawo angababalwa, akafundi bulungisa. Elizweni lokuthe tye uya kwenza ngokungekho sikweni, angabuboni ubuhandiba bukaYehova.” Aba bangendawo baza kubulawa ngonaphakade ebudeni beMini Yomgwebo.—Isaya 65:20.
Ekupheleni kweMini Yomgwebo, abantu abasindileyo baya kube ‘bebuyele ebomini’ ngokupheleleyo njengabantu abafezekileyo. (ISityhilelo 20:5) Ngaloo ndlela iMini Yomgwebo iya kulubuyisela uluntu kwimeko yalo yantlandlolo yokufezeka. (1 Korinte 15:24-28) Kuya kwandula ke emva koko kubekho uvavanyo lokugqibela. USathana uza kukhululwa eluvalelweni aze avunyelwe ukuba azame ukulahlekisa uluntu okokugqibela. (ISityhilelo 20:3, 7-10) Abo bamxhathisayo baya kunandipha inzaliseko epheleleyo yesi sithembiso seBhayibhile: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Ewe, iMini Yomgwebo iya kuba yintsikelelo kulo lonke uluntu oluthembekileyo!
-
-
Owe-1914—Unyaka Obalulekileyo Kwisiprofeto SeBhayibhileYintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
-
-
ISIHLOMELO
Owe-1914—Unyaka Obalulekileyo Kwisiprofeto SeBhayibhile
KUMASHUMI eminyaka ngaphambili, abafundi beBhayibhile bavakalisa ukuba kwakuza kwenzeka iziganeko ezibalulekileyo ngowe-1914. Ziziphi ezi ziganeko, yaye bubuphi ubungqina obalatha kowe-1914 njengonyaka obalulekileyo?
Njengokuba kubhalwe kuLuka 21:24, uYesu wathi: ‘IYerusalem iya kunyathelwa ziintlanga, ade azaliseke amaxesha amisiweyo eentlanga.’ IYerusalem yayilikomkhulu lohlanga lwamaYuda—behlala kuyo ookumkani bomnombo kaKumkani uDavide. (INdumiso 48:1, 2) Noko ke, aba kumkani babekhethekile kunabanye abalawuli bohlanga. Babehleli “etroneni kaYehova” njengabameli bakhe. (1 Kronike 29:23) Ngoko iYerusalem yayingumqondiso wolawulo lukaYehova.
Kodwa lwaqala nini ulawulo lukaThixo ‘ukunyathelwa ziintlanga,’ yaye kwenzeka njani oko? Oku kwenzeka ngowama-607 B.C.E. xa iYerusalem yoyiswa ngamaBhabhiloni. ‘Itrone kaYehova’ yayingenamntu, baphela nookumkani bomnombo kaDavide. (2 Kumkani 25:1-26) Ngaba yayiza “kunyathelwa” ngonaphakade? Akunjalo, kuba isiprofeto sikaHezekile sathi ngokuphathelele ukumkani wokugqibela waseYerusalem, uZedekiya: ‘Shenxisa unkontsho, uze ususe isithsaba. Ngokuqinisekileyo asiyi kuba sesakhe nabani na ade afike lowo unelungelo elisemthethweni, yaye ndimele ndisinike yena.’ (Hezekile 21:26, 27) Lowo “unelungelo elisemthethweni” kwisithsaba somnombo kaDavide nguKristu Yesu. (Luka 1:32, 33) Ngoko ‘ukunyathelwa’ kwakuza kuphela xa uYesu esiba nguKumkani.
Sasiza kwenzeka nini eso siganeko sibalulekileyo? UYesu wabonisa ukuba iiNtlanga zaziza kulawula kangangexesha elimiselweyo. Ingxelo ekuDaniyeli isahluko 4 isibonisa indlela esinokububala ngayo ubude belo xesha. Ichaza iphupha lesiprofeto likaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni. Wabona umthi omkhulu kakhulu owagawulwayo. Isikhondo sawo sasingenakukhula kuba sasibotshwe ngentsimbi nangobhedu. Ingelosi yadanduluka yathi: ‘Makudlule amaxesha asixhenxe phezu kwaso.’—Daniyeli 4:10-16.
Maxa wambi eBhayibhileni, imithi ifanekisela ulawulo. (Hezekile 17:22-24; 31:2-5) Ngoko ukugawulwa komthi wokomfuziselo kufanekisela indlela olwaluza kupheliswa ngayo ulawulo lukaThixo, olwalumelwa ngookumkani eYerusalem. Noko ke, kulo mbono kuye kwachazwa ukuba ‘ukunyathelwa kweYerusalem’ kwakuza kuba kokwexeshana—“amaxesha asixhenxe.” Lide kangakanani elo xesha?
ISityhilelo 12:6, 14 sibonisa ukuba amaxesha amathathu anesiqingatha alingana ‘neentsuku eziliwaka elinamakhulu amabini anamashumi amathandathu.’ Ngoko “amaxesha asixhenxe” aliphinda kabini elo nani, aziintsuku ezingama-2 520. Kodwa iiNtlanga azizange ziyeke ‘ukunyathela’ ulawulo lukaThixo kwiintsuku nje ezingama-2 520 emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem. Ngoko kucacile ukuba, esi siprofeto sigubungela ixesha elide ngakumbi. Ngokusekelwe kwiNumeri 14:34 noHezekile 4:6, abathi “usuku lube ngunyaka,” ngoko “amaxesha asixhenxe” ebeya kugubungela iminyaka engama-2 520.
Le minyaka engama-2 520 yaqala ngo-Oktobha 607 B.C.E. xa iYerusalem yatshatyalaliswa ngamaBhabhiloni waza nokumkani womnombo kaDavide washenxiswa etroneni yakhe. Eli xesha laphela ngo-Oktobha 1914. Aphela ngoko “amaxesha amisiweyo eentlanga,” waza uYesu Kristu wamiselwa njengoKumkani kaThixo wasezulwini.a—INdumiso 2:1-6; Daniyeli 7:13, 14.
Kanye njengokuba uYesu wayexele kwangaphambili, ‘ubukho’ bakhe njengoKumkani wasezulwini buye baphawuleka ngeziganeko ezikhwankqisayo ehlabathini—imfazwe, indlala, iinyikima zomhlaba, iindyikitya zokufa. (Mateyu 24:3-8; Luka 21:11) Ezo ziganeko zibubungqina obunamandla bokuba ngokwenene owe-1914 wawungunyaka wokuzalwa koBukumkani bukaThixo basezulwini, nokuqalisa ‘kwemihla yokugqibela’ yale nkqubo ingendawo yezinto.—2 Timoti 3:1-5.
a Ukususela kuOktobha 607 B.C.E. ukusa kuOktobha 1 B.C.E. yiminyaka engama-606. Ekubeni ungekho unyaka ongunothi, ngoko ukususela kuOktobha 1 B.C.E. ukusa kuOktobha 1914 C.E. yiminyaka eli-1 914. Xa sidibanisa iminyaka engama-606 kunye neminyaka eli-1 914, sifumana iminyaka engama-2 520. Ukuze ufumane inkcazelo ngokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., bona inqaku elithi “Chronology” kwi-Insight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
-
-
Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
-
-
ISIHLOMELO
Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?
ISIDALWA somoya esibizwa ngokuba nguMikayeli asikhankanywa kaninzi eBhayibhileni. Kodwa, xa sikhankanywa, sisoloko sinento esiyenzayo. Kwincwadi kaDaniyeli uMikayeli ulwa neengelosi ezingendawo; kwincwadi kaYude ubangisana noSathana; yaye kwiSityhilelo ulwa imfazwe kunye noMtyholi needemon zakhe. Ngokukhusela kwakhe ubukhosi bukaYehova nangokulwa kwakhe neentshaba zikaThixo, uMikayeli wenza ngokuvisisana nentsingiselo yegama lakhe ethi—“Ngubani onjengoThixo?” Kodwa ngubani uMikayeli?
Maxa wambi, umntu uba namagama amaninzi. Ngokomzekelo, usolusapho uYakobi wayekwabizwa ngokuba nguSirayeli, yaye umpostile uPetros wayekwabizwa ngokuba nguSimon. (Genesis 49:1, 2; Mateyu 10:2) Ngokufanayo, iBhayibhile ibonisa ukuba uMikayeli lelinye igama likaYesu Kristu, ngaphambi nasemva kokuba ephile emhlabeni. Makhe sihlolisise izizathu ezingokweZibhalo zokuba sifikelele kweso sigqibo.
Isiphatha-zingelosi. ILizwi likaThixo lithetha ngoMikayeli “isiphatha-zingelosi.” (Yude 9) Eli gama lithetha “ingelosi eyintloko.” Igama elithi “isiphatha-zingelosi” livela likwisinye kuphela eBhayibhileni, kungekhona kwisininzi. Oku kubonisa ukuba inye kuphela ingelosi elolo hlobo. Ngaphezu koko, indima ephunyezwa sisiphatha-zingelosi isoloko inokuthanani noYesu. Ngokomzekelo, xa ithetha ngeNkosi uYesu Kristu ovusiweyo, eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:16 ithi: “INkosi ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi lesiphatha-zingelosi.”
-