IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ngaba UThixo Ukukhathalele?
    IMboniselo—2014 | Agasti 1
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

      Ngaba UThixo Ukukhathalele?

      “Ndixhwalekile yaye ndilihlwempu. UYehova uyandigqala.”a—UDAVIDE WAKWASIRAYELI WAMANDULO

      Ithontsi eliphuma e-emeleni

      “Iintlanga zinjengethontsi e-emeleni.”—ISAYA 40:15

      Ngaba kwakuyimfuneko ngoDavide ukulindela ukuba uThixo amkhathalele? Ngaba uThixo ukukhathalele wena? Kubantu abaninzi kunzima ukuqonda ukuba uThixo ubakhathalele. Kutheni kunjalo?

      Esinye sezizathu kukuba uThixo uphakeme kakhulu xa simthelekisa nabantu abaqhelekileyo. Ngangendlela aphakeme ngayo, kuye zonke “iintlanga zinjengethontsi e-emeleni; nanjengesuntswana lothuli ezikalini.” (Isaya 40:15) Omnye umbhali ongakholelwayo kuThixo wagqiba ngelithi “kukuzikhohlisa okugqithiseleyo ukukholelwa ukuba kukho uThixo okukhathaleleyo oko ukwenzayo.”

      Kwelinye icala, abantu bacinga ukuba iimpazamo zabo zenza uThixo angabakhathaleli. Ngokomzekelo, iqina lendoda enguJim lithi: “Ndandihlala ndithandazela uxolo nokuzibamba, kodwa ndandiwubona sele ufikile umsindo. Ekugqibeleni, ndade ndazigqala njengomntu ombi owayengenakuncedwa nguThixo.”

      Ngaba uThixo ukude kangangokuba akanakusinceda? Uvakalelwa njani ngezidalwa zakhe ezingafezekanga? Ngaphandle kokutyhilelwa nguThixo, akakho umntu obenokukwazi ukuphendula le mibuzo. Noko ke, ilizwi likaThixo eliphefumlelweyo—iBhayibhile—lisenza siqiniseke ukuba akakude ebantwini. IBhayibhile ithi: “Enyanisweni, [akakude] kuye ngamnye wethu.” (IZenzo 17:27) Kumanqaku amane alandelayo, siza kuva ngendlela uThixo akhathalela ngayo mntu ngamnye.

      a INdumiso 40:17; uYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.

  • UThixo Uyakulondoloza
    IMboniselo—2014 | Agasti 1
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

      UThixo Uyakulondoloza

      “Amehlo akhe asezindleleni zomntu, yaye onke amanyathelo akhe uyawabona.”—YOBHI 34:21.

      Utata odlalisa unyana wakhe

      Ngenxa yokuba bebancinci, abantwana bafuna ukuhoywa ngumzali

      ISIZATHU SOKUBA ABANYE BANGAQINISEKI: Ngokusuka kuphando lwakutshanje, igalaksi yethu iyodwa nje iqulethe izijikelezi-langa ezilikhulu leebhiliyoni. Ngenxa yolwazi ngobukhulu bendalo, abaninzi bayabuza, ‘Kutheni le nto kufuneka uMdali ongusomandla abukele abantu nezinto abazenzayo kulo mhlaba mncinci?’

      OKO KUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UThixo akasinikanga nje iBhayibhile waza waphelelwa ngumdla kuthi. Kunoko, uYehova usiqinisekisa ngelithi: “Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.”—INdumiso 32:8.

      Cinga ngoHagare, umYiputakazi weminyaka yee-1900 ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. UHagare wayengamthobeli umqeshi wakhe uSarayi, uSarayi yena wamgculela, waza uHagare wabalekela entlango. Ekubeni uHagare wayenze impazamo, ngaba uThixo wamcaphukela? IBhayibhile ithi: ‘Ingelosi kaYehova yamfumana.’ Loo ngelosi yamqinisekisa uHagare yathi: “UYehova uyivile inkxwaleko yakho.” Waza uHagare yena wathi kuYehova: “Wena unguThixo obonayo.”—Genesis 16:4-13.

      ‘UThixo obonayo,’ uyakubona nawe. Ukuzekelisa nje: Umama onothando uyabalondoloza abantwana bakhe. Ngenxa yokuba bebancinci bafuna ukuhoywa ngumzali. Ngokufanayo ke, noThixo uyasondela kuthi xa sityumkile, sibonakala singenamncedi. UYehova uthi: “Ndihlala kwindawo ephakamileyo nakwindawo engcwele, kanjalo nakotyumkileyo nonomoya othobekileyo, ukuvuselela umoya wabo bathobekileyo nokuvuselela intliziyo yabo batyumkileyo.”—Isaya 57:15.

      Sekunjalo, usenokubuza ukuba: ‘UThixo undilondoloza njani? Ngaba undigweba ngokwembonakalo, okanye ujonga umntu endinguye ngaphakathi?’

  • UThixo Uyayiqonda Indlela Oyiyo
    IMboniselo—2014 | Agasti 1
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

      UThixo Uyayiqonda Indlela Ovakalelwa Ngayo

      “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi.”—INDUMISO 139:1.

      I-DNA kunye nemveku

      “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba.”—INDUMISO 139:16

      ISIZATHU SOKUBA ABANYE BENGAKUKHOLELWA OKO: Abantu abaninzi bakholelwa ukuba uThixo usibona njengaboni kuphela—abantu abangahlambulukanga nangenaxesha labo. UKendra owayedandathekile wayeziva enetyala kakhulu kuba engakwazi ukwenza ngokugqibeleleyo oko uThixo akufunayo. Ngenxa yoko wathi: “Ndiyekile ukuthandaza.”

      OKUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UYehova ujonga ngaphaya kokungafezeki kwethu yaye uyayiqonda indlela esivakalelwa ngayo. IBhayibhile ithi: “Uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” Ngaphezu koko, “Akenzanga kuthi kanye ngokwezono zethu,” kodwa ngenceba uyasixolela xa siguquka.—INdumiso 103:10, 14.

      Makhe sithethe ngoDavide, ukumkani wakwaSirayeli ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala. UDavide wathandaza wathi kuThixo: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho . . . Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam.” (INdumiso 139:16, 23) UDavide, wayeqinisekile ukuba nangona wayekhe wamona ngokunzulu uYehova, kodwa wayemthembile ukuba uyayibona intliziyo yakhe eguqukileyo.

      UYehova uyiqonda indlela ovakalelwa ngayo ukodlula nawuphi na umntu. IBhayibhile ithi: “Umntu nje ubona okubonakalayo emehlweni; kodwa uYehova yena, ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Samuweli 16:7) UThixo ukwazi ukusuka nokuhlala nento ebangela ukuba izinto uzenze ngendlela ethile. Wazi imfuza, indlela okhule ngayo ubuntu bakho izinto ezikwenza ube ngulo mntu unguye. Nangona uzenza iimpazamo, uyayibona imizamo oyenzayo yokwenza izinto ngendlela entle yaye ukuxabisa kakhulu oko.

      Kodwa uThixo ulusebenzisa njani olu lwazi ukuze akuthuthuzele?

  • UThixo Unokukuthuthuzela
    IMboniselo—2014 | Agasti 1
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

      UThixo Unokukuthuthuzela

      “UThixo, obathuthuzelayo abo badakumbileyo, wasithuthuzela.”—2 KORINTE 7:6.

      Ibhinqa elifunda iBhayibhile

      ‘UNyana kaThixo wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’—GALATI 2:20

      ISIZATHU SOKUBA ABANYE BENGAKUKHOLELWA OKO: Abanye abantu nakuba besiva ubunzima, baye bonqene ukucela uncedo kuThixo kuba becinga ukuba bazizikade kuThixo, nokuba akanakubanceda. URaquel olibhinqa uthi: “Xa ndibona iingxaki abanye abantu abanazo, ezam ziye zibonakale ziyimfeketho ndize ndibe madolw’ anzima ukucel’ uncedo kuThixo.”

      OKUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: UThixo ubesoloko ebanceda yaye ebathuthuzela abantu. Wonke umntu emhlabeni unesono esibangela ukuba angakwazi ukwenza ukuthanda kukaThixo ngokugqibeleleyo. Nakuba kunjalo, uThixo ‘wasithanda waza wathumela uNyana wakhe uYesu Kristu njengombingelelo wokucamagushela izono zethu.’ (1 Yohane 4:10) Ngokufa kukaYesu okuyintlawulelo, uThixo wenze sakwazi ukuxolelwa izono zethu, saba nesazela esimsulwa, sanalo nethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elinoxolo.a Ngaba loo ntlawulelo ayibonisi ukuba uThixo unomdla kumntu ngamnye?

      Makhe sithethe ngompostile uPawulos. Wachukunyiswa kakhulu yintlawulelo kaYesu wade wabhala wathi: ‘Ndiphila ngokholo kuNyana kaThixo, owandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.’ (Galati 2:20) UYesu wafa ngaphambi kokuba uPawulos abe ngumKristu. Nakuba kunjalo, uPawulos wayijonga intlawulelo njengesipho esikhethekileyo uThixo amphe sona.

      Intlawulelo engokufa kukaYesu isisipho esikhethekileyo uThixo akupha sona nawe. Esi sipho sibonisa indlela oxabiseke ngayo kuThixo. Sinokukunika “intuthuzelo engunaphakade nethemba elilungileyo,” size ‘sikuqinise kuso sonke isenzo esilungileyo nelizwi.’—2 Tesalonika 2:16, 17.

      UYesu wanikela ngobomi bakhe kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo. Bubuphi ubungqina kule mihla obubonisa ukuba uThixo ufuna ukuba nobuhlobo nathi?

      a Funda ngakumbi ngentlawulelo kaYesu, kwisahluko 5 sencwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

  • UThixo Uyazisondeza Kuwe
    IMboniselo—2014 | Agasti 1
    • INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

      UThixo Uyazisondeza Kuwe

      “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale”—YOHANE 6:44.

      ISIZATHU SOKUBA ABANYE BANGAQINISEKI: Abaninzi abakholelwa kuThixo baziva bengasondelanga kuye. UChristina ibhinqa laseIreland oya ecaweni veki nganye uthi: “Ndimbona njengoThixo odale yonke into, kodwa andimazi. Zange khe ndaziva ndisondele kuye.”

      OKO KUFUNDISWA LILIZWI LIKATHIXO: Xa siziva singamalolo, uYehova akadinwa kukusinceda. UYesu wabonisa indlela uThixo asinceda ngayo ngokuthi: “Ukuba umntu unezimvu ezilikhulu ize enye yazo ibhadule, akayi kuzishiya ezintabeni na ezingamashumi asithoba anesithoba aze anduluke aye kufuna leyo ibhadulayo?” Yintoni ke esiyifundayo apha? “Kwangokunjalo naye uBawo osezulwini akanqweneli ukuba kutshabalale namnye waba bancinane.”—Mateyu 18:12-14.

      Wonke ‘ubani waba bancinane’ uxabisekile kuThixo. UThixo ‘umbona njani umntu obhadulayo?’ Njengoko isibhalo esicatshulwe ekuqaleni sibonisa, uYehova ubatsalela kuye abantu.

      AmaNgqina kaYehova ashumayela kwindoda egqithayo

      Ngoobani namhlanje abaya emakhayeni abantu nakwiindawo zikawonke-wonke ukuze babelane nabantu ngesigidimi seBhayibhile esingoThixo?

      Jonga nje indlela uThixo awenza ngayo ukuze atsale abantu. Ngemihla yokubhalwa kweBhayibhile, uThixo wathumela umKristu onguFilipu ukuba aye kudibana negosa laseTiyopiya ukuze acacisele eli gosa intsingiselo yesi sibhalo esasifundwa leli gosa. (IZenzo 8:26-39) Kamva, uThixo wayalela umpostile uPetros ukuba aye kwigosa laseRoma elinguKorneli, elalithandaza yaye lizama ukunqula uThixo. (IZenzo 10:1-48) UThixo waphinda wakhokela umpostile uPawulos nabo wayekunye nabo ukuya kumlambo ongaphandle kwesixeko saseFilipi. Apho badibana ‘nomnquli kaThixo’ ogama linguLidiya kwaye “uYehova wayivula yabanzi intliziyo yakhe ukuze anikele ingqalelo.”—IZenzo 16:9-15.

      Sihlandlo ngasinye, uYehova wayeqiniseka ukuba abo bamfunayo bayalifumana ithuba lokumazi. Ngoobani namhlanje abaya emakhayeni abantu nakwiindawo zikawonke-wonke ukuze babelane nabantu ngesigidimi seBhayibhile esingoThixo? Abaninzi bangathi, “ngamaNgqina kaYehova.” Khawuzibuze, ‘Ngaba mhlawumbi uThixo usebenzisa wona ukuze afike nakum?’ Siyakucela ukuba uthandaze kuThixo ukuze akuncede uyikhathalele imizamo yakhe yokukusondeza kuye.a

      a Ngolwazi olungakumbi, bukela ividiyo ethi Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? kwi-www.pr2711.com/xh.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share