IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Ngaba Yenzeka Nyhani Le Nto?
    IMboniselo (Kawonke-wonke)—2016 | No. 2
    • Umzimba kaYesu uyothulwa kwisibonda sentuthumbo ngoxa abafundi bakhe bebukele bemgama

      INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI UYESU WAPHATHWA KAKUBI WAZA WABULAWA?

      Ngaba Yenzeka Nyhani Le Nto?

      UYesu umNazarethe wabulawa ngentwasahlobo ka-33 C.E. Wayetyabekwe isityholo sobuxoki sokuqhwaya udushe, wabethwa kanobom, waza wabethelelwa esibondeni. Wafa kabuhlungu. Kodwa uThixo wamenza waphila kwakhona, yaye emva kweentsuku eziyi-40, wanyukela ezulwini.

      Le ngxelo ingaqhelekanga siyifumana kwiiNcwadi zeVangeli ezine zeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ezaziwa ngokuba yiTestamente Entsha. Ngaba zenzeka nyhani ezo zinto? Ngumbuzo obaluleke gqitha lo. Kaloku ukuba azizange zenzeke, ukholo lwamaKristu lulilize nethemba lokuphila ngonaphakade eParadesi liphupha nje. (1 Korinte 15:14) Kwelinye icala, ukuba zenzeka nyhani, abantu banekamva eliqaqambileyo, ibe nawe unokuba yinxalenye yalo. Ngoko ke, ngaba ezi ngxelo zeeNcwadi zeVangeli ziyinyani okanye zibubuxoki?

      OKO KUBONISWA BUBUNGQINA

      Ngokungafaniyo neentsomi, iiNcwadi zeVangeli zona zichanile yaye zinazo zonke iinkcukacha. Ngokomzekelo, zithetha ngamagama eendawo ezikhoyo, uninzi lwazo ezinokutyelelwa namhlanje. Zibalisa ngabantu ababephila, ekuthethwa ngabo nangababhali-mbali behlabathi.—Luka 3:1, 2, 23.

      NoYesu uyakhankanywa ngababhali behlabathi benkulungwane yokuqala neyesibini.a Indlela awafa ngayo echazwe kwiiNcwadi zeVangeli iyadibana neendlela amaRoma awayebabulala ngayo abantu abagwetyelwe intambo ngelo xesha. Ukongezelela koko, iziganeko azibaliswa njengondiva kwaye akufihlwa nto—kude kuvezwe neempazamo zabafundi bakaYesu. (Mateyu 26:56; Luka 22:24-26; Yohane 18:10, 11) Zonke ezi zinto ziyenza icace into yokuba ababhali beeNcwadi zeVangeli babenyanisekile yaye bechanile koko babekubhala ngoYesu.

      KUTHEKANI NGOVUKO LUKAYESU?

      Ngoxa abantu abaninzi beyikholelwa into yokuba uYesu wayekhe waphila waza wafa, abanye basenokuluthandabuza uvuko lwakhe. Ekuqaleni kwanabapostile bakhe abazange bayikholelwe ingxelo yokuba uvusiwe. (Luka 24:11) Sekunjalo, xa bona nabanye abafundi bambona izihlandlo ezahlukeneyo, bayeka ukuthandabuza. Ukongezelela, kwesinye sezo zihlandlo wada wabonwa ngabantu abangaphezu kwe-500.—1 Korinte 15:6.

      Besesichengeni sokubanjwa nokubulawa, abapostile baluvakalisa ngenkalipho uvuko lukaYesu kubantu bonke—kwanakwabo babembulele. (IZenzo 4:1-3, 10, 19, 20; 5:27-32) Ngaba abo bafundi baninzi kangaka babeya kuba naso eso sibindi ukuba babengaqinisekanga ukuba uYesu wayevusiwe ngokwenene? Enyanisweni, uvuko lukaYesu lungoyena nobangela wokuba ubuKristu bube nempembelelo ehlabathini, ukususela kudala kude kube ngoku.

      Iingxelo zeeNcwadi zeVangeli ezingokufa nokuvuswa kukaYesu zibonisa ukuba le nkcazelo yembali ichanile. Ukuzifunda ngokucokisekileyo kuya kukuqinisekisa ukuba nyhani zenzeka. Uya kuzikholelwa nangakumbi xa usiqonda isizathu sokuba zenzeke. Inqaku elilandelayo liza kukucacisa oku.

      a UTacitus, owazalwa malunga no-55 C.E., wabhala wathi: “UKristu, gama elo elivela kulo igama elithi [AmaKristu], waphathwa ngenkohlakalo ngexesha lolawulo lukaTiberius owayephantsi kwegosa, uPontius Pilatus.” UYesu uphinda akhankanywe nanguSuetonius (wenkulungwane yokuqala); uJosephus umbhali mbali ongumYuda (wenkulungwane yokuqala); kwakunye noPliny Omncinane, irhuluneli yaseBhithiniya (wasekuqaleni kwenkulungwane yesibini).

      Kutheni Kungekho Bungqina Bungakumbi Ehlabathini?

      Ekubeni uYesu wayenempembelelo enkulu ehlabathini, ngaba simele silindele ezinye iincwadi ezingeyiyo iBhayibhile ukuba zisinike ubungqina obungakumbi bokuba uYesu wayekho ibe wavuswa? Akunjalo. Kaloku iiNcwadi zeVangeli zabhalwa malunga neminyaka eyi-2 000 eyadlulayo. Zimbalwa iincwadi zelo xesha ezikhoyo ngoku. (1 Petros 1:24, 25) Kwakhona asinakulindela ukuba abachasi bakaYesu babe babhala nantoni na enokwenza abantu bakholelwe baze bathembe iingxelo ezingoYesu.

      Ngokuphathelele uvuko lukaYesu, omnye wabapostile bakhe, uPetros wathi: “UThixo wamvusa ngomhla wesithathu waza wamenza abonakale, kungekhona kubo bonke abantu, kodwa kumangqina awamiselwa kwangaphambili nguThixo, kuthi, thina badla baza basela kunye naye emva kokuvuka kwakhe kwabafileyo.” (IZenzo 10:40, 41) Kutheni engazange abonakale kubo bonke abantu? INcwadi yeVangeli kaMateyu isixelela ukuba xa iintshaba zonqulo zevayo ukuba uYesu uvusiwe, zazama ukuthintela ukuba zinganwenwi ezo ndaba.—Mateyu 28:11-15.

      Ngaba oku kuthetha ukuba uYesu wayefuna ukuba uvuko lwakhe lube yindaba yakwamkhozi? Akunjalo, kuba uPetros waphinda wathi: “Wasiyalela ukuba sishumayele ebantwini nokuba sinikele ubungqina obucokisekileyo bokuba nguye Lowo umiswe nguThixo ukuba abe ngumgwebi wabaphilayo nabafileyo.” AmaKristu okwenyaniso akwenza oku, ibe asaqhubeka ekwenza.—IZenzo 10:42.

  • Kutheni UYesu Waphathwa Kakubi Waza Wabulawa?
    IMboniselo (Kawonke-wonke)—2016 | No. 2
    • Abantu beentlanga ngeentlanga bonwabile eParadesi

      INQAKU ELINGUMXHOLO

      Kutheni Uyesu Waphathwa Kakubi Waza Wabulawa?

      “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono.”—Roma 5:12

      UAdam noEva bajonga isiqhamo esalelweyo; uAdam noEva baluphele; ibhokisi isiwa emangcwabeni

      Ubunokuthini ukuba ubunokubuzwa lo mbuzo, “Uyafuna na ukuphila ngonaphakade?” Abantu abaninzi bebeya kuthi bayafuna kodwa bavakalelwe kukuba yinto engenakwenzeka leyo. Bathi ukufa yinto eqhelekileyo ebomini, into yemvelo ebonisa ukuba siyaphila.

      Kodwa ke, masithi lo mbuzo ubuye wajikwa waza wabuzwa ukuba, “Ukulungele na ukufa?” Ngokuqhelekileyo, abantu abaninzi bebeya kuphendula ngokuthi hayi. Yintoni ingongoma esifuna ukuyiveza? Ngokwemvelo sinqwenela ukuphila, kungakhathaliseki ukuba sinaziphi iingxaki okanye sithwele buphi ubunzima. IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo wadala abantu banqwenela ukuphila. Ide ithi “kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo.”—INtshumayeli 3:11.

      Inyaniso kukuba abantu abaphili ngonaphakade. Konakele phi ke? Okungakumbi, ngaba uThixo akenzanga nto ukuze alungise le meko? Iimpendulo eziseBhayibhileni ziyakhuthaza, yaye zinento yokwenza nesizathu sokuba uYesu angcungcutheke aze afe.

      KONAKELE PHI?

      Izahluko ezithathu zokuqala zencwadi yeGenesis zisixelela ukuba uThixo wathembisa abantu bokuqala, uAdam noEva, ubomi obungenasiphelo waza wabaxelela oko babefanele bakwenze ukuze babufumane. Emva koko le ngxelo ibalisa ngendlela abaye abamthobela ngayo uThixo baza baphulukana nelo themba. Eli bali libaliswe ngendlela elula—elula kangangokuba abanye abantu bathi yintsomi. Kodwa iGenesis, njengeeNcwadi zeVangeli, iyacaca ukuba iyincwadi ethetha izinto eziyinyaniso nezenzekayo.a

      Waba yintoni umphumo wokungathobeli kuka-Adam? IBhayibhile iphendula ithi: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Ngokungamthobeli uThixo, uAdam wona. Ngenxa yoko waphulukana nethemba lokuphila ubomi obungenasiphelo waza ekugqibeleni wafa. Ekubeni siyinzala yakhe, siye sazuza isono njengelifa. Ngenxa yoko siyagula, saluphale size sife. Le ngcaciso yokuba kutheni sisifa iyavumelana nento esiyaziyo namhlanje ngemfuza. Ngaba uThixo akenzanga nto ukuze alungise le meko?

      OKO UTHIXO AKWENZILEYO

      Ewe, uThixo walungiselela ukuba kuhlawulelwe, okanye kuthengwe, oko inzala kaAdam yayilahlekelwe kuko, ubomi obungenasiphelo. Wayenza njani uThixo loo nto?

      IBhayibhile kumaRoma 6:23 ithi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” Oku kuthetha ukuba ukufa kubangelwe sisono. UAdam wona, ngenxa yoko wafa. Ngendlela efanayo, nathi siyona size sifumane umvuzo wesono, ukufa. Kodwa nangona singenatyala, siye sazalelwa esonweni. Ngenxa yokuba esithanda uThixo wathumela uNyana wakhe, uYesu, ukuze afumane ‘umvuzo wesono’ ngenxa yethu. Yenzeka njani le nto?

      Abantu beentlanga ngeentlanga bonwabile eParadesi

      Ukufa kukaYesu kuvula indlela eya kubomi obonwabisayo nobungenasiphelo

      Ekubeni umntu omnye, indoda eyayifezekile uAdam, wasizisela isono nokufa ngenxa yokungathobeli, kwakudingeka umntu ofezekileyo othobela kude kuse ekufeni ukuze sothulwe loo mthwalo. IBhayibhile iyicacisa ngale ndlela le nto: “Kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:19) Loo “mntu mnye” yayinguYesu. Washiya izulu, waba ngumntu ofezekileyo,b waza wasifela. Ngenxa yoko, siyakwazi ukuba ngamalungisa emehlweni kaThixo size sibe nethemba lobomi obungenasiphelo.

      ISIZATHU SOKUBA UYESU ANGCUNGCUTHEKE AZE AFE

      Kodwa ke kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uYesu afe ukuze kwenzeke oku? Ngaba uThixo uSomandla wayengenakusuke nje akhuphe umyalelo wokuba inzala ka-Adam mayivunyelwe ukuba iphile ngonaphakade? Ngokuqinisekileyo unalo igunya lokwenza oko. Kodwa loo nto ibinokuthetha into yokuba uwusingela phantsi umthetho awubekileyo othi umvuzo wesono kukufa. Lo ayingomthethwana nje onokubekelwa bucala okanye utshintshwe xa umntu ethanda. Ubalulekile ukuze kugwetywe ngobulungisa.—INdumiso 37:28.

      Ukuba uThixo wayeye wabenzelela ngesi sihlandlo, abantu babesenokuzibuza enoba wayengayi kwenjenjalo na nakwezinye izinto. Ngokomzekelo, ngaba wayeza kugweba ngobulungisa xa egqiba ukuba ngoobani kwinzala ka-Adam ababekufanelekela ukuphila ngonaphakade? Ngaba wayenokuthenjwa ngokugcina izithembiso zakhe? Ukungagungqi kukaThixo xa egweba ngobulungisa kusenza siqiniseke ukuba uya kuhlala esenza okufanelekileyo.

      UThixo wasebenzisa idini likaYesu ukuze asivulele indlela eya kubomi obungenasiphelo kwiParadesi esemhlabeni. Jonga amazwi kaYesu abhalwe kuYohane 3:16 athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” Ukufa kukaYesu akubonisi ukugweba ngobulungisa kukaThixo kuphela, kodwa, okubaluleke nangakumbi, kubonisa indlela abathanda kakhulu ngayo abantu.

      Noko ke, kwakutheni ukuze uYesu angcungcutheke aze afe kabuhlungu kangaka njengoko kuchazwe kwiiNcwadi zeVangeli? Xa uYesu wavumayo ukuvavanywa qatha ngolu hlobo waza wahlala ethembekile, wayiphikisa ngokuphandle into eyayithethwe nguMtyholi yokuba abantu baya kumlahla uThixo xa belingwa. (Yobhi 2:4, 5) Eso sityholo sisenokuba sabonakala sichanile emva kokuba uSathana ephembelele uAdam ofezekileyo ukuba one. Kodwa uYesu—owayelingana noAdam ngokufezeka—wahlala ethobela naxa wayengcungcuthekiswa. (1 Korinte 15:45) Wabonisa ukuba noAdam ngewayemthobele uThixo ukuba wayekhethe ukwenjenjalo. Ngokunyamezela xa wayelingwa, uYesu wasibonisa indlela esinokuyenza ngayo le nto. (1 Petros 2:21) UThixo wamvuza unyana wakhe ngokuthobela ngendlela egqibeleleyo, wamnika ubomi bokungafi ezulwini.

      INDLELA ONOKUNGENELWA NGAYO

      UYesu wafa nyhani. Indlela eya kubomi obungenasiphelo ivuliwe. Uyafuna na ukuphila ngonaphakade? UYesu wasixelela oko simele sikwenze xa wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

      Abantu abapapashe le Mboniselo bayakumema ukuba ufunde okungakumbi ngoYehova, uThixo wenene, nangoNyana wakhe, uYesu Kristu. AmaNgqina kaYehova ekuhlaleni angakuvuyela ukukunceda. Unokufumana nenye inkcazelo engakumbi ngokungena kwiwebhsayithi yethu u-www.pr2711.com/xh.

      a Bona umxholo othi “The Historical Character of Genesis,” kwi-Insight on the Scriptures, Volume 1, iphepha 922, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

      b Ukuthatha kukaThixo ubomi boNyana wakhe ezulwini abufake kwisibeleko sikaMariya kwabangela ukuba akhawule, yaye umoya oyingcwele kaThixo wakhusela uYesu ekuzuzeni ukungafezeki kuMariya.—Luka 1:31, 35.

      Kuhanjiswa isonka esingenagwele eSikhumbuzweni

      “Hlalani Nisenza Oku”

      Ngobusuku bangaphambi kokuba anikele ngobomi bakhe, uYesu wahlanganisana nabapostile bakhe abathembekileyo waza wasungula iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Wathi kubo: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ethobela lo myalelo, amaNgqina kaYehova ehlabathini jikelele ayahlanganisana nyaka ngamnye ngomhla awafa ngawo uYesu. Kunyaka ophelileyo, bayi-19 862 783 abebezile.

      Kulo nyaka, iSikhumbuzo sokufa kukaYesu siza kuba ngoLwesithathu, Matshi 23, emva kokutshona kwelanga. Wena nentsapho yakho nabahlobo nimenywa ngokukhethekileyo ukuba nize kumamela intetho esekelwe eBhayibhileni. Iza kube icacisa isizathu sokuba kwakubalulekile ukuba uYesu afe nendlela onokuzuza ngayo wena. Akungenwa ngamali; akukho nkongozelo. Nceda ubuze amaNgqina kaYehova asekuhlaleni ngexesha nendawo. Okanye uye kwiwebhsayithi yethu u-www.pr2711.com/xh.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share