-
Ngaba Nyhani USathana Ukho?IMboniselo—2014 | Novemba 1
-
-
INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA USATHANA NGUMNTU WOKWENENE?
Ngaba Nyhani USathana Ukho?
Umfanekiso oseMadrid, eSpain, obonisa uSathana eliqothaqikili lengelosi
“Ndikhumbula ndisakhula e-El Salvador. Xa ndingamameli umama wayedla ngokuthi ‘UMtyholi uyeza!’ Ndandiye ndiphendule ndithi, ‘Makeze!’ Akho Sathan’ apha, mna ndazi uThixo.”—UROGELIO.
Ngaba uyangqinelana noRogelio? Yiyiphi kwezi mbono zilandelayo ebonakala iyinyani kuwe?
Akukho mntu kuthiwa nguSathana, yingcinga nje embi engaphakathi emntwini.
USathana ukho, kodwa akanamdla ebantwini.
USathana sisidalwa somoya esinamandla esilahlekisa abantu.
Nganye kwezi mbono ixhaswa zizigidi zabantu. Kodwa ngaba simele sizikhathaze ngokwazi eyona nyani kwezi? Ukuba uSathana akakho, loo nto ithetha ukuba abo bathi ukho balahlekisiwe. Kwelinye icala ukuba uSathana ukho kodwa akanamdla ebantwini, abo bamoyikayo boyika nje inyoka efileyo. Kodwa ke ukuba uSathana liqothaqikili lomlahlekisi, loo nto ithetha ukuba unobungozi ngaphezu kokuba abantu becinga.
Makhe sihlolisise indlela iZibhalo Ezingcwele eziyiphendula ngayo le mibuzo: Yintoni okanye ngubani kanye kanye uSathana? Ngaba yingcinga nje embi, okanye ngumntu womoya? Ukuba ungumntu, ngaba uyingozi kuwe? Xa kunjalo, ungazikhusela njani?
-
-
Ngaba USathana Yingcinga Nje Embi?IMboniselo—2014 | Novemba 1
-
-
INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA USATHANA NGUMNTU WOKWENENE?
Ngaba USathana Yingcinga Nje Embi?
Kulula ukucinga ukuba lo Sathana sifunda ngaye eBhayibhileni asingomntu wokwenene kodwa yingcinga nje embi ngaphakathi emntwini. Ngaba iBhayibhile ifundisa loo nto? Ukuba kunjalo, kutheni ke isithi uSathana waba nengxoxo noYesu Kristu, nkqu noThixo uSomandla? Makhe sithethe ngezimbini kwezi ngxoxo.
XA USATHANA WATHETHA NOYESU
Xa uYesu wayeqalisa umsebenzi wakhe wokushumayela, uMtyholi wazama ukumlinga ngezihendo ezithathu. Okokuqala, uSathana wazama ukwenza uYesu asebenzise amandla awawanikwa nguThixo ukuze azenzele ukutya. Emva koko, uMtyholi wafuna uYesu abeke ubomi bakhe emngciphekweni ukuze nje atsale amehlo. Ekugqibeleni, uSathana wathembisa uYesu ngokumnika zonke izikumkani zomhlaba, ukuba wayenokumnqula nje kube kanye. Ecaphula iZibhalo kwimpendulo nganye, uYesu wazikhaba zontathu iinzame zelo qothaqikili.—Mateyu 4:1-11; Luka 4:1-13.
Wayethetha nabani uYesu? Ngaba wayethetha neengcinga zakhe ezimbi? IZibhalo zithi uYesu “wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.” (Hebhere 4:15) Ziphinda zithi: “Akazange enze sono, kungazange kufunyanwe nankohliso emlonyeni wakhe.” (1 Petros 2:22) UYesu wahlala efezekile, ibe wahlala ethembekile kuThixo. Akazange abe nazo kwaphela iimpawu ezingcolileyo. Kucace mhlophe ukuba uYesu wayengathethi neengcinga zakhe ezimbi, kodwa wayethetha nomntu ophilayo.
Le ngxoxo inye isinika ubungqina obungakumbi bokuba uSathana ngumntu wokwenene.
Khumbula kaloku ukuba uMtyholi wathembisa uYesu ngokumnika zonke izikumkani zomhlaba, ukuba nje wayenokumnqula. (Mateyu 4:8, 9) Ukuba uSathana wayengengomntu wokwenene, eso sithembiso sasiya kuba ngumoya. Kwakhona, uYesu akazange athi uSathana akanalo elo gunya.
Akuba uYesu engazange ahendeke, uMtyholi “wemka kuye de kwaba lelinye ixesha elimlungeleyo.” (Luka 4:13) Ngaba oku kubonisa ukuba uSathana yingcinga nje engcolileyo, okanye utshaba olungancamiyo?
Qaphela ukuba “iingelosi zeza zaza zamlungiselela” uYesu. (Mateyu 4:11) Ngaba ezo ngelosi zazingabantu bomoya bokwenene, abakhuthaza baza benzela uYesu nezinye izinto? Kucacile ukuba kunjalo. Xa kunjalo, kutheni ke sifanele sicinge ukuba uSathana akangomntu womoya wokwenene?
XA USATHANA WATHETHA NOTHIXO
Ibali lesibini lingoYobhi, indoda eyayisoyika uThixo. Kulo siva ngezihlandlo ezibini apho uMtyholi wathetha noThixo. Kuzo zozibini, uYehova wancoma uYobhi ngokuhlala kwakhe ethembekile. USathana wathi uYobhi ukhonza uThixo kuba nje efumana amaqithiqithi, lilonke esithi uThixo uyamthenga uYobhi. Ngeliphandle, uMtyholi wayesithi oyena mntu wazi uYobhi nguye ngaphezu koThixo. UYehova wamyeka uSathana ukuba ohluthe ubutyebi bukaYobhi, abulale abantwana bakhe, aze amthwaxe nangesifo.a Ekuhambeni kwexesha yazicacela into yokuba uYehova wayenyanisile ngoYobhi, wavela noSathana ukuba ulixoki. UThixo wamsikelela uYobhi ngokuthembeka kwakhe.—Yobhi 1:6-12; 2:1-7.
Xa uYehova wayethetha noSathana, ngaba wayethetha nengcinga embi engaphakathi kuye? IBhayibhile ithi: “Igqibelele indlela yakhe [uThixo oyinyaniso].” (2 Samuweli 22:31) ILizwi likaThixo liphinda lithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova uThixo, uSomandla.” (ISityhilelo 4:8) Ukuba ngcwele kuthetha ukuba nyulu nokungabi nasono. UYehova ufezekile yaye akanasiphako. Ngeliphandle, akanalo nechaphaza lobubi.
Ingxoxo phakathi koThixo noSathana yamchaphazela ngokoqobo uYobhi
Abanye basenokuthi akuzange kubekho kwamntu unguYobhi, kwaye naloo ngxoxo yintsomi nje. Kodwa ngaba iyavakala loo nto? Zikho nezinye iivesi zeBhayibhile ezingqina ukuba uYobhi wayengumntu wokwenene. Ngokomzekelo, kuYakobi 5:7-11, kusetyenziswa uYobhi njengomzekelo onokunceda amaKristu ukuze anyamezele ngamaxesha anzima, nokuba uYehova uyabasikelela abo banyamezelayo. Ukuba uYobhi wayengengomntu wokwenene nebali lakhe lokuthwaxwa nguSathana liyintsomi, ngaba lo mzekelo wawuza kuwanceda? Ukongezelela koko, kuHezekile 14:14, 20 kuthethwa ngoYobhi, uNowa noDaniyeli njengamadoda amathathu alungileyo. NjengoNowa noDaniyeli, uYobhi wayengumntu wokwenene, indoda enokholo. Ukuba ke uYobhi wayengumntu wokwenene, akungebi ke nomhlaseli wakhe ngumntu wokwenene?
Kucacile ukuba iBhayibhile ithi uSathana ngumntu womoya wokwenene. Usenokuba uyazibuza, ‘Ngaba anganobungozi kum nentsapho yam kule mihla siphila kuyo?’
KUTHEKANI KE NGALE MIHLA YETHU?
Masithi kufika igquba lootsotsi kwindawo ohlala kuyo. Kucacile ukuba ungaziva ungakhuselekanga ibe nobubi bunganda. Ngendlela efanayo, uSathana needemon zakhe, eziye nazo zavukela uThixo, baye baphoselwa emhlabeni. Kwakuza kwenzeka ntoni? Ukuze uphenduleke, khawucinge ngezinto ozivayo ezindabeni ezenzeka kwindawo ohlala kuyo, nasemhlabeni wonke:
Uyakubona na ukwanda kobundlobongela obungaqhelekanga, obunganqandekiyo nokuba kuzanywa kangakanani ukubuphelisa?
Uyayibona na indlela ekuxhaphake ngayo ukusebenzelana nemimoya emdaka kwizinto zokuzonwabisa, nakuba abazali bengayifuni loo nto?
Uyayibona na indlela owonakaliswa ngayo umhlaba, nakuba kukho abantu abalwela ukuba ungonakaliswa?
Awuqapheli na ukuba kukho undonakele kwindlela abantu abenza ngayo izinto—ngokungathi kukho into ebadudulela entshabalalweni?
Yiva ukuba iBhayibhile ithi ngubani unobangela walo mbhodamo: “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana, lowo ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. . . . Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:9, 12) Emva kokuhlolisisa ubungqina, abantu abaninzi baye baqonda ukuba uSathana ungumntu womoya onobungozi, yaye nguye unobangela weengxaki ezikhoyo emhlabeni.
Usenokuba uyazibuza ukuba ungakhuseleka njani. Ngumbuzo osengqiqweni lowo. Inqaku elilandelayo liza kukunika amacebiso aluncedo.
a UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.
-
-
Ngaba Sifanele Simoyike USathana?IMboniselo—2014 | Novemba 1
-
-
INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA USATHANA NGUMNTU WOKWENENE?
Ngaba Sifanele Simoyike USathana?
Icarbon monoxide yigesi enobungozi—unjalo noSathana
Icarbon monoxide yigesi enobungozi. Kunzima ukuzazi xa ukwindawo enayo, kuba ayinambala ibe ayinavumba, nto leyo eyenza irhaxe abantu bengaqondanga. Kusenokwenzeka ukuba abantu abangaphezu kwesiqingatha abafa ngenxa yokurhaxwa emhlabeni wonke, babulawa yile gesi. Kodwa ke, akukho sizathu sakuxhalaba. Zikho iindlela zokuzikhusela kuyo. Abantu abaninzi badla ngokufaka izinto ezibalumkisayo xa besengozini yokurhaxwa yile gesi.
USathana ufana nqwa nale gesi, kuba naye akabonakali, ibe uyingozi kakhulu. Kodwa uThixo akasishiyang’ enyanyeni. Awunasizathu sakumoyika uSathana xa usebenzisa ezi ndlela zilandelayo asinika zona uThixo.
Inkululeko yokuzikhethela. UYakobi 4:7 uthi: “Mchaseni uMtyholi, wonibaleka.” Nangona uSathana enamandla, akakwazi kukunyanzela ukuba wenze into ongafuniyo ukuyenza. Unenkululeko yokuzikhethela. Eyoku-1 kaPetros 5:9 ithi: ‘Yimani ngokunxamnye noMtyholi, niqinile elukholweni.’ Khumbula ukuba, uSathana wemka emva kokuba uYesu embhebhethe kwakathathu. (Mateyu 4:11) Nawe unako ukumbhebhetha uSathana.
Yiba ngumhlobo kaThixo. UYakobi 4:8 usikhuthaza ukuba ‘sisondele kuThixo.’ UYehova uyakumema ukuba ube ngumhlobo wakhe. Ungakwenza njani oko? Eyona ndlela ingcono yokwenjenjalo kukufunda ngaye eBhayibhileni. (Yohane 17:3) Xa ufunda ngoYehova uya kumthanda, uze wenze ukuthanda kwakhe. (1 Yohane 5:3) Uya kusabela njani uBawo wakho wasezulwini xa usondela kuye? UYakobi uthi, ‘naye uya kusondela kuwe.’
Iindlela uYehova asikhusela ngazo
UThixo uthembisa ukukukhusela. IMizekeliso 18:10 ithi: “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” Kodwa oko akuthethi kuthi igama likaThixo likhubalo. Endaweni yoko, kuthetha ukuba abo balihlonelayo banokuthembela kuye ukuze bakhuseleke ngamaxesha onke.
Umzekelo onokufunda kuwo. KwiZenzo 19:19 sifunda into ebalulekileyo eyenziwa ngamaKristu ase-Efese awayesandul’ ukuguquka: “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani. Yaye bawabala ndawonye amaxabiso azo, bazifumana zixabisa amaqhosha esilivere angamashumi amahlanu amawaka.”a Loo maKristu atshisa yonk’ into enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya, engakhathali ukuba yayixabisa malini na. Singafunda lukhulu kulo mzekelo. Namhlanje kuxhaphakile ukusetyenziswa kwemilingo. Nezinto ezincinci ezinokuthanani nemilingo zinokubiza iidemon. Kubalulekile ukuba sihambele kude nezinto ezinjalo.—Duteronomi 18:10-12.
URogelio ekuthethwe ngaye kwinqaku lokuqala, wade waneminyaka eyi-50 engakholelwa ukuba uMtyholi ukho. Kodwa yaye yatshintsha indlela acinga ngayo. Ngoba? Uthi: “Ndafumana iBhayibhile okokuqala ngqa ebomini bam. Ukufunda iZibhalo kwandenza ndaqonda ukuba uMtyholi ukho. Olu lwazi luyandinceda ukuze ndingabi sisisulu sakhe.”
“Ukufunda iZibhalo kwandenza ndaqonda ukuba uMtyholi ukho. Olu lwazi luyandinceda ukuze ndingabi sisisulu sakhe”
Ungathanda na ukuphila kwixesha apho uSathana eya kube engasekho? Kungenzeka oko. IZibhalo zisichazela ngexesha elizayo laxa uMtyholi, olahlekisa abaninzi, eya ‘kuphoswa edikeni lomlilo nesalfure.’ (ISityhilelo 20:10) Noko ke, umlilo nesalfure yokoqobo azinakukwazi ukwenzakalisa isidalwa esingabonakaliyo somoya. Ngoko ke, idike lomlilo limele ukuba lifanekisela intshabalalo kanaphakade. USathana uza kutshatyalaliswa ngonaphakade. Elo iya kuba lixesha elivuyisa ngokwenene kwabo bamthandayo uThixo!
Okwangoku, qhubeka ufunda kangangoko unako ngoYehova nangokuthanda kwakhe.b Khawufan’ ucinge indlela ekuya kuba mnandi ngayo xa sisithi, “USathana akasekho!”
a Ukuba la maqhosha esilivere ayengawedenariyo yaseRoma, lowo yaba ngumrholo wosuku olunye wabantu abayi-50 000—yimali eninzi gqitha leyo!
b Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngoSathana nangokusebenzisa imilingo, funda isahluko 10 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Yicele komnye wamaNgqina kaYehova.
-