IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ngaba Uziva Usondele KuThixo?
    IMboniselo—2014 | Disemba 1
    • Indoda ecinga ngoThixo

      INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      Ngaba Uziva Usondele KuThixo?

      “Ukuba nobuhlobo obusondeleyo noThixo kukwenza uzive ukhuselekile, kungekho nto uyidingayo, yaye uzinzile. Kuba ngathi uThixo ukhathalele izinto onomdla kuzo.”—UCHRISTOPHER, ITYENDYANA LASEGHANA.

      “UThixo uyazibona iingxaki okuzo yaye uba nothando nenkathalo eyodlula leyo ubunokuyicela.”—UHANNAH WASE-ALASKA, E-U.S.A ONEMINYAKA EYI-13.

      “Ukwazi ukuba unobuhlobo obusondeleyo noThixo yeyona nto ixabisekileyo nekwenza uzole!”—UGINA, IBHINQA LASEJAMAICA ELINEMINYAKA EMALUNGA NEYI-45.

      UChristopher, uHannah, noGina ayingabo bodwa abavakalelwa ngale ndlela. Ehlabathini lonke abantu abaninzi baqinisekile ukuba uThixo ubajonga njengabahlobo bakhe. Kuthekani ngawe? Ngaba uziva usondele kuThixo? Okanye ngaba ungathanda ukusondela kuye? Mhlawumbi uyazibuza: ‘Ngaba ingenzeka into yokuba umntu njee abe nobuhlobo noThixo uSomandla? Ukuba kunjalo, ingenzeka njani?’

      UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      IBhayibhile ithi unganabo ubuhlobo obusondeleyo noThixo. Ithi uThixo wabiza uAbraham usolusapho ongumHebhere ngokuthi, “umhlobo wam.” (Isaya 41:8) Phawula nesimemo esimnandi esikuYakobi 4:8 esithi: ‘Sondela kuThixo, naye uya kusondela kuwe.’ Ngenxa yoko, kuyacaca ukuba unganabo ubuhlobo obusondeleyo noThixo. Kodwa ke, ekubeni uThixo engabonakali ‘ungasondela’ njani kuye uze ube ngumhlobo wakhe?

      Ukuphendula lo mbuzo, makhe sicinge ngento eyenzekayo xa abantu besiba ngabahlobo. Badla ngokuqala baxelelane amagama abo. Kwaye njengoko bencokola rhoqo, bephalazelana imbilini neemvakalelo, ubuhlobo buyakhula. Yaye xa besenzelana izinto, ubuhlobo buyomelela. Kuyafana ke nangokukhulisa ubuhlobo noThixo. Makhe sibone indlela okufana ngayo oku.

  • Ngaba Uyalazi Yaye Uyalisebenzisa Igama LikaThixo?
    IMboniselo—2014 | Disemba 1
    • Amadoda amabini axelelana amagama awo

      INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      Ngaba Uyalazi Yaye Uyalisebenzisa Igama LikaThixo?

      Ngaba ukho umhlobo wakho ongalaziyo igama lakhe? Asiqondi. Kunjengokuba noIrina waseBulgaria watshoyo ukuba “Ayinakwenzeka into yokuba usondele kuThixo ukuba akulazi igama lakhe.” Okuvuyisayo kukuba, njengoko kuchaziwe kwinqaku elidluleyo, uThixo ufuna usondele kuye. Ngoko, uye wasebenzisa iBhayibhile ukuze azazise kuwe esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.”—Isaya 42:8.

      UThixo uye wasebenzisa iBhayibhile ukuze azazise kuwe esithi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.”—Isaya 42:8

      Ngaba inomsebenzi kuYehova into yokuba ulazi uze ulisebenzise igama lakhe? Phawula ukuba igama likaThixo elibhalwe ngoonobumba abane besiHebhere iTetragrammaton, livela izihlandlo eziphantse zibe yi-7 000 kwiZibhalo zesiHebhere. Lixhaphake ngaphezu kwalo naliphi na elinye igama eliseBhayibhileni. Obu bubungqina obucacileyo bokuba uYehova ufuna silisebenzise igama lakhe.a

      Abahlobo badla ngokuqala baxelelane amagama abo. Ngaba uyalazi igama likaThixo?

      Noko ke abanye basenokuthi, ekubeni uThixo engcwele yaye engusomandla kukumdelela ukumbiza ngegama. Ewe kona, bekuya kuba yinto embi ukudlala ngegama likaThixo, kanye njengokuba ubungenakudlala ngegama lomhlobo wakho. Noko ke, yinjongo kaYehova ukuba abo bamthandayo balihlonele baze balazise kwabanye igama lakhe. (INdumiso 69:30, 31; 96:2, 8) Khumbula ukuba uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” Sinokuncedisa ekungcwaliseni igama likaThixo ngokulazisa kwabanye. Ukwenjenjalo kusenza sisondele kuye.—Mateyu 6:9.

      IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo unomdla kwabo “bacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) UYehova uthembisa umntu onjalo ngelithi: “Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam. Uya kubiza kum, yaye ndiya kumphendula. Ndiya kuba naye ekubandezelekeni.” (INdumiso 91:14, 15) Kufuneka silazi size silisebenzise igama likaYehova ukuze sibe nobuhlobo kunye naye.

      a Okubuhlungu kukuba, nangona igama likaThixo lixhaphakile kwiZibhalo zesiHebhere ezibizwa ngokuba yiTestamente Endala ngabaninzi, ezinye iinguqulelo zeBhayibhile azilifaki. Kunoko, zifakela endaweni yalo izibizo ezifana nesithi “Nkosi” okanye “Thixo.” Ukuze wazi ngakumbi ngalo mbandela, funda iphepha 195-197 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

  • Ngaba Uyathetha NoThixo?
    IMboniselo—2014 | Disemba 1
    • Indoda incokola nomhlobo emnxebeni

      INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      Ngaba Uyathetha NoThixo?

      Abahlobo bathetha rhoqo ngefowuni, nge-e-mail, ngevidiyo okanye ngeleta. Ngoko, ukuze sisondelelane noThixo, sifanele sithethe rhoqo naye. Kodwa singakwenza njani oko?

      Sinokuthetha noYehova ngomthandazo. Noko ke, ukuthandaza kuThixo akufani nokuncokola njee nentanga yakho. Simele siqonde ukuba xa sithandaza, sithetha noMdali wethu, ongOyena Uphakamileyo kwindalo iphela. Oko kumele kusenze sibonise intlonelo enzulu xa sithandaza. Kwakhona, ukuze uThixo ayamkele imithandazo yethu, sifanele sithobele imilinganiselo ethile. Nantsi emithathu yayo.

      Okokuqala, simele sithandaze kuYehova uThixo kuphela—kungekhona kuYesu, “ingcwele,” okanye umfanekiso oqingqiweyo. (Eksodus 20:4, 5) IBhayibhile ithi: “Ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” (Filipi 4:6) Okwesibini, simele sithandaze egameni loNyana kaThixo, uYesu Kristu. UYesu wakuchaza oko esithi: “Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Okwesithathu, simele sithandaze ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. IBhayibhile ithi: “Kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.”a—1 Yohane 5:14.

      Abahlobo bancokola rhoqo

      Noko ke, ubuhlobo abunakuqina xa ingumntu omnye kuphela osoloko ethetha. Ngoko ukuze ubuhlobo bethu noThixo buqine, simele simvumele athethe, size thina siphulaphule. Uyazi na ukuba uThixo uthetha njani nathi?

      Namhlanje, uYehova uThixo “uthetha” nathi ngeLizwi lakhe iBhayibhile. (2 Timoti 3:16, 17) Kutheni sisitsho nje? Masikuzekelise ngolu hlobo oku: Masithi ufumana ileta evela kumhlobo wakho. Wakuba uyifundile, usenokuba nemincili uze uthi kwabanye, “Khanive into ethethwa ngumhlobo wam!” Kodwa khange athethe ngomlomo, kunoko ubhalile. Ngokufanayo, xa ufunda iBhayibhile, uvumela uYehova ukuba athethe nawe. Kungenxa yoko le nto uGina, okhankanywe kwinqaku lokuqala, esithi, “Ndicinga ukuba, ukuba ndifuna uThixo andijonge njengomhlobo wakhe, ndimele ndifunde ‘ileta’ asibhalele yona—iBhayibhile.” Uqhubeka esithi, “Ukuyifunda yonke imihla iBhayibhile kuye kwandenza ndasondela ngakumbi kuThixo.” Ngaba uyamvumela uYehova athethe nawe mihla le ngokuthi ufunde iLizwi lakhe iBhayibhile yonke imihla? Ukwenjenjalo kuya kukunceda usondele ngakumbi kuye.

      a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela onokusondela ngayo kuThixo ngomthandazo, funda isahluko 17 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova

  • Ngaba Uyakwenza Oko UThixo Akucelayo?
    IMboniselo—2014 | Disemba 1
    • Indoda incedisa ibhinqa ngokuliphathisa

      INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      Ngaba Uyakwenza Oko UThixo Akucelayo?

      “Nantoni na oyifunayo, yitsho nje, ndiya kuyenza.” Ubungasoze uthethe kanje kumntu njee okanye kumntu ongamaziyo. Kodwa ke, ukuba ibingumhlobo wokwenene ubungayi kuba nangxaki. Kuqhelekile ukuba abahlobo bokwenene benzelane izinto.

      IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova ubenzela izinto ezibonwabisayo abakhonzi bakhe. Ngokomzekelo, uKumkani uDavide, owayenobuhlobo kunye noThixo wathi: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi. . . . Zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa!” (INdumiso 40:5) Ngaphezu koko, uYehova ubenzela izinto ezibonwabisayo nkqu nabo bangekamazi, ‘ngokuzalisa iintliziyo zabo ngokutya nangokuchwayita.’—IZenzo 14:17.

      Siyakuvuyela ukubenzela izinto abo sibathandayo nesibahlonelayo

      Ngenxa yokuba evuya uYehova xa esenzela abanye izinto ezintle, isengqiqweni into yokuba alindele ukuba ‘bayenze ibe nemihlali intliziyo yakhe’ abo bafuna ukuba ngabahlobo bakhe. (IMizekeliso 27:11) Kodwa yintoni onokuyenza ukuze ukholise uThixo? IBhayibhile iphendula isithi: “Musani ukulibala ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.” (Hebhere 13:16) Ngaba le nto ithetha ukuba ukwenza okulungileyo nokwabelana nabanye ngezinto kuko kuphela okufunekayo ukuze sikholise uYehova?

      IBhayibhile ithi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle uThixo.” (Hebhere 11:6) Emva kokuba ‘uAbraham ekholiwe kuYehova, wabizwa ngokuba ngumhlobo kaYehova.’ (Yakobi 2:23) Naye uYesu Kristu wenza kwacaca ukuba kubalulekile ‘ukubonisa ukholo kuThixo’ ukuze sifumane iintsikelelo zikaThixo. (Yohane 14:1) Ngoko, unokulubonisa njani ukholo olufunwa nguThixo kwabo abatsalela kuye? Unokuqala ngokulifunda rhoqo iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ngokwenza oko, uya kuba ‘nolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe’ uze ngaloo ndlela ‘umkholise ngokupheleleyo.’ Njengoko usiba nolwazi oluchanileyo ngoYehova yaye ulusebenzisa, uya kuba nokholo kuye yaye yena uya kusondela kuwe.—Kolose 1:9, 10.

  • Obu Bobona Bomi Bumnandi
    IMboniselo—2014 | Disemba 1
    • Indoda efunda iBhayibhile

      INQAKU ELINGUMXHOLO | UNAKO UKUSONDELA KUTHIXO

      Obu Bobona Bomi Bumnandi

      Yintoni onokuyenza ukuze usondele kuThixo? Siye saxubusha ngezinto onokuzenza ukuze ube nobuhlobo kunye noThixo. Zezi zilandelayo

      1. Lazi uze ulisebenzise igama likaThixo, uYehova

      2. Thetha kunye naye rhoqo ngomthandazo nangokufunda iLizwi lakhe, iBhayibhile

      3. Qhubeka usenza oko kumkholisayo uYehova

      Indoda ethandazayo

      Sondela kuThixo ngokusebenzisa igama lakhe, ngokuthandaza kuye, ngokufunda iLizwi lakhe nangokwenza oko kumkholisayo

      Xa ucinga ngezi zinto, ngaba unokuthi wenza oko kufunekayo ukuze usondele kuThixo? Zikho izinto ocinga ukuba unokuphucula kuzo? Kakade ke, kufuneka umgudu, kodwa khawucinge ngemiphumo onokuyifumana.

      UJennifer, waseUnited States uthi: “Nawuphi na umgudu owenzayo ukuze ube nobuhlobo kunye noThixo ubalulekile. Obu buhlobo buzisa iintsikelelo ezininzi: umthemba ngakumbi uThixo, ubuqonda ngakumbi ubuntu bakhe, kodwa okona kubalulekileyo, ufumana uthando olungakumbi. Obu bobona bomi bumnandi!”

      Ukuba ungathanda ukuba nobuhlobo obusondeleyo noThixo, amaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda. Anokufunda iBhayibhile kunye nawe, simahla. Wamkelekile ukuya nakwiintlanganiso zawo ekufundiswa kuzo iBhayibhile kwiHolo YoBukumkani ekufuphi, apho uya konwabela ukuba kunye nabantu ababuxabisayo ubuhlobo babo noThixo.a Njengoko usenza oko, nawe uya kuba njengomdumisi owathi: “Ke mna, ukusondela kuThixo kulungile kum.”—INdumiso 73:28.

      a Ukuze ucele isifundo seBhayibhile okanye ufumane iHolo YoBukumkani ekufuphi kuwe, nceda uthethe nomntu okunike le magazini okanye uye kwiWebhsayithi yethu ethi, www.pr2711.com/xh. Jonga phantsi kwendawo ethi SIFOWUNELE OKANYE USIBHALELE kumazantsi ephapha.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share